IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • lmd isifu. 11
  • Ukufundisa Ngendlela Elula

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukufundisa Ngendlela Elula
  • Bathande Abantu—Yenza Abafundi
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Into Eyenziwa NguYesu
  • Sifunda Ntoni KuYesu?
  • Yenza NjengoYesu
  • Nceda Umntu Omfundelayo Abhaptizwe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2021
  • Indlela Yokuqhuba Izifundo ZeBhayibhile Ngencwadi Ethi “Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!”
    Bathande Abantu—Yenza Abafundi
  • Nikela Ingqalelo ‘Kubugcisa Bakho Bokufundisa’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Fikelela Intliziyo Yomntu Omqhubela Isifundo SeBhayibhile
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
Khangela Okunye
Bathande Abantu—Yenza Abafundi
lmd isifu. 11

UKWENZA ABAFUNDI

UYesu ufundisa abantu ngasemanzini. Phezu kwabo kukho iintaka ezibhabhayo, neentyatyambo ezizikhulelayo kufutshane nabo.

Mat. 6:25-27

ISIFUNDO 11

Ukufundisa Ngendlela Elula

Umgaqo: “Ukuba uthetha into engaqondakaliyo, uza kuviwa ngubani?”​—1 Kor. 14:9.

Into Eyenziwa NguYesu

UYesu ufundisa abantu ngasemanzini. Phezu kwabo kukho iintaka ezibhabhayo, neentyatyambo ezizikhulelayo kufutshane nabo.

IVIDIYO: UYesu Uzekelisa Indlela UTata Wethu Asikhathalele Ngayo

1. Bukela IVIDIYO, okanye ufunde uMateyu 6:25-27. Emva koko cinga iimpendulo zale mibuzo:

  1. UYesu wayizekelisa ngantoni indlela uYehova asikhathalele ngayo?

  2. Nangona uYesu wayesazi izinto ezininzi ngeentaka, yintoni elula awakhetha ukuthetha ngayo? Kwakutheni ukuze ibe yindlela entle yokufundisa leyo?

Sifunda Ntoni KuYesu?

2. Xa sifundisa ngendlela elula, abantu baza kuyikhumbula into esibafundisa yona, futhi siza kuzichukumisa iintliziyo zabo.

Yenza NjengoYesu

3. Suthetha kakhulu. Bambelela kule nto isencwadini, ungaloqi yonk’ into le oyaziyo ngale nto nithetha ngayo. Sungxama emva kokuba ubuze umbuzo, mlinde ngomonde umfundi aphendule. Ukuba akayazi impendulo okanye uthetha into ephikisanayo neBhayibhile, sebenzisa eminye imibuzo ukuze umncede acinge ngale nto. Xa sele eyiqondile ingongoma, dlulelani phambili.

4. Nceda umfundi akwazi ukudibanisa imfundiso entsha nasele eyazi. Ngokomzekelo, xa niza kuqalisa isifundo esithetha ngovuko, qalani nikhumbuzane nomfundi ngento asele eyifundile ngemeko yabantu abaswelekileyo.

5. Yisebenzise kakuhle imizekelo. Ngaphambi kokuba wenze umzekelo, zibuze:

  1. ‘Ngaba ulula lo mzekelo?’

  2. ‘Ngaba umntu endimfundisayo uza kuwuqonda lula?’

  3. ‘Ngaba umntu endimfundisayo uza kukwazi ukukhumbula eyona ngongoma, hayi umzekelo kuphela?’

JONGA NEZI VESI

Mat. 11:25; Yoh. 16:12; 1 Kor. 2:1

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share