INGOMA 107
Umzekelo KaThixo Wothando
Printed Edition
1. UThixo wethu usifundisile
Uk’thanda abantu.
Kwizinto zonke asenzela zona
Unothando, unothando.
Wasincamela izibulo lakhe
Ngoku unako ukusixolela.
Usithandile kakhulu uThixo.
Uluthando, Ewe luthando.
2. Siyawathanda, amany’ amaKristu
Abantu bakaYa.
Siyabanceda siqhutywa luthando
Abadala nabo batsha.
Asicaluli, ibe asikhethi,
Kuba sithanda bonke ebandleni.
Xa bephazama soze sibagwebe
Sibathanda njengoYehova.
3. Ukuthandana kwethu ebandleni
Kusenza intsapho.
Ngoku uThixo ufuna nabanye
Balubone olu thando.
Masibancede bavuye njengathi.
Umoya wakhe uyasomeleza.
NeLizwi lakhe lisenza sahluke.
Uluthando uThixo wethu.
(Funda nezi: Roma 12:10; Efe. 4:3; 2 Pet. 1:7.)