IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • mwbr25 Januwari iphe. 1-10
  • Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela
  • Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi WokushuMeyiela—2025
  • Imixholwana
  • JANUWARI 6-12
  • JANUWARI 13-19
  • JANUWARI 20-26
  • JANUWARI 27–FEBRUWARI 2
  • FEBRUWARI 3-9
  • FEBRUWARI 10-16
  • FEBRUWARI 17-23
  • FEBRUWARI 24–MATSHI 2
Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi WokushuMeyiela—2025
mwbr25 Januwari iphe. 1-10

Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela

© 2024 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania

JANUWARI 6-12

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO INDUMISO 127-134

Bazali, Qhubekani Nikhathalela Abantwana Benu

w21.08 5 ¶9

Ubalulekile Kwintsapho KaYehova

9 UYehova udale abantu bakwazi ukuba nabantwana baze babafundise ukuba bamthande futhi bamkhonze. Ukuba ungumzali, ngaba uyambulela uYehova ngesi sipho sikhethekileyo akunike sona? Iingelosi uzidale zakwazi ukwenza izinto ezininzi ezimangalisayo, kodwa zona akazinikanga esi sipho. Ngoko, nina bazali, nimele nimbulele kakhulu ngokuninika isipho sokukhulisa abantwana. Ninikwe umsebenzi obalulekileyo wokukhulisa abantwana “ngokubaqeqesha nangokubafundisa ngendlela kaYehova.” (Efe. 6:4; Dut. 6:5-7; INdu. 127:3) Ukuze incede abazali bayenze le nto, intlangano kaThixo yenze izinto ezininzi ezithetha ngeBhayibhile; iincwadi, iincwadana, iimagazini, iividiyo, umculo namanqaku akwiwebhsayithi yethu. Siyayibona indlela uTata wethu osezulwini noNyana wakhe ababathanda ngayo abantwana bethu? (Luka 18:15-17) Xa abazali bemthembile uYehova, bezama ngawo onke amandla abanawo ukukhulisa abantwana babo ngendlela yakhe, uyavuya. Kanti kwelinye icala babanceda babe nethemba lokungena kwintsapho kaYehova, bangaze baphume kuyo!

w19.12 27 ¶20

Bazali, Fundisani Abantwana Benu Ukuthanda UYehova

20 Nimele nibazi kakuhle abantwana benu. INdumiso 127 ifanisa abantwana neentolo. (Funda iNdumiso 127:4.) Iintolo zenziwa ngezinto ezingafaniyo ibe azilingani. Nabantwana banjalo ke, abafani. Ngoko abazali kufuneka baqonde ukuba abanakubafundisa ngendlela efanayo abantwana babo. Omnye umzalwana nodade abahlala eIsrael bakwazi ukufundisa abantwana babo ababini ukuba bakhule bekhonza uYehova. Bancedwa yintoni? Bathi: “Sasingabafundeli ngexesha elinye iBhayibhile.” Akunyanzelekanga ukuba ningabafundeli ngexesha elinye, kodwa yintloko-ntsapho eza kugqiba ukuba iza kubafundisa njani abantwana bayo ukuze bakhule bethanda uYehova.

Ubuncwane ObuseBhayibhileni

it-1-E 543

Izityalo Ekuthethwa Ngazo EBhayibhileni

Xa umdumisi wayethembisa abantu aboyika uYehova, wathetha ngezinto ezifumaneka kumthi womnquma esithi: “Oonyana bakho baza kuba njengezithole zomthi womnquma etafileni yakho.” (INd 128:1-3) Amaxesha amaninzi kudla ngokusetyenziswa iingceba zomthi womnquma ekudala ukho ukuze kukhuliswe imithi emitsha. Ukongezelela, imithi yomnquma ekudala ikho ineengcambu ezinokuvelisa izithole ukuze le mithi ibe mininzi. Njengezi zithole, noonyana baye bangqonge utata wabo nto leyo ebenza babe negalelo kulonwabo lwentsapho.

JANUWARI 13-19

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO INDUMISO 135–137

“INkosi Yethu Ingaphezu Kwabo Bonke Abanye Oothixo”

it-2-E 661 ¶4-5

Amandla, Imisebenzi Emangalisayo

Iindlela ezahlukeneyo uThixo alawula ngayo amandla endalo. Ukuze azingqine enguThixo wenyaniso, kusenokulindelwa ukuba uYehova abonakalise ukuba uyakwazi ukulawula amandla endalo aze akwenze oko ngendlela ecacileyo ebonisa ukuba ubangela kubekho. (INd 135:5, 6) Ekubeni ilanga, inyanga, iiplanethi neenkwenkwezi zilandela indlela yazo eqhelekileyo, ekubeni iinkqubo zendalo (ezenza umoya, imvula, nezinye izinto) nazo zithobela imithetho yazo, ekubeni iinkumbi zisiba ninzi zibe ligquba neentaka zibhabha zimke, zona nezinye izinto ezisebenza ngendlela eqhelekileyo azinako ukulingcwalisa igama likaThixo xa zijongene nentsutshiso kunye nonqulo lobuxoki.

Sekunjalo, uYehova unokwenza indalo nezinye izinto ezikuyo ukuba zisebenze ngendlela engaqhelekanga ukuze zingqine ubuThixo bakhe, unokuzisebenzisa ukuze aphumeze injongo yakhe ngexesha elimiswe nguye. Neziganeko ezinje ngembalela, izantyalantyala zemvula okanye naluphi na olunye uhlobo lwemozulu eqhelekileyo iye ibe nomahluko xa izalisekisa isiprofeto sikaYehova. (Thelekisa 1Ku 17:1; 18:1, 2, 41-45.) Kwiimeko ezininzi ezi ziganeko zazigaqhelekanga mhlawumbi ngenxa yobukhulu bazo (Ex 9:24) okanye ngenxa yokuba zazisenzeka ngendlela engaqhelekanga nengazange yabonwa ngaphambili futhi zisenzeka ngexesha elingaqhelekanga.—Eks 34:10; 1Sa 12:16-18.

w21.11 6 ¶16

Kuthetha Ukuthini Ukuthandwa NguYehova Ngokungagungqiyo?

16 Xa simthembile ukuba uza kusikhusela uYehova, siyakhululeka. Kodwa ngamanye amaxesha sisenokutyhafa, sikhathazeke kakhulu. Unokusinceda njani uYehova xa kunjalo? (Funda iNdumiso 136:23.) Uza kusiphakamisa ngeengalo zakhe, siyeke ukukhathazeka. (INdu. 28:9; 94:18) Indlela esincedakala ngayo: Siyazi ukuba sinokumthemba uYehova. Loo nto isinceda ngeendlela ezimbini. Eyokuqala, nokuba siphi, siyazi ukuba uYehova uza kusikhusela. Eyesibini, uTata wethu wasezulwini usikhathalele nyhani.

Ubuncwane ObuseBhayibhileni

it-1-E 1248

UYa

Igama elithi uYa ngokuqhelekileyo lihambisana neemvakalelo ezinzulu ezibakhona xa kudunyiswa, kucula naxa kuthandazwa ngokusuka entliziyweni ibe lidla ngovela kwimixholo ethetha ngokuvuya kwabantu kuba boyisile, bekhululekile okanye xa kuthethwa ngesandla sikaThixo esiphakamileyo namandla akhe. Iimizekelo yokusetyenziswa kweli gama likhethekileyo mininzi. Xa kusithiwa, “Dumisani uYa, nina bantu!” (Hallelujah) kubonakala ukuba leyo yindumiso ekhethekileyo yokudumisa uThixo, kwincwadi yeeNdumiso ivela okokuqala kwiNdumiso 104:35. Kwezinye iindumiso iba sekuqaleni kuphela (INd 111; 112), ngamanye amaxesha iba sesiphakathini kwendumiso (135:3), ngamanye amaxesha iba sekugqibeleni kuphela (INd 104; 105; 115–117) kodwa amaxesha amaninzi iba sekuqaleni nasekugqibeleni (INd 106; 113; 135; 146–150). Kwincwadi yeSityhilelo izidalwa zasezulwini zisebenzisa eligama ngokuqhubekayo njengoko zidumisa uYehova.—ISi 19:1-6.

Kwezinye iindawo elivela kuzo eligama lika “Ya” likwabonisa ukudunyiswa kukaYehova ngeengoma nangokucela kuye ngokusuka entliziyweni. Kukho ingoma yosindiso kaMoses. (Eks 15:2) Kwezo zabhalwa nguIsaya ubethelela ngokuwadibanisa lama gama athi, “uYa, uYehova.” (Isa 12:2; 26:4) UHezekiya kumbongo wakhe wokudumisa wambulela uYehova kuba eye wamphilisa ngokungumangaliso xa waye zakufa ngokuphindaphinda igama elithi uYa. (Isa 38:9, 11) Ngokwahlukileyo kubantu abazimisele ukuphilela ukudumisa uYa bona abafileyo abakwazi ukumdumisa . (INd 115:17, 18; 118:17-19) Ezinye iindumiso zingumthandazo obulela ukusindiswa, ukukhuselwa nokulungiswa.—INd 94:12; 118:5, 14.

JANUWARI 20-26

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO INDUMISO 138–139

Ungoyiki, Phendula Kwiintlanganiso

w19.01 10 ¶10

Dumisa UYehova Ebandleni

10 Ngaba luyatsho uvalo qho xa ucinga ngokuphakamisa ukuze uphendule? Ukuba kunjalo, ayinguwe wedwa. Abaninzi kuthi baye boyike xa bephendula. Ngaphambi kokuba ukwazi ukuyeka ukoyika, kufuneka wazi ukuba yintoni ekwenza woyike. Ngaba unexhala lokuba uza kuyilibala into ofuna ukuyithetha okanye uza kuthetha into engeyiyo? Ngaba ucinga ukuba impendulo yakho ayizukuba mnandi njengeempendulo zabanye? Akukho nto imbi ngokuba nexhala lezo zinto. Kaloku loo nto ibonisa ukuba uthobekile ibe awuziboni ubhetele kunabanye. UYehova uyabathanda abantu abathobekileyo. (INdu. 138:6; Fil. 2:3) Kodwa uYehova uyafuna nokuba umdumise uze ubakhuthaze abazalwana noodade kwiintlanganiso. (1 Tes. 5:11) Uyakuthanda ibe uza kukunceda ube nesibindi.

w23.04 21 ¶7

Khuthazanani Kwiintlanganiso

7 Kungakunceda ukufunda amacebiso akumanqaku eeMboniselo zeminyaka edlulileyo. Ngokomzekelo, lungiselela kakuhle. (IMize. 21:5) Xa uyiqonda kakuhle into ekuthethwa ngayo awuzukoyika kakhulu ukuphendula. Nantsi eny’ into, impendulo yakho mayibe mfutshane. (IMize. 15:23; 17:27) Impendulo emfutshane iza kukwenza ungoyiki kakhulu. Abazalwana noodade banokuyiqonda lula impendulo emfutshane, mhlawumbi enesivakalisi esinye okanye ezibini, kunempendulo ende ethetha ngezinto ezininzi. Xa uphendula ngamazwi akho nempendulo yakho imfutshane, ubonisa ukuba ulungiselele kakuhle futhi uyiqonda kakuhle nento ekuthethwa ngayo.

Ubuncwane ObuseBhayibhileni

it-1-E 862 ¶4

Ukuxolela

Ukuxolela abanye xa bekonile enoba bakone kangakanani na yinto umKristu ngamnye amele ayenze. (Luk 17:3, 4; Efe 4:32; Kol 3:13) UThixo akabaxoleli abantu abangabaxoleliyo abanye. (Mat 6:14, 15) Nangona ukwenza isono esinzulu kungenza ‘umenzi-bubi’ asuswe ebandleni lamaKristu, loo mntu usenokuxolelwa ukuba uguqukile ngokupheleleyo. Ngelo xesha bonke abantu abasebandleni banokumamkela ngothando. (1Ko 5:13; 2Ko 2:6-11) Sekunjalo, umKristu akanyanzelekanga ukuba abaxolele abo benza izinto ezimbi nabaqhubeka besona ibe bengaguquki. Abantu abanjalo bazenza iintshaba noThixo.—Heb 10:26-31; INd 139:21, 22.

JANUWARI 27–FEBRUWARI 2

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO INDUMISO 140–143

Yenza Ngokuhambisana Nezicelo Zakho Zoncedo

w22.02 12 ¶13-14

‘Wamamele Amazwi Ezilumko’

13 Xa ulungiswa zixelele ukuba uThixo uyakuthanda. UYehova ufuna sifumane eyona nto iza kusinceda. (IMize. 4:20-22) Xa ekulungisa ngeLizwi lakhe, ngempapasho, okanye esebenzisa umKristu onokholo oluqinileyo, ubonisa ukuba uyakuthanda. AmaHebhere 12:9, 10 athi ‘unceda thina.’

14 Mamela into oyixelelwayo, uyeke indlela oyixelelwa ngayo. Ngamanye amaxesha, sisenokucinga ukuba khange kuthethwe kakuhle nathi xa besilungiswa. Siyazi ukuba umntu okulungisayo umele athethe ngendlela eza kwenza kube lula ukummamela. (Gal. 6:1) Kodwa xa silungiswa, masicinge ngale nto silungiswa kuyo, nokuba sicinga ukuba ibikhona enye indlela ebenokuthetha ngayo umntu osilungisayo. Sisenokuzibuza: ‘Nokuba andiyithandi indlela andilungise ngayo, kodwa ikhona into enokundinceda kule nto ayithethileyo? Ndingakwazi ukungazihoyi iimpazamo zakhe, ndifunde kule nto andixelela yona?’ Nokuba silungiswa kanjani, sakube silumkile xa sizama iindlela zokuncedakala kuloo nto silungiswa kuyo.—IMize. 15:31.

w10 3/15 32 ¶4

Hlala ‘Unentliziyo Esulungekileyo’ Kula Maxesha Amanqam

Ingcinezelo evela kubachasi, iingxaki zezoqoqosho nokugula kuye kwabenza batsala nzima abanye babakhonzi bakaThixo. Maxa wambi oku kuye kwachaphazela neentliziyo zabo. NoKumkani uDavide wayekuloo meko xa wathi: ‘Umoya wam utyhafile ngaphakathi kwam; phakathi kwam intliziyo yam iba ndindisholo.’ (INdu. 143:4) Yintoni eyamncedayo? UDavide wacinga ngendlela uThixo aqhubana ngayo nabantu bakhe nendlela awamhlangula ngayo. Wacamngca ngezinto uYehova awazenzayo ngenxa yegama lakhe elikhulu. UDavide wazixhalabisa ngemisebenzi kaThixo. (INdu. 143:5) Ngokufanayo, ukucamngca ngoMdali nako konke asele esenzele kona nezinto aqhubeka esenzela zona kuya kusinceda naxa sivavanywa.

w15 3/15 32 ¶2

Ukutshata “Kuphela ENkosini” Ngaba Kusasebenza Nangoku?

Ngamanye amaxesha usenokuziva njengoDavide, owathi: “Khawuleza, undiphendule, Yehova. Umoya wam uphelile. Musa ukubufihla ubuso bakho kum.” (INdumiso 143:5-7, 10) Ungapheli mandla. Mnike ithuba uYehova akubonise into afuna uyenze. Mmamele uYehova ngokufunda iBhayibhile nangokucinga nzulu ngento oyifundileyo. Loo nto iza kukunceda wazi ukuba uYehova ulindele ukuba wenze ntoni nokuba uye wabanceda njani abakhonzi bakhe ngaphambili. Ngokummamela kwakho, uya kutsho umthobele ngokuzithemba.

Ubuncwane ObuseBhayibhileni

it-2-E 1151

Ityhefu

Ngokomfuziselo. Ukuxoka nokuthetha izinto ezingeyonyani ziyalonakalisa igama lomntu ibe ubungozi baloo nto bufaniswa netyhefu yenyoka. (INd 58:3, 4) Abangcatshi bona kuthiwa, “Banetyhefu yamarhamba emilebeni yabo” (okanye, “buphantsi kwemilebe” ithathwe kwiZibhalo Ezingcwele), njengetyhefu yephimpi ehlala pantsi kwemilebe nasemazinyweni ayo akumhlathi ophezulu . (INd 140:3; Rom 3:13) Ulwimi olusetyenziswa kakubi ngokungcolisa amagama abantu, ukuhleba, ukufundisa izinto ezingeyonyani okanye ngokuthetha izinto ezenzakalisayo “lugcwele ityhefu ebulalayo.”—Yak 3:8.

FEBRUWARI 3-9

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO PSALMS 144-146

“Bonwabile Abantu AbanoThixo OnguYehova!”

w18.04 32 ¶3-4

Imibuzo Evela Kubafundi

2. Indlela ebhalwe ngayo ngoku ihambisana kakuhle nale ndumiso yonke. U-“ngoko” osetyenziswe kwivesi 12 uthetha ukuba iintsikelelo ekuthethwa ngazo kwivesi 12 ukuya ku-14 zifunyanwa ngamalungisa acela ukukhululwa ‘nokuhlangulwa kubantu ababi’ (kwivesi 11). Le ndlela ibhalwe ngayo ngoku ichaphazela novesi 15, yenza ukuba igama elithi “banoyolo” elivela kabini kule vesi libhekisele kubantu abanye. Ngenxa yoko, igama elithi banoyolo libhekisela kwabo ‘baThixo wabo unguYehova!’ Enye into, ukhumbule ukuba isiHebhere sasingenazo iziphumlisi, ezinjengeempawu zocaphulo. Ngoko ukuze abaguquleli basichane, kufuneka bacinge ngendlela yokubhala yesiHebhere ebumbongo, bazi umongo nezinye iivesi ezithetha kwangaloo nto.

3. Indlela ebhalwe ngayo ngoku ivisisana nezinye iivesi ezithembisa abantu bakaThixo abathembekileyo ngeentsikelelo abaza kuzifumana kuye. Ngenxa yendlela entsha aguqulelwe ngayo uasher, le ndumiso ilibonisa kakuhle ithemba uDavide awayenalo, lokuba emva kokuba uThixo esindise uhlanga lwamaSirayeli kwiintshaba zalo, wayeza kulusikelela ngolonwabo nempumelelo. (Lev. 26:9, 10; Dut. 7:13; INdu. 128:1-6) Ngokomzekelo, iDuteronomi 28:4 ithi: “Sisikelelwe isiqhamo sesisu sakho nesiqhamo somhlaba wakho nesiqhamo semfuyo yakho, amathole eenkomo zakho nenzala yomhlambi wakho.” Nyhani ke, xa kwakulawula unyana wakhe, uSolomon, olo hlanga lwalonwabile yaye luphumelele ngendlela engazange yabonwa ngaphambili. Ukongezelela, ezinye zezinto ezenzeka xa kwakulawula uSolomon zibonisa eziza kwenzeka xa kulawula uMesiya.—1 Kum. 4:20, 21; INdu. 72:1-20.

w22.10 28 ¶16-17

Ungayeki Ukuqinisa Ithemba Onalo

16 Ithemba esinalo lokuphila ngonaphakade lisisipho esixabisekileyo esivela kuThixo. Sizijonge ngamehlo abomvu izinto asithembise zona, nesiqinisekileyo ukuba ziza kwenzeka. Eli themba lifana neankile, lisinceda sinyamezele iingxaki, singagungqi xa sitshutshiswa size singoyiki naxa sisoyikiswa ngokubulawa. Liphinda lifane nomnqwazi wentsimbi. Likhusela iingqondo zethu ukuze singazenzi izinto ezirongo kodwa sifune ukwenza ezilungileyo. Ithemba esinalo kwizinto esizithenjiswe eBhayibhileni lisinceda simazi bhetele uThixo futhi libonisa nendlela asithanda ngayo. Xa lihlala liqinile sincedakala kakhulu.

17 Umpostile uPawulos wathi kumaKristu aseRoma: “Vuyani ngenxa yokuba ninethemba.” (Roma 12:12) Into eyayinokumvuyisa kukuqiniseka ukuba xa ehlala ethembekile, uza kuphila ngonaphakade ezulwini. Nathi singakwazi ukuvuyiswa lithemba esinalo, kuba siqinisekile ukuba uYehova soze asiphoxe. Kaloku umdumisi wathi: “Wonwabile lowo . . . othembela ngoYehova uThixo wakhe, . . . Lowo uhlala ethembekile.”—INdu. 146:5, 6.

w18.01 26 ¶19-20

Simele Sithande Bani Ukuze Sonwabe Nyhani?

19 Emva kweminyaka eyi-6<u202F>000 abantu bephila kabuhlungu, ihlabathi likaSathana sele liza kuphela. Umhlaba uzaliswe ngabantu abazithandayo, abathanda imali nobumnandi ngokugqithiseleyo. Eyona nto ibalulekileyo kubo kukuba baza kufumana ntoni, kwaye baphilela iminqweno yabo kuphela. Abantu abanje soze bonwabe nyhani. Kwelinye icala, umdumisi wabhala wathi: “Unoyolo lowo unoncedo olunguThixo kaYakobi, othemba lakhe likuYehova uThixo wakhe.”—INdu. 146:5.

20 Abantu bakaYehova baya bemthanda nangakumbi, kwaye bayanda unyaka nonyaka. Le nto ibonisa ukuba uBukumkani BukaThixo buyalawula kwaye kungekudala buza kwenza izinto ezintle apha emhlabeni, esingazange sazicinga. Xa sisenza ukuthanda kukaThixo, kwaye sisazi ukuba siyamvuyisa, siza kuhlala sivuya. Abantu abathanda uYehova baya kuvuya ixesha elingenasiphelo! Kwinqaku elilandelayo, siza kufunda ukuba baba njani abantu abazicingela bodwa size sibathelekise nabantu bakaYehova.

Ubuncwane ObuseBhayibhileni

it-1-E 111 ¶9

Izilwanyana

IBhayibhile ibethelela ukuziphatha kakuhle nokuziphatha ngenceba izilwanyana. Ngokwenene, UYehova uzichaza njengoMntu onothando noyikhathaleleyo impilo ntle yezilwanyana. (IMi 12:10; INd 145:15, 16) UMthetho kaMoses wawukhuthaza ukuphathwa kakuhle kwezilwanyana zasekhaya. Xa isilwanyana sasekhaya siye safunyanwa silahlekile umthetho wawuyalela ukuba sigoduswe, xa sasisindwa ngumthwalo onzima sasifanele sincedwe siphungulelwe loo mthwalo. (Eks 23:4, 5) Zazifanele ziphathwe kakuhle xa zisebenza. (Dut 22:10; 25:4) Njengabantu, nezilwanyana kwakufuneka ziphumle ngesabatha. (Eks 20:10; 23:12; Dut 5:14) Izilwanya ezinobungozi kwakumele zivalelwe okanye zibulawe. (Gen 9:5; Eks 21:28, 29) Iintlobo ezimbini zezilwanyana zasekhaya zazingavumelekanga ukuba zikhwelane.—Lev 19:19.

FEBRUWARI 10-16

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO INDUMISO 147–150

Sinezizathu Ezininzi Zokudumisa UYa

w17.07 18 ¶5-6

“Dumisani UYa!”—Ngoba?

5 UYehova akazange athuthuzele amaSirayeli njengohlanga kuphela kodwa wathuthuzela umntu ngamnye. Kusenjalo nanamhlanje. Lo mdumisi wabhala wathi ngoThixo: “Uyabaphilisa abo baphuke intliziyo, uyazibopha iindawo zabo ezibuhlungu.” (INdu. 147:3) Ngokwenene uYehova ubakhathalele abo basezingxakini—enoba bayagula okanye bakhathazekile. Namhlanje, uYehova uzimisele nyhani ukusithuthuzela nokuthomalalisa iintlungu esizivayo. (INdu. 34:18; Isa. 57:15) Usinika ubulumko namandla okunyamezela naziphi na iingxaki esinazo.—Yak. 1:5.

6 Ngoku lo mdumisi uthetha ngezinto ezisesibhakabhakeni, esichazela ukuba uYehova “ubala inani leenkwenkwezi” ibe “zonke uzibiza ngamagama azo.” (INdu. 147:4) Kutheni ngoku ingathi uyayitshintsha into ebethetha ngayo aze athethe ngeenkwenkwezi? Khawucinge ngale nto: Nangona umdumisi wayezibona ngamehlo akhe ezi nkwenkwezi, wayengaqondi ukuba zininzi kangakanani. Kule minyaka idlulileyo, inani leenkwenkwezi esikwaziyo ukuzibona linyuke kakhulu. Abanye baqikelela ukuba kukho iibhiliyoni zeenkwenkwezi kulo mnyele sikuwo nje kuphela. Ibe kusenokwenzeka xa iyonke iminyele iziitriliyoni! Thina bantu asinakuzibala iinkwenkwezi! Kodwa yena uMdali zonke uzithiye amagama nezibizo. Oku kuthetha ukuba inkwenkwezi nganye uYehova uyakwazi ukuyahlula kwenye. (1 Kor. 15:41) Kuthekani ngabantu abadalileyo emhlabeni? Lo Thixo osoloko esazi inkwenkwezi nganye ukuba iphi nangawuphi na umzuzu, ukwazi ukusuka nokuhlala nawe—wazi ngqo apho ukhoyo, wazi eyona ndlela uziva ngayo, wazi nezona zinto uzidingayo nangawuphi na mzuzu!

w17.07 18 ¶7

“Dumisani UYa!”—Ngoba?

7 UYehova akaneli nje ukuba nomdla kuwe, kodwa unawo namandla novelwano olufunekayo ukuze akuncede kwiingxaki zobomi onazo. (Funda iNdumiso 147:5.) Usenokucinga ukuba ingxaki okuyo inzima kakhulu ukuba uyithwale. UThixo uyazazi izinto ongakwaziyo ukuzenza, kuba ‘ukhumbula ukuba uluthuli.’ (INdu. 103:14) Kuba singafezekanga, sisoloko sisenza iimpazamo ezinye. Siye sizisole xa siye sathetha izinto esingazicinganga, xa kuman’ ukuphutshuluka ubuntu esingabuthandiyo, okanye xa simonela abantu ngezinto zabo! UYehova akazenzi ezi mpazamo; kodwa indlela asiqonda ngayo iyamangalisa kwaye ingaphaya kweengqondo zethu!—Isa. 40:28.

w17.07 21 ¶18

“Dumisani UYa!”—Ngoba?

18 Lo mdumisi wayeyazi indlela uThixo awayekholiswa ngayo ngabantu bakhe bamandulo. Yayingabo bodwa uhlanga olwalunikwe “ilizwi” likaThixo ‘nemimiselo yakhe nezigwebo zakhe.’ (Funda iNdumiso 147:19, 20.) Namhlanje, nathi sisikeleleke nyhani kuba isithi sedwa ababizwa ngegama likaThixo. Sinenyhweba yokusondela kuYehova kuba simazi kwaye iLizwi lakhe lisebenza ebomini bethu. Njengombhali weNdumiso 147, ngaba awunazizathu zininzi zokukhwaza uthi, “Dumisani uYa!” uze ukhuthaze nabanye abantu benze okufanayo?

Ubuncwane ObuseBhayibhileni

it-1-E 316

Iintaka

Umdumisi wathetha wathi “iintaka” mazidumise uYehova (INd 148:1, 10), ibe zikwenza oku ngendlela ezakhiwe nezidalwe ngokumangalisayo ngayo. Intaka enye isenokuba neentsiba eziyi-1 000 ukuya kwi-20 000 nangaphezulu. Ukanti usiba ngalunye lwenziwe ngomcinga obhetyebhetye ekuye kuphume kuwo amakhulu emisebe eyenza umnatha ngaphakathi ibe umsebe ngamnye uphuma imisetyana emininzi kakhulu, kuloo misetyana kuphuma eminye imisetyana emincinci nangakumbi kunye nezinto ezincinci ezidibanisa le misetyana. Kuthelekelelwa ukuba usiba olukuphiko lwehobe olunobude obuyi-15 cm lunemisetyana emininzi kakhulu kunye neemiliyoni zemisetyana emincinci. Indlela amaphiko entaka enza kube lula ngayo ukuba ibhabhe nendlela eyakhiwe ngayo imizimba yayo ziyayodlula lee indlela iinqwelo-moya zale mihla ezenziwe ngayo nkqu nendlela ezibhabha ngayo. Amathambo entaka awanamongo ibe le nto yenza zibe khaphukhaphu. Amathambo entaka ekuthiwa yiFrigate enamaphiko anobude obuyi-2 m (7 ft) inobunzima obuyi-110 g (4 oz). Amanye amathambo asemaphikweni eentaka ezinkulu ezibhabhayo anezinto eziwenza omelele njengeentsimbi ezithile ezibaphakathi emaphikweni enqwelo-moya.

FEBRUWARI 17-23

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO IMIZEKELISO 1

Lutsha, Niza Kukhetha Ukumamela Bani?

w17.11 29 ¶16-17

Ungavumeli Nantoni Na Ikwenze Ungawufumani Umvuzo

16 Mhlawumbi ungumntu omtsha ibe ubona ngathi aniqondani nabazali bakho abangamaKristu kwaye bangqongqo. Le nto isenokukucaphukisa kangangokuba uyithandabuze into yokuba ukukhonza uYehova yeyona nto umele uyenze ngobomi bakho. Kodwa sukuyeka ukukhonza uYehova ngenxa yaloo nto, kuba akukho mntu ukukhathalele njengabazali bakho nabazalwana.

17 Ukuba abazali bakho bebekujonga nje bengakunqandi, ubungayi kucinga ukuba abanaxesha lakho? (Heb. 12:8) Kodwa usenokuba ucatshukiswa yindlela abakuqeqesha ngayo. Endaweni yokuba uqunjiswe yindlela abakuqeqesha ngayo, zama ukuqonda isizathu sokuba benze ngaloo ndlela. Zama kangangoko ukuba ungaqumbi xa unqandwa. ILizwi LikaThixo lithi: “Nabani na owabambayo amazwi akhe unolwazi, nomntu oqondayo unomoya opholileyo.” (IMize. 17:27) Khula, ukwazi ukumamela xa unqandwa, ungazikhathazi ngendlela onqandwe ngayo. (IMize. 1:8) Kuyintsikelelo nyhani ukuba nabazali abamthandayo uYehova. Baza kukunceda ufumane umvuzo wobomi.

w05 2/15 19-20 ¶11-12

Ukulondoloza Iimpawu Ezisenza Sibe NgamaKristu

11 Zabalazela ukukholisa uThixo, ungakholisi abantu. Kungokwemvelo ukufuna ukuba kwiqela elithile. Wonke umntu uyakufuna ukuba nabahlobo, yaye ukwamkelwa ngabathile kusenza sizive kamnandi. Ngexesha lokufikisa—nakamva ebomini—ingcinezelo yoontanga inokuba namandla, isenze sibe nomnqweno wokuxelisa okanye ukukholisa abanye. Kodwa abahlobo noontanga bethu abasoloko besinqwenelela okuhle. Maxa wambi bafuna nje umntu oza kubaxhasa ekwenzeni okubi. (IMizekeliso 1:11-19) Xa umKristu ezivumela ukuba akhohliswe yimpembelelo embi yoontanga, udla ngokuzama ukuzifihla ukuba ungumKristu. (INdumiso 26:4) Umpostile uPawulos walumkisa esithi: “Musani ke ukuthatha isimilo sabantu beli phakade.” (Roma 12:2, IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996) UYehova usinika amandla ukuze sikwazi ukujamelana nengcinezelo yokuhamba nomndilili.—Hebhere 13:6.

12 Xa ingcinezelo yabanye isongela ilungelo lethu lokuba ngumKristu, kuhle ukukhumbula ukuba ukunyaniseka kwethu kuThixo kubaluleke ngakumbi kuneengcamango zabantu okanye utyekelo lwesininzi. Amazwi afumaneka kwiEksodus 23:2 anikela umgaqo omhle xa esithi: “Uze ungalandeli isihlwele esineenjongo ezimbi.” Xa inkoliso yamaSirayeli yathandabuza amandla kaYehova okuzalisekisa izithembiso zakhe, uKalebhi akazange avume ukulandela umndilili. Wayeqinisekile ukuba izithembiso zikaThixo zinokuthenjwa, yaye wavuzwa gqitha ngaloo nto. (Numeri 13:30; Yoshuwa 14:6-11) Ngaba nawe uzimisele ukuxhathisa ingcinezelo yabaninzi ukuze ukhusele ulwalamano lwakho noThixo?

Ubuncwane ObuseBhayibhileni

it-1-E 846

Isidenge

IBhayibhile xa isebenzisa igama elithi “isidenge” ayithethi ngomntu osenokuba uphazamisekile engqondweni kunoko libhekisela kumntu ongawasebenzisi kakuhle amandla akhe wokucinga nolandela indlela embi engahambisaniyo nemigaqo kaThixo yokuziphatha. Amanye amagama esiHebere abhekisela kumntu onjalo ngathi kesilʹ (‘isidenge’;IMi 1:22), ʼewilʹ (“isidenge”; IMi 12:15), na·valʹ (“isidenge”; IMi 17:7), nelithi lets (“osileyo”; IMi 13:1). Igama lesiGrike elithi aʹphron libhekisela ‘kumntu ongasebenzisi ingqondo’ (Luk 12:20), elithi a·noʹe·tos libhekisela kumntu ‘ongayisebenzisiyo ingqondo’ (Gal 3:1), nelithi mo·rosʹ libhekisela ‘kwisidenge’ okanye ‘izidenge’. (Mat 23:17; 25:2).

FEBRUWARI 24–MATSHI 2

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO IMIZEKELISO 2

Zimisele Xa Usenza Ufundisiso Lwakho LweBhayibhile

w22.08 18 ¶16

‘Bambelela Enyanisweni’

16 Abanye kuthi abakuthandi ukufunda. Kodwa uYehova uthi ‘masihlale sikhangela’ futhi ‘siphande’ ukuze siyiqonde kakuhle inyaniso. (Funda iMizekeliso 2:4-6.) Kuhlala kusinceda ukwenza loo nto. UCorey uthi yena xa efunda iBhayibhile ujonga ivesi ibe nye ngexesha. Uthi: “Ndifunda yonke imibhalo esemazantsi, ndijonge zonke iimbekiselo ndize ndiphande nangezinye iindlela. . . . Ininzi into endiyifumanayo xa ndifunda ngale ndlela.” Nokuba sifunda ngale ndlela okanye ngezinye, sibonisa ukuba siyayixabisa inyaniso xa sizinik’ ixesha size sisebenze nzima sifunda.—INdu. 1:1-3.

w22.10 19 ¶3-4

Ubulumko Bokwenene Butsho Ngesikhalo Esikhulu

3 Ubulumko busenokuthetha ukukwazi ukusebenzisa ulwazi onalo ukuze wenze izigqibo ezilungileyo. Kodwa bona ubulumko bokwenene abupheleli apho. IBhayibhile ithi: “Ubulumko buqala ngokoyika uYehova, ibe ukwazi Oyena Ungcwele kukuqonda.” (IMize. 9:10) Ngoko ngaphambi kokuba senze isigqibo esibalulekileyo, simele sizame ukuqonda ukuba uYehova ucinga ntoni ngaso. Singayenza le nto ngokufunda iBhayibhile neempapasho zethu. Loo nto iza kubonisa ukuba silumke nyhani.—IMize. 2:5-7.

4 NguYehova kuphela onokukwazi ukusinika ubulumko bokwenene. (Roma 16:27) Kutheni sisithi buvela kuye? Okokuqala unguMdali, ngoko wazi yonke into ayidalileyo. (INdu. 104:24) Okwesibini, zonke izinto azenzayo zibonisa ukuba ulumkile. (Roma 11:33) Okwesithathu, amacebiso akhe obulumko asoloko ebanceda abo bawasebenzisayo. (IMize. 2:10-12) Ukuba sibufuna nyhani ubulumko bokwenene, kufuneka sizamkele ezi nyaniso kuthethwe ngazo ngasentla, size sizivumele zisincede kwizigqibo nezinto esizenzayo.

w16.09 23 ¶2-3

Lutsha, Qinisani Ukholo Lwenu

2 Njengomkhonzi kaYehova oselula okanye njengomntu osaqalayo ukufunda ngaye, ngaba uye utsalelekele ekulandeleni umndilili xa kufikwa kwiimfundiso ezithile, ezinjengethi izinto zazivelela kunoba zidalwe nguThixo? Ukuba kunjalo, zikho izinto onokuzenza ukuze uqinise ukholo lwakho uze ulugcine lomelele. Enye yezo zinto kukusebenzisa amandla akho okucinga owaphiwe nguThixo, ibe wona “aya kukulinda.” Aya kukukhusela kwizinto ezithethwa phandl’ apha ezinokuluphelisa ukholo lwakho.—Funda iMizekeliso 2:10-12.

3 Ukholo lokwenene lolusekelwe ekumazini kakuhle uThixo. (1 Tim. 2:4) Ngoko xa ufunda iLizwi likaThixo neencwadi zethu, sukuhambisa nje amehlo phezu kwamagama. Sebenzisa amandla akho okucinga okanye ingqondo yakho ukuze ‘uziqonde’ izinto ozifundayo. (Mat. 13:23) Makhe sibone indlela ukwenza loo nto okunokukunceda ngayo ukholelwe ukuba uThixo nguMdali kwaye ukholelwe naseBhayibhileni. Buninzi gqitha “ubungqina obucacileyo” obuxhasa loo nto.—Heb. 11:1.

Ubuncwane ObuseBhayibhileni

it-1-E 1211 ¶4

Ukuthembeka

Ukuhlala uthembekile kunokwenzeka kodwa kungekhona ngamandla umntu anawo, kunoko ngokuba nokholo olunzulu nokuthembela ngoYehova nangamandla akhe okusindisa. (INd 25:21) UThixo uthembisa ukuba, uzakuba ‘likhaka’ ‘nenqaba’ ibe uyigadile indlela yabo bahamba ngokuthembeka. (IMi 2:6-8; 10:29; INd 41:12) Ukusoloko bexhalabele ukuvuyisa uYehova kubenza bazinze ebomini babo zebakwazi ukuphemeza izinto abazimisele ukuzenza ukuze bamkholise. (INd 26:1-3; IMi 11:5; 28:18) Sekunjalo, uYobhi ebhidekile wabona ukuba abantu abamsulwa basenokwehlelwa zizinto ezimbi, bafe ngenxa yabenza-bubi. UYehova uyaqinisekisa ukuba uyabazi abo bazenza kakuhle izinto ibe uthembisa ukuba ilifa labo lizakuqhubeka likho nekamva labo libenoxolo ibe bayakufumana ubulungisa. (Yob 9:20-22; INd 37:18, 19, 37; 84:11; IMi 28:10) Ukuhlala uthembekile kwenza umntu axabiseke, ahlonitshwe kungekhona ngenxa yokuba esisitybebi njengoko kwabanjalo ngoYobhi. (IMi 19:1; 28:6) Abantwana abanomzali onjalo bayavuya (IMi 20:7), bafumana ilifa elihle kakhulu kumzekelo katata wabo ibe bonwabela nendlela ebesaziwa kakuhle ngayo engumntu ohlonitshwayo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share