-
Ucwangciso Lweveki KaMatshi 25Ubulungiseleli BoBukumkani—2013 | Matshi
-
-
Ucwangciso Lweveki KaMatshi 25
IVEKI EQALA NGOMATSHI 25
Ingoma 76 Nomthandazo
□ ISifundo SeBhayibhile Sebandla:
jr isahl. 7 ¶1-6 (30 imiz.)
□ ISikolo Sobulungiseleli Sobuthixo:
Ufundo lweBhayibhile: Luka 4-6 (10 imiz.)
No. 1: Luka 4:22-39 (4 imiz. okanye ngaphantsi)
No. 2: Zivela Phi Izizwe Ezahlukeneyo?—rs iphe. 434 ¶1-4 (5 imiz.)
No. 3: Bubuphi Ubungqina Bokuba UYesu Wavuswa?—1 Kor. 15:3-7 (5 imiz.)
□ INtlanganiso Yenkonzo:
5 imiz: Ukuqalisa Isifundo SeBhayibhile KuMgqibelo Wokuqala. Usebenzisa intshayelelo ekwiphepha 8, bonisa indlela onokuqalisa ngayo isifundo kuMgqibelo wokuqala ka-Aprili. Khuthaza bonke ukuba babekho.
25 imiz: “Indlela Yokusebenzisa Incwadana Ethi Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo!” Imibuzo neempendulo. Xa nixubusha isiqendu 6, yiba nemiboniso emibini.
Ingoma 97 Nomthandazo
-
-
Indlela Yokusebenzisa Incwadana Ethi Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo!Ubulungiseleli BoBukumkani—2013 | Matshi
-
-
3. Yahluke njani le ncwadana inemifanekiso kwezinye iimpapasho ezifundwayo?
3 Yenziwe Njani: Uninzi lweempapasho zethu zibhalwe ngohlobo lokuba umntu akwazi ukuzifundela. Le mpapasho yahlukile. Ibhalwe ngohlobo lokuba isifundo seBhayibhile sincedwe ngumhlohli. Ngenxa yoko, xa uyihambisela omnye umntu, kuhle ukuxubusha isiqendu esinye okanye ezibini. Iziqendu zayo zifutshane, zinokufundwa umi emnyango okanye kwiindawo zamashishini. Ngoxa kukuhle ukuqala ngesifundo 1, isifundo sinokuqalwa naphi na.
4. Isinceda njani incwadana enemifanekiso sifundise iBhayibhile?
4 Kwiimpapasho zethu ezininzi, iimpendulo zemibuzo zinokufumaneka esiqendwini. Noko ke, ubukhulu becala kule mpapasho, iimpendulo zifumaneka eBhayibhileni. Inkoliso yabantu ifuna ukufunda iBhayibhile kunokufunda uncwadi lwethu. Ngenxa yeso sizathu, phantse zonke izibhalo ezibonisiweyo azicatshulwanga. Zifanele zifundwe eBhayibhileni. Oku kunceda izifundo ziqonde ukuba into eziyifundayo ivela kuThixo.—Isa. 54:13.
5. Kutheni kubalulekile ukuba umqhubi asilungiselele kakuhle isifundo ngasinye?
5 Le ncwadana ayizicacisi zonke izibhalo. Ngoba? Yenzelwe ukukhuthaza umfundi ukuba abuze imibuzo ize inike umhlohli ithuba lokusebenzisa ubuchule bakhe bokufundisa. Ngenxa yoko, kuhle ukusilungiselela kakuhle isifundo ngasinye. Isilumkiso: Musa ukuthetha kakhulu. Siyakuthanda ukucacisa iZibhalo. Kodwa ke, siphumelela ngakumbi xa sisicela isifundo ukuba sichaze ukuba sithetha ntoni isibhalo. Xa siyisebenzisa kakuhle imibuzo, singasinceda isifundo siqiqe ngevesi nganye.—IZenzo 17:2.
-