IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • lmd isifu. 10
  • Ukuzimisela

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuzimisela
  • Bathande Abantu—Yenza Abafundi
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Into Eyenziwa NguYesu
  • Sifunda Ntoni KuYesu?
  • Yenza NjengoYesu
  • Funda Isifundo KuNikodemo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • Ufundisa Ebusuku
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • Nceda Umntu Omfundelayo Akhethe Ukukhonza UYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2025
  • Ukufundisa UNikodemo
    Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
Khangela Okunye
Bathande Abantu—Yenza Abafundi
lmd isifu. 10

UKWENZA ABAFUNDI

UYesu uncokola noNikodemo ebusuku phandle.

Yohane 3:1, 2

ISIFUNDO 10

Ukuzimisela

Umgaqo: “Sazimisela ukuba singanixeleli ngeendaba ezilungileyo zikaThixo kuphela, kodwa sincame nobomi bethu ngenxa yenu.”​—1 Tes. 2:8.

Into Eyenziwa NguYesu

UYesu uncokola noNikodemo ebusuku phandle.

IVIDIYO: UYesu Ufundisa UNikodemo

1. Bukela IVIDIYO, okanye ufunde uYohane 3:1, 2. Emva koko cinga iimpendulo zale mibuzo:

  1. Inoba kwakutheni ukuze uNikodemo aye ngobusuku kuYesu?​—Jonga uYohane 12:42, 43.

  2. Into yokuba uYesu adibane noNikodemo ebusuku, ibonisa njani ukuba wayezimisele ekwenzeni abafundi?

Sifunda Ntoni KuYesu?

2. Senza kubonakale ukuba siyabathanda abantu ngokuzimisela ekubancedeni babe ngabafundi.

Yenza NjengoYesu

3. Fundani ngexesha nakwindawo elungele umntu ofunda naye iBhayibhile. Kungenzeka abe nosuku okanye ixesha alikhethayo. Ngaba angakhululeka kakhulu xa nifundela emsebenzini wakhe, ekhayeni lakhe, okanye kwindawo kawonke wonke? Tshintsha ixesha lakho kangangoko kunokwenzeka, ukuze nifunde ngexesha nakwindawo elungele yena.

4. Fundani qho. Xa ungazubakho, sukuthi makungafundwa. Endaweni yaloo nto, cinga ukuba:

  1. Aninakufunda ngelinye ixesha na kwakuloo veki?

  2. Aninakufunda ngefowuni na okanye ngeendlela ezifana noZoom?

  3. Awunakucela omny’ umvakalisi na ukuba ayosiqhuba isifundo?

5. Thandazela ukucinga kakuhle ngomntu omfundisayo. Thandazela ukuba uYehova akuncede ungamncami umntu omfundisayo, nokuba ufunda manqaphanqapha okanye uthatha ixesha ukude ayenze into efundiswa ziZibhalo. (Fil. 2:13) Kungenzeka ukuba zininzi iimpawu ezintle anazo umntu omfundisayo; thandazela uncedo lokuba uhlale ucinga ngazo.

JONGA NEZI VESI

IMize. 3:27; IZe. 20:35; 2 Kor. 12:15

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share