IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • lfb isifu. 1 iphe. 8
  • UThixo Wadala Izulu Nomhlaba

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UThixo Wadala Izulu Nomhlaba
  • Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Amanqaku Afanayo
  • UThixo Uqalisa Ukudala
    Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
  • Izilwanyana
    Vukani!—2015
  • Umyezo Omhle
    Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
  • Lowo Wazenzayo Zonke Izinto
    Funda Kumfundisi Omkhulu
Khangela Okunye
Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
lfb isifu. 1 iphe. 8
Igadi yase-Eden

ISIFUNDO 1

UThixo Wadala Izulu Nomhlaba

UYehova uThixo nguMdali wethu. Zonke izinto zidalwe nguye, izinto ezibonakalayo nesingenakuzibona. Ngaphambi kokuba adale izinto esizibonayo, wadala iingelosi ezininzi. Uyazazi iingelosi? Iingelosi ngabantu abadalwe nguYehova, abafana naye. Asinakuzibona, njengokuba singenakumbona uThixo. Ingelosi yokuqala awayidalayo yamncedisa ekudaleni iinkwenkwezi, iiplanethi nezinye izinto. Enye yezo planethi, ebizwa ngokuba ngumhlaba, likhaya lethu elihle.

Emva koko uYehova walungisa umhlaba ukuze uhlale izilwanyana nabantu. Wakhanyisa ilanga emhlabeni. Wenza iintaba, ulwandle nemilambo.

Wenza ntoni emva koko? UYehova wathi: ‘Ndiza kwenza ingca, izityalo nemithi.’ Emva kokuba etshilo kwakhula iintlobo ngeentlobo zeziqhamo, imifuno neentyatyambo. Waphinda wadala zonke izilwanyana—ezibhabhayo, ezidadayo nezirhubuluzayo. Wadala ezincinane njengemivundla, nezinkulu njengeendlovu. Wena sisiphi isilwanyana osithandayo?

Akuba uYehova egqibile ukudala izilwanyana wathi kwingelosi yokuqala: “Masenze umntu.” Abantu babengazukufana nezilwanyana. Bona babeza kukwazi ukwenza izinto. Babeza kukwazi ukuthetha, ukuhleka nokuthandaza. Babeza kulungisa umhlaba baze bakhathalele nezilwanyana. Uyazi ukuba ngubani umntu owadalwa kuqala? Siza kuxelelwa ngaye kwisahluko esilandelayo.

“Ekuqaleni uThixo wadala amazulu nomhlaba.”—Genesis 1:1

Imibuzo: Ngubani uYehova uThixo? Ziintoni awazidalayo?

Genesis 1:1-26; IMizekeliso 8:30, 31; Yeremiya 10:12; Kolose 1:15-17

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share