Oko UYehova Akuxela Kwangaphambili Kuyazaliseka
“NDINGULOWO ungokobuthixo yaye akakho omnye uThixo, okanye nabani na onjengam; Lowo uxela ukuphela kwasekuqaleni, kwakudala izinto ebezingekenziwa.” (Isaya 46:9, 10) Utsho ke uYehova okwaziyo ukuxela ikamva kwangaphambili.
Yaziwa nanguthathatha into yokuba abantu abakwazi ukuxela ikamva kwangaphambili. Isibakala sokuba iBhayibhile iyincwadi yesiprofeto sifanele sikhuthaze bonke abantu abafuna inyaniso ukuba baphande enoba iBhayibhile ibhalwe nguThixo kusini na. Makhe sixubushe ezinye zeziprofeto zeBhayibhile ezisele zizalisekile.
Impucuko Yamandulo
UThixo waxela kwangaphambili ukuba iBhabhiloni yayiza kutshatyalaliswa ibe yingqushu nokuba izizwe zakwaEdom, zakwaMowabhi nezama-Amon zaziya kutshayelwa kuthi tu. (Yeremiya 48:42; 49:17, 18; 51:24-26; Obhadiya 8, 18; Zefaniya 2:8, 9) Ukubhanga kwezi zizwe kububungqina bokuchana kweLizwi likaThixo lesiprofeto.
Kakade ke, omnye usenokuma ngelithi nabanina unokuxela kwangaphambili ukuba isizwe esithile sinokubhanga kungakhathaliseki ukuba sinamandla kangakanani na. Kodwa ke, elo bango liphosa iinkcukacha ezibalulekileyo ezichazwayo yiBhayibhile. Ngokomzekelo, yachaza ngokweenkcukacha indlela iBhabhiloni eyayiza kubhukuqwa ngayo. IBhayibhile yachaza kwangaphambili ukuba eso sixeko sasiza kubhukuqwa ngamaMedi, nokuba loo mkhosi wawuza kukhokelwa nguKoreshi yaye umlambo owawukhusela eso sixeko wawuza kutsha.—Isaya 13:17-19; 44:27–45:1.
Akukho kuzo zonke iimeko apho iBhayibhile yaxela kwangaphambili ukuba izizwe okanye iintlanga zaziza kubhanga ngonaphakade. Ngokwahlukileyo, xa yaxela kwangaphambili ukutshatyalaliswa kweYerusalem ngamaBhabhiloni, uThixo wathi yayiza kuphinda yakhiwe, nangona amaBhabhiloni ayedume ngokungabakhululi abathinjwa bayo. (Yeremiya 24:4-7; 29:10; 30:18, 19) Esi siprofeto sazaliseka, yaye inzalelwane yamaYuda iye yaqhubeka iphila ukuza kuthi ga kumhla wethu.
Ukongezelela, uYehova waxela kwangaphambili ukuba ekubeni amaYiputa ayeligunya lehlabathi ayeza kubhukuqwa kodwa “emva koko kuya kuhlalwa kuyo njengakwimihla yakudala.” Ngesi sihlandlo, eli gunya lehlabathi lamandulo laliza kuba “bubukumkani obuthotyiweyo.” (Yeremiya 46:25, 26; Hezekile 29:14, 15) Naso esi siprofeto sazaliseka. Kwakhona, uYehova waxela kwangaphambili ukuba amaGrike ayeza kubhukuqwa kodwa akazange athi ayeza kubhanga. Yintoni esiyifundayo ngokubhanga kwempucuko yaloo mazwe awaprofeta ngawo uYehova esithi aza kubhanga, nobukho bamazwe ekungazange kuprofetwe nxamnye nawo? Sifunda ukuba iLizwi likaThixo lineziprofeto ezichanileyo.
Iinkcukacha Ezisishiya Sibamb’ Ongezantsi
Njengokuba sele sitshilo, uYehova wachaza iinkcukacha ezininzi ezaziphathelele ukuwa kweBhabhiloni. Ngokufanayo incwadi kaHezekile xa yaxela kwangaphambili ukuwa kweTire, yathi amatye, izinto ezenziwe ngomthi nothuli ziya ‘kutshona emanzini.’ (Hezekile 26:4, 5, 12) Esi siprofeto sazaliseka ngowama-332 B.C.E. xa uAleksandire Omkhulu nomkhosi wakhe basebenzisa izinto zokwakha zesixeko esingamabhodlo ukuze bakhe umchankcatho owawusiya kwisiqithi saseTire yaye naso soyiswa.
Kwakhona isiprofeto esikuDaniyeli 8:5-8, 21 22 nesahluko 11:3, 4 sineenkcukacha ezibangel’ umdla ezimayela ‘nokumkani waseGrisi’ omkhulu ngendlela engaqhelekanga. Lo mlawuli wayeza kubulawa kanye xa engumakhonya yaye ubukumkani bakhe babuza kwahlulwa kane kodwa inzala yakhe yayingasoze ichole naphantsi. Ngaphezu kweminyaka engama-200 emva kwesi siprofeto, uAleksandire Omkhulu wazingqina enguloo kumkani unamandla. Imbali isixelela ukuba wafa eseze ngobuso ezweni baza ubukhosi bakhe bahlulelwa iinjengele zakhe ezine—kungekhona inzala yakhe.
Abagxeki balilisela ngelithi esi siprofeto sazaliseka emva kokuba sibhaliwe. Kodwa ke, khawuphinde ufunde le ngxelo icatshulwe ngasentla kwincwadi kaDaniyeli. Xa usithelekisa nezinye iziprofeto, iinkcukacha zaso zikushiya ubambe ongezantsi. Kodwa ukuba esi siprofeto sabhalwa emva kokuba sizalisekile, ngaba akubonakali ngathi kukho iinkcukacha ezingaqukwanga? Ukuba kukho iqothaqikili elalizama ukuqhatha abafundi balo ngokubhala into efane kuthiwe sisiprofeto, kwakutheni ukuze lingasiquki isibakala sokuba emva nje kokufa kuka-Aleksandire, oonyana bakhe ababini bazama ukungena ezihlangwini zikayise kodwa bagetyengwa? Kwakutheni ukuze lingasikhankanyi isibakala sokuba kwakuza kudlula amashumi eminyaka ngaphambi kokuba iinjengele ezine zizimele kwimimandla eyahlukeneyo yobukhosi buka-Aleksandire? Khona, kwakutheni ukuze eli bhedengu lingalikhankanyi igama lokumkani omkhulu neenjengele zakhe ezine?
Kudala kukho abantu abalilisela ngelokuba iziprofeto zeBhayibhile zabhalwa emva kokuba zizalisekile, bekutsho oku bengenabungqina yaye becinga ukuba akunakwenzeka ukuchaza iziganeko ngaphambi kokuba zenzeke. Abayamkeli iBhayibhile njengeLizwi likaThixo yaye ngenxa yoko bacacisa yonk’ into ngembono yabantu. Ngobulumko uThixo waphefumlela ukuba kubhalwe iinkcukacha ezimbalwa ukuze aqinisekise ukuba ungumbhali weBhayibhile.a
Isiprofeto seBhayibhile sinokomeleza ukholo lwakho ukuba uzinika ixesha lokucamngca ngesiprofeto esithile nenzaliseko yaso. Kutheni ungakhe ufunde ngeziprofeto zeBhayibhile? Izicangca ezikwiphepha 343 ukusa kwiphepha 346 kwincwadi ethi “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo” sinokukunceda kule nkalo.b Ukuba wenjenjalo, uya kwakheka elukholweni. Musa ukufundela ukugqiba. Kunoko, camngca ngesibakala sokuba nantoni na uYehova ayixele kwangaphambili iyazaliseka.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngebango lokuba iziprofeto zeBhayibhile zabhalwa emva kokuba zizalisekile, funda iphepha 106-11 kwincwadi ethi Is There a Creator Who Cares About You? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
b Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 24]
IMIGAQO YOBOMI
Naku okunye ofanele ucinge ngako. UThixo owaxela ngokuchanileyo ukuvela nokuwa kwamagunya ehlabathi ukwanguMthombo wemigaqo yobomi eseBhayibhileni. Nantsi eminye yale migaqo:
Uya kukuvuna oko ukuhlwayelayo.—Galati 6:7.
Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.—IZenzo 20:35.
Ulonwabo luxhomekeke ekwaneliseni intswelo yokomoya.—Mateyu 5:3.
Ukuba uphila ngale migaqo, qiniseka ukuba uza kuphumelela ebomini.
[Imifanekiso ekwiphepha 22, 23]
ILizwi likaThixo laxela kwangaphambili ukuba le mpucuko yayiza kuphela kuthi tu . . .
KWAEDOM
EBHABHILONI
. . . kungekhona ezi
EGRISI
EYIPUTA
[Inkcazelo]
Pictorial Archive (Near Eastern History) Est.
WHO photo by Edouard Boubat
[Umfanekiso okwiphepha 23]
UAleksandire Omkhulu