Ukubonisa Imbeko Njengabalungiseleli BakaThixo
“Yibani ngabaxelisa uThixo.”—EFE. 5:1.
1, 2. (a) Kutheni imbeko ibalulekile? (b) Siza kuxubusha ngantoni kweli nqaku?
ETHETHA ngokubonisa imbeko, uSue Fox ongumbhali weencwadi uthi: “Alikho ixesha ekunokuthiwa ngalo akukho mfuneko yokubonisa imbeko. Umntu kufuneka abonise imbeko kuyo yonke indawo nangawo onke amaxesha.” Ukuba umntu ubaphatha ngentlonelo abanye, iingxaki ziba mbalwa yaye amaxesh’ amaninzi azibikho kwaukubakho. Kodwa xa engabaphathi ngentlonelo, zibakho. Ukungabaphathi ngesimilo abanye kubangela iingxabano, inzondo nonxunguphalo.
2 Ngokuqhelekileyo amalungu ebandla lamaKristu okwenyaniso aphathana ngembeko. Sekunjalo simele silumke singafani nabantu beli hlabathi abangenambeko. Makhe sibone indlela esinokukhuseleka ngayo xa sisebenzisa imigaqo yeBhayibhile ephathelele imbeko nendlela le migaqo enokutsalela ngayo abantu kunqulo lokwenyaniso. Ukuze siqonde oko kubandakanyekileyo ekubeni nembeko, masihlolisise umzekelo kaYehova uThixo nowoNyana wakhe.
UYehova NoNyana Wakhe—Bangumzekelo Ekuboniseni Imbeko
3. UYehova uThixo usimisele wuphi umzekelo wokubonisa imbeko?
3 UYehova uThixo ungumzekelo ogqibeleleyo ekuboniseni imbeko. Nakuba njengoMongami wendalo ekwisigxina esiphakamileyo, abantu ubaphatha ngobubele nangembeko. Xa wayethetha noAbraham noMoses, uYehova wasebenzisa ibinzana lesiHebhere elidla ngokuguqulelwa ngokuthi “nceda.” (Gen. 13:14; Eks. 4:6) Xa abakhonzi bakhe besenza iimpazamo, uYehova ‘uba nenceba nobabalo, uzeka kade umsindo, unobubele bothando obuninzi nenyaniso.’ (INdu. 86:15) Wahluke ngokupheleleyo kwabanye abantu abasuke badubuleke ngumsindo xa izinto zingenziwa ngendlela yabo.
4. Sinokumxelisa njani uYehova xa abanye bethetha nathi?
4 UThixo ubonisa imbeko nangokuphulaphula abantu. Xa uAbraham wayebuza imibuzo ngabantu baseSodom, uYehova wayiphendula yonke ngomonde. (Gen. 18:23-32) Akazange avakalelwe kukuba uAbraham umchithela ixesha. UYehova uyayiphulaphula imithandazo yabakhonzi bakhe neyaboni abaguqukileyo. (Funda iNdumiso 51:11, 17.) Nathi sifanele sixelise uYehova ngokuphulaphula abanye xa bethetha.
5. Umzekelo kaYesu wokubonisa imbeko unokusinceda njani kulwalamano lwethu nabanye?
5 Enye yezinto ezafundwa nguYesu Kristu kuYise, yimbeko. Nangona wayechitha ixesha elininzi yaye ezibhokoxa kubulungiseleli, uYesu wayenomonde nobubele. Wayekulungele ukunceda abantu abaneqhenqa, iimfama ezazingqiba nabanye abantu ababeswele. Wayezinika ixesha lokuba kunye nabo, nakuba babengaxeli kwangaphambili xa besiza. Wayeyeka nantoni na ayenzayo ukuze ancede umntu oxhwalekileyo. UYesu wayenovelwano olunzulu kwabo babebonisa ukholo kuye. (Marko 5:30-34; Luka 18:35-41) NjengamaKristu sixelisa umzekelo kaYesu ngokubonisa ububele kwabanye nangokubanceda. Izalamane, abamelwane nabanye bayakubona oku. Ngaphezulu, oko kuzukisa uYehova yaye kusenza sonwabe.
6. UYesu wasimisela wuphi umzekelo wokubonisa ububele?
6 UYesu wabonakalisa intlonelo kwabanye nangokubabiza ngamagama abo. Ngaba iinkokeli zonqulo ezingamaYuda zenza okufanayo? Akunjalo. Zazibagqala yaye zibaphatha ‘njengabantu abaqalekisiweyo’ abo babengawazi uMthetho. (Yoh. 7:49) UNyana kaThixo wayengenjalo. UMarta, uMariya noZakeyu wababiza ngamagama abo. (Luka 10:41, 42; 19:5) Nangona indlela esibabiza ngayo abanye isenokuxhomekeka kwindlela eqhelekileyo ekubizwana ngayo kwiindawo esihlala kuzo, abakhonzi bakaYehova babaphatha ngobubele abanye.a Abacalulani baze bangahlonelani.—Funda uYakobi 2:1-4.
7. Imigaqo yeBhayibhile isinceda njani sibonise imbeko kubo bonke abantu?
7 UThixo noNyana wakhe baphatha abantu bazo zonke iintlanga nezizwe ngentlonelo yaye oko kubangela ukuba abo bantu bazive benesidima kuze kubenze babe nomdla enyanisweni. Kakade ke, indlela ekuchazwa ngayo ukuba nembeko kwiindawo ngeendawo ayifani. Ngenxa yoko, asinamithetho imiselweyo yendlela yokubonakalisa imbeko. Kunoko, sikhokelwa yimigaqo yeBhayibhile ukuba sibonise imbeko kwabanye abantu kuyo yonke indawo. Masibone indlela ukuphatha abanye ngembeko okunokusinceda ngayo sifumane imiphumo emihle kubulungiseleli bobuKristu.
Ukubulisa Abantu Nokuthetha Nabo
8, 9. (a) Nguwuphi umkhwa onokugqalwa njengokungabi nambeko? (b) Kutheni sifanele sivumele amazwi kaYesu akuMateyu 5:47 aphembelele indlela esibaphatha ngayo abanye?
8 Kangangendlela abantu abaxakeke ngayo kwiindawo ezininzi namhlanje, bayakwazi ukudlulana nje bangatsho nokuba “molo” okanye “kunjani?” Kakade ke, akulindelekanga ukuba umntu athethe nabo bonke abantu adibana nabo kwindlela ephithizelayo. Noko ke, kwezinye iimeko kufanelekile yaye kulindelekile ukuba sibabulise abanye. Ngaba waziqhelisa ukubulisa xa udlula ebantwini? Okanye ngaba udlula nje ungakhange uncume okanye uthethe nelimdaka? Umntu unokuzibona sele enomkhwa obonakalisa ukungabi nambeko, enoba yena akakuqondi oko.
9 UYesu wasikhumbuza ngala mazwi: “Ukuba nibulisa abazalwana benu kuphela, yintoni na into engaqhelekanga eniyenzayo? Abenzi kwaloo nto na nabantu beentlanga?” (Mat. 5:47) UDonald Weiss ongumcebisi kwezonxibelelwano uthi: “Abantu abayithandi into yokungahoywa. Akukho sizathu sokudlula nje emntwini. Ilula le nto: Xa udlula ebantwini, bulisa. Ncokola nabo.” Ukuba asivumeli ikratshi okanye impakamo ivule umsantsa phakathi kwethu nabanye abantu, izinto ziya kusihambela kakuhle.
10. Ukuba nembeko kunokusinceda njani sibe nempumelelo kubulungiseleli? (Funda ibhokisi ethi “Ncuma.”)
10 Ngokomzekelo, cinga ngesibini esingamaKristu, uTom noCarol abahlala kwisixeko esikhulu esikuMntla Merika. Xa besiya kwinkonzo yasentsimini babonakalisa inkathalo kubamelwane babo. Bakwenza njani oku? Ebhekisela kumazwi akuYakobi 3:18, uTom uthi: “Sizama ukuba nobuhlobo nokuba noxolo nabantu. Sincokola nabantu abangaphandle kwemizi yabo kuquka abo basebenza kummandla esihlala kuwo. Siyancuma size sibabulise. Sithetha ngezinto abazithandayo—abantwana babo, izinja zabo, amakhaya abo nemisebenzi yabo yempangelo. Ekuhambeni kwexesha, baye basijonge njengabahlobo babo.” UCarol wongezelela athi: “Xa siphinda sibatyelela, sibachazela amagama ethu size sibabuze awabo. Sibaxelela ngoko sikwenzayo elumelwaneni kodwa sibetha koomofu. Ekugqibeleni, siye sikwazi ukushumayela kubo.” UTom noCarol baye bathenjwa ngabamelwane babo abaninzi. Abo bamelwane baye bamkela iimpapasho ezisekelwe eBhayibhileni, yaye abanye babo baye babonisa umdla ekufundeni inyaniso.
Ukubonisa Imbeko Kubantu Abachasayo
11, 12. Kutheni sifanele silindele ukuphathwa krwada xa sishumayela iindaba ezilungileyo, yaye simele senze ntoni?
11 Ngamany’ amaxesha xa sishumayela iindaba ezilungileyo sidibana nabantu abakrwada. Akusothusi oku, kuba uKristu Yesu walumkisa abafundi bakhe wathi: “Ukuba banditshutshisile mna, baya kunitshutshisa nani.” (Yoh. 15:20) Ukubaphendula krwada abo bantu akuyi kusinceda nganto. Sifanele senze ntoni? Umpostile uPetros wathi: “Ngcwalisani uKristu njengeNkosi ezintliziyweni zenu, nisoloko nikulungele ukuzithethelela phambi kwakhe wonk’ ubani ofuna kuni isizathu sethemba elikuni, kodwa nisenjenjalo ngomoya wobulali nentlonelo enzulu.” (1 Pet. 3:15) Xa sibonisa imbeko size sibaphendule ngentlonelo abo basichasayo, sinokubenza basamkele isigidimi sethu.—Tito 2:7, 8.
12 Ngaba sinokulungisa iingqondo zethu ukuze siphendule ngendlela ekholisa uThixo xa sidibana nabantu abakrwada? Ewe sinako. UPawulos wathi: “Amazwi enu makasoloko ekholekile, enongwe ngetyuwa, ukuze nikwazi ukuphendula bonke ngabanye.” (Kol. 4:6) Ukuba sisoloko sibaphatha ngembeko bonke entsatsheni, emsebenzini, ebandleni naselumelwaneni, siya kuhlala sikulungele ukuphendula abachasi nabagxeki ngendlela ebonisa ukuba singamaKristu.—Funda eyabaseRoma 12:17-21.
13. Chaza indlela ukubonisa imbeko okunokuyitshintsha ngayo ingqondo yabachasi.
13 Ukubonakalisa imbeko xa sichaswa kunokubangela imiphumo emihle. Ngokomzekelo, eJapan, elinye iNgqina lagculelwa ngumninimzi nondwendwe lwakhe. Lo mzalwana wabashiya ngoxolo. Njengoko wayeqhubeka eshumayela, waphawula ukuba olwa ndwendwe lumi mgama lumbukele. Xa lo mzalwana esondela kule ndoda, yathi: “Ndicela uxolo ngento esiyenzileyo. Nangona besithetha kakubi nawe, ndiye ndaphawula ukuba uye wahlala uncumile. Yintoni endinokuyenza ukuze ndibe njengawe?” Le ndoda yayigxothwe emsebenzini, isandul’ ukufelwa ngunina, yaye loo nto yayenza yaphelelwa lithemba. Eli Ngqina lacela ukuyiqhubela isifundo seBhayibhile, yaye yavuma. Eso sifundo sasiqhutywa kabini ngeveki.
Eyona Nto Inokukunceda Ube Nembeko
14, 15. Abakhonzi bakaYehova ababephila ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile babebaqeqesha njani abantwana babo?
14 Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile abazali abahlonel’ uThixo babefundisa abantwana babo imbeko. Khawuphawule indlela uAbraham nonyana wakhe uIsake ababebizana ngayo kwiGenesis 22:7. NoYosefu wayebonakala ukuba abazali bakhe bamqeqesha. Xa wayesentolongweni, wayenembeko nakwamanye amabanjwa. (Gen. 40:8, 14) Indlela awathetha ngayo noFaro yabonisa ukuba wayefundiswe indlela efanelekileyo yokuthetha nabasemagunyeni.—Gen. 41:16, 33, 34.
15 Omnye weMithetho Elishumi eyayinikwe oonyana bakaSirayeli uthi: “Beka uyihlo nonyoko ukuze yolulwe imihla yakho emhlabeni akunika wona uYehova uThixo wakho.” (Eks. 20:12) Enye indlela abantwana ababenokubeka ngayo abazali babo kukuba nesimilo ekhaya. Intombi kaYifeta yabonisa ukuba yayimhlonela uyise kuba yenza ngokuvisisana nesifungo sakhe esasinzima.—ABagwe. 11:35-40.
16-18. (a) Yintoni enokwenziwa ukuze kufundiswe abantwana imbeko? (b) Ziziphi ezinye zeengenelo zokufundisa abantwana imbeko?
16 Kubalulekile ukuba sibaqeqeshe abantwana bethu ukuze babe nembeko. Abantwana kufuneka bafundiswe indlela yokubulisa, yokuphendula ifowuni neyokutya, loo nto iya kubenza babe ngabantu abadala abachubekileyo. Bafanele bancedwe baqonde isizathu sokuvulela abanye umnyango, sokubonisa ububele ebantwini abalupheleyo nabagulayo nokuphathisa abantu abanemithwalo emininzi. Bafanele baqonde ukubaluleka kokuthi “ndiyacela,” “enkosi,” “ndiyakuvuyela ukukunceda,” “ndingakunceda ngantoni?” nokuthi “ndicela uxolo.”
17 Akumelanga kube nzima ukufundisa abantwana ukuba babe nembeko. Eyona ndlela iphumelelayo kukubamisela umzekelo. Xa echaza indlela yena nabantakwabo abathathu abafunda ngayo ukuba nesimilo, uKurt oneminyaka engama-25 ubudala uthi: “Sasidla ngokubukela nokuphulaphula indlela uMama noTata ababethetha ngembeko ngayo nendlela ababebonisa ngayo umonde novelwano kwabanye abantu. KwiHolo yoBukumkani, uTata wayedla ngokuya nam kubazalwana noodade abasele bekhulile siye kuncokola nabo ngaphambi kokuba kungene iintlanganiso nasemva kokuphuma kwazo. Ndandiphulaphula xa ebabulisa yaye ndandiyibona indlela awayebahlonela ngayo.” UKurt uhlabela mgama athi: “Ekuhambeni kwexesha, ndamxelisa ekubeni nembeko. Sele ndikuqhelile ukuphatha abanye ngembeko. Asiyonto endifanele ndiyenze, kodwa yinto endifuna ukuyenza.”
18 Yintoni enokwenzeka xa abazali befundisa abantwana babo imbeko? Abantwana baya kukwazi ukuba nabahlobo baze bahlale beseluxolweni nabanye. Baya kukwazi ukusebenzisana nabaqeshi kunye nabanye abasebenzi. Ngapha koko, abantwana abanesimilo nembeko baya kubavuyisa abazali babo.—Funda iMizekeliso 23:24, 25.
Imbeko Isenza Sahluke
19, 20. Kutheni simele sizimisele ukuxelisa umzekelo omhle woThixo wethu noNyana wakhe?
19 UPawulos wathi: “Yibani ngabaxelisa uThixo, njengabantwana abaziintanda.” (Efe. 5:1) Ukuxelisa uYehova uThixo noNyana wakhe kuthetha ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile enjengale ixutyushwe kweli nqaku. Xa sisenjenjalo siya kuphepha ukuba ngabahanahanisi kuba nje sifuna ukuthandwa ngabaphathi okanye sifuna iingenelo.—Yude 16.
20 Kule mihla yokugqibela yolawulo lwakhe olukhohlakeleyo, uSathana uzimisele ukuyithoba imilinganiselo yesimilo ebekwe nguYehova. Kodwa uMtyholi akasoze akwazi ukuphelisa imbeko amaKristu okwenyaniso anayo. Sonke masizimisele ukulandela umzekelo omhle kaThixo noNyana wakhe. Ngenxa yoko, indlela esithetha nesenza izinto ngayo iya kusoloko yahlukile kuleyo yabo bangenasimilo. Siya kuzukisa igama likaYehova uThixo wethu obonakalisa imbeko yaye abantu abaneentliziyo ezinyanisekileyo baya kutsaleleka kunqulo lokwenyaniso.
[Umbhalo osemazantsi]
a Kwezinye iindawo, ukubiza umntu omdala ngegama kugqalwa njengokungabi nasimilo ngaphandle kokuba loo mntu akanangxaki yokubizwa ngegama. AmaKristu afanele anikel’ ingqalelo koku.
Ngaba Uyakhumbula?
• Yintoni esiyifunda kuYehova noNyana wakhe ngokubonakalisa imbeko?
• Kutheni kufanelekile ukuba thina njengamaKristu sibulise abantu ngobubele?
• Ukuba nembeko kusenza njani sibe nemiphumo emihle entsimini?
• Abazali badlala indima engakanani ekufundiseni abantwana babo imbeko?
[Ibhokisi ekwiphepha 27]
Ncuma
Abantu badla ngokuba mathidala ukuqalisa incoko nomntu abangamaziyo. Kuba ethanda uThixo nabamelwane bawo, amaNgqina kaYehova afunde indlela yokuncokola nabanye ukuze abafundise inyaniso yeBhayibhile. Yintoni enokukunceda uphucule kule nkalo?
KweyabaseFilipi 2:4 kukho umgaqo obalulekileyo othi: ‘Nyamekelani, kungekuphela nje izilangazelelo zobuqu, kodwa kwanezilangazelelo zabanye.’ Ucinga ngala mazwi, qiqa ngale ndlela: Umntu oqalayo ukukubona, akakwazi. Unokumenza njani akhululeke? Unokuncuma uze ubulise ngobubele. Kodwa akuphelelanga apho.
Xa uqalisa incoko nomntu othile, kusenokwenzeka ukuba uye wamphazamisa kwiingcinga zakhe. Xa ufuna ukuthetha naye ungakhange ucinge ngento esengqondweni yakhe, usenokungabi namdla. Ngoko ke, xa unokukwazi ukuthelekelela into ecingwa nguloo mntu, usenokuqalisa incoko naye. UYesu wenza loo nto xa edibana nebhinqa kwiqula laseSamariya. (Yoh. 4:7-26) Lalicinga ngamanzi elaliza kuwakha. UYesu waqalisa incoko yakhe ngamanzi yaye emva koko wangena kwizinto zokomoya.
[Imifanekiso ekwiphepha 26]
Xa unobubele ebantwini, unokukwazi ukushumayela kubo
[Umfanekiso okwiphepha 28]
Kubalulekile ukubonakalisa imbeko ngalo lonke ixesha