-
Ityholo ElivuthayoIndifundisa Ntoni IBhayibhile?
-
-
ISIFUNDO 18
Ityholo Elivuthayo
UMoses wahlala iminyaka eyi-40 kwaMidiyan. Watshata, wanabantwana. Ngeny’ imini xa wayesalusa iigusha zakhe kufuphi neNtaba ISinayi, wabona into eyammangalisayo. Ityholo elinameva lalivutha kodwa lingade liphele! Wathi xa esondela efuna ukuqonda ukuba kutheni lingade liphele, weva ilizwi liphuma kwelo tyholo lisithi: ‘Moses! Ungasondeli apha. Khulula iimbadada zakho kuba loo mhlaba umi kuwo ungcwele.’ YayinguYehova owayethetha noMoses esebenzisa ingelosi.
UMoses woyika waza wazigquma ubuso. Ilizwi lathi: ‘Ndiyibonile intlungu akuyo amaSirayeli. Ndiza kuwasindisa kumaYiputa ndize ndiwanike ilizwe elihle. Nguwe oya kubakhupha abantu bam eYiputa.’ Inoba yamothusa loo nto uMoses.
UMoses wabuza: ‘Ndithini xa abantu bendibuza ukuba ndithunywe ngubani?’ UThixo wathi: ‘Baxelele ukuba uthunywe nguYehova uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi.’ UMoses wathi: ‘Ndithini ukuba abandimameli?’ UYehova wamnika ubungqina bokuba wayeza kumnceda. Wathi makaphose intonga yakhe emhlabeni. Wayiphosa, yaza yajika yaba yinyoka! UMoses wayibamba emsileni, yaphinda yayintonga. UYehova wathi: ‘Lo mmangaliso uya kwenza abantu bazi ukuba uthunywe ndim.’
UMoses wathi: ‘Andilociko.’ UYehova wamthembisa esithi: ‘Ndiza kukuxelela into omawuyithethe, kwaye ndiza kuthumela umntakwenu uAron ukuba akuncede.’ Esazi ukuba uYehova unaye, wahamba nomfazi wakhe kunye noonyana babo babuyela eYiputa.
“Ningabi naxhala lokuba niza kuthini, kuba niza kuyinikwa ngelo xesha into emaniyithethe.”—Mateyu 10:19
-
-
Izibetho Eziyi-3 ZokuqalaIndifundisa Ntoni IBhayibhile?
-
-
ISIFUNDO 19
Izibetho Eziyi-3 Zokuqala
AmaSirayeli ayenyanzelwa ukuba asebenze nzima njengamakhoboka. UYehova waxelela uMoses noAron ukuba base lo myalezo kuFaro: ‘Bayeke abantu bam bahambe, ukuze baye kundikhonza entlango.’ Ngekratshi uFaro waphendula wathi: ‘Andinamsebenzi noko kuthethwa nguYehova ibe andiyi kumyeka ahambe uSirayeli.’ Emva koko wabanyanzela ukuba basebenze nzima nangakumbi. UYehova wayeza kumfundisa isifundo. Wakwenza njani oko? Wabetha iYiputa ngeZibetho Eziyi-10. UYehova wathi kuMoses: ‘UFaro akandiphulaphuli. Ekuseni, uza kube ekuMlambo UmNayile. Yiya kuye uze umxelele ukuba ngenxa yokuba engabavumelanga abantu bam ukuba bahambe, amanzi omNayile aza kuba ligazi.’ UMoses wathobela waza waya kuFaro. UFaro wayebukele njengoko uAron ebetha umNayile ngentonga yakhe aza loo manzi aba ligazi. Umlambo wanuka, iintlanzi zafa, engaseleki nokuseleka loo manzi. Sekunjalo, uFaro akazange awakhulule amaSirayeli.
Kwathi emva kweentsuku eziyi-7, uYehova wathi kuMoses makaphinde aye kuFaro aze athi: ‘Ukuba awuvumi ukubakhulula abantu bam, iYiputa izogcwala amasele.’ UAron waphakamisa intonga yakhe kwaza kwakho amasele kuyo yonke indawo kwelo lizwe. Ayesezindlini, ezibhedini zabantu nakwizitya zabo. UFaro wathi kuMoses makancede acele uYehova ukuba aphelise esi sibetho. Wade wathembisa nokuba uza kuwakhulula amaSirayeli. UYehova wasiphelisa isibetho kwaza kwafuneka amaYiputa aqokelele ezo mfumba zamasele. Ilizwe lanuka. Nalapho, uFaro akazange avume ukubakhulula abantu.
UYehova wathi kuMoses: ‘UAron makabethe uthuli lomhlaba ngentonga yakhe yaye luya kujika lube ziimbuzane.’ Iimbuzane zabakho kulo lonke ilizwe. Abanye kubantu bakaFaro bathi kuye: ‘Esi sibetho sivela kuThixo.’ Sekunjalo, uFaro akazange avume ukuba amaSirayeli ahambe.
“Ndiza kubenza bazi, ngeli xesha ndiza kubenza bawazi amandla am nobukhulu bam, ibe kuza kufuneka bazi ukuba igama lam nguYehova.”—Yeremiya 16:21
-