INGOMA 120
Masithobeke NjengoKristu
Printed Edition
1. Eyona ndoda ibalaseleyo
Yakha yaphila nguKristu iNkosi.
Ayizange ibe nalo ikratshi.
Ngoko yona yayithandwa ngabantu.
2. Bonke abasindwa ngumthwalo wabo,
Nabafuna kuqal’ uBukumkani,
UYesu ubenza bahlaziyeke.
Kuba uyakhathala ngokwenene.
3. UYesu wathi ‘singabazalwana.’
Masizithobe kukhokelo lwakhe.
Ukuba sithobeka njengoKristu,
Siza kuwudla ilifa umhlaba.
(Funda nezi: IMize. 3:34; Mat. 5:5; 23:8; Roma 12:16.)