Isahluko 14
Ukuzuka Kwetrone KaYehova Yasezulwini
Umbono 2—ISityhilelo 4:1–5:14
Umbandela: Ziziganeko ezikhwankqisayo ezenzeka phambi kwetrone kaThixo yokugweba
Ixesha lokuzaliseka: Lo mbono ubalaselisa iziganeko ezenzeka ukususela ngowe-1914 de kube sekupheleni kweWaka Leminyaka nangaphaya kwalo, xa zonke izidalwa ezisezulwini nezisemhlabeni ziya kube zidumisa uYehova.—ISityhilelo 5:13
1. Kutheni le nto simele sibe nomdla wokwenene kwimibono uYohane abelana nathi ngayo?
UYOHANE uqalisa ukwabelana nathi ngemibono engakumbi echukumis’ intliziyo. Ngokuphefumlelwa usekwimini yeNkosi. Ngoko, akuchazayo kunentsingiselo enzulu kuthi abaphila ngokoqobo kuloo mini. Ngokusebenzisa le mibono, uYehova usenza sikubone okuqhubekayo ezulwini aze asenze sibe nembono efana neyakhe ngemigwebo yakhe eza kuphunyezwa emhlabeni. Ngaphezu koko, enoba sinethemba lokuphila ezulwini okanye emhlabeni, ezi zinto zityhiliweyo ziyasinceda ukuba sibone indawo yethu kwinjongo kaYehova. Ngoko ke, thina sonke simele siqhubeke sinomdla wokwenene kumazwi kaYohane athi: “Unoyolo lowo uwafunda ngokuvakalayo nabo bawevayo amazwi esi siprofeto, nabazigcinayo izinto ezibhaliweyo kuso.”—ISityhilelo 1:3.
2. Ngawaphi amava uYohane anawo ngoku?
2 Okubonwa nguYohane ngokulandelayo kugqwesa nayiphi na into eboniswa ngevidiyo kumntu ophila namhlanje! Ubhala la mazwi: “Emva kwezi zinto ndabona, yaye, khangela! umnyango ovulekileyo ezulwini, nelizwi lokuqala endalivayo lalingathi lelexilongo, lithetha nam, lisithi: ‘Nyukela apha, ndikubonise izinto ezimele zenzeke.’” (ISityhilelo 4:1) Esembonweni uYohane ubona izinto eziqhubeka ngaphaya kwamazulu angabonakaliyo apho ahlala khona uYehova, ephakanyiselwe phezulu ngaphaya kwesibhakabhaka njengoko sihlolisiswa ngoosomajukujuku, kwanangaphaya kwamakroza endalo ebonakalayo. Ngokungathi ungena kumnyango ovulekileyo, uYohane umenyelwa ukuba atyebise amehlo akhe kumbono okhwankqisayo wamazulu okomoya okugqibela apho uYehova ahleli khona etroneni. (INdumiso 11:4; Isaya 66:1) Elinjani lona ilungelo!
3. Ilizwi ‘elinjengexilongo’ lisikhumbuza ngantoni, yaye ngokungathandabuzekiyo ngubani uMthombo walo?
3 IBhayibhile ayilichazi eli ‘lizwi lokuqala.’ Njengelizwi likaYesu elinamandla eliviwe ngaphambilana, linesandi esiyalelayo esinjengesexilongo. (ISityhilelo 1:10, 11) Lisikhumbuza ngesigodlo esinesandi esinamandla esaphawula ubukho bukaYehova kwiNtaba yeSinayi. (Eksodus 19:18-20) Alithandabuzeki elokuba uYehova unguMthombo onobungangamsha ekuphuma kuwo imiyalelo. (ISityhilelo 1:1) Uwuvulile umnyango ukuze uYohane, embonweni, angene kweyona ndawo ingcwele kuwo wonke ummandla omkhulu wolongamo lukaYehova.
Indawo Ehlala UYehova Enobuqaqawuli
4. (a) Umbono kaYohane unayiphi intsingiselo kumaKristu athanjisiweyo? (b) Unayiphi intsingiselo kwabo banethemba lokuphila ngonaphakade emhlabeni?
4 Yintoni ebonwa nguYohane? Khawuphulaphule, njengoko ngeli thuba esabelana nathi ngamava akhe azukileyo: “Emva kwezi zinto ngoko nangoko ndaba kumandla omoya: yaye, khangela! nantso itrone imi endaweni yayo ezulwini, kukho ohleliyo etroneni leyo.” (ISityhilelo 4:2) Ngokukhawulezileyo, uYohane ngokomoya uthwalwa ngamandla kaThixo asebenzayo ukuya kweyona trone kaYehova. Hayi indlela ekuchwayitisa ngayo oku kuYohane! Apha uboniswa kwangaphambili ngendlela echukumisa gqitha amazulu apho yena namanye amaKristu athanjisiweyo bagcinelwe ‘ilifa elingenakonakala nelingadyobhekanga nelingambatshiyo.’ (1 Petros 1:3-5; Filipi 3:20) Kwabo banethemba lokuphila ngonaphakade emhlabeni, umbono kaYohane ukwanentsingiselo enzulu. Uyabanceda ukuba baqonde ubuqaqawuli bendawo ehlala uYehova nenkqubo yolawulo lwasezulwini esetyenziswa nguYehova ekugwebeni iintlanga neza kusetyenziswa emva koko ekulawuleni abantu emhlabeni. Ngenene uYehova unguThixo wolungelelwaniso olungenakuthelekiswa nanto!
5. Yintoni ebonwa nguYohane eyayifuziselwa sisigqubuthelo setyeya yomnqophiso?
5 Okuninzi okubonwa nguYohane apho ezulwini kufana nezinto ezazikho kumnquba entlango. Lo mnquba wakhiwa kwiminyaka emalunga ne-1 600 ngaphambili njengengcwele yonqulo lokwenyaniso lwamaSirayeli. KwiNgcwele yeeNgcwele yaloo mnquba kwakukho ityeya yomnqophiso, ibe uYehova wayethetha ngaphezu kwesigqubuthelo saloo Tyeya esenziwe ngegolide. (Eksodus 25:17-22; Hebhere 9:5) Ngenxa yoko, isigqubuthelo seTyeya sasingumqondiso wetrone kaYehova. UYohane ngoku ubona eyona nto ifuziselwa zezo zinto: iNkosi enguMongami uYehova ihleli kwitrone yayo ephakamileyo yasezulwini ngeyona ndlela izukileyo!
6. UYohane usichazela ntoni ngoYehova, yaye kungani oku kufanelekile nje?
6 Ngokungafaniyo nabaprofeti bangaphambili abafumana imibono yetrone kaYehova, uYohane akamchazi ngokweenkcukacha Lowo uNgcwele ukuyo. (Hezekile 1:26, 27; Daniyeli 7:9, 10) Kodwa uYohane usichazela indlela ambona ngayo Lowo usetroneni ngala mazwi: “Yaye lowo uhleliyo, ngembonakalo, unjengelitye leyaspisi nelitye elimbala ubomvu elixabisekileyo, itrone ijikelezwe ngumnyama onjenge-emeraldi ngembonakalo.” (ISityhilelo 4:3) Ngenene bubuqaqawuli obungenakuthelekiswa nanto obu! UYohane ubona ubuhle obuzukileyo nobuqaqambileyo obufana nobo bamatye anqabileyo akhazimlayo nabengezelayo. Hayi indlela oku okuvumelana ngayo ngokufanelekileyo nendlela umfundi uYakobi amchaza ngayo uYehova ngokuthi ‘unguYise wezikhanyiso’! (Yakobi 1:17) Emva nje kokubhala iSityhilelo, uYohane wathi: “UThixo ukukukhanya yaye akukho bumnyama konke konke ngokumanyene naye.” (1 Yohane 1:5) Ngenene uYehova unobuqaqawuli obugqwesileyo!
7. Yintoni esinokuyifunda kwinto yokuba kukho umnyama ojikeleze itrone kaYehova?
7 Phawula ukuba uYohane ubona umnyama oluhlaza ojikeleze itrone. Igama lesiGrike apha eliguqulelwe ngokuthi umnyama (irʹis) lithetha into esisazinge ngokupheleleyo. Umnyama waqala ukukhankanywa eBhayibhileni ngomhla kaNowa. Emva kokuba amanzi kaNogumbe ewuthile, uYehova wabangela ukuba kubonakale umnyama elifini, yaye wayicacisa into eyayifuziselwa nguwo ngala mazwi: “Umnyama wam ndiwubekile efini, yaye umele ube ngumqondiso womnqophiso ophakathi kwam nomhlaba. Ndothi ke ngokuqinisekileyo ndiwukhumbule umnqophiso wam ophakathi kwam nani nayo yonke imiphefumlo ephilayo enyameni yonke; yaye akasayi kuphinda amanzi abe ngunogumbe wokonakalisa inyama yonke.” (Genesis 9:13, 15) Yintoni ke uYohane awayeya kuyikhumbula xa efumana umbono wasezulwini? Umnyama awawubonayo umele ukuba wamkhumbuza ngokubaluleka kokuba nolwalamano oluseluxolweni noYehova, njengolo lunanditshwa ludidi lukaYohane namhlanje. Kwakhona wawuya kubethelela engqondweni yakhe inzolo noxolo kwindawo ehlala uYehova, nzolo leyo eya kubakho kubo bonke abantu abathobelayo xa uYehova ebavulela intente yakhe kumhlaba omtsha.—INdumiso 119:165; Filipi 4:7; ISityhilelo 21:1-4.
Ukuchazwa Kwabadala Abangama-24
8. Ngoobani ababonwa nguYohane bejikeleze itrone, yaye bamela oobani?
8 UYohane wayesazi ukuba ababingeleli babemiselwe ukukhonza kumnquba wamandulo. Ngoko kusenokuba wamangaliswa xa wayebona oko akuchaza ngokulandelayo: “Yaye itrone ijikelezwe ziitrone ezingamashumi amabini anesine, kwaye kwezi trone ndabona kuhleli abadala abangamashumi amabini anesine bembethe izambatho zangaphezulu ezimhlophe, ibe ezintlokweni zabo izizithsaba zegolide.” (ISityhilelo 4:4) Ewe, endaweni yokuba kubekho ababingeleli, kukho abadala abangama-24, abahleli ezitroneni baza bathwala izithsaba njengookumkani. Ngoobani aba badala? Ngabathanjiswa bebandla lamaKristu, abavusiweyo nabakwisigxina sasezulwini abasithenjiswa nguYehova. Sikwazi njani oko?
9, 10. Sazi njani ukuba abadala abangama-24 bamela ibandla lamaKristu athanjisiweyo elikwisigxina salo esizukileyo sasezulwini?
9 Okokuqala, athwele izithsaba. IBhayibhile ithi amaKristu athanjisiweyo afumana ‘isithsaba esingenakonakala’ aze azuze nobomi obungenasiphelo—ukungafi. (1 Korinte 9:25; 15:53, 54) Kodwa ekubeni aba badala bangama-24 behleli ezitroneni, izithsaba zegolide kule meko zimela igunya lasebukhosini. (Thelekisa iSityhilelo 6:2; 14:14.) Oku kuxhasa isigqibo sokuba abadala abangama-24 bamela abalandeli abathanjisiweyo bakaYesu abahamba emanyathelweni akhe kwisigxina sabo sasezulwini, kuba uYesu wenza umnqophiso kunye nabo wokuhlala ezitroneni kuBukumkani bakhe. (Luka 22:28-30) Kuphela nguYesu naba badala bangama-24—ingezizo neengelosi—abachazwa njengabalawula ezulwini apho kuhleli khona uYehova.
10 Oku kuvisisana nesithembiso sikaYesu kwibandla laseLawodike, esithi: “Lowo woyisayo ndiza kumnika ukuba ahlale nam phantsi kwitrone yam.” (ISityhilelo 3:21) Kodwa isabelo sasezulwini esinikwa abadala abangama-24 asiphelelanga nje ekulawuleni. Kwintshayelelo yencwadi yeSityhilelo, uYohane wathi ngoYesu: “Wasenza ukuba sibe bubukumkani, ababingeleli kuThixo wakhe noYise.” (ISityhilelo 1:5, 6) Aba badala bangookumkani nababingeleli. “Baya kuba ngababingeleli bakaThixo nabakaKristu, balawule njengookumkani kunye naye iminyaka eliwaka.”—ISityhilelo 20:6.
11. Kutheni le nto kufanelekile ukuba inani labadala libe ngama-24, yaye elo nani lifuzisela ntoni?
11 Yintoni ebalulekileyo ngenani elingama-24, njengoko uYohane ebona abadala abangama-24 bejikeleze itrone? Ngeendlela ezininzi, aba badala bafanekiselwa kwangaphambili ngababingeleli abathembekileyo boSirayeli wamandulo. Umpostile uPetros wabhalela amaKristu athanjisiweyo wathi: “Nisisizwe esinyuliweyo, ububingeleli basebukhosini, uhlanga olungcwele, isizwana esisesakhe ngokukhethekileyo.” (1 Petros 2:9) Okubangel’ umdla kukuba, abo babingeleli bangamaYuda bamandulo bahlulwahlulwa baba ngamaqela angama-24. Qela ngalinye lalinikwe isabelo salo sokusebenza iiveki ezithile ngonyaka ukuze likhonze phambi koYehova, khon’ ukuze inkonzo engcwele inikelwe ngalo lonke ixesha. (1 Kronike 24:5-19) Ngoko, kufanelekile ukuba kuchazwe abadala abangama-24 kumbono kaYohane wababingeleli basezulwini kuba aba babingeleli bakhonza uYehova ngalo lonke ixesha. Xa bephelele, baya kuba ngamaqela angama-24, ngalinye linaboyisi abangama-6 000, kuba iSityhilelo 14:1-4 sisixelela ukuba i-144 000 (24 x 6 000) ‘lithengwe phakathi koluntu’ ukuze lime kwiNtaba yaseZiyon esezulwini kunye neMvana, uYesu Kristu. Ekubeni i-12 lifuzisela ulungelelwaniso lobuthixo, ama-24 aliphinda kabini—okanye ayalomeleza—ulungelelwaniso olunjalo.
Imibane, Amazwi Neendudumo
12. Yintoni ebonwa neviwa nguYohane emva koku, yaye “imibane namazwi neendudumo” zisikhumbuza ngantoni?
12 Yintoni ebonwa neviwa nguYohane emva koku? “Apho etroneni kuphuma imibane namazwi neendudumo.” (ISityhilelo 4:5a) Oku kusikhumbuza ezinye iindlela ezoyikekayo uYehova awawabonakalisa ngazo amandla akhe ezulwini. Ngokomzekelo, xa uYehova ‘wehlayo’ kwiNtaba yeSinayi, uMoses wathi: “Kwathi ngomhla wesithathu, kwakusa, kwabakho iindudumo nemibane, nelifu elinzima phezu kwentaba nesandi esikhulu sesigodlo. . . . Sathi sakuba sikhulu ngakumbi nangakumbi isandi sesigodlo, wathetha uMoses, waza uThixo oyinyaniso wamphendula ngelizwi.”—Eksodus 19:16-19.
13. Ifanekisela ntoni imibane ephuma kwitrone kaYehova?
13 Ebudeni bemini yeNkosi, uYehova ubonakalisa amandla nobukho bakhe ngendlela ezukileyo. Akawabonakalisi ngombane wokoqobo, kuba uYohane ubona imiqondiso. Imela ntoni ke ngoko imibane? Kaloku, imibane inokukhanyisa, kodwa ikwanokubetha umntu afe. Ngoko ke, le mibane iphuma kwitrone kaYehova ikufanekisela kakuhle ukukhanya ebesoloko ekunika abantu bakhe, yaye okude kubaluleke ngokungakumbi kukuba, ifanekisela nezigidimi zakhe zomgwebo ezingumlilo.—Thelekisa iNdumiso 18:14; 144:5, 6; Mateyu 4:14-17; 24:27.
14. Avakaliswe njani namhlanje amazwi?
14 Kuthekani ngamazwi? Ngethuba lokwehlela kukaYehova kwiNtaba yeSinayi, kwabakho ilizwi elithetha noMoses. (Eksodus 19:19) Kwincwadi yeSityhilelo amazwi avela ezulwini ayenemiyalelo nezibhengezo ezininzi. (ISityhilelo 4:1; 10:4, 8; 11:12; 12:10; 14:13; 16:1, 17; 18:4; 19:5; 21:3) Namhlanje, kwakhona uYehova ukhuphe imiyalelo nezibhengezo eziya ebantwini bakhe, ebabangela baziqonde iziprofeto nemigaqo yeBhayibhile. Kuye kwatyhilwa inkcazelo engakumbi yeZibhalo kwiindibano zezizwe ngezizwe, yaza yavakaliswa ehlabathini lonke. Umpostile uPawulos wathi ngabashumayeli abathembekileyo beendaba ezilungileyo: “Intlokoma yabo yaphuma yaya kuwo wonke umhlaba, namazwi abo aya kwiziphelo zomhlaba omiweyo.”—Roma 10:18.
15. Ziziphi iindudumo eziphume etroneni ebudeni bale nxalenye yemini yeNkosi?
15 Indudumo idla ngokulandela umbane. UDavide wathi “ilizwi likaYehova” liyindudumo yokoqobo. (INdumiso 29:3, 4) Xa uYehova walwela uDavide kwiintshaba zakhe, kwakusithiwa indudumo yayivela Kuye. (2 Samuweli 22:14; INdumiso 18:13) UElihu waxelela uYobhi ukuba ilizwi likaYehova lalivakala njengendudumo, njengoko “esenza izinto ezinkulu esingenakuzazi.” (Yobhi 37:4, 5) Ebudeni bale nxalenye yemini yeNkosi, uYehova uye ‘waduduma,’ ekhupha isilumkiso sezenzo ezikhulu aza kuzenza kwiintshaba zakhe. Ezi ndudumo zokomfuziselo ziye zabakho ngokuphindaphindiweyo kuwo wonke umhlaba. Unoyolo ke wena ukuba unikel’ ingqalelo koku kuvakalisa kunjengendudumo, ulusebenzisa ngobulumko ulwimi lwakho ekongezeleleni kwisandi sazo!—Isaya 50:4, 5; 61:1, 2.
Izibane Zomlilo Nolwandle Olubuglasi
16. Zifuzisela ntoni “izibane ezisixhenxe zomlilo”?
16 Yintoni ebonwa nguYohane ngokubhekele phaya? Ubona oku: “Yaye kukho izibane ezisixhenxe zomlilo zivutha phambi kwetrone, zona zithetha oomoya abasixhenxe bakaThixo. Naphambi kwetrone kukho, ngokungathi kunjalo, ulwandle olubuglasi lunjengekristale.” (ISityhilelo 4:5b, 6a) UYohane usixelela ngentsingiselo yezibane ezisixhenxe: “Zithetha oomoya abasixhenxe bakaThixo.” Isixhenxe linani elifuzisela ukuphelela kwezinto zobuthixo; ngoko izibane ezisixhenxe zifanele ukuba zimela ukuphelela kwamandla okukhanyisa omoya oyingcwele. Hayi indlela olunombulelo ngayo namhlanje udidi lukaYohane kuba luphathiswe le mbopheleleko yokukhanyisa, kunye nembopheleleko yokukudlulisa kubantu abasemhlabeni abalambileyo ngokomoya! Hayi indlela esivuya ngayo kuba nyaka ngamnye amakhulu ezigidi zephephancwadi IMboniselo ayaqhubeka ekhanyisa ngeelwimi ezimalunga ne-150!—INdumiso 43:3.
17. Lufuzisela ntoni ‘ulwandle olubuglasi olunjengekristale’?
17 UYohane ukwabona ‘nolwandle olubuglasi olunjengekristale.’ Oku kufuzisela ntoni ngokubhekisele kwabo bamenyelwe ukuba sentendelezweni kaYehova yasezulwini? UPawulos wathetha ngendlela uYesu awalingcwalisa ngayo ibandla, ‘elihlambulula ngokuhlamba kwamanzi ngelizwi.’ (Efese 5:26) Ngaphambi kokufa kwakhe, uYesu waxelela abafundi bakhe oku: “Nina senihlambulukile ngenxa yelizwi endilithethileyo kuni.” (Yohane 15:3) Ngenxa yoko, kumele ukuba olu lwandle lubuglasi nolunjengekristale lumela iLizwi likaThixo elicocayo nelibhaliweyo. Abo babingeleli basebukhosini abalapho uYehova ahlala khona bamele ukuba sele becocwe ngokucokisekileyo liLizwi lakhe.
Khangela—“Izinto Eziphilileyo Ezine”!
18. Yintoni ebonwa nguYohane ijikeleze itrone nephakathi kuyo?
18 Ngoku uYohane ubona enye into. Ubhala la mazwi: “Phakathi kwetrone nangokujikeleze itrone kukho izidalwa eziphilayo ezine ezizele ngamehlo ngaphambili nangasemva.”—ISityhilelo 4:6b.
19. Yintoni efanekiselwa zizidalwa eziphilayo ezine, yaye sikwazi njani oku?
19 Zifanekisela ntoni ezi zidalwa? Umbono owabhalwa ngomnye umprofeti, onguHezekile, uyasinceda ukuba sifumane impendulo. UHezekile wabona uYehova ehleli kwinqwelo yokulwa yasezulwini, eyayiphelekwa zizidalwa eziphilayo ezineempawu ezifana nezo zichazwe nguYohane. (Hezekile 1:5-11, 22-28) Kamva, kwakhona uHezekile wayibona loo trone iyinqwelo yokulwa ilandelwa zizidalwa eziphilayo. Noko ke, ngeli thuba wathi ezi zidalwa ziphilayo ziziikerubhi. (Hezekile 10:9-15) Izidalwa eziphilayo ezine ezibonwa nguYohane zifanele ukuba zimela iikerubhi ezininzi zikaThixo—izidalwa ezikwisigxina esiphezulu kwintlangano Yakhe yokomoya. UYohane wayengayi kucinga ukuba kungumnqa ukubona iikerubhi zimi kufutshane kangaka kuYehova, ekubeni kwilungiselelo lamandulo lomnquba, kwakubonakaliswe iikerubhi ezimbini zegolide ngaphezulu kwityeya yomnqophiso, tyeya leyo eyayimela itrone kaYehova. Phakathi kwezi kerubhi, ilizwi likaYehova lalikhupha imiyalelo eyayisiya eluhlangeni.—Eksodus 25:22; INdumiso 80:1.
20. Kunokutshiwo ngayiphi indlela ukuba izidalwa eziphilayo ezine ‘ziphakathi kwetrone yaye zijikeleze itrone’?
20 Ezi zidalwa ziphilayo zine ‘ziphakathi kwetrone yaye zijikeleze itrone.’ Kanye kanye kuthetha ntoni oku? Kusenokuthetha ukuba zimi zijikeleze itrone ngendlela yokuba nganye imi embindini wecala ngalinye. Ngaloo ndlela, abaguquleli beToday’s English Version balichaza ngenye indlela ibinzana lesiGrike lantlandlolo ngokuthi: “zijikeleze itrone kwicala ngalinye layo.” Ngamanye amazwi, eli binzana linokuthetha ukuba ezi zidalwa ziphilayo zine zikwisigxina esiphambili ezulwini apho itrone ikhoyo. Kusenokwenzeka ukuba, esi sisizathu sokuba iThe Jerusalem Bible iliguqulele eli binzana ngokuthi: “zisembindini, zijikeleze itrone ngokwayo.” Eyona nto ibalulekileyo kukusondela kweekerubhi kwitrone kaYehova, njengokuba kwakunjalo ngeekerubhi ezabonwa nguHezekile kwimbombo nganye yenqwelo yokulwa kaYehova efanekisela intlangano. (Hezekile 1:15-22) Konke oku kuvisisana namazwi eNdumiso 99:1: “UYehova uthe waba ngukumkani. . . . Uhleli ezikherubhini.”
21, 22. (a) UYohane uzichaza njani izidalwa eziphilayo ezine? (b) Kufuzisela ntoni ukubonakala kwesidalwa ngasinye esiphilayo?
21 UYohane uhlabela mgama esithi: “Esokuqala isidalwa esiphilayo sinjengengonyama, esesibini isidalwa esiphilayo sinjengethole lenkomo eliyinkunzi, esesithathu isidalwa esiphilayo sinobuso obunjengobomntu, yaye esesine isidalwa esiphilayo sinjengokhozi oluphaphazelayo.” (ISityhilelo 4:7) Kutheni le nto ezi zidalwa ziphilayo zine zibonakala zahluke kangaka esinye kwesinye? Ezi zidalwa ziphilayo zahlukeneyo ngokucacileyo zibalaselisa iimpawu ezithile zobuthixo. Okokuqala, kukho ingonyama. EBhayibhileni ingonyama isetyenziswa njengomfuziselo wenkalipho, ingakumbi xa kufunwa okusesikweni nobulungisa. (2 Samuweli 17:10; IMizekeliso 28:1) Ngaloo ndlela, ingonyama ilufanekisela kakuhle uphawu lobuthixo lokukhaliphela ukwenza okusesikweni. (Duteronomi 32:4; INdumiso 89:14) Esesibini isidalwa esiphilayo sifana nethole lenkomo eliyinkunzi. Luluphi uphawu inkunzi yenkomo ekwenza ucinge ngalo? KumaSirayeli inkunzi yenkomo yayiyinto exabisekileyo ngenxa yamandla ayo. (IMizekeliso 14:4; bona kwanoYobhi 39:9-11.) Ngoko, ithole lenkomo eliyinkunzi lifuzisela amandla amakhulu avela kuYehova.—INdumiso 62:11; Isaya 40:26.
22 Eyesithathu into ephilileyo inobuso obunjengobomntu. Oku kufanele ukuba kumela uthando lobuthixo, ekubeni emhlabeni ingumntu kuphela owadalwa ngokomfanekiselo kaThixo, enophawu olubalaseleyo lothando. (Genesis 1:26-28; Mateyu 22:36-40; 1 Yohane 4:8, 16) Alithandabuzeki elokuba, iikerubhi zibonakalisa olu phawu njengoko zikhonza kwitrone kaYehova. Kuthekani ngesidalwa esiphilayo sesine? Sona sifana nokhozi oluphaphazelayo. UYehova utsalela ingqalelo kumbono omkhulu wokhozi: “Amehlo alo aqhubeke ekhangela mgama.” (Yobhi 39:29) Ngenxa yoku, ukhozi lufuzisela ubulumko obenza umntu abone kude lee. UYehova unguMthombo wobulumko. Iikerubhi zakhe zibonisa ubulumko bobuthixo njengoko zithobela imiyalelo yakhe.—IMizekeliso 2:6; Yakobi 3:17.
Ukudunyiswa KukaYehova
23. Ifuzisela ntoni into yokuba izidalwa eziphilayo ezine “zizele ngamehlo,” yaye ukuba namaphiko amathathu kwazo kwicala ngalinye kubethelela ntoni?
23 UYohane uyaqhubeka nengcaciso yakhe esithi: “Zona ke izidalwa eziphilayo ezine, ngasinye sazo sinamaphiko amathandathu; zizele ngamehlo azijikelezileyo nangaphantsi. Kwaye aziphumli imini nobusuku njengoko zisithi: “Ungcwele, ungcwele, ungcwele uYehova uThixo, uSomandla, lowo wayekho nokhoyo nozayo.” (ISityhilelo 4:8) Oku kuzala ngamehlo kubonisa ukuba zibona yonk’ into kwangaphambili. Izidalwa eziphilayo ezine zikwenza oku amaxesha onke njengoko kungekho mfuneko yokuba zilale. Zixelisa Lowo kubhalwe ngaye kwathiwa: “Ngokubhekisele kuYehova, amehlo akhe asingasinga emhlabeni wonke ukuba ababonise amandla abo bantliziyo ziphelele kuye.” (2 Kronike 16:9) Ekubeni zinamehlo amaninzi kangaka, iikerubhi zinokubona kuyo yonk’ indawo. Ayikho into ezinokungayiboni. Ngaloo ndlela zikuxhobele kakuhle ukukhonza uThixo kumsebenzi wakhe wokugweba. Kuthethwa oku ngaye: “Amehlo kaYehova akuzo zonke iindawo, ahlala ekhangele ababi nabalungileyo.” (IMizekeliso 15:3) Ekubeni zinamaphiko amathathu kwicala ngalinye—eBhayibhileni isithathu sisetyenziswa ukubethelela ukubaluleka kwento ethile—iikerubhi zinokuhamba ngesantya esinjengesombane ekuvakaliseni imigwebo kaYehova nasekuyiphumezeni.
24. Iikerubhi zimdumisa njani uYehova, yaye kubaluleke ngantoni oku?
24 Khawuphulaphule! Olu luncuthu lwengoma yendumiso echukumis’ intliziyo iikerubhi eziyivumela uYehova: “Ungcwele, ungcwele, ungcwele uYehova uThixo, uSomandla, lowo wayekho nokhoyo nozayo.” Kwakhona, ukuphindaphindwa kathathu kubonakalisa ubukhulu bento. Iikerubhi zibuqinisekisa ngokupheleleyo ubungcwele bukaYehova uThixo. UnguMthombo noMlinganiselo wokugqibela wobungcwele. ‘UkwanguKumkani kanaphakade,’ yaye usoloko ‘enguAlfa no-Omega, owokuqala nowokugqibela, isiqalo nesiphelo.’ (1 Timoti 1:17; ISityhilelo 22:13) Iikerubhi aziphumli njengoko zivakalisa iimpawu zikaYehova ezingenakuthelekiswa nanto kuyo yonke indalo.
25. Izidalwa eziphilayo nabadala abangama-24 bamanyana njani ekunikeleni imbeko kuYehova?
25 Izulu lawo amazulu lihlokomisa iindumiso eziya kuYehova! UYohane uhlabela mgama ecacisa ngokuthi: “Xa sukuba izidalwa eziphilayo zinikela uzuko nembeko nombulelo kuLowo uhleli etroneni, Lowo uphila ngonaphakade kanaphakade, abadala abangamashumi amabini anesine bawa phantsi phambi kwaLowo uhleli etroneni, bamnqule Lowo uphila ngonaphakade kanaphakade, baze baphose izithsaba zabo phambi kwetrone, besithi: ‘Ufanele, Yehova, Thixo wethu, ukwamkela uzuko nembeko namandla, ngenxa yokuba wadala zonke izinto, nangenxa yokuthanda kwakho zabakho yaye zadalwa.’” (ISityhilelo 4:9-11) Kuso sonke iSibhalo, ezi zezona ndinyana zivakalisa ngokugqithiseleyo imbeko kuYehova uThixo wethu neNkosi enguMongami!
26. Kutheni le nto abadala abangama-24 bephosa izithsaba zabo phambi koYehova?
26 Abadala abangama-24 banesimo sengqondo esifana nesibonakaliswa nguYesu, bade baphose izithsaba zabo phambi koYehova. Abayicingi nokuyicinga into yokuba baziphakamise phambi koThixo. Ngokuthobeka bayaqonda ukuba ekuphela kwenjongo yokuba babe ngookumkani kukuzisa imbeko nozuko kuye, kanye njengokuba uYesu esoloko esenjenjalo. (Filipi 2:5, 6, 9-11) Bayavuma ukuba bona bangaphantsi, nokuba ukulawula kwabo kuxhomekeke kulongamo lukaYehova. Ngaloo ndlela, bavisisana ngokupheleleyo neekerubhi nayo yonke indalo ethembekileyo ekudumiseni uThixo owadala zonke izinto.—INdumiso 150:1-6.
27, 28. (a) Indlela uYohane awucacisa ngayo lo mbono imele isichaphazele njani? (b) Yiyiphi imibuzo ephakamayo malunga noko uYohane akubonayo nakuvayo emva koku?
27 Ngubani ongenakukhuthazwa kukufunda ingxelo kaYohane engalo mbono? Ubalasele yaye uzukile! Kodwa kobeka phi na ke xa uzibonela ngawakho amehlo? Ubungangamsha bukaYehova bumele bukhuthaze nabani na onentliziyo enoxabiso ukuba athelele izidalwa eziphilayo ezine nabadala abangama-24 ekumdumiseni, ngokuthandaza nangokulivakalisa ekuhleni igama Lakhe. Lo nguThixo amaKristu anelungelo lokuba ngamangqina akhe namhlanje. (Isaya 43:10) Khumbula ukuba umbono kaYohane ubhekisela kwimini yeNkosi, leyo sikuyo ngoku. “Oomoya abasixhenxe” basoloko bekulungele ukusalathisa nokusomeleza. (Galati 5:16-18) ILizwi likaThixo liyafumaneka namhlanje ukuze lisincede sibe ngcwele ekukhonzeni uThixo ongcwele. (1 Petros 1:14-16) Ngokuqinisekileyo, siyakuvuyela ukuwafunda ngokuvakalayo amazwi esi siprofeto. (ISityhilelo 1:3) Olunjani lona ukhuthazo asinika lona ukuba sithembeke kuYehova size singalivumeli ihlabathi lisiphazamise ekuzivumeni ngokukhutheleyo iindumiso zakhe!—1 Yohane 2:15-17.
28 Ukuza kuthi ga ngoku, uYohane uchaze akubonayo xa emenyelwa ukukroba kuloo mnyango uvulekileyo ezulwini. Okubalasele ngokugqithiseleyo kukuba, uthi uYehova uhleli kwitrone Yakhe yasezulwini, enobungangamsha nozuko nesidima. Ujikelezwe yeyona ntlangano inamandla kuzo zonke—enobuqaqawuli nenyanisekileyo. Apho kukwiNkundla yobuthixo. (Daniyeli 7:9, 10, 18) Kulungiselelwe ukuba kwenzeke into emangalisayo. Iyintoni, ibe isichaphazela njani namhlanje? Masibukele njengoko iziganeko zisiya zisenzeka!
[Umfanekiso ozalise iphepha, kwiphepha 75]
[Umfanekiso ozalise iphepha, kwiphepha 78]