‘Iintsikelelo Zezelungisa’
EBUDALENI umdumisi uDavide wathi: “Ndakha ndangumfana, kungokunje ndimdala, kodwa andikaboni nabani na olilungisa eshiywe ngokupheleleyo, nenzala yakhe ifuna isonka.” (INdumiso 37:25) UYehova uThixo uyawathanda amalungisa yaye uwakhathalele ngokwenene. ELizwini lakhe, iBhayibhile, ubongoza abanquli bokwenyaniso ukuba bafune ubulungisa.—Zefaniya 2:3.
Ukuba lilungisa kukuba ngothe tye kuThixo ngokuthobela imilinganiselo yakhe yokulungileyo nokubi. Sisikhuthaza ukuba sithobele ukuthanda kukaThixo, isahluko se-10 sencwadi yeBhayibhile yeMizekeliso salatha iintsikelelo zokomoya ezinanditshwa ngabo benza oko. Phakathi kwazo yintabalala yokutya okusondlayo ngokomoya, umsebenzi onomvuzo nowanelisayo kunye nolwalamano oluhle noThixo nabantu. Ngoko ke, makhe sihlolisise IMizekeliso 10:1-14.
Ukhuthazo Oluhle
Amazwi okuvula esi sahluko ashiya kungekho mathandabuzo malunga nombhali wenxalenye elandelayo yencwadi yeMizekeliso. Afundeka ngolu hlobo: “IMizekeliso kaSolomon.” Ebonisa isikhuthazo esihle sokulandela ikhondo elilungileyo, uKumkani kaSirayeli wamandulo uSolomon uthi: “Unyana olumkileyo umenza abe nemihlali uyise, unyana osisiyatha uyintlungu kanina.”—IMizekeliso 10:1.
Enjani intlungu abazali abayivayo xa omnye wabantwana babo elushiya unqulo loThixo oyinyaniso ophilayo! Lo kumkani usisilumko ukhetha intlungu kamama, mhlawumbi ukubonisa ukuba ukhathazeka kakhulu. Oku ngokwenene kwabanjalo ngoDoris.a Uthi: “Xa unyana wethu oneminyaka engama-21 washiya inyaniso, mna noFrank, umyeni wam saba buhlungu kakhulu. Mna ndaba nesingqukru kakhulu kunoFrank. Iminyaka eli-12 edluleyo ayikhange ilipholise elo nxeba.”
Abantwana banokufak’ isandla kulonwabo lukayise baze babangele unina abe nentliziyo ebuhlungu. Kwanga singaba nobulumko size sibonwabise abazali bethu. Yaye ngaphezu kwako konke, masivuyise intliziyo kaBawo wethu osezulwini, uYehova.
‘Umphefumlo Welungisa Wanelisekile’
Ukumkani uthi: “Ubuncwane bongendawo abuyi kuba yingenelo, kodwa ubulungisa buya kusindisa ekufeni.” (IMizekeliso 10:2) KumaKristu aphila kanye kwixesha lesiphelo, la mazwi axabisekile ngokwenene. (Daniyeli 12:4) Ukutshatyalaliswa kwabantu abangahlonel’ uThixo kusemnyango. Akukho ndlela eyenziwe ngumntu yokunqabiseka—izinto eziphathekayo, imali okanye umkhosi—eya kukhusela abantu ngexesha ‘lembandezelo enkulu’ ezayo. (ISityhilelo 7:9, 10, 13, 14) Kuphela ‘ngabathe tye abaya kuhlala emhlabeni nabangenakusoleka abaya kusala kuwo.’ (IMizekeliso 2:21) Ngoko ke, kwanga singaqhubeka ‘sifuna kuqala ubukumkani [bukaThixo] nobulungisa bakhe.’—Mateyu 6:33.
Abakhonzi bakaYehova akunyanzelekanga ukuba balinde ihlabathi elitsha elithenjisiweyo ukuze banandiphe iintsikelelo zikaThixo. “UYehova akayi kubangela umphefumlo welungisa ulambe, kodwa umnqweno wabangendawo uya kuwushenxisa.” (IMizekeliso 10:3) UYehova ulungiselele intabalala yokutya kokomoya ‘ngekhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ (Mateyu 24:45) Ngokwenene ilungisa linesizathu ‘sokumemelela ngovuyo ngenxa yemeko elungileyo yentliziyo.’ (Isaya 65:14) Ulwazi luyawuvuyisa umphefumlo walo. Ukukhangela ubutyebi bokomoya luyolo kulo. Ongendawo akalufumani uyolo olunjalo.
‘Ukukhuthala Kuyatyebisa’
Ilungisa likwasikelelwa nangenye indlela. “Osebenza ngesandla esidangeleyo uya kuswela, kodwa isandla sokhutheleyo siya kumenza atyebe. Unyana owenza ngengqiqo uyabutha ehlotyeni; unyana owenza okuziintloni ulala yoyi ngexesha lokuvuna.”—IMizekeliso 10:4, 5.
Ngokukhethekileyo amazwi okumkani anengqiqo kubasebenzi ngexesha lokuvuna. Ixesha lokuvuna asiloxesha lokulala. Lixesha lokukhuthala nokusebenza iiyure ezinde. Eneneni, lixesha longxamiseko.
Ecinga ngesivuno, kungekhona esokudla okuziinkozo, kodwa esingabantu, uYesu wabaxelela oku abafundi bakhe: “Isivuno sikhulu, kodwa abasebenzi bambalwa. Ngoko ke, bongozani iNkosi yesivuno [uYehova uThixo] ukuba ikhuphe abasebenzi baye esivunweni sayo.” (Mateyu 9:35-38) Ngonyaka wama-2000, bangaphezu kwezigidi ezili-14 abaye bakho kwiSikhumbuzo sokufa kukaYesu—ngaphezulu kwenani lamaNgqina kaYehova liphindwe kabini. Ngoko, ngubani onokukhanyela ukuba ‘amasimi amhlophe ukuba avunwe’? (Yohane 4:35) Abakhonzi bokwenyaniso bacela abasebenzi abangakumbi kwiNkosi yesivuno, ngoxa bezinikele ngokupheleleyo kumsebenzi wokwenza abafundi bevumelana nemithandazo yabo. (Mateyu 28:19, 20) Kwaye ezinjani iintsikelelo uYehova aye wabasikelela ngazo! Ebudeni bonyaka wenkonzo wama-2000, bangaphezu kwama-280 000 abatsha abaye babhaptizwa. Nabo baye bazibekela usukelo lokuba ngabafundisi beLizwi likaThixo. Kwanga singavuya size saneliseke ngeli xesha lesivuno ngokuba nesabelo esizeleyo kumsebenzi wokwenza abafundi.
‘Iintsikelelo Zisentlokweni Yalo’
USolomon uyaqhubeka esithi: “Iintsikelelo zisentlokweni yelungisa, kodwa umlomo wabangendawo, ugubungela ugonyamelo.”—IMizekeliso 10:6.
Lowo unyulu nolilungisa entliziyweni yakhe unika ubungqina bokulunga kwakhe. Xa ethetha unobubele yaye uyakha, kwaye ukhuthele yaye unesisa. Abanye bamamkela ngokufudumeleyo. Umntu onjalo uyaxatyiswa ngabanye—bayamsikelela—kuba bathetha kakuhle ngaye.
Kwelinye icala, umntu ongendawo, unenkohlakalo okanye unentiyo yaye ekuphela kwenjongo yakhe kukwenzakalisa abanye. Uthetha kamnandi yaye uyakwazi ‘ukugquma ugonyamelo’ olusentliziyweni yakhe, kodwa ekugqibeleni uyoyisakala aze aqalise ukuhlasela okanye athethe rhabaxa nabanye. (Mateyu 12:34, 35) Okanye kungenjalo, “ugonyamelo luya kuvala umlomo wabangendawo.” (IMizekeliso 10:6, umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo) Oku kubonisa ukuba umntu ongendawo usoloko evuna oko akulimileyo, intiyo. Ngokungathi kunjalo, oku kugubungela okanye kuvala umlomo wakhe kuze kumthulise. Ziziphi iintsikelelo umntu onjalo anokuzilindela kwabanye?
Ukumkani wakwaSirayeli ubhala enjenje: “Ukukhunjulwa kwelungisa kuyintsikelelo, kodwa igama labakhohlakeleyo liya kubola.” (IMizekeliso 10:7) Umntu olilungisa ukhunjulwa ngezinto ezintle ngabanye, kodwa okona kubalulekileyo kukuba ukhunjulwa nguYehova uThixo. Ngokuthembeka kude kube sekufeni, uYesu “wazuz’ ilifa legama elibalasele ngakumbi” kuneleengelosi. (Hebhere 1:3, 4) Imizekelo yamadoda nabafazi abangamaKristu athembekileyo exesha lamandulo iyakhunjulwa namhlanje ngamaKristu okwenyaniso njengemizekelo efanele ixeliswe. (Hebhere 12:1, 2) Hayi indlela okwahluke ngayo oku kwigama labangendawo, elikruqulayo nelibi! Ewe, “igama elilungileyo linokunyulwa ngaphezu kobutyebi obuninzi; ubabalo lulunge ngakumbi kunesilivere negolide.” (IMizekeliso 22:1) Kwanga singazenzela igama elihle kuYehova nakwabanye abantu.
‘Indoda Egqibeleleyo Iya Kuhamba Ngokunqabiseka’
Ethelekisa isilumko nesidenge, uSolomon uthi: “Ontliziyo ilumkileyo uya kuyamkela imiyalelo, kodwa osisidenge ngemilebe yakhe uya kunyathelwa.” (IMizekeliso 10:8) Umntu osisilumko wazi kakuhle ukuba “asikokomntu ohambayo ukwalathisa inyathelo lakhe.” (Yeremiya 10:23) Uyayiqonda imfuneko yokufuna ulwalathiso kuYehova yaye uyamkela lula imiyalelo kaThixo. Kwelinye icala, osisidenge ngemilebe yakhe, akayiqondi le nyani ingundoqo. Ukubhibhidla kwakhe amazinyo kuyamenzakalisa.
Kwakhona umntu olumkileyo unandipha unqabiseko angalufumaniyo ongendawo. “Ohamba ngengqibelelo uya kuhamba ngokunqabiseka, kodwa ozenza gwenxa iindlela zakhe uya kuzazisa. Oqoba iliso lakhe uya kubangela intlungu, yaye osisidenge ngemilebe yakhe uya kunyathelwa.”—IMizekeliso 10:9, 10.
Umntu ogqibeleleyo usebenzisana nabanye ngokunyaniseka. Uyahlonelwa aze athenjwe ngabanye. Umntu onyanisekileyo uba ngumsebenzi oxabisekileyo yaye kuthenjelwa kuye ngeembopheleleko ezinkulu. Igama elihle azenzele lona ngokunyaniseka linokubangela angaphelelwa ngumsebenzi naxa umsebenzi unqabile. Ngaphezu koko, ukuthembeka kwakhe kufak’ isandla kwimeko entle enoxolo yentsapho. (INdumiso 34:13, 14) Uqinisekile ngolwalamano lwakhe namalungu entsapho. Ngokwenene ukunqabiseka sisiqhamo sengqibelelo.
Le meko yahlukile kweyomntu othi angathembeki kuba efuna inzuzo. Umkhohlisi unokuzama ukufihla ukunganyaniseki kwakhe ngentetho enobugwenxa okanye ngezimbo zomzimba. (IMizekeliso 6:12-14) Ukuqoba iliso ngendlela ekhohlakeleyo okanye yenkohliso kunokubangela abo abakhohlisayo banxunguphale kakhulu. Kodwa kungekudala, ubugwenxa bomntu onjalo buyavela. Umpostile uPawulos wabhala: “Izono zabanye abantu zibonakala ekuhleni, zikhokelela ngqo ekugwetyweni, kodwa ezabanye zibonakala kamva. Ngokufanayo, nemisebenzi emihle ibonakala ekuhleni, kanti naleyo ingenjalo ayinakuhlala ifihlakele.” (1 Timoti 5:24, 25) Nokuba ngubani obandakanyekileyo—nokuba ngumzali, umhlobo, iqabane lomtshato okanye umntu omqhelileyo—ubuqhetseba buyavela ekugqibeleni. Ngubani onokuthemba umntu owaziwa ngokungathembeki?
‘Umlomo Wakhe Ngumthombo Wobomi’
“Umlomo welungisa ngumthombo wobomi; kodwa umlomo wabangendawo, ugubungela ugonyamelo.” (IMizekeliso 10:11) Amazwi aphuma emlonyeni anokuphilisa okanye onzakalise. Anokumhlaziya aze amvuselele umntu, okanye anokumkhubekisa.
Esalatha injongo yamazwi athethiweyo, ukumkani wakwaSirayeli uthi: “Intiyo ixhokonxa usukuzwano, kodwa uthando lugubungela konke ukunxaxha.” (IMizekeliso 10:12) Intiyo ibangela usukuzwano phakathi kwabantu, idale ingxwabangxwaba. Abo bamthandayo uYehova bafanele bayisuse neengcambu intiyo ebomini babo. Njani? Ngokufaka uthando endaweni yayo. “Uthando lugubungela inkitha yezono.” (1 Petros 4:8) Uthando “luthwala izinto zonke,” oko kukuthi “luyazigubungela zonke izinto.” (1 Korinte 13:7; Kingdom Interlinear) Uthando lobuThixo alulindeli imfezeko kubantu abangafezekanga. Kunokuba luzibabaze iimpazamo zabanye, uthando olunjalo lusinceda sizibethe ngoyaba iimpazamo ngaphandle kokuba zibandakanya isenzo sobubi esinzulu. Uthando lude lunyamezele impatho-mbi entsimini, apho sisebenza khona okanye esikolweni.
Lo kumkani ulumkileyo uyaqhubeka: “Emilebeni yomntu onokuqonda kufunyanwa ubulumko, kodwa intonga yeyomhlana woswele intliziyo.” (IMizekeliso 10:13) Ubulumko bomntu oyingqondi bulawula amanyathelo akhe. Amazwi akhayo aphuma emilebeni yakhe anceda abanye bahambe ngendlela yobulungisa. Akukho mfuneko yokuba yena okanye abo bamphulaphulayo banyanzelwe ukuba bahambe ngendlela elungileyo ngenkani—intonga yesohlwayo.
‘Lugcine Ulwazi’
Yintoni enceda amazwi ethu abe ‘ngumsinga ompompozayo wobulumko’ angabi kukubhibhidla amazinyo okungento? (IMizekeliso 18:4) USolomon uyaphendula: “Izilumko ziyalugcina ulwazi, kodwa umlomo wesidenge ukufuphi nokuzonakalisa.”—IMizekeliso 10:14.
Into yokuqala efunekayo kukuba ingqondo yethu izaliswe lulwazi lukaThixo olwakhayo. Mnye kuphela umthombo wolwazi olunjalo. Umpostile uPawulos wabhala: “Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo kwaye siyingenelo ekufundiseni, ekohlwayeni, ekulungelelaniseni izinto, ekuqeqesheleni ebulungiseni, ukuze umntu kaThixo awufanelekele aze awuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo.” (2 Timoti 3:16, 17) Sifanele silugcine ulwazi size siphande eLizwini likaThixo ngokungathi sifuna ubutyebi obufihliweyo. Olunjani ukuchulumancisa nokuvuza uphando!
Ukuze ubulumko bufunyanwe emilebeni yethu, ulwazi ngeZibhalo lufanele lufikelele iintliziyo zethu. UYesu wabaxelela oku abo babemphulaphule: “Umntu olungileyo uvelisa okulungileyo kubuncwane obulungileyo bentliziyo yakhe, kodwa umntu ongendawo uvelisa okungendawo kubuncwane bakhe obungendawo; kuba umlomo uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo.” (Luka 6:45) Ngoko, sifanele siziqhelise ukucamngca ngoko sikufundayo. Kuyinyaniso ukuba, ufundisiso nokucamngca kufuna umgudu, kodwa hayi indlela ufundisiso olunjalo oluyingenelo ngayo ngokomoya! Akuyomfuneko nangabani na ukuba alandele ikhondo elonakalisayo lokuthetha amazwi angenangqiqo.
Ewe, umntu osisilumko wenza okulungileyo emehlweni kaThixo yaye unempembelelo entle kwabanye. Unandipha intabalala yokutya kokomoya yaye unokuninzi kokwenza emsebenzini weNkosi onomvuzo. (1 Korinte 15:58) Ngenxa yokuba eyindoda egqibeleleyo, uhamba ngokunqabiseka yaye uThixo uyakholiswa nguye. Eneneni, zininzi iintsikelelo zomntu olilungisa. Kwanga singafuna ubulungisa ngokuvumelanisa ubomi bethu nemilinganiselo kaThixo yokulungileyo nokubi.
[Umbhalo osemazantsi]
a Igama liguquliwe
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Ukuthembeka kufak’ isandla kubomi bentsapho obonwabisayo
[Umfanekiso okwiphepha 26]
‘Osisilumko uyalugcina ulwazi’