IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Wayengubani UYobhi?
    Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
    • Amadoda ayi-3 azokubona uYobhi onezilonda umzimba wonke

      ISIFUNDO 16

      Wayengubani UYobhi?

      Kwilizwe laseUtse kwakukho indoda eyayikhonza uYehova. Igama layo yayinguYobhi. Yayisisityebi esasinentsapho enkulu. Yayinobubele, inceda abantu abahluphekileyo, abahlolokazi neenkedama. Kodwa ekubeni yayisenza izinto ezilungileyo, ngaba yona zange ibe neengxaki?

      USathana uMtyholi

      UYobhi wayengazi ukuba uSathana uMtyholi umjongile. UYehova wathi kuSathana: ‘Umqaphele umkhonzi wam uYobhi? Akukho mntu ufana naye emhlabeni. Uyandimamela kwaye wenza izinto ezilungileyo.’ USathana wathi: ‘Unyanisile, uYobhi uyakuthobela. Uyamkhusela kwaye uyamsikelela. Umnika umhlaba nezilwanyana. Khawuzithathe zonke ezi zinto, ubone ukuba akayi kuyeka na ukukukhonza.’ UYehova wathi: ‘Ungamvavanya, kodwa ungambulali.’ Kwakutheni ukuze uYehova avumele uSathana ukuba avavanye uYobhi? Wayeqinisekile ukuba uYobhi akasoze ayeke ukumkhonza.

      Emva koko uSathana wamvavanya ngezinto ezibuhlungu ezininzi. Waqala wathumela amaShebha ukuba aye kuba iinkomo needonki zikaYobhi. Emva koko yangumlilo owabulala zonke iigusha zakhe. Kwafika amaKhaledi ambela iinkamela. Abantu ababesalusa ezi zilwanyana babulawa. Esajonge leyo, kwenzeka eyona nto yakha yabuhlungu. Abantwana bakhe badilikelwa yindlu ababenetheko kuyo baza bafela apho bonke. Intliziyo yakhe yaba buhlungu kakhulu, kodwa akazange ayeke ukukhonza uYehova.

      USathana wayesafuna ukumvisa iintlungu ezingakumbi uYobhi. Wamenza wanezilonda umzimba wonke, wayegcuma ziintlungu. Wayengasazi isizathu sokuba ehlelwe zezi zinto. Nangoku, akazange ayeke ukumkhonza uYehova. UThixo wayeyibona yonke le nto, kwaye waya emthanda ngakumbi uYobhi.

      USathana waphinda wathumela amadoda ayi-3 ukuba aye kumvavanya. Athi kuye: ‘Inoba umonile uThixo waza wayifihla loo nto. Ngoku uyakohlwaya.’ UYobhi wathi: ‘Andenzanga nto imbi.’ Ngoku wayecinga ukuba nguYehova lo umfaka kwezi ngxaki, waza wathi uThixo akenzi ngobulungisa.

      Umfana ogama linguElihu wayethe cwaka emamele la madoda. Emva kwexesha wathi: ‘Nithethe izinto ezingekhoyo. UYehova mkhulu kunokuba sisazi. Akasoze enze nantoni na embi. Ubona yonke into aze ancede abantu abaneengxaki.’

      UYobhi nomfazi wakhe bafunqule usana

      UYehova wathetha noYobhi esithi: ‘Wawuphi xa ndandidala izulu nomhlaba? Kutheni usithi andenzi ngobulungisa? Uthetha njee, awusazi nesizathu sokuba wehlelwe zezi zinto.’ UYobhi wavuma esithi: ‘Ndiphazamile. Bendisiva kuthethwa ngawe, kodwa ngoku ndiyakwazi. Akukho nto ikuxakayo. Ndicela uxolo ngezinto endizithethileyo.’

      Emva kokuba uSathana eyekile ukumvavanya uYobhi, uYehova wamphilisa waza wamnika izinto ezininzi kunawayenazo ngaphambili. UYobhi waphila ixesha elide, onwabile. UYehova wamsikelela uYobhi ngokummamela nakuba wayesebunzimeni. Ngaba nawe uya kuba njengoYobhi, ungayeki ukukhonza uYehova nokuba sekukubi kangakanani na?

      “Neva ngendlela uYobhi awanyamezela ngayo, nayibona nendlela uYehova awamsikelela ngayo.”—Yakobi 5:11

      Imibuzo: USathana wamvavanya njani uYobhi? UYehova wamvuza ngantoni uYobhi?

      Yobhi 1:1–3:26; 4:7; 32:1-5; 34:5, 21; 35:2; 36:15, 26; 38:1-7; 40:8; 42:1-17

  • UMoses Wakhetha Ukukhonza UYehova
    Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
    • Usana olunguMoses lufunyanwa yintombi kaFaro, yena uMiriyam ubukele

      ISIFUNDO 17

      UMoses Wakhetha Ukukhonza UYehova

      EYiputa intsapho kaYakobi yayisaziwa ngokuba ngamaSirayeli. Emva kokuba uYakobi noYosefu befile, kwalawula omnye uFaro. Wayesoyika ukuba amaSirayeli aya esiba namandla kunamaYiputa. Wawenza amakhoboka amaSirayeli. Wawanyanzela ukuba enze izitena aze asebenze nzima emasimini. Ngokuya esetyenziswa nzima ngamaYiputa, ayesiba maninzi. UFaro wayengayithandi le nto, ngoko wayalela ukuba kubulawe bonke abantwana abangamakhwenkwe abazelwe kuqala kumakhaya awo. Unokuyicinga indlela amele ukuba ayesoyika ngayo.

      Umfazi womSirayeli onguYokebhede waba nomntwana omhle oyinkwenkwe. Ukuze amkhusele, wamfaka kwibhaskithi waza wamfihla kwiingcongolo zoMlambo UmNayile. Usisi walo mntwana, uMiriyam, wahlala kufuphi naye, efuna ukubona ukuba kuza kwenzeka ntoni.

      Intombi kaFaro yayizokuhlamba kuloo mlambo, yabona ibhaskithi. Xa iyivula yabona umntwana elila, yamsizela. UMiriyam wabuza: ‘Ndingayokufunela umntu oza kukugcinela lo mntwana?’ Intombi kaFaro yavuma, waza uMiriyam weza nomama wakhe, uYokebhede. Intombi kaFaro yathi: ‘Ndigcinele lo mntwana, ndiza kukubhatala.’

      UMoses uyabaleka

      Yakukhula le nkwenkwe, uYokebhede wayibuyisela kwintombi kaFaro, eyamthiya igama elinguMoses yaza yamkhulisa njengonyana wayo. Yakhula njengenkosana, ibe yayinokufumana nantoni na eyifunayo. Kodwa zange imlibale uYehova. Yayisazi ukuba yayingumSirayeli, ayingomYiputa. Yakhetha ukukhonza uYehova.

      Xa wayeneminyaka eyi-40, uMoses wazixelela ukuba uza kunceda abantu bakowabo. Xa wabona umYiputa ebetha ikhoboka elingumSirayeli, walibetha walibulala. Wafihla umzimba walo esantini. Xa yafika ezindlebeni zikaFaro loo nto, wafuna ukumbulala. UMoses wabalekela kwaMidiyan. UYehova waba kunye naye kwelo lizwe.

      “Ngenxa yokholo, xa uMoses wayekhulile, akazange avume ukubizwa ngokuba ngunyana wentombi kaFaro, wakhetha ukuphathwa kabuhlungu nabantu bakaThixo.”—Hebhere 11:24, 25

      Imibuzo: AmaSirayeli ayephethwe njani eYiputa? Kwakutheni ukuze uMoses abaleke eYiputa?

      Genesis 49:33; Eksodus 1:1-14, 22; 2:1-15; IZenzo 7:17-29; Hebhere 11:23-27

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share