IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • mwbr23 Novemba iphe. 1-11
  • Iimbekiselo “Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iimbekiselo “Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela”
  • Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—2023
  • Imixholwana
  • NOVEMBA 6-12
  • NOVEMBA 13-19
  • NOVEMBA 20-26
  • NOVEMBA 27–DISEMBA 3
  • DISEMBA 4-10
  • DISEMBA 11-17
  • DISEMBA 18-24
  • DISEMBA 25-31
Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—2023
mwbr23 Novemba iphe. 1-11

Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela

© 2023 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania

NOVEMBA 6-12

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKA-THIXO | YOBHI 13-14

“Ukuba Umntu Uyafa, Angaphinda Aphile Na?”

w99 10/15 3 ¶1-3

Umnqweno Wethu Wokuphila Ubomi Obude

KWANANAMHLANJE bambalwa abantu abanokukuphikisa xa usithi ubomi bufutshane, nangona oku kwabhalwa kwiminyaka engama-3 500 eyadlulayo. Abantu bebesoloko benganeliswa kukungcamla nje ubomi obumnandi umzuzwana baze bathi besajongile baluphale baze bafe. Ngoko ke, iindlela zokwandisa ubomi ziye zanda ukutyhubela imbali.

Ngemihla kaYobhi amaYiputa ayesitya amasende ezilwanyana ngelinge elililize lokubuyela ebutsheni. Enye into ababekhangele phambili kuyo abantu kumaxesha aphakathi yokunyanga yayikukwenza imichiza yenzululwazi eyayiza kubanceda baphile ubomi obude. Izazinzulu ngokuveliswa kwamachiza okuzuza ubomi obungunaphakade zazikholelwa ukuba igolide eyenziweyo yayinokubanceda baphile ubomi obungenasiphelo nokuba ukutyela kwizitya zegolide kwakuza kubanceda baphile ubomi obude. AmaTshayina amandulo angamaTao, ayecinga ukuba ayenokuyiguqula inkqubo yokusebenza komzimba womntu ngokusebenzisa ubuchule obunjengokucamngca, ukwenza umthambo ngokuphefumla nangokutya okuthile yaye ngaloo ndlela baphile ubomi obungenasiphelo.

Umhloli wamazwe waseSpeyin uJuan Ponce de León waziwa ngokuba nomnqweno ongapheliyo wokuphanda ngomthombo wobutsha. Omnye ugqirha wenkulungwane ye-18 kwincwadi yakhe ethi Hermippus Redivivus wancomela ukuba iintombi ezinyulu eziselula zigcinwe kwindlu encinane xa kusentwasahlobo ize loo nto ziyiphefumlayo iqokelelwe ngeebhotile ukuze isetyenziselwe ukwandisa ubomi. Alithandabuzeki elokuba, akukho nenye kwezi ndlela eyaphumelelayo.

w15 4/15 32 ¶1-2

Ngaba Umthi Ogawuliweyo Unokuhluma Kwakhona?

UMNQUMA ogobileyo nojijekileyo awumhlanga kangako xa uthelekiswa nomsedare waseLebhanon. Kodwa iminquma iyakwazi ukukhula kwiimeko ezinzima. Eminye yayo ineminyaka emalunga neyi-1 000 iphila. Iingcambu zomnquma zingena nzulu emhlabeni, kwaye kwanaxa isiqu sawo siye sagawulwa, uphinda uhlume. Logama nje iingcambu zisaphila, uyahluma kwakhona.

UYobhi, owayeyindoda ethembekileyo, wayeqinisekile ukuba kwanokuba wayenokufa, wayeya kuphinda aphile kwakhona. (Yobhi 14:13-15) Wazekelisa ngomthi​—ekusenokwenzeka ukuba wayecinga ngomnquma​—ukuze abonise indlela awayeqiniseke ngayo ukuba uThixo wayenako ukumvusa kwabafileyo. UYobhi wathi: “Kukho ithemba nangomthi. Ukuba uthi ugawulwe, uya kuhluma kwakhona.” Xa kusina imvula emva kwembalela, isiphunzi somnquma esisele somile sinokuphinda siphile size sivelise “isebe njengesithole.”​—Yobhi 14:7-9.

w11 3/1 22 ¶5

“Uya Kuwulangazelela”

Amazwi kaYobhi asifundisa indlela anovelwano ngayo uYehova: Uyabathanda abantu abathi njengoYobhi, bamvumele ababumbe babe ngabantu abanqwenelekayo emehlweni akhe. (Isaya 64:8) UYehova uyabaxabisa abanquli bakhe abathembekileyo. “Ulangazelela” abantu abanyanisekileyo abaye bafa. Igama lesiHebhere eliye laguqulelwa ngaloo ndlela ngokutsho komnye umphengululi “ngokungathandabuzekiyo lelinye lawona magama anamandla ayichaza kakuhle imvakalelo yokunqwena.” UYehova, akaneli nje ukukhumbula abanquli bakhe kodwa ufuna ukuba buyisela ebomini kwakhona.

Ubuncwane ObuseBhayibhileni

it-1-E 191

Uthuthu

Uthuthu lwalumela ukungabaluleki nokungaxabiseki, ngokomzekelo noAbraham wade wayivuma loo nto kuYehova, wathi, “Ndiluthuli nothuthu.” (Gen 18:27; jonga no-Isa 44:20; Yob 30:19.) NoYobhi wafanisa amazwi awathethwa ngabahlobo bakhe abangalunganga ‘namazwi obulumko aluthuthu.’​—Yob 13:12.

NOVEMBA 13-19

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKA-THIXO | YOBHI 15-17

“Ungafani NoElifazi Xa Uthuthuzela”

w05 9/15 26 ¶4-5

Zixhathise Iingcinga Eziphosakeleyo!

Kuzo zontathu iintetho zakhe, uElifazi waveza ingcamango yokuba uThixo ungqwabalala gqitha yaye ayikho into emkholisayo eyenziwa ngabakhonzi bakhe. UElifazi wathi kuYobhi: “Khangela! Akakholwa ngabakhonzi bakhe, yaye abathunywa bakhe ubamangalela ngokuba nesiphoso.” (Yobhi 4:18) Kamva uElifazi wathi ngoThixo: “Akakholwa ngabangcwele bakhe, namazulu eneneni akacocekanga emehlweni akhe.” (Yobhi 15:15) Yaye wabuza: “Ngaba uSomandla uyayoliswa kuba ulilungisa?” (Yobhi 22:3) UBhiledadi wayevumelana nale ngcamango, kuba wathi: “Kukho kwanenyanga, yaye ayiqaqambanga; yaye iinkwenkwezi azingqinekanga zihlambulukile emehlweni [kaThixo].”​—Yobhi 25:5.

Simele sizilumkele iingcamango ezinjalo. Zinokusenza sivakalelwe kukuba uThixo ufuna okungaphaya kwamandla ethu. Le mbono yonakalisa ulwalamano lwethu noYehova. Ngaphezu koko, ukuba siyekelela kule ndlela yokucinga, yintoni esiya kuyenza xa sinikwa isiluleko esiyimfuneko? Kunokuba sisamkele ngokuthobeka, sisenokuba “nomsindo nxamnye noYehova,” size simqumbele. (IMizekeliso 19:3) Oku kunokulonakalisa ngokwenene ulwalamano lwethu noThixo!

w15 2/15 8 ¶16

Thobeka Uze Uthantamise NjengoYesu

16 Ngamazwi ethu. Ukuthantamisa kuya kusenza ‘siyithuthuzele imiphefumlo edandathekileyo.’ (1 Tesalonika 5:14) Yintoni esinokuyithetha ukuze sikhuthaze abadandathekileyo? Sinokubaxelela indlela esibakhathalele ngayo. Sinokubancoma size sibenze babone iimpawu zabo ezintle nezinto abazenza kakuhle. Sinokubakhumbuza ukuba uYehova ubaxabisile kuba wabanceda bafumana inyaniso. (Yohane 6:44) Sinokubaqinisekisa ukuba uYehova ubakhathalele nyhani abakhonzi bakhe ‘abaphuke intliziyo’ okanye abo “bamoya utyumkileyo.” (INdumiso 34:18) Amazwi ethu athantamisayo anokubahlaziya nyhani abo bafuna ukuthuthuzelwa.​—IMizekeliso 16:24

Ubuncwane ObuseBhayibhileni

w06 3/15 14 ¶11

Iimbalasane Zencwadi KaYobhi

7:9, 10; 10:21; 16:22​—Ngaba la mazwi abonisa ukuba uYobhi wayengakholelwa eluvukweni? Apha uYobhi wayethetha ngemeko yexesha lakhe. Wayethetha ukuthini? Usenokuba wayebhekisela ekubeni xa esifa, abantu bexesha lakhe babengayi kumbona kwakhona. Wayengayi kubuyela ekhayeni lakhe de kufike ixesha likaThixo elimiselweyo. Kwakhona uYobhi usenokuba wayethetha ukuba akukho namnye unako ukuzibuyela ngokwakhe eShiyol. Into yokuba uYobhi wayekholelwa eluvukweni kwixesha elizayo izicacele kuYobhi 14:13-15.

NOVEMBA 20-26

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | YOBHI 18-19

“Ungaze Ubalahle Abo Ukhonza Nabo”

w22.01 16 ¶9

Sifunda Ntoni Kwizinto Ezazikhalisa UYesu?

9 Unokubathuthuzela abantu abasentlungwini. UYesu zange akhale nje qha noMarta noMariya, kodwa wabamamela, wabathuthuzela. Nathi singayenza le nto. Omnye umdala oseOstreliya, uDan, uthi: “Emva kokusweleka komfazi wam, ndandikudinga ukuthuthuzelwa. Abanye abazalwana nabafazi babo babengadinwa kukundimamela. Babendiyeka ndithethe ngentlungu endikuyo, bangothuki naxa ndikhala. Babendinceda nangokundihlambela imoto, bandiyele ezivenkileni, bandiphekele nokundiphekela xa ndingakwazi ukuzenzela ezi zinto. Babesoloko bethandaza nam. Ndabona ukuba ngabahlobo bam nyhani nabazalwana endinokubathemba ‘ngamaxesha anzima.’”​—IMize. 17:17.

w21.09 30 ¶16

Sinokwenza Ntoni Xa Umntu Esimthandayo Eshiya UYehova?

16 Qhubeka uyinceda intsapho yomntu okhutshelwe ngaphandle. Bamdinga nyhani umntu oza kubakhuthaza. (Heb. 10:24, 25) Ngamanye amaxesha baye babone bengathethiswa, ngokungathi nabo bakhutshelwe ngaphandle. Asifuni bazive ngaloo ndlela. Sifanele sibancome size sibakhuthaze abantwana abanabazali abaye bamshiya uYehova. UMaria onomnyeni owakhutshelwa ngaphandle waza wemka uthi: “Kwakudla ngokufika abahlobo, basiphekele baze bafunde iBhayibhile nabantwana bam. Babeyiva intlungu endikuyo futhi bevelana nam. Babendithethelela xa kuthethwa izinto ezingeyonyani ngam. Bandiqinisa nyhani.”​—Roma 12:13, 15.

w90 9/1 22 ¶20

Ngaba Uzabalazela Amalungelo Angakumbi?

20 Iqumrhu labadala lifanele liqonde ukuba ukususwa kuluhlu lwabadala kusenokubangela ingcinezelo kowayesakuba ngumveleli okanye isicaka solungiselelo, kwanokuba uthe ngokuzithandela walincama elo lungelo. Ukuba akasuswanga kubudlelane, kodwa abadala bayabona ukuba loo mzalwana udandathekile, bafanele banikele uncedo lokomoya lothando. (1 Tesalonika 5:14) Bafanele bamncede aqonde ukuba uyafunwa libandla. Kwanokuba bekuye kwafuneka elulekiwe, kusenokungabi lixesha elide kangako ngaphambi kokuba indoda ezithobileyo nenombulelo iphinde ifumane amalungelo angakumbi enkonzo ebandleni.

Ubuncwane ObuseBhayibhileni

w94 10/1 32

Amandla Elizwi Lobubele

Noko ke, xa uYobhi wayefuna ukhuthazo, uElifazi namaqabane akhe abazange bathethe amazwi obubele. Bambek’ ityala uYobhi ngenkxwaleko awagaxeleka kuyo, bebonisa ukuba umele ukuba wayenesono asifihlayo. (Yobhi 4:8) IThe Interpreter’s Bible igqabaza ngolu hlobo: “Okufunwa nguYobhi yimfesane yentliziyo yomntu. Ekuphela kwento ayifumanayo kukushunyayezwa ngezicengcelezo ezimnandi zonqulo nokuchazelwa ngemithetho yokuziphatha eqhelekileyo yona ngokwayo ‘eyinyaniso’ ngokupheleleyo.” UYobhi wakhathazeka gqitha akuva intetho kaElifazi namaqabane akhe kangangokuba yambangela wadanduluka wathi: “Kunini na nisenza isingqala kumphefumlo wam, nindityumza ngokuthetha?”​—Yobhi 19:2

Singaze sibangele umkhonzi kaThixo akhale esentlungwini ngenxa yamazwi ethu angacingisiswanga, nangabonakalisi bubele. (Thelekisa IDuteronomi 24:15.) Umzekeliso weBhayibhile uyalumkisa: “Oko ukuthethayo kunokubulondoloza okanye kubutshabalalise ubomi; ngoko umele uyamkele imiphumo yamazwi akho.”​—IMizekeliso 18:21, TEV.

NOVEMBA 27–DISEMBA 3

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | YOBHI 20-21

“Ubutyebi Abusenzi Amalungisa”

w07 8/1 29 ¶12

Ngaba ‘Usisityebi KuThixo’?

12 Kumazwi kaYesu, ukuba sisityebi kuThixo kwahlukile ekuziqwebeleni ubuncwane okanye izinto eziphathekayo. Ngoko ke, uYesu wayesithi eyona nto simele siyixhalabele ebomini asikokuziqokelelela ubutyebi okanye ukuzonwabisa ngezinto esinazo. Endaweni yoko, simele sisebenzise ubuncwane bethu ngendlela eza kwenza sibe nolwalamano oluhle noYehova. Oko kuya kwenza sibe zizityebi kuThixo nakanjani na. Kutheni kunjalo nje? Kungenxa yokuba kusivulela amasango eentsikelelo zikaThixo. IBhayibhile isixelela oku: “Intsikelelo kaYehova​—yiyo etyebisayo, yaye akongezi ntlungu kuyo.”​—IMizekeliso 10:22.

Ubuncwane ObuseBhayibhileni

w95 1/1 9 ¶19

Ukoyisa USathana Nemisebenzi Yakhe

19 Kubangela umdla ukuba umkhonzi kaThixo uYobhi kwakufuneka alwisane “neengcinga eziphazamisayo” uSathana awayezidlulisela ngoElifazi noTsofare. (Yobhi 4:13-18; 20:2, 3, thelekisa iNW.) Ngaloo ndlela uYobhi ‘wakhathazeka,’ nto leyo eyambangela ‘wabhuda’ ‘ngezidandathekiso’ ezazithwaxa ingqondo yakhe. (Yobhi 6:2-4; 30:15, 16) UElihu ezolile wamphulaphula uYobhi waza ngokunyaniseka wamnceda wabona imbono kaYehova yobulumko ngemicimbi. Ngokufanayo namhlanje, abadala abaqondayo babonisa inyameko yabo kwababandezelekileyo ngokungongezeleli “ingcinezelo” (NW) kwabanjalo. Kunoko, njengoElihu, babaphulaphula ngomonde baze basebenzise ioli ethambisayo yeLizwi likaThixo. (Yobhi 33:1-3, 7; Yakobi 5:13-15) Ngaloo ndlela nabani na omvakalelo zakhe ziphazanyiswe ziinkxwaleko, enokuba zezokwenene okanye uyazicingela, okanye ‘owoyikiswa ngamaphupha nemibono’ njengokuba wayenjalo uYobhi, unokufumana intuthuzelo yeZibhalo ebandleni.​—Yobhi 7:14; Yakobi 4:7.

DISEMBA 4-10

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | YOBHI 22-24

“Ikhona Na Into Umntu Anokumnceda Ngayo UThixo?”

w05 9/15 27 ¶1-3

Zixhathise Iingcinga Eziphosakeleyo!

Ukuthi uThixo ungqwabalala gqitha kufana twatse nokuthi abaxabisekanga kwaphela kuye abantu. Intetho yesithathu kaElifazi inalo mbuzo: “Ngaba indoda eyomeleleyo inokuba luncedo kuThixo, ukuba nabani na onengqiqo ufanele abe luncedo kuye?” (Yobhi 22:2) UElifazi wayesithi umntu akaxabisekanga kuThixo. Ngokufanayo, uBhiledadi wathi: “Unokuba ngolungileyo njani na umntu ofayo phambi koThixo, okanye unokuba ngohlambulukileyo njani na umntu ozelwe ngumfazi?” (Yobhi 25:4) Ngokwentetho yabo, uYobhi, umntu nje ofayo, wayenokuba lilungisa njani kuThixo?

Namhlanje abanye abantu bazijongela phantsi. Indlela abakhuliswe ngayo, iingxaki abaye bajamelana nazo ebomini, okanye ukuba ngamaxhoba entiyo yobuhlanga, ezo zinto zisenokuba zingunobangela woko. Kodwa uSathana needemon zakhe bayakuvuyela ukudandathekisa umntu. Ukuba banokuphembelela ubani ukuba avakalelwe kukuba ayikho nje into ayenzayo emkholisayo uThixo uSomandla, lo mntu unokuphelelwa lithemba. Ekuhambeni kwexesha, unokuphambuka de amshiye uThixo ophilayo.​—Hebhere 2:1; 3:12.

Ukwaluphala neengxaki zempilo zisenza singakwazi ukwenza zonke izinto. Oko sikwenza kwinkonzo yoBukumkani kunokubonakala kukuncinane gqitha xa sikuthelekisa noko sasikwenza ngoxa sasisebatsha, sisempilweni yaye sisenamandla. Kubaluleke ngokwenene ukuqonda ukuba uSathana needemon zakhe bafuna sivakalelwe kukuba oko sikwenzayo akumkholisi uThixo! Simele silwe naloo ngcamango.

w95 2/15 27 ¶6

Isifundo Ngendlela Yokusingatha Iingxaki

Abahlobo bakhe abathathu bamtyhafisa ngakumbi uYobhi ngokuvakalisa izimvo zabo kunobulumko bukaThixo. UElifazi wada wagabadela ngelithi ‘uThixo akakholwa ngabakhonzi bakhe’ nokuba uYehova wayengakhathali enoba uYobhi wayelilungisa okanye wayengelilo. (Yobhi 4:18; 22:2, 3) Akakho amagqabaza adimaza​—okanye angenabunyaniso​—ngaphezu kwalawo! Akumangalisi ukuba uYehova kamva wamkhalimela uElifazi nabahlobo bakhe ngoku kunyelisa. Wathi: “Anithethanga nto iyiyo ngam.” (Yobhi 42:7) Kodwa elona bango lonakalisayo laliseza.

w03 4/15 14-15 ¶10-12

Ulutsha Oluvuyisa Intliziyo KaYehova

10 Njengoko kubonisiwe kwingxelo yeBhayibhile, uSathana akazange athandabuze ukunyaniseka kukaYobhi kuphela kodwa nokwabo bonke abo bakhonza uThixo​—kuquka nawe. Eneneni, ethetha ngabantu bonke, uSathana wathi kuYehova: “Yonke into anayo umntu [kungekuphela nje uYobhi kodwa nabani na] uya kuyinikela ngenxa yomphefumlo wakhe.” (Yobhi 2:4) Ngaba uyayibona indima yakho kule mbambano ibalulekileyo? Njengokuba kuboniswe kwiMizekeliso 27:11, uYehova uthi ikho into onokumnika yona​—isizathu sokuba aphendule lowo umngcikivayo, uSathana. Khawufan’ ucinge​—uMongami Wendalo Iphela ucela wena ukuba umncede azinzise eyona mbambano yakha yankulu embalini. Hayi indlela enkulu ngayo imbopheleleko nelungelo onalo! Ngaba unokukwenza oko uYehova akucelayo kuwe? UYobhi wakwenza. (Yobhi 2:9, 10) NoYesu wenjenjalo yaye kungatshon’ ilanga sibala abaninzi kuquka nolutsha oluninzi olwenza ngokufanayo. (Filipi 2:8; ISityhilelo 6:9) Nawe unokwenza okufanayo. Ungazikhohlisi, akunakukhwel’ ecingweni kulo mbandela. Ngezenzo zakho, uya kubonisa enoba uxhasa uSathana kungcikivo lwakhe okanye wenza uYehova akwazi ukuphendula. Yintoni okhetha ukuyenza?

UYehova Ukukhathalele!

11 Ngaba ngokwenene lubalulekile kuYehova ukhetho olwenzayo? Ngaba ababaninzi ngokwaneleyo abantu abaye bahlala bethembekile ukuze akwazi ukunikela impendulo evakalayo kuSathana? Liyinyaniso elokuba, uMtyholi wathi akukho mntu omkhonza uYehova kuba emthanda, ngoko ke loo mazwi sele engqineke ebubuxoki. Sekunjalo, uYehova ufuna ukuba wena ube ngakwicala lakhe kule mbambano yendalo iphela kuba ukukhathalele. UYesu wathi: “UBawo osezulwini akanqweneli ukuba kutshabalale namnye waba bancinane.”​—Mateyu 18:14.

12 Ngokucacileyo, uYehova unomdla kwikhondo olikhethayo. Okubaluleke ngakumbi, kukuba liyamchaphazela. IBhayibhile ikwenza kucace ukuba uYehova uvakalelwa ngokunzulu zizinto ezilungileyo okanye ezimbi ezenziwa ngabantu. Ngokomzekelo, xa amaSirayeli amvukela ngokuphindaphindiweyo, uYehova waba “buhlungu.” (INdumiso 78:40, 41) Ngaphambi koNogumbe womhla kaNowa, xa ‘ububi bomntu babandile,’ “yaba buhlungu intliziyo” kaYehova. (Genesis 6: 5, 6) Khawucinge ngentsingiselo yoku. Ukuba uthabatha ikhondo eliphosakeleyo, unokumenza buhlungu uMdali wakho. Oku akuthethi ukuba uThixo lityutyusi okanye ulawulwa ziimvakalelo. Kunoko, uyakuthanda yaye unomdla kwintlalo-ntle yakho. Kwelinye icala, xa usenza okuhle, intliziyo kaYehova iyavuya. Akavuyiswa nje kuphela kukufumana elinye ithuba lokumphendula uSathana kodwa ngoku nokufumana ithuba lokukunika Umvuzo. Yaye leyo yinto afuna ukuyenza. (Hebhere 11:6) Ngokwenene uYehova uThixo unguYihlo onothando!

Ubuncwane ObuseBhayibhileni

w04 7/15 21-22

Zibekele Usukelo Lokomoya Ukuze Uzukise UMdali Wakho

Cinga ngendlela uYehova aye wakufeza ngayo ukudala indalo iphela. Ngamazwi athi “kwahlwa, kwasa,” uYehova wachaza amaxesha alandelelanayo okudala. (Genesis 1:5, 8, 13, 19, 23, 31) Ekuqaleni kwexesha ngalinye lokudala, wayelwazi usukelo lwakhe lolo suku. Yaye uThixo wayizalisekisa injongo yakhe yokudala izinto. (ISityhilelo 4:11) Usolusapho uYobhi wathi: “Nomphefumlo wakhe [uYehova] uyanqwena, kwaye uya kukwenza.” (Yobhi 23:13) Hayi indlela ekumele ukuba uYehova waziva aneliseke ngayo xa ebona “zonke izinto awayezenzile” waza wathi “zilunge gqitha”!​—Genesis 1:31.

Ukuze usukelo lwethu silufikelele, nathi sifanele sikufune ngamandla ukulufikelela. Yintoni eya kusinceda sibe nomnqweno onamandla ngolo hlobo? Nangona emhlabeni kwakusenyanyeni yaye kusenkangala, uYehova wayeyibona into oza kuba yiyo​—into exabiseke gqitha, ebangela ukuba azukiswe aze adunyiswe. Ngokufanayo, sinokuba nomnqweno esifuna ngamandla ukuba uphumelele ngokucamngca ngomphumo nangeenzuzo zokufikelela usukelo oluthile. Wenza ngolo hlobo uTony oneminyaka eli-19 ubudala. Akazange ayilibale indlela awavakalelwa ngayo xa etyelela okwesihlandlo sokuqala iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova eNtshona Yurophu. Ukususela ngoko, umbuzo awayesoloko ezibuza wona uTony uthi, ‘Kunokuba njani ukuhlala nokukhonza kwindawo enjalo?’ UTony akazange ayeke ukucinga ngako, waza waqhubeka ezama ukulufikelela olo sukelo. Hayi indlela awavuya ngayo xa kwiminyaka embalwa kamva wamkelwa ukuba asebenze kwelo sebe!

DISEMBA 11-17

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | YOBHI 25-27

“Akunyanzelekanga Sifezeke Ukuze Sithembeke”

it-1-E 1210 ¶4

Ukuthembeka

UYobhi. UYobhi owayephila kwiminyaka emva kokusweleka kukaYosefu ukuya kwixesha awayephila ngalo uMoses, uchazwa njengendoda ‘eyayilungile, ithembekile, isoyika uThixo, ibe ingayithandi into embi.’ (Yob 1:1; jonga indawo ethi JOB.) Imbambano ekhoyo phakathi kukaYehova noSathana malunga nokuthembeka kwabantu yacaca xa uSathana neengelosi bema phambi kukaThixo waza uYehova wabuza uSathana ngoYobhi. USathana watyhola uYobhi ngobuxoki bokuba akamkhonzi uThixo kuba ezinikele kodwa kuba kukho izinto azifumanayo. Ngaloo ndlela wayekuthandabuza ukuthembeka kukaYobhi kuThixo. Wavunyelwa ukuba atshabalalise yonke into anayo uYobhi kuquka imfuyo yakhe nabantwana bakhe, kodwa uSathana zange akwazi ukuyekisa uYobhi ukuthembeka. (Yob 1:6–2:3) Waphinda wathi uYobhi wayengenangxaki yokulahlekelwa zizinto anazo nabantwana bakhe, ukuba nje loo nto yayiza kuthetha ukuba yena ukhuselekile. (Yob 2:4, 5) Emva koko wamenza wanesifo esibuhlungu nesimngcungcuthekisayo ibe nomfazi wakhe wayesithi makamshiye uYehova. Nabahlobo bakhe babemgxeka bethetha izinto ezingachananga ngesizathu sikaThixo sokugweba umntu nangeenjongo zokuba abantu bamkhonze ngokuzithandela. (Yob 2:6-13; 22:1, 5-11) Nangona kunjalo, uYobhi wathi akasoze ayeke ukuba yindoda ethembekileyo. “Andizukuyeka ukuba msulwa de ndife! Ndiza kuhlala ndililungisa, soze ndiyeke, ndisaphila nje, intliziyo yam soze indigwebe.” (Yob 27:5, 6) Ukuhlala kwakhe ethembekile kwakubonisa ukuba utshaba lukaThixo lwaluthetha ubuxoki.

w19.02 3 ¶3-5

Hlala Uthembekile!

3 Xa kubhekiswa kuthi bakhonzi bakaThixo, ukuthembeka kuthetha ukumthanda uYehova ngentliziyo yethu yonke size sizinikele ngokupheleleyo kuye. Loo nto ikwathetha ukubeka ukuthanda kwakhe kuqala xa sisenza izigqibo. Makhe sithethe ngendlela elisetyenziswa ngayo eli gama eBhayibhileni. EBhayibhileni, igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “ukugqibelela [okanye ukuthembeka]” linokuthetha into epheleleyo okanye ephilileyo. Ngokomzekelo, amaSirayeli ayenikela ngezilwanyana kuYehova ibe uMthetho wawusithi kufuneka ibe zeziphilileyo. (Lev. 22:21, 22) Abantu bakaThixo babengavumelekanga ukuba banikele ngesilwanyana esasingenamlenze, indlebe okanye ilihlo. Babengavumelekanga ukunikela nangesilwanyana esigulayo. Kwakubalulekile kuYehova ukuba isilwanyana siphile okanye siphelele. (Mal. 1:6-9) Siyaqondakala isizathu sokuba uYehova afune into eza kuye iphile ize iphelele. Xa sithenga into, mhlawumbi isiqhamo, incwadi okanye isixhobo, asiyifuni enemingxuma emikhulu okanye engaphelelanga. Sifuna epheleleyo. NoYehova ufuna simthande ngokupheleleyo size sithembeke kuye.

4 Ngaba simele sicinge ukuba kufuneka sifezeke ukuze sikwazi ukuthembeka? Ngapha koko, sisenokucinga ukuba zininzi kakhulu iimpazamo esizenzayo. Makhe sithethe ngezizathu ezibini ezibonisa ukuba kutheni singamele sicinge ukuba kufuneka sifezeke ukuze sithembeke. Okokuqala, uYehova akajongi iimpazamo zethu. ILizwi lakhe lithi: “Ukuba ubulinda iziphoso, Ya, Owu Yehova, ngubani na obenokuma?” (INdu. 130:3) Uyazi ukuba sinesono ibe ukulungele ukusixolela. (INdu. 86:5) Okwesibini, uYehova uyazi ukuba sinezinto esingenakukwazi ukuzenza ibe akalindelanga ukuba senze izinto ezingaphaya kwamandla ethu. (Funda iNdumiso 103:12-14.) Ngoko, kunokwenzeka njani ukuba sibe ngabantu abaphilileyo okanye abapheleleyo phambi kwamehlo akhe?

5 Njengabakhonzi bakaYehova, eyona nto isinceda sikwazi ukuthembeka luthando. Kufuneka simthande ngokupheleleyo uThixo size singagungqi ekumkhonzeni uTata wethu osezulwini. Ukuba simthanda ngolo hlobo naxa sivavanywa, loo nto ibonisa ukuba sithembekile. (1 Kron. 28:9; Mat. 22:37) Makhe siphinde sibuyele kula maNgqina mathathu besithethe ngawo ekuqaleni. Yintoni ewabangela enze ezi zinto azenzayo? Ngaba la ntombazana ayikuthandi ukonwaba esikolweni? La mfana yena, ngaba ufuna ukuhlazwa ngulo afunda naye? Ngaba la ndoda ifuna ukuphelelwa ngumsebenzi? Akunjalo. Kunoko, bayazi ukuba uYehova unemithetho yobulungisa ibe bazimisele ukwenza into eza kuvuyisa uTata wabo osezulwini. Basoloko becinga ngaye ngaphambi kokuba benze isigqibo kuba bemthanda. Xa besenza njalo, babonisa ukuba bathembekile.

Ubuncwane ObuseBhayibhileni

w16.11 9 ¶3

Ukulungelelaniswa NgeBhayibhile

3 Indalo ingqina ukuba uThixo ulichule lokulungelelanisa. IBhayibhile ithi: “UYehova wawuseka umhlaba ngobulumko. Wawazinzisa ngokuqinileyo amazulu ngokuqonda.” (IMize. 3:19) Thina sazi nje ‘imiphetho yeendlela’ zikaThixo yaye “kukusebeza kuphela okuviweyo kuvela kuye.” (Yobhi 26:14) Kodwa ke, okuncinane esikwaziyo ngeeplanethi neenkwenkwezi kusenza sivume ukuba ezi zinto zilungelelaniswe ngendlela emangalisayo. (INdu. 8:3, 4) Kukho izigidi zeenkwenkwezi ezihamba esibhakabhakeni zilungelelene. Umhlaba nenyanga zijikeleza ilanga kakuhle ngokungathi zithobela imithetho yendlela. Ukulungelelana okukhwankqisayo kwendalo kusinceda sibone ukuba sifanele simdumise, sithembeke kuye size simnqule uYehova, ‘owenza amazulu nomhlaba ngokuqonda.’​—INdu. 136:1, 5-9.

DISEMBA 18-24

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | YOBHI 28-29

“Ngaba Waziwa Kakuhle NjengoYobhi?”

w02 5/15 22 ¶19

Bonakalisa Ububele Bothando Kwabo Bafuna Uncedo

19 Iingxelo zeBhayibhile esiye sathetha ngazo zikwabethelela isibakala sokuba ububele bothando bufanele bubonakaliswe kwabo bafuna uncedo. Ukuze ahambisele phambili umnombo wakhe wozalo, uAbraham wayefuna intsebenziswano kaBhetuweli. Ukuze isidumbu sakhe sisiwe eKanan, uYakobi wayefuna uncedo lukaYosefu. Yaye ukuze afumane indlalifa, uNahomi wayefuna uncedo lukaRute. UAbraham, uYakobi noNahomi babengenakwenza nto ngaphandle koncedo lwabanye. Ngokufanayo namhlanje, ububele bothando bufanele bubonakaliswe ngokukhethekileyo kwabo bafuna uncedo. (IMizekeliso 19:17) Sifanele sixelise usolusapho uYobhi, owanceda “oxhwalekileyo okhalela uncedo, nenkwenkwe engenayise naye nabani na ongenamncedi,” kunye ‘nalowo uza kutshabalala.’ Kwakhona uYobhi ‘wayichulumancisa intliziyo yomhlolokazi’ waza ‘wangamehlo kulowo uyimfama neenyawo kulowo usisiqhwala.’​—Yobhi 29:12-15.

it-1-E 655 ¶10

Isinxibo

Impahla inokusetyenziswa ukubhekisela kwezinye izinto. Uhlobo oluthile lwempahla okanye isinxibo sidla ngokubonisa ukuba umntu ukweliphi iqela okanye uxhasa ntoni. Ngendlela efanayo, xa iBhayibhile ifanisa impahla nento ethile, loo nto idla ngokubonisa ukuba umela okanye uxhasa ntoni njengaxa uYesu wenza umzekelo ngempahla enxitywa emtshatweni. (Mat 22:11, 12; jonga nendawo ethi HEADDRESS; SANDAL.) KwiSityhilelo 16:14 no-15, uYesu Kristu walumkisa abantu abangahlalanga bethe qwa ukuba baza kuba ze bangabi ngabakhonzi abathembekileyo boThixo wokwenene. Le nto ingaba mbi njengokuba kusondele ‘imfazwe yemini enkulu kaThixo uSomandla.’

w09 2/1 15 ¶3-4

Libaluleke Ngantoni Igama?

Akukho nto sinokuyenza ngamagama esawathiywa xa sasizalwa. Noko ke, sithi sodwa abanokugqiba ukuba siza kwaziwa njengabantu abanjani. (IMizekeliso 20:11) Kutheni ungakhe uzibuze lo mbuzo, ‘Ukuba uYesu okanye abapostile babenokuba nethuba, bebeya kundithiya liphi igama? Liliphi igama ebeliya kuluchaza kakuhle olona phawu lubalaseleyo kum okanye into endidume ngayo?’

Impendulo yalo mbuzo ifuna ukucingisiswa kakuhle. Ngoba? UKumkani owayesisilumko uSolomon wabhala wathi: “Igama elilungileyo linokunyulwa ngaphezu kobutyebi obuninzi.” (IMizekeliso 22:1) Alithandabuzeki elokuba, ukuba sizenzela igama elihle, okanye sidume kakuhle, ekuhlaleni, sinobuncwane obuxabisekileyo. Noko ke, okona kubalulekileyo kukuba, xa sizenzela igama elihle kuThixo, siya kufumana ubuncwane bukanaphakade. Inokwenzeka njani loo nto? UThixo uthembisa ukuba uya kubhala amagama abantu abamoyikayo ‘kwincwadi yokukhumbuza,’ kwaye uya kubanika ithemba lokuphila ngonaphakade.​—Malaki 3:16; ISityhilelo 3:5; 20:12-15.

Ubuncwane ObuseBhayibhileni

g00 7/8 29 ¶5

Ncuma​—Kuya Kukunceda Oko!

Ngaba ngokwenene ukuncuma kwenza umahluko? Kaloku, ngaba uyakhumbula xa uncumo lothile lwazisa isiqabu okanye lwakwenza waziva ukhululekile? Okanye xa ubani owayengenaluncumo wakwenza waziva usoyika okanye ungafunwa? Ewe, uncumo luyawenza umahluko. Luchaphazela lowo uncumayo nalowo uncunyelwayo. Umntu oseBhayibhileni uYobhi wathi ngeentshaba zakhe: “Ndandibancumela​—bangakholelwa​—nokukhanya kobuso bam babengakufiphazi.” (Yobhi 29:24) ‘Ukukhanya’ kobuso bukaYobhi kwakunokuthetha ulonwabo okanye ukuchwayita.

DISEMBA 25-31

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | YOBHI 30-31

“Wahlala Njani UYobhi Eziphethe Kakuhle”

w10 4/15 21 ¶8

Susa Amehlo Akho Kwizinto Ezingento Yanto!

8 NamaKristu okwenyaniso anokulukuhlwa ngumnqweno wamehlo nowenyama. Ngoko ke, iLizwi likaThixo lisikhuthaza ukuba sizikhethe izinto esizijongayo nesizinqwenelayo. (1 Kor. 9:25, 27; funda eyoku-1 kaYohane 2:15-17.) UYobhi owayeyindoda egqibeleleyo, wayeyiqonda into yokuba into oyibonayo inqweneleka lula. Wathi: “Ndenze umnqophiso namehlo am. Ngoko ndinokuzibonakalisa njani ndinikela ingqalelo entombini enyulu?” (Yobhi 31:1) UYobhi akazange azimisele nje ukungalibambi ibhinqa ngendlela engafanelekanga kunoko wenza isigqibo sokungayicingi nokuyicinga into enjalo. Xa wayelumkisa ngokucinga ngezinto ezingcolileyo, uYesu wathi: “Wonk’ ubani oqhubeka ekhangela umfazi ngokokude amkhanuke sele emkrexezile entliziyweni yakhe.”​—Mat. 5:28.

w08 9/1 11 ¶4

Bebeya Kusiqonda “Isiphelo Sabo Emva Koku”

Ngaphambi kokuba uthabathe nawaphi na amanyathelo qala uzibuze, ‘Ndiya kuphelela phi?’ Ukucamngca ‘ngesiphelo soku’ kuya kukunceda uphephe imiphumo eyingozi. Isifo sikaGawulayo nezifo ezidluliselwa ngesini, ukumitha, ukuqhomfa, ukonakala kolwalamano nomvandedwa leyo yimiphumo efunyanwa ngabo baye abayinanza imiqondiso. Isiphelo sabo bangakwaziyo ukuziphatha usichaza kakuhle umpostile uPawulos esithi: “Abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.”​—1 Korinte 6:9, 10.

w10 11/15 5-6 ¶15-16

Lutsha​—Vumelani ILizwi LikaThixo Linikhokele

15 Ucinga ukuba ukunyaniseka kwakho kuThixo kunokuvavanywa nini​—xa ukunye nabanye okanye xa uwedwa? Kusenokwenzeka ukuba xa usesikolweni okanye emsebenzini uhlala uphaphile ngokomoya. Ulumkele nantoni na enokukufaka engozini ngokomoya. Kodwa xa uyekelele umxakatho usenokulalanisa kwimilinganiselo yokuziphatha.

16 Kutheni ufanele uthobele uYehova naxa uwedwa? Khumbula: Unokumenza buhlungu uYehova okanye umvuyise. (Gen. 6:5, 6; IMize. 27:11) Izinto ozenzayo ziyamchaphazela uYehova kuba ‘ukukhathalele.’ (1 Pet. 5:7) Ufuna umphulaphule ukuze ungenelwe. (Isa. 48:17, 18) Xa abanye babakhonzi bakaYehova kuSirayeli wamandulo bengazange basiphulaphule isiluleko sakhe, bamenza buhlungu. (INdu. 78:40, 41) Kwelinye icala, uYehova wayemthanda kakhulu umprofeti uDaniyeli kuba ingelosi yathi ‘uyindoda enqweneleka kakhulu.’ (Dan. 10:11) Kwakutheni? UDaniyeli wahlala enyanisekile kuThixo kungekhona xa wayephakathi kwabantu kodwa naxa wayeyedwa.​—Funda uDaniyeli 6:10.

Ubuncwane ObuseBhayibhileni

w05 11/15 11 ¶3

Ubuchule Bokuphulaphula Ngothando

Amaqabane kaYobhi aphulaphula ubuncinane iintetho zakhe ezilishumi. Kodwa uYobhi wadanduluka wathi: “Owu akwaba bendinothile wokundiphulaphula!” (Yobhi 31:35) Kwakutheni ukuze athethe la mazwi? Ukuphulaphula kwabo akuzange kumzisele ntuthuzelo. Babengamkhathalelanga uYobhi bengafuni nokuziqonda iimvakalelo zakhe. Ngokwenene babengamphulaphulanga ngendlela ebonisa uvelwano. Umpostile uPetros wanikela eli cebiso: “Cingani ntonye nonke, nivelane, ninomsa wobuzalwana, nemfesane, nithobekile engqondweni.” (1 Petros 3:8) Sinokubonakalisa njani ukuba sinovelwano ngabanye? Oku sinokukwenza ngokuzikhathalela iimvakalelo zabanye abantu size siqiniseke ukuba siyayiqonda intsusa yazo. Enye indlela kukuthetha amazwi abonakalisa uvelwano anjengokuthi “kumele ukuba akuzange kukuphathe kakuhle oko” okanye “umele ukuba wacinga ukuba akuqondwa oko ukuthethayo.” Enye indlela yokwenza oku kukuthetha ngawethu amazwi oko lowo simphulaphuleyo akutshoyo. Ukuphulaphula ngothando kuthetha ukunikela ingqalelo kwiimvakalelo ezingachazwanga ngokuphandle kunamagama nje kuphela.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share