IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Ithini IBhayibhile Ngeengelosi?
    IMboniselo (Kawonke-wonke)—2017 | No. 5
    • Iingelosi Ngokwezikhundla Zazo

      Isiphatha-zingelosi, uMikayeli, yeyona ngelosi inamandla negunya ngaphezu kwazo zonke ezinye iingelosi. IZibhalo zenza kucace ukuba uMikayeli lelinye igama likaYesu Kristu. —1 Tesalonika 4:16; Yude 9.

      Iiserafi zinesikhundla esiphakamileyo kunezinye iingelosi ibe zisebenza ngakwitrone kaThixo.—Isaya 6:1-3.

      Iikherubhi nazo zinesikhundla esiphakamileyo ibe zenza imisebenzi ekhethekileyo enento yokwenza nokuzukiswa kukaSomandla. EBhayibhileni zidla ngokuvezwa zimsebenzela.—Genesis 3:24; Hezekile 9:3; 11:22.

      Ezinye iingelosi ezingamawakawaka zithunywa nguThixo ukuze zenze intando yakhe.b —Hebhere 1:7, 14.

  • Ngaba Unengelosi Yakho?
    IMboniselo (Kawonke-wonke)—2017 | No. 5
    • INQAKU ELINGUMXHOLO | IINGELOSI​—NGABA ZIKHO NYHANI? KUTHENI IBALULEKILE LOO NTO

      Ngaba Unengelosi Yakho?

      IBhayibhile ayifundisi ukuba umntu ngamnye unengelosi yakhe emkhuselayo. Yinyani ukuba uYesu wakhe wathi: “Qinisekisani ukuba anideleli namnye waba bancinane [abafundi bakaKristu], kuba ndithi kuni iingelosi zabo ezulwini zisoloko zibubona ubuso bukaBawo osezulwini.” (Mateyu 18:10) Kodwa ke, uYesu wayengathi umntu unengelosi yakhe, kodwa wayesithi iingelosi zinomdla kumntu ngamnye kubafundi bakhe. Ngoko abanquli bokwenyaniso abazifakI engozini kuba besithi iingelosi zikaThixo ziza kubakhusela.

      Ngaba loo nto ithetha ukuba iingelosi azibancedi abantu? Hayi, ayithethi loo nto. (INdumiso 91:11) Abanye abantu bakholelwa ukuba uThixo uyabakhusela aze abakhokele esebenzisa iingelosi. Omnye waba bantu nguKenneth, ebekuthethwe ngaye kwinqaku lokuqala. Nangona singenakunyanzelisa izimvo zethu, kodwa kusenokwenzeka ukuba uchanile. AmaNgqina KaYehova asoloko elubona uncedo lweengelosi xa ekumsebenzi wokushumayela. Kodwa ke, ekubeni iingelosi zingabonakali, asinakuyazi ukuba uThixo uzisebenzisa njani okanye nini ukuze ancede umntu ngamnye. Into esiyaziyo kukuba, simele simbulele uSomandla ngazo zonke iindlela asinceda ngazo.​—Kolose 3:15; Yakobi 1:17, 18.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share