Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela
MEYI 3-9
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | NUMERI 27-29
“Linganisa UYehova Ngokungabi Namkhethe”
Zixabise Ngokupheleleyo Iimpawu ZikaYehova
14 Ezi ntombi zaya kuMoses zambuza: “Yini na ke ukuba igama likabawo licinywe phakathi kwentsapho yakhe kuba engenanyana?” Zabe sezicenga zisithi: “Owu khawusinike ilifa phakathi kwabazalwana bakabawo.” Ngaba uMoses waziphendula ngokuthi, ‘Niyazi ukuba umthetho uthini akukho nto ndiza kuyenza’? Nakanye, “wasibeka isimangalo sazo phambi koYehova.” (Num. 27:2-5) Yathini impendulo? UYehova wathi kuMoses: “Iintombi zikaTselofehadi zilungisile ukuthetha. Ufanele nakanjani na uzinike ilifa phakathi kwabazalwana bakayise, ulidlulisele kuzo ilifa likayise.” UYehova akazange aphelele apho. Wasebenzisa eso sigqibo saloo meko yezo ntombi saba ngumthetho, wamyalela oku uMoses: “Xa ithe yafa indoda ingenanyana, nimele nilidlulisele ilifa layo kwintombi yayo. (Num. 27:6-8; Yosh. 17:1-6) Ukususela ngoko, onke amabhinqa akwaSirayeli analoo ngxaki ayeza kukhuselwa.
Zixabise Ngokupheleleyo Iimpawu ZikaYehova
15 Eso yaba sisigqibo sobubele nesingakhethi buso ngokwenene! Loo mabhinqa ayengenamntu uza kuwanceda, kodwa uYehova wawaphatha ngesidima njengawo onke amanye amaSirayeli. (INdu. 68:5) Lo ngomnye nje wemizekelo emininzi eseBhayibhileni engqina le nyaniso: UYehova akakhethi buso kubo bonke abakhonzi bakhe.—1 Sam. 16:1-13; IZe. 10:30-35, 44-48.
Zixabise Ngokupheleleyo Iimpawu ZikaYehova
16 Sinokumxelisa njani uYehova singakhethi buso? Khumbula ukuba zimbini izinto ezifunekayo ukuze ungakhethi buso. Kuxa singakhethi buso kuphela apho siya kuphatha abanye kakuhle. Yinyaniso ukuba, sonke sicinga ukuba sinengqondo ephangaleleyo yaye asikhethi buso. Kodwa ke, usenokuvuma ukuba akusoloko kulula ukuzazi kakuhle iimvakalelo zethu. Yintoni ke esinokuyenza ukuze sazi ukuba saziwa ngokungakhethi buso? Xa wayefuna ukwazi ukuba abantu bathini ngaye, yena uYesu wababuza oku abahlobo bakhe abathembekileyo: “Abantu bathi ungubani uNyana womntu?” (Mat. 16:13, 14) Kutheni ungaxelisi yena nje nawe? Unokubuza omnye kubahlobo obathembayo enoba udume njani na kwinkalo yokungakhethi buso. Ukuba uthi ubonakala unekhethe elithile lobuhlanga, labantu ohlala nabo okanye ngokwemeko yabo yemali, yintoni onokuyenza? Thandaza ngokunyanisekileyo kuYehova umcele akuncede utshintshe ukuze ukwazi ukubonakala ukuba akukhethi buso.—Mat. 7:7; Kol. 3:10, 11.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
it-2-E 528 ¶5
Iminikelo
Iminikelo eselwayo. Iminikelo eselwayo yayisenziwa neminye iminikelo, ingakumbi emva kokuba amaSirayeli efikile kwiLizwe Lesithembiso. (Num 15:2, 5, 8-10) Yayinewayini (“isiselo esinxilisayo”) ibe yayigalelwa esibingelelweni. (Num 28:7, 14; jonga ne-Eksodus 30:9; Numeri 15:10.) Umpostile uPawulos wathi kumaKristu aseFilipi: “Nokuba ndingagalelwa njengomnikelo oselwayo kumbingelelo nakumsebenzi ongcwele eniye nawenza ngenxa yokholo, ndivuyisana nani nonke.” Apha wasebenzisa umzekelo womnikelo oselwayo ukuze acacise indlela awayezimisele ngayo ukuzincama ngenxa yamanye amaKristu. (Fil 2:17) Ngaphambi kokuba asweleke, wathi kuTimoti: “Mna ke sele ndigalelwa njengomnikelo oselwayo, ibe ixesha lokukhululeka kwam selikufutshane.”—2Tim 4:6.
MEYI 10-16
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | NUMERI 30-31
“Zenze Izinto Ozifungileyo”
it-2-E 1162
Isifungo
Uyazikhethela, kodwa Kufuneka Usigcine Xa Usenzile. Ukwenza isifungo kwakuxhomekeke kuwe ngokupheleleyo. Kodwa xa umntu esenzile isifungo umthetho oseBhayibhileni wawusithi kufuneka enze njengoko ebefungile. Yiloo nto kwakusithiwa umntu ‘umele asigcine isifungo sakhe,’ kuba kwanobomi bakhe babuxhomekeke ekugcineni kwakhe isifungo sakhe. (Num 30:2; jonga namaRoma 1:31, 32.) Ekubeni into yokwenza isifungo ichaphazela ubomi, iyaqondakala into yokuba iBhayibhile isithi umntu makalumke ngaphambi ngokusenza aze acingisise nzulu ngaloo nto aza kuzibophelela kuyo. UMthetho wawusithi: “Ukuba wenza isifungo kuYehova . . . uThixo wakho uza kusifuna kuwe; ukuba awuyenzi loo nto uya kube wenze isono. Kodwa ukuba awufungi, awuzukuba natyala.”—Dut 23:21, 22.
Isifungo
Ngendlela esisetyenziswe ngayo eBhayibhileni, isifungo sisithembiso esenziwa ngokuzimisela kuThixo. Umntu sukube ethembisa ukwenza isenzo esithile, ukuphisa ngesipho, ukungenela inkonzo ethile okanye ukungenzi izinto ezithile. Izifungo zenziwa ngokuzithandela, umntu akaqhutywa xa ezenza. Nakuba kunjalo, zingcwele kwaye ziyabophelela kuThixo kuba zifana nesibhambathiso—ingxelo efungelweyo—apho umntu athembisa ukuba uza kwenza okanye akayi kwenza into ethile. (Gen. 14:22, 23; Heb. 6:16, 17) IZibhalo zithi inkulu kangakanani into yokufunga kuThixo?
Iimbalasane Zencwadi YeNumeri
30:6-8—Ngaba indoda engumKristu inokuziphelisa izifungo zomfazi wayo? Ngokuphathelele izifungo, ngoku uYehova uqhubana naye ngamnye kubanquli bakhe. Ngokomzekelo, ukuzahlulela kuYehova sisifungo sobuqu. (Galati 6:5) Indoda ayinagunya lokuphelisa isifungo esinjalo. Noko ke, umfazi ufanele akuphephe ukwenza isifungo esinxamnye neLizwi likaThixo okanye nezinto afanele azenzele umyeni wakhe.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
it-2-E 28 ¶1
UYifeta
Abazali babekwazi ukunikela abantwana babo kwinkonzo ekhethekileyo kaYehova ukuze basebenze kwindawo engcwele. USamuweli ngomnye wabo banikelwa ukuba benze umsebenzi wakwintente engcwele. Umama wakhe uHana wenza isifungo ngaye kuYehova engekazalwa nokuzalwa ibe uElikana umyeni wakhe wavuma. Emva nje kokuba uSamuweli elunyulwe, uHana wamsa endlini kaYehova ephethe nombingelelo wesilwanyana. (1Sa 1:11, 22-28; 2:11) NoSamson kwanikelwa ngaye kwinkonzo kaYehova esengumntwana ukuze abe ngumNaziri.—ABa 13:2-5, 11-14; jonga nento utata onentombi awayenelungelo lokuyenza kwiNumeri 30:3-5, 16.
MEYI 17-23
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | NUMERI 32-33
“Nibagxothe Bonke Abemi Beli Lizwe”
Ngaba Ubusazi?
Yintoni “iindawo eziphakamileyo” ekudla ngokuthethwa ngazo kwiZibhalo zesiHebhere?
Xa amaSirayeli ayeza kungena kwiLizwe leSithembiso, uYehova wawaxelela ukuba azitshabalalise zonke iindawo zonqulo zamaKanana awayehlala apho. UThixo wathi: “Nimele . . . niyitshabalalise yonke imifanekiso yabo yamatye, nemifanekiso yabo yonke etyhidiweyo niyitshabalalise, nazo zonke iindawo zabo eziphakamileyo ezingcwele nize nizitshabalalise.” (Numeri 33:52) Mhlawumbi ezo zazulu zonqulo lobuxoki zaziphezu kweenduli okanye zazingamaqonga aphakamileyo awayekwiindawo ezahlukeneyo njengaphantsi kwemithi okanye ezixekweni. (1 Kumkani 14:23; 2 Kumkani 17:29; Hezekile 6:3) Mhlawumbi zazinezibingelelo, iintsika okanye izibonda ezingcwele, imifanekiso, iindawo zokuqhumisa nobunye ubucukubhede obunxibelelene nonqulo.
Funda Kwiimpazamo ZamaSirayeli
Namhlanje, sijamelene nocelomngeni olufanayo nolo lwamaSirayeli. Nabanamhlanje abantu banezinto abazinqulayo. Ezo zinto ziquka imali, abantu abadumileyo kwezolonwabo, amaqhawe ezemidlalo, iinkqubo zobupolitika, iinkokeli ezithile zonqulo namalungu entsapho. Nayiphi na kwezi zinto isenokuba yeyona nto ibalulekileyo ebomini bethu. Ukusondelelana ngokugqithiseleyo nabo bangamthandiyo uYehova kunokulonakalisa ulwalamano lwethu naye.
Ukuziphatha okubi ngokwesini kwakuyinto ephambili kunqulo lukaBhahali yaye kwalukuhla amaSirayeli amaninzi. Nanamhlanje abantu bakaThixo basabanjiswa yimigibe efanayo. Ngokomzekelo, ngokucofa nje ikhompyutha esendlwini yakhe, umntu othand’ ukwazi nongalumkanga unokonakalisa isazela sakhe esicocekileyo. Bekuya kuba buhlungu ngokwenene ukuba umKristu ebenokulukuhlwa yimifanekiso yamanyala ekwi-Internet.
it-1-E 404 ¶2
AmaKanan
Ngobulumko, uYoshuwa “akukho nto angazange ayenze kuzo zonke izinto uYehova awayeziyalele uMoses” ngokutshatyalaliswa kwamaKanan. (Yos 11:15) Kodwa amaSirayeli zange awulinganise umzekelo wakhe omhle kuba zange akususe ngokupheleleyo ukungcola kwelo lizwe. Aqhubeka ehlala namaKanan ibe loo nto yawamosha, kuba emva kwexesha (aziphatha kakubi, akhonza izithixo esenza nezinye izinto ezimbi) kwasweleka abantu abaninzi kakhulu kunabo babeza kusweleka ukuba ayewatshabalalisile onke amaKanan njengokuba ayeyalelwe. (Num 33:55, 56; ABa 2:1-3, 11-23; Nd 106:34-43) UYehova wayewalumkisile amaSirayeli ukuba ubulungisa bakhe nezigwebo zakhe azinamkhethe. Waphinda wathi ukuba bangabahlobo namaKanan okanye bayatshatiselana nabo baze bakhonze oothixo babo okanye benze izinto zabo ezenyanyekayo, loo nto yayiza kuthetha ukuba nabo bazibizela ukutshatyalaliswa ‘nokuhlanzelwa ngaphandle kwelizwe.’—Eks 23:32, 33; 34:12-17; Lev 18:26-30; Dut 7:2-5, 25, 26.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
it-1-E 359 ¶2
Umda
Emva kokuba iqashiso lichazile ukuba isizwe siza kuhlala phi, kwakujongwa ukuba abantu beso sizwe baninzi kangakanani ukuze kubonwe ukuba baza kudinga indawo enkulu kangakanani na. “Nimele niwahlule ngamaqashiso umhlaba ube lilifa leentsapho zenu. Nize nilandise ilifa leqela elinabantu abaninzi, nilinciphise ilifa leqela elinabantu abambalwa. Wonke umntu uza kunikwa ilifa lakhe apho liwele khona iqashiso lakhe. Niza kufumana ilifa lenu lomhlaba ngokwezizwe zootata benu.” (Num 33:54) Indawo yesizwe ebichazwe liqashiso yayingatshintshi kodwa ilifa lalinokutshintshwa. Yiloo nto yacuthwa indawo yesizwe sakwaYuda xa kwafunyaniswa ukuba inkulu zaze ezinye iindawo zanikwa isizwe sakwaSimeyon.—Yos 19:9.
MEYI 24-30
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | NUMERI 34-36
“Balekela KuYehova”
Ngaba Ubalekela KuYehova?
4 AmaSirayeli ayesenza ntoni xa umntu ebulele ngempazamo? Nangona ebulele ngempazamo, wayesenetyala lokuchitha igazi elimsulwa. (Gen. 9:5) Kodwa ke, wayevumelekile ukuba ambaleke umphindezeli wegazi aye kwesinye sezixeko zokusabela ezintandathu. Wayekhuseleka xa elapho. Kwakufuneka ahlale kweso sixeko sokusabela de kufe umbingeleli omkhulu.—Num. 35:15, 28.
Ngaba Ubalekela KuYehova?
6 Umntu obulele ngempazamo, kwakufuneka kuqala ‘awathethe ezindlebeni zamadoda amakhulu amazwi akhe’ kumasango esixeko abalekele kuso. Kwakufuneka amamkele ngobubele. (Yosh. 20:4) Wayethunyelwa kumadoda amakhulu esixeko awayebulele kuso, ize ibe ngawo agweba elo tyala. (Funda iNumeri 35:24, 25.) Uya kubuyiselwa kwisixeko sokusabela xa amadoda amakhulu ebone ukuba ubulele ngempazamo nyhani.
Ngaba Ubalekela KuYehova?
13 Umntu obalekele kwisixeko sokusabela wayekhuseleka. UYehova wathi ezo zixeko “zimele zibe yindawo yokuzikhusela.” (Yosh. 20:2, 3) UYehova wayengafuni ukuba umntu obalekele apho aphinde agwetywe ngetyala elinye; nomphindezeli wegazi wayengavumelekanga ukuba angene esixekweni aze ambulale. Ngoko wayengoyiki ukuba kukho umntu oza kuphindezela. Xa engaphakathi kweso sixeko wayekhuselwa nguYehova. Yayingeyontolongo le. Kweso sixeko wayekwazi ukusebenza, ancede abanye abantu, aze akhonze uYehova engenaxhala. Wayephila kamnandi anelisekile!
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
Intlawulelo Elinganayo Ngenxa Yabo Bonke
13 Noko ke, kuAdam noEva akukho namnye uzuza iingenelo kule ntlawulelo. UMthetho kaMoses wawuqulethe umgaqo othi: “Ize ningathabathi lucamagusho ngenxa yomphefumlo wombulali osukuba engongendawo, engowokufa.” (Numeri 35:31) UAdam akazange akhohliswe, ngoko wona ngabom, ngokuzithandela. (1 Timoti 2:14) Oku kwakufana nokubulala inzala yakhe, kuba ngoku yakuzuz’ ilifa ukungafezeki kwakhe, ngaloo ndlela igwetyelwa ukufa. Ngokucacileyo, uAdam wayefanelwe kukufa, kuba njengomntu ofezekileyo, wayezikhethele ukungawuthobeli ngabom uMthetho kaThixo. Bekuya kuba kokuchasene nemigaqo kaYehova yobulungisa ukuba intlawulelo wayeya kuyidlulisela nakuAdam. Noko ke, ukuhlawula umvuzo wesono sika-Adam, kuyasiphelisa isigwebo sokufa kwinzala ka-Adam! (Roma 5:16) Ngokwengqiqo engokomthetho, amandla atshabalalisayo esono apheliswa ngokusuka kumthombo wawo. Umhlawuleli ‘uve ukufa ngenxa yabo bonke,’ ethwala imiphumo yesono ngenxa yabo bonke abantwana baka-Adam.—Hebhere 2:9; 2 Korinte 5:21; 1 Petros 2:24.
MEYI 31–JUNI 6
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | DUTERONOMI 1-2
“NguThixo Ogwebayo”
UYehova—Umthandi Wobulungisa Nokusesikweni
Abadala abamiselweyo bebandla bamele bawise isigwebo kumatyala ezenzo zobubi ezinzulu. (1 Korinte 5:12, 13) Xa besenjenjalo, baye bakhumbule ukuba okusesikweni kukaThixo kufuna kubonakaliswe inceba xa kuyimfuneko. Ukuba ayifuneki—njengakwimeko yaboni abangaguqukiyo—inceba ayinakubonakaliswa. Kodwa abadala abamkhupheli ngaphandle kwebandla umenzi wobubi onjalo ngenxa yokuba benenqala. Bathemba ukuba isenzo sokumsusa kubudlelane siya kumbuyisela ezingqondweni. (Thelekisa uHezekile 18:23.) Bephantsi kobuntloko bukaKristu, abadala baphumeza okusesikweni, yaye oku kuquka ukuba babe “njengendawo yokuzimela umoya.” (Isaya 32:1,2) Ngoko bamele babonakalise ukungakhethi buso nokuba nolwazelelelo.—Duteronomi 1:16, 17.
Lithobele Ngokunyaniseka Igunya LikaThixo
4 Noko ke, ukuba ngumgwebi kwakuthetha okungakumbi kunokwazi nje uMthetho. Ekubeni ayengafezekanga, amadoda amakhulu kwakufuneka akuphaphele ukuziphepha zonke iindlela zawo ezitenxileyo—njengokuzingca, ukuba nekhethe nokunyoluka—nto ezo ezazinokuwenza enze isigwebo esiphosakeleyo. UMoses wawaxelela oku: “Nize ningakhethi buso ekugwebeni kwenu. Nifanele nimve omncinane njengomkhulu. Nize ningothuswa mntu, ngokuba umgwebo ngokaThixo.” Ewe, abagwebi bakwaSirayeli babegweba esikhundleni sikaThixo. Eli yayililungelo elikhulu ngendlela emangalisayo!—Duteronomi 1:16, 17.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
Izikhumbuzo ZikaYehova Zikholosekile
9 Ukunduluka kwamaSirayeli ethabatha uhambo lweminyaka eyi-40 ‘kwintlango enkulu neyoyikekayo,’ uYehova akazange awanike iinkcukacha zendlela awayeya kuwakhokela, awakhusele aze awanyamekele ngayo. Nakuba kunjalo, wawabonisa ngokuphindaphindiweyo ukuba ayenokuthembela kuye nakwimiyalelo yakhe. UYehova wasebenzisa ilifu emini nomqulu womlilo ebusuku, ukuze awakhumbuze ukuba wayewaxhasa njengoko ayenqumla loo ntlango iyingozi. (Dut. 1:19; Eks. 40:36-38) Wayewanika nezinto eziyimfuneko. “Izambatho zabo azizange ziphele, neenyawo zabo azizange zidumbe.” Abantu bakaThixo “abazange baswele nto.”—Neh. 9:19-21.
JUNI 7-13
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | DUTERONOMI 3-4
“IMithetho KaYehova Ilungile Ibe Inobulumko”
it-2-E 1140 ¶5
Ukuqonda
Xa umntu efundisisa iBhayibhile aze enze loo nto ikwiLizwi LikaThixo, uye abe nolwazi ngaphezu kwabafundisi bakhe aze abe krelekrele ngaphezu kwamaxhego. (Nd 119:99, 100, 130; jonga noLuka 2:46, 47.) Imithetho nezigwebo zikaYehova ziyanceda kuba zinobulumko nokuqonda. Yiloo nto eyayisenza ukuba xa amaSirayeli ethobela, iintlanga ezaziwangqongile ziwabone ‘njengabantu abalumke nyhani nabaqondayo.’ (Dut 4:5-8; Nd 111:7, 8, 10; jonga 1 Kumkani 2:3.) Umntu oqondayo uyayiqonda into yokuba akamele angalithobeli iLizwi LikaThixo ibe ngenxa yokuba efuna ukuhambisana nalo, uye acele uncedo lukaThixo ngomthandazo. (Nd 119:169) Uyalivumela ukuba lingene litshone ngokupheleleyo (Mat 13:19-23), alibhale entliziyweni yakhe (IMi 3:3-6; 7:1-4), aze afunde ukucaphukela “indlela yobuxoki” (Nd 119:104). Xa wayelapha emhlabeni uNyana kaThixo wabonisa ukuqonda, akazange akubaleke ukufa esibondeni kuba wayesazi ukuba ukuze kwenzeke izinto ezazithethwe eBhayibhileni kwakufuneka afe ngolo hlobo.—Mat 26:51-54.
Xa Abantu Besiba Nezinwe
Ekhwankqiswe koko wayekuva nawayekubona, ngokuzithoba ukumkanikazi waphendula esithi: “Anoyolo amadoda akho, banoyolo aba bakhonzi bakho bemiyo phambi kwakho amaxesha onke, bebuva ubulumko bakho.” (1 Kumkani 10:4-8) Akazange athi abakhonzi bakaSolomon banoyolo kuba bengqongwe bubunewunewu—nangona kwakunjalo. Kunoko, abakhonzi bakaSolomon babesikelelwe kuba ngamaxesha onke babenokuphulaphula ubulumko bukaSolomon abunikwe nguThixo. Hayi indlela angumzekelo omhle ngayo ukumkanikazi waseShebha kubantu bakaYehova namhlanje, abaphulaphule ubulumko boMdali ngenkqu noboNyana wakhe, uYesu Kristu!
Ukanti enye into ebangel’ umdla ngamazwi awathethwa ngulo kumkanikazi kuSolomon emva koko: “Makabongwe uYehova uThixo wakho.” (1 Kumkani 10:9) Kuyabonakala ukuba wayeyiqonda into yokuba nguYehova owayenike uSolomon ubulumko nobuncwane. Oku kuvisisana noko uYehova wayekuthembise uSirayeli ngaphambilana. Wathi: ‘Yigcineni ke imimiselo yam niyenze; ngokuba oku bubulumko benu, nengqondo yenu, emehlweni abantu abaya kuyiva yonke le mimiselo; bathi, Olu hlanga lukhulu ngabantu abalumkileyo, abanengqondo bodwa.’—Duteronomi 4:5-7.
Ngaba ‘Usisityebi KuThixo’?
13 Xa uYehova esikelela abantu bakhe, usoloko ebanika okona kulungileyo. (Yakobi 1:17) Ngokomzekelo, xa wayenika amaSirayeli indawo yokuhlala, wawanika ‘ilizwe eliqukuqela ubisi nobusi.’ Nakuba ilizwe laseYiputa lalichazwa ngaloo ndlela, ilizwe elanikwa amaSirayeli nguYehova lalahlukile, ubuncinane ngento enye ebalulekileyo. UMoses wathi kumaSirayeli: “Lilizwe alinyamekelayo uYehova uThixo wakho.” Ngamanye amazwi, ayeya kuphumelela kuba uYehova wayeza kuwanyamekela. Logama nje amaSirayeli ayeza kuhlala ethembekile kuYehova, ayeza kusikelelwa nguye aze aphile ngendlela egqwesileyo kunaleyo yazo zonke ezinye iintlanga ezaziwangqongile. Ewe, yintsikelelo kaYehova “etyebisayo”!—Numeri 16:13; Duteronomi 4:5-8; 11:8-15.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
Iimbalasane Zencwadi YeDuteronomi
4:15-20, 23, 24—Ngaba ukungavunyelwa kokwenza imifanekiso eqingqiweyo kuthetha ukuba kuphosakele ukwenza imifanekiso yobugcisa yokuhombisa? Akunjalo. Into eyayingavunyelwanga kukwenza imifanekiso ngenjongo yokuyinqula—‘uqubude kuyo uze uyikhonze.’ IZibhalo azikwaleli ukwenziwa kwemifanekiso eqingqiweyo okanye ezotyiweyo ngenjongo yokuhombisa.—1 Kumkani 7:18, 25.
JUNI 14-20
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | DUTERONOMI 5-6
“Fundisa Abantwana Bakho Ukuba Bamthande UYehova”
Bazali, Zinyamekeleni Iintswelo Zentsapho
11 Xa kuthethwa ngalo mbandela, mhlawumbi esona Sibhalo sidla ngokucatshulwa yincwadi yeDuteronomi 6:5-7. Nceda uvule iBhayibhile yakho uze ufunde ezo ndinyana. Phawula ukuba abazali kuqala baxelelwa ukuba bahlakulele ulwalamano lwabo noYehova, bamthande baze amazwi akhe bawafake entliziyweni. Ewe, ufanele ube ngumfundi weLizwi likaThixo ozimiseleyo, uyifunde rhoqo iBhayibhile uze ucamngce ngayo ukuze uziqonde kakuhle uze uzithande iindlela, imigaqo nemithetho kaYehova. Ngenxa yoko, intliziyo yakho iya kuzaliswa ziinyaniso zeBhayibhile ezichulumancisayo eziya kukwenza uvuye, umhlonele ngokunzulu uYehova uze umthande. Uya kuba nezinto ezilungileyo ezininzi onokuzinika abantwana bakho.—Luka 6:45.
Ndinokubanceda Njani Abantwana Bam Bafumane Imfundo Yokwenene?
Iminqweno yakho, izinto eziphambili, ozixabisayo nonomdla kuzo azibonakali koko ukutshoyo kuphela kodwa nakoko ukwenzayo. (Roma 2:21, 22) Kwasebusaneni babo, abantwana bafunda ngokondela abazali babo. Abantwana bayakwazi ukubona izinto ezibalulekileyo kubazali babo, ibe ezo zinto zidla ngokubaluleka kwabaselula. Ukuba umthanda ngokwenene uYehova, abantwana bakho baya kukubona oko. Ngokomzekelo, baya kukwazi ukubona ukuba ukufunda iBhayibhile nokufundisisa zizinto ezibalulekileyo kuwe. Baya kutsho baqonde ukuba ubeka izilangazelelo zoBukumkani kuqala ebomini bakho. (Mateyu 6:33) Ukubakho kwakho rhoqo kwiintlanganiso zamaKristu nokuba nenxaxheba kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani kuya kwenza babone ukuba ukwenza inkonzo engcwele kaYehova yeyona nto ibalulekileyo kuwe.—Mateyu 28:19, 20; Hebhere 10:24, 25.
Bazali, Zinyamekeleni Iintswelo Zentsapho
14 Njengoko iDuteronomi 6:7 ibonisa, zininzi izihlandlo nina bazali eninokuthetha ngazo nabantwana benu ngezinto zokomoya. Enoba nihamba nabo, niyasebenza okanye niphumle kunye, ninokufumana amathuba okunyamekela iintswelo zokomoya zabantwana benu. Kakade ke, anifanele ningxixhe abantwana benu ngeenyaniso zeBhayibhile. Kunoko, zamani ukuhlala nincokola izinto ezakhayo nezokomoya njengentsapho. Ngokomzekelo, iphephancwadi uVukani! linamanqaku amaninzi athetha ngemibandela eyahlukahlukeneyo. Loo manqaku anokuvula ithuba lokuncokola ngendalo kaYehova njengezilwanyana, iindawo ezintle ehlabathini, amasiko neendlela ezahlukahlukeneyo abaphila ngazo abantu. Ukuncokola ngezo zinto kunokukhuthaza abaselula bazifunde ngakumbi iincwadi ezilungiselelwe ludidi lwekhoboka elithembekileyo neliyingqondi.—Mateyu 24:45-47.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
UYehova Wabonisa Uthando Nobulungisa KumaSirayeli
11 Izinto Esizifundayo: UYehova akaboni nje oko sikuko ngaphandle. Ubona oyena mntu singuye ngaphakathi, ubona iintliziyo zethu. (1 Sam. 16:7) Asinakuzifihla kuye izinto esizicingayo, indlela esiziva ngayo nezinto esizenzayo. Ukhangela izinto ezintle kuthi ibe ufuna ziqhubeke zikhona. Ufuna sizazi izinto ezimbi esizicingayo size sizinqande ngaphambi kokuba senze izinto ezimbi.—2 Kron. 16:9; Mat. 5:27-30.
JUNI 21-27
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | DUTERONOMI 7-8
“Ungatshatiselani Nazo”
Kutheni UThixo Efuna Abanquli Bakhe Batshatane Bodwa?
UYehova wayesazi ukuba uSathana wayefuna ukubonakalisa abantu bakhe, abenze banqule oothixo bobuxoki. UThixo wabalumkisa ukuba, abantu abangakholwayo ‘baya kumtyekisa unyana wakho ekundilandeleni, baze ngokuqinisekileyo bakhonze thixo bambi.’ Kuninzi okwakubandakanyekile apha. Ukuba uhlanga lwakwaSirayeli lwalunokukhonza abanye oothixo, lwaluza kuphulukana nenkoliseko kaThixo nokukhuselwa nguye, luze lube zizisulu kwiintshaba zalo. Lwaluza kumvelisa njani olu hlanga uMesiya othenjisiweyo? Kucacile, ukuba uSathana wayenesizathu sokurhwebesha amaSirayeli atshate abantu abangakholwayo.
Ukutshata “Kuphela ENkosini” Ngaba Kusasebenza Nangoku?
Sekunjalo, eBhayibhileni, uYehova usiyalela ukuba sitshate kuphela eNkosini. Ngoba kutheni? Kuba uyazi ukuba yintoni esilungeleyo ibe ufuna ukusikhusela. Akafuni senze izigqibo eziza kusifaka entlungwini okanye zisenze singonwabi. Ngexesha likaNehemiya, amaYuda amaninzi ayetshata abafazi abangamkhonziyo uThixo. Ngenxa yoko, uNehemiya wawaxelela ngokugqwidiza kukaSolomon. “Wayethandwa nguThixo wakhe, kangangokuba uThixo wamenza ukumkani wakhe wonke uSirayeli. Kwanaye abafazi basemzini bamonisa.” (Nehemiya 13:23-26) UYehova uyazi ukuba izikhumbuzo zakhe zisilungele, ibe yiloo nto kanye eyalele amaKristu ukuba atshate kuphela eNkosini. (INdumiso 19:7-10; Isaya 48:17, 18) Siyambulela ngokuba esicebisa ngendlela enothando nesinokuyithemba. Xa simthobela uMlawuli wethu onguYehova, siyayamkela into yokuba unelungelo lokusixelela into emasiyenze.—IMizekeliso 1:5.
Bajonge Abantu Onxulumana Nabo Kule Mihla Yokugqibela
12 AmaKristu afuna ukutshata afanele alumke kakhulu xa ekhetha abantu anokunxulumana nabo. ILizwi likaThixo lisilumkisa ngolu hlobo: “Musani ukubotshwa edyokhweni kunye nabangakholwayo. Kuba bunabudlelane buni na ubulungisa nokuchas’ umthetho? Okanye kunakwabelana kuni na ukukhanya nobumnyama?” (2 Korinte 6:14) IBhayibhile ixelela abakhonzi bakaThixo ukuba batshate “kuphela eNkosini,” nto leyo ethetha ukutshata kuphela nomntu ozahluleleyo nobhaptiziweyo nophila ngemigaqo kaYehova. (1 Korinte 7:39) Xa utshata nomntu onjalo, umntu omthandayo uYehova, uya kuba neqabane eliza kukunceda uhlale uthembekile kuThixo.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
UYehova Uyazinyamekela Iintswelo Zethu Zemihla Ngemihla
4 Ukuthandazela kwethu isonka semihla ngemihla kufanele kusikhumbuze ukufuna kwethu ukutya kokomoya imihla ngemihla. Nangona wayelambile emva kokungatyi kangangexesha elide, uYesu wakuxhathisa ukulingwa nguSathana ukuba makaguqule amatye abe sisonka, esithi: “Kubhaliwe kwathiwa, ‘Akaphili ngasonka sodwa umntu, uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaYehova.’ ” (Mateyu 4:4) Apha uYesu ucaphula amazwi awathethwa ngumprofeti uMoses, owaxelela amaSirayeli esithi: “[UYehova] wakuthoba, wakulambisa, wakudlisa imana, into obungayazi, ababengayazi nooyihlo; ukuze akwazise ukuba akaphili ngasonka sodwa umntu kodwa uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaYehova.” (Duteronomi 8:3) Indlela uYehova awawalungiselela ngayo imana amaSirayeli yayingekokuwenza nje afumane ukutya kokwenyama kodwa wawafundisa okuthile ngokomoya. Kaloku, kwakufuneka “ngamnye abuthe isabelo sakhe semini.” Ukuba wayebuthe isabelo esingaphezu kwesosuku, eseleyo yayiqalisa ukunuka nokubola. (Eksodus 16:4, 20) Kodwa, oku kwakungenzeki ngosuku lwesithandathu xa kwakufanele abuthe isabelo esiphindwe kabini ukuze akwazi ukulungiselela neSabatha. (Eksodus 16:5, 23, 24) Ngoko ke imana yabethelela ezingqondweni zawo imfuneko yokuthobela nokuba ubomi bawo buxhomekeke kungekuphela nje kwisonka kodwa ‘kumazwi onke aphuma emlonyeni kaYehova.’
JUNI 28–JULAYI 4
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | DUTERONOMI 9-10
“Yintoni UYehova UThixo Wakho Ayifunayo Kuwe?”
Yintoni UYehova Ayifunayo Kuthi?
Yintoni enokusenza sikuthande ukuthobela uThixo? UMoses usichazela esinye isizathu, uthi: ‘Moyike uYehova uThixo wakho.’ (Indinyana 12) Olu hlobo lokoyika aluthethi ukugubha kukoyika kodwa luthetha ukuhlonela uThixo nemithetho yakhe. Ukuba siyamhlonela uThixo, siya kukuphepha ukwenza izinto ezingamkholisiyo.
Sisiphi ke esona sizathu esimele sisenze sifune ukumthobela uThixo? UMoses uthi: “Mthande yaye umkhonze uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke nangomphefumlo wakho wonke.” (Indinyana 12) Ukuthanda uThixo akupheleli nje kwiimvakalelo. Enye incwadi ithi: “Maxa wambi izenzi zegama lesiHebhere elithi iimvakalelo zikwabhekisela kwizenzo ezibangelwa yiloo ndlela sivakalelwa ngayo.” Kwale ncwadi iphinda ithi ukuthanda uThixo kuthetha “ukwenza izinto ezibonisa ukuba siyamthanda.” Ngamanye amazwi ukuba simthanda ngokwenene uThixo siya kwenza izinto esaziyo ukuba ziyamkholisa.—IMizekeliso 27:11.
Yintoni UYehova Ayifunayo Kuthi?
Usisikelela gqitha xa simthobela ngokuzithandela. UMoses uthi: ‘Gcina imiyalelo endikuyalela ngayo namhlanje, ukuze kulunge kuwe.’ (Indinyana 13) Ewe, yonke imiyalelo kaYehova—yonke into ayifunayo kuthi—inceda kwathina. Kakade ke ibinokusenzakalisa njani? IBhayibhile ithi: “UThixo uluthando.” (1 Yohane 4:8) Ekuphela kwemiyalelo asinika yona yileyo iza kusinceda. (Isaya 48:17) Ukuthobela zonke izinto ezifunwa nguYehova kuthi kuya kusisindisa kwiinkxwaleko ezininzi size sifumane iintsikelelo ezingapheliyo xa kulawula uBukumkani bakhe.
Ngaba Unako Ngokwenene ‘Ukusondela KuThixo’?
2 UAbraham wamandulo wayengomnye wabo banandipha ubuhlobo obusenyongweni ngolo hlobo. UYehova wambiza loo solusapho ngokuthi “umhlobo wam.” (Isaya 41:8) Ewe, uYehova wayemgqala uAbraham njengomhlobo wakhe. Into eyamenza uAbraham waba nolwalamano olusondele ngolo hlobo kukuba “wakholwa kuYehova.” (Yakobi 2:23) Nanamhlanje, uYehova ukhangela amathuba ‘okunamathela’ kwabo bamkhonza ngokuqhutywa luthando. (Duteronomi 10:15) ILizwi lakhe libongoza lisithi: “Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.” (Yakobi 4:8) Kula mazwi sifumana isimemo kwakunye nesithembiso.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
it-1-E 103
Anaki
Yayiluhlanga olwaluzizigantsontso ezazihlala kwimimandla yeentaba yakwaKanan nakwezinye iindawo ezingaselwandle ezisemzantsi. Kukho ixesha apho amadoda amathathu ahloniphekileyo ama-Anaki uAhiman, uSheshayi noTalemayi babehlala eHebron. (Num 13:22) AmaHebhere ayi-12 awayokuhlola ilizwe aqala apha ukuwabona ama-Anaki aze ayi-10 kuwo abuya ethetha izinto ezothusayo. Ayesithi la madoda ayinzala yeeNefili ibe xa ezithelekisa nawo, amaHebhere afana “neentethe.” (Num 13:28-33; Dut 1:28) Xa kwakuthethwa ngabantu abakhulu nabade abangamaEma namaRefa, babefaniswa nolu hlanga ngenxa yendlela ababebakhulu nababebade ngayo. Kubonakala ukuba indlela ababenamandla ngayo yabangela ukuba kuthiwe: “Ngubani onokumelana noonyana baka-Anaki?”—Dut 2:10, 11, 20, 21; 9:1-3.