INGOMA 144
Hlala Ujonge Emvuzweni!
Printed Edition
1. Iimfama zophinda zibone,
Kwanezithulu ziza kuva.
Abantwana baza kudlala
Bekhuselekile bonke.
Kuvuswe kwanezihlobo,
Ziphile emhlabeni omtsha.
(CHORUS)
Ukuze ukubone oko,
Hlala ujong’ emvuzweni.
2. Ingcuka kunye netakane,
Ziza kutya zihlale kunye,
Umntwana uza kuziqhuba,
Zimamele izwi lakhe.
Kuzosulwa kwaneenyembezi,
Emehlweni abantu bonke.
(CHORUS)
Ukuze ukubone oko,
Hlala ujong’ emvuzweni.
(Funda nezi: Isa. 11:6-9; 35:5-7; Yoh. 11:24.)