-
Iintlola Eziyi-12Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
-
-
ISIFUNDO 26
Iintlola Eziyi-12
AmaSirayeli emka kwiNtaba YeSinayi, anqumla intlambo yaseParan esiya eKadeshe. Apho uYehova wathi kuMoses: ‘Kwisizwe ngasinye kweziyi-12, khupha indoda ibe nye, aze xa ewonke aye kuhlola ilizwe endiza kuninika lona, iKanan.’ UMoses wawakhetha la madoda ayi-12 waza wathi: ‘Hambani niye kuhlola ukuba ukutya kungachuma na eKanan. Nibone ukuba abantu bomelele okanye banamandla na, nokuba bahlala ezintenteni okanye ezixekweni.’ Ezi ntlola, ekwakukho kuzo uYoshuwa noKalebhi, zaya eKanan.
Emva kweentsuku eziyi-40, iintlola zabuya ziphethe amakhiwane, iirharnati neediliya. Zathi: ‘Umhlaba wona mhle, kodwa abantu zizigantsontso kwaye izixeko zakhona zineendonga eziphakamileyo.’ UKalebhi wathi: ‘Singaboyisa. Masiyeni ngoku!’ Uyazi ukuba kwakutheni ukuze uKalebhi atsho? Kungenxa yokuba yena noYoshuwa babemthembile uYehova. Ezinye iintlola eziyi-10 zathi: ‘Asinakuboyisa! Aba bantu zizigantsontso! Besingathi siziintethe ecaleni kwabo.’
AmaSirayeli ayephoxekile. Akhalaza esithi: ‘Masikhetheni omnye umntu oza kusikhokela, sibuyele eYiputa. Kutheni siza kuya kule ndawo siza kubulawa kuyo?’ UYoshuwa noKalebhi bathi: ‘Musani ukungamthobeli uYehova ibe yekani nokoyika. UYehova uza kusikhusela.’ Kodwa amaSirayeli akazange amamele. Asuka afuna ukubulala uYoshuwa noKalebhi!
Wenza ntoni uYehova? Wathi kuMoses: ‘Emva kwayo yonke into endiwenzele yona amaSirayeli, awandithobeli. Ngoko aza kuhlala iminyaka eyi-40 apha kule ntlango, ade afele kuyo. Kuphela ngabantwana babo, noYoshuwa noKalebhi abaza kuhlala kwilizwe endibathembise lona.’
“Kutheni nisoyika kangaka nje, nina ninokholo oluncinci?”—Mateyu 8:26
-
-
Bamjikela UYehovaIndifundisa Ntoni IBhayibhile?
-
-
ISIFUNDO 27
Bamjikela UYehova
Ekuhambeni kwexesha xa amaSirayeli ayesentlango, uKora, uDatan, noAbhiram kunye nabanye abayi-250 bajikela uMoses. Bathi kuye: ‘Sidikiwe yile nto yenu! Kutheni le nto kufuneka sikhokelwe nguwe aze uAron abe ngumbingeleli omkhulu? UYehova akaxhasi wena noAron kuphela, kodwa unathi sonke.’ Zange ayithande loo nto uYehova kuba yayikukudelela!
UMoses wathi kuKora nababekunye naye: ‘Yizani ententeni engcwele ngomso niphethe izitya zomlilo ezinesiqhumiso. UYehova uza kusibonisa oyena amkhethileyo.’
Kusuku olulandelayo, uKora namadoda ayi-250 baya ententeni engcwele ukuze badibane noMoses. Batshisa isiqhumiso ngokungathi bangababingeleli. UYehova wathi kuMoses nakuAron: ‘Zahluleni kuKora nabantu bakhe.’
UKora waya kuMoses ententeni engcwele, kodwa yena uDatan, uAbhiram kunye neentsapho zabo abazange bavume ukuya. UYehova waxelela amaSirayeli ukuba aphume kwiintente zikaKora, uDatan noAbhiram. Aphuma ngokukhawuleza amaSirayeli. UDatan, uAbhiram neentsapho zabo bema ngaphandle. Ngephanyazo umhlaba wavuleka waza wabaginya! Ententeni engcwele kwehla umlilo waza watshisa uKora namadoda akhe ayi-250.
UYehova wathi kuMoses: ‘Thatha intonga kwinkokeli yesizwe ngasinye uze uyibhale igama layo. Kodwa kwintonga yesizwe sakwaLevi, bhala igama lika-Aron. Zifake ententeni engcwele, ibe intonga yalowo ndimkhethileyo iza kukhula iintyatyambo.’
Ngosuku olulandelayo, uMoses wakhupha zonke iintonga waza wazibonisa iinkokeli. Eka-Aron yayikhula iintyatyambo, inazo neeamangile ezivuthiweyo. Ngale ndlela, uYehova wayebonisa ukuba ukhethe uAron abe ngumbingeleli omkhulu.
“Bathobeleni abo bakhokelayo phakathi kwenu nize nizithobe kubo.”—Hebhere 13:17
-