“Khumbulani Imihla Eyadlulayo”—Ngoba?
“KHUMBULANI imihla eyadlulayo.” Esi sibongozo senziwa ngumpostile uPawulos, nesabhalwa malunga nowama-61 C.E., sasibhekiswe kumaKristu angamaHebhere akwaYuda. (Hebhere 10:32, The New English Bible) Yintoni eyamshukumisela ukuba athethe oku? Kwakutheni ukuze kubekho imfuneko yokuba abanquli bakaYehova benkulungwane yokuqala bangakulibali okwenzeka ngaphambili? Ngaba sinokungenelwa ngokuthobela isikhumbuzo esifanayo namhlanje?
Ukutyhubela iinkulungwane, ababhali beBhayibhile baye ngokuphindaphindiweyo balumkisa ngokuzityeshela okanye ukunganikeli ngqalelo kwizinto ezenzeke kwixesha eladlulayo. Amaxesha neziganeko zangaphambili zazimele zihlale zikhunjulwa yaye ziqwalaselwe. KwanoYehova wathi: “Khumbulani izinto zangaphambili, zasephakadeni, okokuba ndinguThixo, akukho wumbi; ndinguThixo, akukho namnye unjengam.” (Isaya 46:9) Makhe siqwalasele izizathu ezithathu ezinamandla zokuthobela lo myalelo.
Impembelelo Nokhuthazo
Okokuqala, oku kunokuba ngumthombo obalaseleyo wempembelelo nokhuthazo. Xa uPawulos wabhala incwadi yakhe eya kwibandla lamaHebhere, wayebhalela amanye amaKristu ukholo lwawo olwaluvavanywa mihla le ngenxa yenkcaso yamaYuda. Eqonda ukuba kwakufuneka ahlakulele umoya ongakumbi wonyamezelo, uPawulos wathi: “Hlalani niyikhumbula imihla yangaphambili enithe kuyo, nakuba nikhanyiselwe, nanyamezela usukuzwano olukhulu phantsi kweembandezelo.” (Hebhere 10:32) Ukukhumbula kwawo izenzo zexesha elidlulileyo zokunyaniseka kumlo wokomoya kwakuya kuwanika ukhuthazo lokulugqiba ugqatso. Ngendlela efanayo, umprofeti uIsaya wabhala: “Khumbulani oko, nibe ngamadoda [ninyamezele, NW].” (Isaya 46:8) Wayecinga ngomphumo onqwenelekayo onjalo xa uYesu Kristu waxelela ibandla lase-Efese wathi: “Ngoko ke khumbula apho uwe usuka khona [uthando owawunalo kuqala], uze uguquke wenze izenzo zangaphambili.”—ISityhilelo 2:4, 5.
Isibongozo esithi “khumbula iimini zasephakadeni, qonda iminyaka yezizukulwana ngezizukulwana” sasivela rhoqo kwiintetho zikaMoses kumaSirayeli, njengoko wayebongoza olo hlanga ukuba lubonise ukunyaniseka okungenaloyiko kuYehova. (Duteronomi 32:7) Phawula amazwi akhe, abhalwe kwiDuteronomi 7:18: “Uze ungazoyiki [iintlanga ezingamaKanan]. Khumbula kakuhle awakwenzayo uYehova uThixo wakho kuFaro nakumaYiputa onke.” Ukukhumbula izenzo zikaYehova zokusindisa abantu bakhe kwakulukhuthazo lokuba aqhubeke ebambelele kwimithetho kaThixo.—Duteronomi 5:15; 15:15.
Okulusizi kukuba, amaSirayeli ngokufuthi ayekelela kwisono sokulibala. Oku kwaba nawuphi umphumo? “Babuya bamlinga uThixo, bamenzakalisa oyiNgcwele wakwaSirayeli. Abasikhumbula isandla sakhe, imini awabakhulula ngayo embandezelweni.” (INdumiso 78:41, 42) Ekugqibeleni, ukuyilibala kwabo imiyalelo kaYehova kwaphumela ekubeni abalahle.—Mateyu 21:42, 43.
Umdumisi wamisela umzekelo omhle xa wabhala wathi: “Ndikhankanya izenzo ezincamisayo zikaYehova; ngokuba ndikhumbula imisebenzi yakho ebalulekileyo yamandulo. Ndicamanga ngako konke ukusebenza kwakho, ndithelekelele ngezenzo zakho zonke ezincamisayo.” (INdumiso 77:11, 12) Ukukhumbula ngokucamngca okunjalo ngenkonzo yokunyaniseka yangaphambili nezenzo zikaYehova zothando kuya kusinika impembelelo, ukhuthazo noxabiso olufunekayo. Kwakhona, ‘ukukhumbula imihla yangaphambili’ kunokuphelisa ukudinwa yaye kunokusikhuthazela ukwenza konke esinako yaye sinyamezele ngokuthembeka.
Ukufunda Kwiimpazamo Zexesha Elidluleyo
Okwesibini, ukungalibali kunokuba yindlela yokufunda kwiimpazamo zangaphambili nakwimiphumo yazo. Ekhumbula oku, uMoses waluleka amaSirayeli esithi: “Khumbula, musa ukulibala ukumqumbisa kwakho uYehova, uThixo wakho, entlango; kususela kwimini owaphumayo ezweni laseYiputa, wada wangena kule ndawo, naba neenkani kuYehova.” (Duteronomi 9:7) Imiphumo yokungathobeli okunjalo kwamaSirayeli yaba kukuba, njengoko uMoses wabonisayo, ‘uYehova uThixo wabo wabenza babhadula entlango iminyaka engamashumi amane.’ Kwakutheni ukuze akhuthazwe ukuba akhumbule oku? Kwakusenzelwa ukuba athobeke kuze kulungiswe umoya wemvukelo awayenawo ukuze ‘ayigcine ke imithetho kaYehova uThixo [wawo] ukuba ahambe ngeendlela zakhe, amoyike.’ (Duteronomi 8:2-6) Kwakufuneka afunde ngengqiqo yokuba angaziphindi iimpazamo zawo zexesha elidluleyo.
Omnye umbhali wathi: “Umntu onengqiqo uyangenelwa kumava obuqu, umntu olumkileyo uyazuza kumava abanye.” Ngoxa uMoses wabongoza abantu bakwaSirayeli ukuba bafunde kwiimpazamo zabo zangaphambili, umpostile uPawulos wabongoza abanye—ibandla laseKorinte lenkulungwane yokuqala, yaye ngenxa yoko, nathi—ukuba sifunde isifundo kwakuloo ngxelo yembali. Wabhala: “Ke kaloku ezi zinto zathi zabahlela [amaSirayeli] njengemizekelo, yaye zabhalwa ukuze kulunyukiswe thina bafikelwe ziziphelo zeenkqubo zezinto.” (1 Korinte 10:11) UYesu Kristu wakhumbula esinye isiganeko sangaphambili esiseBhayibhileni nemfuneko yokuba sifunde kuso wathi: “Khumbulani umfazi kaLote.” (Luka 17:32; Genesis 19:1-26) Imbongi nesithandi sobulumko esiliNgesi, uSamuel Taylor Coleridge sabhala: “Ukuba abantu bebenokufunda kwimbali, hayi izifundo ebesiya kuzifunda kuyo!”
Ukuthozama Nokuba Nombulelo
Okwesithathu, ukukhumbula kunokukhulisa kuthi iimpawu ezikholisa uThixo zokuthozama nokuba nombulelo. Njengoko sivuyiswa ziinkalo ezininzi zeparadesi yethu yokomoya yomhlaba wonke, ngamana asingelibali ukuba isekelwe kwizinto ezithile. Ezi ziquka ukunyaniseka, uthando, ukuzincama, inkalipho xa sijamelene neengxaki, unyamezelo, ukuzeka kade umsindo nokholo—iimpawu eziboniswa ngabazalwana noodade abangamaKristu abaqalisa umsebenzi kumazwe ahlukahlukeneyo kumashumi eminyaka adlulayo. Iqukumbela ingxelo yayo ngembali yanamhlanje yabantu bakaThixo eMexico, i-1995 Yearbook of Jehovah’s Witnesses yathi: “Kubantu abasandul’ ukunxulumana namaNgqina kaYehova, iimvavanyo ezafikela abo baba nesabelo ekuqaliseni umsebenzi eMexico zinokusothusa. Baqhele iparadesi yokomoya apho kukho intabalala yokutya kokomoya, apho kukho amakhulu amawaka ezinxulumani ezoyika uThixo, nalapho inkonzo kaThixo iphunyezwa ngendlela elungelelene kakuhle.”
Abo vulindlela bokuqala ngokufuthi umntu wayesebenza yedwa okanye njengamaqela amancinane akwanti. Babejamelana nobulolo, ukuswela nezinye iimvavanyo zengqibelelo njengoko babebonakalisa inzondelelo ekuvakaliseni isigidimi soBukumkani. Nangona abaninzi baba bakhonzi bamaxesha angaphambili bengasaphili emhlabeni, hayi indlela ekufudumeza intliziyo ngayo ukwazi ukuba uYehova uyayikhumbula inkonzo yabo yokuthembeka! Umpostile uPawulos wakungqina oku, xa wabhala wathi: “Kuba akanantswela-bulungisa ukuba angawulibala umsebenzi wenu nothando enalubonisayo ngegama lakhe.” (Hebhere 6:10) Ukuba uYehova ngoxabiso uyakhumbula, ngaba nathi asifanele sibonise umoya wokuba nombulelo?
Abo basandul’ ukuqhelana nenyaniso banokuyifumana le mbali kwimpapasho ethi AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi BoBukumkani BukaThixo.a Ukongezelela, ukuba sinelungelo lokuba yinxalenye yentsapho okanye yebandla lamaKristu amalungu alo aquka abazalwana okanye oodade ekukudala bekhonza, nakuthi kudluliselwa isibongozo esifanayo neso sikwiDuteronomi 32:7 esithi “khumbula iimini zasephakadeni, qonda iminyaka yezizukulwana ngezizukulwana, buza. Buza kooyihlo, bakubalisele, kumadoda amakhulu akowenu, akuxelele.”
Ewe, ukukhumbula izenzo zangaphambili zokuhlonela uThixo kunokusishukumisela ekubeni siqhubeke sinyamezela ngovuyo enkonzweni yethu yobuKristu. Kwakhona, imbali iqulethe izifundo ekufuneka sizifunde. Yaye ukucamngca ngeparadesi yethu yokomoya esikelelwe nguThixo kukhulisa iimpawu ezithandekayo zokuthozama nokuba nombulelo. Eneneni, “khumbula imihla eyadlulayo.”
[Umbhalo osemazantsi]
a Ipapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.