-
Uya Kukukhumbula Njani UYehova?IMboniselo—2000 | Februwari 1
-
-
Uya Kukukhumbula Njani UYehova?
“NDIKHUMBULE, Thixo wam.” UNehemiya wambongoza ngala mazwi uThixo. (Nehemiya 5:19; 13:14, 31) Ngokwemvelo xa abantu bebandezelekile, baphethukela kuThixo baze benze izibongozo ezinjalo.
Noko ke, bacinga ngantoni abantu xa becela uThixo ukuba abakhumbule? Ngokucacileyo, banethemba lokuba uThixo enze okungakumbi kunokuba nje akhumbule amagama abo. Ngokungathandabuzekiyo banethemba elifana nelesinye sezaphuli-mthetho ezazixhonywe noYesu. Esi, ngokungafaniyo nesinye, sabongoza uYesu sathi: “Uze undikhumbule xa uthe wangena ebukumkanini bakho.” Sasifuna ukuba uYesu anganeli nje kukukhumbula ukuba singubani kodwa asenzele okuthile—asivuse.—Luka 23:42.
Ngokungaguquguqukiyo, iBhayibhile ibonisa ukuba kuThixo, ‘ukukhumbula’ kuthetha ukuthabatha amanyathelo afanelekileyo. Ngokomzekelo, emva kokuba umhlaba ugutyungelwe ngamanzi omkhukula kangangeentsuku ezili-150, “uThixo wamkhumbula uNowa . . . , uThixo wahambisa umoya ehlabathini, awutha amanzi.” (Genesis 8:1) Kwiinkulungwane kamva, uSamson, owayekrukrwe amehlo waza wakhonkxwa ngamaFilisti, wathandaza wenjenje: “Yehova, khawundikhumbule, khawundomeleze okwesi sihlandlo sodwa.” UYehova wamkhumbula uSamson ngokumnika amandla angaphezu kwawomntu ukuze aziphindezele kwiintshaba zikaThixo. (ABagwebi 16:28-30) Ke yena uNehemiya, imigudu yakhe yasikelelwa nguYehova, yaye unqulo lokwenyaniso lwabuyiselwa eYerusalem.
Umpostile uPawulos wabhala, “zonke izinto ezabhalwa kwixesha langaphambili zabhalelwa uyalelo lwethu, ukuze ngonyamezelo lwethu nangentuthuzelo yeZibhalo sibe nethemba.” (Roma 15:4) Ukuba siyamkhumbula uYehova ngokufuna ukwenza ukuthanda kwakhe, njengoko benzayo abakhonzi bakhe kwixa elidluleyo, sinokuba nentembelo yokuba uYehova uya kusikhumbula ngokusinceda sifumane iimfuno zethu zemihla ngemihla, ngokusixhasa xa silingwa, nangokusihlangula xa esizisa umgwebo kwabo bangamhloneliyo uThixo.—Mateyu 6:33; 2 Petros 2:9.
-
-
Ngaba Uya Kukuvuyela Ukutyelelwa?IMboniselo—2000 | Februwari 1
-
-
Ngaba Uya Kukuvuyela Ukutyelelwa?
Kwanakweli hlabathi lizaliswe ziinkathazo, unako ukuzuza ulonwabo kulwazi oluchanileyo lweBhayibhile ngoThixo, uBukumkani bakhe nenjongo yakhe emangalisayo ngoluntu. Ukuba ungayivuyela inkcazelo engakumbi okanye ungathanda ukuba uthile eze ekhayeni lakho ukuze akuqhubele isifundo seBhayibhile sesisa, nceda ubhalele kwiWatch Tower, Private Bag X2067, Krugersdorp, 1740, South Africa, okanye kwikhelingi efanelekileyo kwezidweliswe kwiphepha 30.
-