Imibuzo Yabafundi
Ndifanele Ndinikele Ngamalini?
“UThixo uthanda umphi ochwayitileyo.” (2 Korinte 9:7) La mazwi aziwa ngabantu abaninzi ehlabathini lonke. Kodwa nakuba kunjalo, abanye abantu abahamba icawa bacinga ukuba kunyanzelekile ukuba banikele ngemali eninzi kakhulu kunokuba benako. Ezinye iicawa zide ziwaxelele amalungu azo ukuba afanele anikele ngamalini. Loo minikelo kuthiwa zizishumi.
Kodwa ngaba yona iBhayibhile iyatsho ukuba sifanele sinikele ngamalini? Lowo ngumbuzo ngamnye wethu afanele azibuze wona.
Iminikelo Eyayinyanzelekile Kunye Neyokuzithandela Kumaxesha Okubhalwa KweBhayibhile
IBhayibhile iyawuchaza umnikelo uThixo awayefuna ukhutshwe ngamaSirayeli. (Levitikus 27:30-32; Numeri 18:21, 24; Duteronomi 12:4-7, 11, 17, 18; 14:22-27) Ezi yayingezondleko zingenakufikelelwa ngamaSirayeli. UYehova wathembisa olo hlanga ukuba wayeza ‘kulandisela impumelelo’ xa liyithobela imithetho yakhe.—Duteronomi 28:1, 2, 11, 12.
Yayikho iminikelo apho umSirayeli ngamnye wayenokuzigqibela ukuba ufuna ukunikela kangakanani na. Ngokomzekelo, xa uKumkani uDavide wayefuna ukwakhela uYehova itempile, abantu bakhe banikela “igolide exabisa amawaka amahlanu eetalente.”a (1 Kronike 29:7) Khawukhe uthelekise lo mnikelo ungasentla nalowo wabonwa nguYesu xa wayesemhlabeni. Kaloku wabona “umhlolokazi othile osisisweli ephosa iingqekembe ezimbini ezincinane zexabiso elincinane kakhulu” etempileni. Wayenikele ngamalini loo mhlolokazi? Umnikelo wakhe wawunokulingana ne-1/64 somvuzo wosuku kuphela. Sekunjalo, uYesu wathi loo mnikelo mncinane wawamkelekile.—Luka 21:1-4.
Ngaba AmaKristu Afanele Anikele Ngemali Eqingqiweyo?
AmaKristu akakho phantsi kwesivumelwano soMthetho wamaSirayeli. Ngoko ke akanyanzelekanga ukuba anikele ngemali eqingqiweyo. Nakuba kunjalo, amaKristu ebandla lokwenene ayakuvuyela ukunikela. UYesu ngokwakhe wathi: “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.”—IZenzo 20:35.
AmaNgqina kaYehova awuxhasa ngeminikelo yokuzithandela umsebenzi wawo wokushumayela emhlabeni wonke. Ngale minikelo kushicilelwa iincwadi ezinjengeli phephancwadi ulifundayo ngoku kuze kwakhiwe neeHolo zoBukumkani anqulela kuzo. Ayikho iminikelo ekuhlawulwa ngayo imivuzo yamaNgqina athile. Ewe kona akho athile axhaswa ngeminikelo, kuhlawulelwa iindleko zawo zokuhamba nezinye ezincinane ngenxa yemisebenzi ekhethekileyo ayenzayo. Kodwa akukho nalinye elinyanzelisayo ukufumana loo mali. Phofu ke inkoliso yamaNgqina kaYehova ayixhaswa ngemali ukuze ishumayele. Kunoko inkoliso yawo iyaphangela ukuze izixhase kanye njengoPawulos xa wayesenza iintente.—2 Korinte 11:9; 1 Tesalonika 2:9.
Umntu ofuna ukunikela ukuze axhase umsebenzi wamaNgqina kaYehova wokushumayela ufanele akhuphe malini? Umpostile uPawulos wathi: “Ngamnye makenze kanye njengoko egqibile entliziyweni yakhe, kungekhona ngokukrokra okanye ngokunyanzelwa, kuba uThixo uthanda umphi ochwayitileyo.”—2 Korinte 8:12; 9:7.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ngowama-2008, i-ounce yegolide yayixabisa ii-$871, ngoko ngaloo nyaka lo mnikelo wawunokuba zii-R50 106 234 750.