IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Basaphula Isithembiso
    Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
    • AmaSirayeli ayacula yaye adanisa ngakwithole legolide

      ISIFUNDO 24

      Basaphula Isithembiso

      UYehova wathi kuMoses: ‘Nyuka intaba uze kum. Ndiza kubhala imithetho yam kumacwecwe amatye ndize ndikunike.’ UMoses wenyuka intaba waza wahlala apho iintsuku eziyi-40 nobusuku bazo. Ngoxa elapho, uYehova wabhala iMithetho Eyi-10 kumacwecwe amatye ayi-2 waza wamnika.

      UMoses ulahla amacwecwe amatye

      Emva kwexesha emkile uMoses, amaSirayeli acinga ukuba uwashiyile. Athi kuAron: ‘Sifuna umntu oza kusikhokela. Senzele uthixo!’ UAron wathi: ‘Ndinikeni igolide eninayo.’ Wayinyibilikisa waza wenza umfanekiso wethole lenkomo. Abantu bathi: ‘Eli thole nguThixo wethu owasikhupha eYiputa!’ Balikhonza baza benza nemibhiyozo. Ngaba yayimbi loo nto? Ewe, ngenxa yokuba babethembise ukuba baza kukhonza uYehova kuphela. Kodwa ngoku babesaphula isithembiso abasenzayo.

      UYehova wayibona yonke loo nto waza wathi kuMoses: ‘Yehla uye kwaba bantu. Baphula umthetho wam ngokunqula uthixo wobuxoki.’ Wehla uMoses ephethe amacwecwe amatye amabini.

      Wathi xa esondela enkampini, weva abantu becula. Wababona bedanisa, bequbuda nakwithole. Wacaphuka kakhulu. Walahla amacwecwe amatye amabini, aqhekeka aziingceba. Watshabalalisa loo mfanekiso. Emva koko wabuza uAron wathi: ‘Yintoni abayithethileyo abantu ekubangele wenza le nto imbi kangaka?’ UAron wathi: ‘Musa ukucaphuka. Uyabazi ukuba banjani aba bantu. Bebefuna uthixo, ngoko ndiye ndaphosa igolide emlilweni kwaza kwaphuma eli thole!’ Wayengafanelanga ukuba uyenzile loo nto. UMoses waphinda wanyuka intaba waza wacela uYehova ukuba abaxolele.

      UYehova wabaxolela abo babezimisele ukuguquka. Ngaba uyayibona indlela ekwakubaluleke ngayo ukuba amaSirayeli athobele ukhokelo lukaMoses?

      “Nanini na uthembisa uThixo, sukulibazisa ukuyenza loo nto umthembise yona, kuba akabathandi abantu abazizidenge. Yenze into oyithembisileyo.”—INtshumayeli 5:4

      Imibuzo: Yintoni eyenziwa ngamaSirayeli ngoxa engekho uMoses? Wenza ntoni yena uMoses ukubuya kwakhe?

      Eksodus 24:12-18; 32:1-30

  • Intente Engcwele Abaza Kukhonza Kuyo
    Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
    • Intente engcwele neyadi yayo

      ISIFUNDO 25

      Intente Engcwele Abaza Kukhonza Kuyo

      Ngoxa uMoses wayekwincopho yeNtaba YeSinayi, uYehova wamxelela ukuba akhe intente ekhethekileyo ekuthiwa yintente engcwele, apho amaSirayeli ayeza kukhonza khona. Kwakufuneka akwazi ukuhamba nayo.

      UYehova wathi: ‘Xelela abantu banikele ngezinto abanazo kuze kwakhiwe intente engcwele.’ AmaSirayeli anikela ngegolide, isilivere, ikopolo, amatye axabisekileyo, amacici, iiringi, iintsimbi zomqala nezesihlahla. Anikela nangoboya, ilinen, izikhumba zezilwanyana nezinye izinto. Anikela de uMoses wathi: ‘Sekwanele! Phezani ngoku.’

      AmaSirayeli azise izipho eziza kunceda ekwakheni intente engcwele

      Amadoda namabhinqa amaninzi angamachule ancedisa ekwakheni. UYehova wawapha ubulumko bokwenza imisebenzi eyahlukeneyo. Abanye babesonta, abanye besaluka. Ukanti abanye babesebenza ngamatye, ngegolide okanye ngemithi.

      Abantu bayakha intente engcwele kanye ngendlela uYehova abaxelele ngayo. Benza ikhethini eyayisahlula intente engcwele ibe ngamacala ayi-2, iNgcwele neYona Ngcwele. KweYona Ngcwele kwakukho ityeya yesivumelwano, eyayenziwe ngomthi womnga negolide. KwiNgcwele kwakukho isiphatho sesibane segolide, itafile nesibingelelo sesiqhumiso. Eyadini kwakukho isitya sekopolo nesibingelelo esikhulu. Ityeya yesivumelwano yayikhumbuza amaSirayeli ngesithembiso awasenzayo sokuba aza kuthobela uYehova. Uyasazi isivumelwano? Sisithembiso esikhethekileyo.

      UYehova wakhetha uAron noonyana bakhe ukuba babe ngababingeleli kwintente engcwele. Babefanele bawunyamekele baze banikele kuYehova. YayinguAron, umbingeleli omkhulu, kuphela owayevumelekile ukuba angene kweYona Ngcwele. Wayengena kanye ngonyaka ukuze enze umbingelelo wezono zakhe, wezentsapho yakhe nowezono zalo lonke uhlanga lwamaSirayeli.

      AmaSirayeli agqiba ukwakha intente engcwele kwisithuba esingangonyaka emva kokuba emkile eYiputa. Ngoku ayenendawo yokukhonza uYehova.

      UYehova wagcwalisa intente engcwele ngobuqaqawuli bakhe kwaza kwabonakala ilifu phezu kwayo. Xa ilifu liphezu kwayo, amaSirayeli ayehlala kuloo ndawo. Kodwa xa lisuka, ayesazi ukuba kufuneka ahambe. Ayehamba nentente engcwele alilandele.

      “Ndeva ilizwi elikhulu livela etroneni lisithi: ‘Jonga! Intente kaThixo iphakathi kwabantu. Uza kuhlala nabo, babe ngabantu bakhe, yaye uThixo uza kuba kunye nabo.’”—ISityhilelo 21:3

      Imibuzo: UYehova wathi makakhe ntoni uMoses? Yiyiphi imisebenzi uYehova awayinika uAron noonyana bakhe?

      Eksodus 25:1-9; 31:1-11; 40:33-38; Hebhere 9:1-7

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share