Imibuzo Evela Kubafundi
Yintoni eyabangela ukuba uYuda abe neentlobano zesini nebhinqa awayecinga ukuba lihenyukazi, njengoko kuchazwe kwiGenesis 38:15, 16?
Ngoxa uYuda waba neentlobano zesini nebhinqa awayecinga ukuba lihenyukazi, enyanisweni lalingelilo ihenyukazi. Ngokutsho kweGenesis isahluko 38, naku okwenzekayo.
Ngaphambi kokuba unyana olizibulo kaYuda azale unyana ngomfazi wakhe, uTamare, wabulawa ngenxa yokuba “wangqineka embi emehlweni kaYehova.” (Genesis 38:7) Ngelo xesha, kwakusenziwa umtshato wongeno. Oku kwakuthetha ukuba xa indoda ife ingenayo indlalifa, umntakwayo kwakufuneka atshate naloo mfazi wayo ukuze amzalele indlalifa. Kodwa unyana wesibini kaYuda, uOnan, wala ukwenza oko. Ngenxa yoko, uThixo wamohlwayela ukufa. Emva koko uYuda wamndulula umolokazana wakhe uTamare ukuba abuyele endlwini kayise de unyana wesithathu kaYuda, uShela akhule ngokwaneleyo ukuba angatshata naye. Noko ke, njengoko iminyaka yayiqengqeleka, uYuda akazange amnikele uShela ukuba atshate noTamare. Ngoko wathi uYuda akufelwa ngumfazi, uTamare waqulunqa iqhinga lokuba afumane indlalifa ngoYuda, umSirayeli onguyisezala. Oku wakwenza ngokuzenza unongogo wasetempileni waza wahlala phantsi endleleni awayesazi ukuba uYuda uza kudlula kuyo.
Engazi ukuba nguTamare lowo, uYuda waba neentlobano zesini naye. Njengomvuzo wezo ntlobano zesini, wasebenzisa ubulumko waza wathabatha izinto ezithile zikaYuda njengesibambiso, yaye kamva wasebenzisa zona ukungqina ukuba wayemithiswe nguYuda. Yakuvela loo nyaniso, uYuda akazange ambeke tyala kodwa ngokuthobeka wathi: “Ulilungisa ngakumbi kunam, ngenxa yokuba ndingamnikelanga kuShela unyana wam.” Yaye eyona nto intle kukuba, ‘akazange aphinde abe neentlobano zokwazana naye emva koko.’—Genesis 38:26.
UYuda wona kuba akazange amnikele kuTamare unyana wakhe uShela njengokuba wayethembisile. Kwakhona waba neentlobano zesini nebhinqa awayecinga ukuba lingunongogo wasetempileni. Oku kwakuchasene nenjongo kaThixo yokuba umntu abe neentlobano zesini nomntu atshate naye kuphela. (Genesis 2:24) Eyona nyaniso kukuba uYuda akazange abe neentlobano zesini nehenyukazi. Kunoko, yena engaqondi wenza oko kwakufanele kwenziwe ngunyana wakhe uShela, umtshato wongeno waza ke waba nguyise wenzala esemthethweni.
Kwelakhe icala uTamare, ukuba neentlobano zesini kwakhe noYuda yayingekuko ukukrexeza. Oonyana bakhe abangamawele babengagqalwa njengoonyana bobuhenyu. Xa uBhohazi waseBhetelehem wathabatha umMowabhikazi uRute ngomtshato wongeno, amadoda amakhulu aseBhetelehem athetha kakuhle ngonyana kaTamare, uPeretse esithi kuBhohazi: “Yanga indlu yakho ingaba njengekaPeretse, uTamare awamzalela uYuda, kwinzala aya kukunika yona uYehova ngalo mfazana.” (Rute 4:12) Kwakhona uPeretse ukho kuluhlu lookhokho bakaYesu Kristu.—Mateyu 1:1-3; Luka 3:23-33.