IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ijwbv inqa. 3
  • Roma 10:13—“Obiza Egameni LeNkosi”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Roma 10:13—“Obiza Egameni LeNkosi”
  • Kucaciswa Iivesi ZeBhayibhile
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Into Ethethwa NgamaRoma 10:13
  • Into Ekuthethwa Ngayo KumaRoma 10:13
  • UYehova
    Ukuqiqa NgeZibhalo
  • IGama LikaThixo ‘NeTestamente Entsha’
    Igama LikaThixo Eliya Kuhlala Ngonaphakade
  • Igama LikaThixo
    Vukani!—2017
  • A4 Igama LikaThixo KwiZibhalo ZesiHebhere
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
Khangela Okunye
Kucaciswa Iivesi ZeBhayibhile
ijwbv inqa. 3

KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE

Roma 10:13​—“Obiza Egameni LeNkosi”

“Wonke umntu othembela egameni likaYehova uza kusindiswa.”​—Roma 10:13, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.

“Lowo uzibika ebiza egameni lenkosi wosindiswa.”​—Roma 10:13, IBhayibhile YesiXhosa Yango1996.

Into Ethethwa NgamaRoma 10:13

UThixo akakhethi, futhi bonke abantu ubanika ithuba lokusindiswa nokufumana ubomi obungunaphakade nokuba ngaboluphi uhlanga, ibala okanye baneemeko ezinjani. Kodwa ukuze sifumane ezi zinto kufuneka sisebenzise igama elithi Yehova. Elo ke ligama likaThixo uSomandla.a​—INdumiso 83:18.

Amazwi athi “othembela egameni likaYehova” aseBhayibhileni akathethi nje ukwazi igama likaThixo nokulisebenzisa xa simkhonza. (INdumiso 116:12-14) Athetha nokumthemba uThixo sazi ukuba nguye oza kusinceda.​—INdumiso 20:7; 99:6.

Igama likaThixo lalibalulekile nakuYesu Kristu. Amazwi okuqala awawathetha kumthandazo wakhe ayesithi: “Tata wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho,” okanye lenziwe libe ngcwele. (Mateyu 6:9) UYesu wabonisa nokuba xa sifuna ukufumana ubomi obungunaphakade sifanele silazi igama likaThixo, simthobele size simthande.​—Yohane 17:3, 6, 26.

Kutheni sinokugqiba kwelokuba nguYehova “iNkosi” ekuthethwa ngayo kumaRoma 10:13 kwiKing James Version? Kaloku le vesi inamazwi athathwe kuYoweli 2:32, apho igama likaThixo, kungekhona isibizo esithi “Nkosi,” livela ngesiHebhere sakudala.

Into Ekuthethwa Ngayo KumaRoma 10:13

KumaRoma isahluko 10, ukuze sithandwe nguThixo kuthiwa kufuneka sibe nokholo kuYesu Kristu. (Roma 10:9) Namanye amazwi athathwe kwiTestamente Endala ayathetha ngale nto. Umntu ubonisa ukholo ngokuvuma “esidlangalaleni” okuthetha ukushumayela iindaba ezilungileyo zosindiso kubantu abangakholwayo. Abanye bade babe nethuba lokukhulisa ukholo lwabo ukuze bafumane ubomi.​—Roma 10:10, 14, 15, 17.

Funda amaRoma isahluko 10, imibhalo esemazantsi ecacisayo, neembekiselo.

a Igama likaThixo livela kayi-7 000 kumacwecwe akudala eBhayibhile. KwisiHebhere, igama likaThixo livela lingoonobumba abane iTetragrammaton. Eli gama lidla ngokuguqulelwa ngokuthi “Yehova” ngesiNgesi; kodwa abanye abaphandi badla ngokuthi “Yahweh.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share