INGOMA 22
UBukumkani Bumiselwe—Mabuze!
Printed Edition
1. Yehova uhlala ukho,
De kube phakade.
Unik’ uNyana itrone,
Yena uyalaw’la.
UBukumkani buzelwe,
Buza kulaw’la umhlaba.
(CHORUS)
Ngoku bufikile
UBukumkani namandla.
Buye bamiselwa.
Sithi: “Mabuze, Mabuze!”
2. Ixesha likaSathana,
Seliza kuphela.
Nangona kunzima ngoku,
Sekuza kulunga.
UBukumkani buzelwe,
Buza kulaw’la umhlaba.
(CHORUS)
Ngoku bufikile
UBukumkani namandla.
Buye bamiselwa.
Sithi: “Mabuze, Mabuze!”
3. Iingelosi ziyavuya
Zicula ngovuyo.
USathana ugxothiwe,
Kuwo amazulu.
UBukumkani buzelwe,
Buza kulaw’la umhlaba.
(CHORUS)
Ngoku bufikile
UBukumkani namandla.
Buye bamiselwa.
Sithi: “Mabuze, Mabuze!”
(Funda nezi: Dan. 2:34, 35; 2 Kor. 4:18.)