ISIFUNDO 39
UThixo Ulijonga Njani Igazi?
Libaluleke kakhulu igazi. Asinakukwazi ukuphila ngaphandle kwalo. Sidalwe nguThixo, yiloo nto simele sixelelwe nguye ukuba silisebenzise njani igazi. UThixo uthini ngalo? Ngaba sinokulitya okanye silithe? Unokuzenza njani izigqibo ezifanelekileyo ngalo?
1. UYehova ulijonga njani igazi?
UYehova waxelela abakhonzi bakhe ababephila ngexesha lokubhalwa kweBhayibhile ukuba: “Ubomi bayo yonke into ephilayo ligazi layo.” (Levitikus 17:14) KuYehova, igazi limela ubomi. Ubomi buxabisekile kuThixo, yiloo nto negazi lixabiseke kakhulu kuye.
2. Yintoni uThixo angafuniyo siyenze ngegazi?
UYehova wathi kubakhonzi bakhe ababephila ngaphambi kokuba uYesu eze emhlabeni, mabangalityi igazi. (Funda iGenesis 9:4 neLevitikus 17:10.) Waphinda wathi kwiqumrhu elilawulayo malixelele amaKristu ukuba ‘aliphephe igazi.’—Funda iZenzo 15:28, 29.
Kuthetha ukuthini ukuliphepha igazi? Ukuba ugqirha angathi buphephe utywala, awunakubusela. Kodwa ubuza kuzitya zona izinto ezinotywala, okanye uzithe? Ubungazukuyenza loo nto. Nomthetho kaThixo ke othi masiliphephe igazi uthetha ukuba, asizukulisela, okanye sitye inyama yesilwanyana esingophiswanga. Asimele sitye nokutya okufakwe igazi.
Siza kuthini xa kufuneka sinyangwe ngegazi? UThixo uyenze yacaca into yokuba ezinye iindlela zokunyanga akazifuni. Ezinye zazo kukuthiwa igazi okanye iinxalenye zalo. Ezi nxalenye ziiseli ezibomvu, iiseli ezimhlophe, iiplatelets, neplasma. Ezinye iindlela zokunyanga, xa sijonga umthetho kaThixo kusenokungacaci ukuba zirongo. Ngokomzekelo, kusenokufuneka kusetyenziswe izinto ezincinci kakhulu ezithathwe kwiinxalenye zegazi. Kanti ngamanye amaxesha, umntu kufuneka anyangwe kusetyenziswa igazi lakhe. Xa umntu eza kukhetha, kufuneka azenzele ngokwakhe isigqibo.a—Galati 6:5.
FUNDA NEZINYE IZINTO
Jonga ukuba ungayikhetha njani indlela ofuna ukunyangwa ngayo kwinto enokwenza negazi.
3. Khetha ukunyangwa ngeendlela ezimvuyisayo uYehova
Xa uza kunyangwa, ungazenza njani izigqibo ezidibana nendlela uThixo alijonga ngayo igazi? Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngendlela ekubaluleke ngayo ukwenza ezi zinto zingezantsi.
Thandazela ubulumko.—Yakobi 1:5.
Khangela imigaqo yeBhayibhile, nendlela onokuyisebenzisa ngayo.—IMizekeliso 13:16.
Jonga ukuba zeziphi ezinye iindlela zonyango onokukhetha kuzo kwindawo ohlala kuyo.
Jonga ukuba zeziphi ongazifuniyo.
Qiniseka ukuba wenza isigqibo esiza kukushiya unesazela esicocekileyo.—IZenzo 24:16.b
Yazi ukuba umyeni, inkosikazi, umdala, umntu okufundela iBhayibhile okanye nabani na, akamele akuxelele isigqibo omele usenze kwizinto ezifuna isazela.—Roma 14:12.
Zibhale phantsi izinto ofuna zenziwe, nongafuni zenziwe.
4. AmaNgqina KaYehova afuna ukunyangwa kakuhle
Singakwazi ukuthobela umthetho kaThixo ngegazi size sinyangwe kakuhle ngaphandle kwegazi. Dlala IVIDIYO.
Funda uTito 3:2, nize nincokole ngalo mbuzo:
Kutheni kufuneka sihlale sinembeko size sizole xa sithetha noogqirha?
Azamkelekanga |
UmKristu uzenzela isigqibo |
---|---|
A. Iplasma yegazi |
Izinto ezincinci kakhulu ezithathwe kwiplasma yegazi |
B. Iiseli ezimhlophe |
Izinto ezincinci kakhulu ezithathwe kwiiseli ezimhlophe |
C. Iiplatelets |
Izinto ezincinci kakhulu ezithathwe kwiiplatelets |
D. Iiseli ezibomvu |
Izinto ezincinci kakhulu ezithathwe kwiiseli ezibomvu |
5. Xa kufuneka kusetyenziswe izinto ezincinci kakhulu ezithathwe kwiinxalenye zegazi
Igazi lineenxalenye ezine, iiseli ezibomvu, iiseli ezimhlophe, iiplatelets, neplasma yegazi. Ezi nxalenye, zinezinto ezincinci kakhuluc ezininzi kuzo. Xa kusenziwa amayeza alwa izifo, okanye kunqandwa ukopha, kusetyenziswa ezinye zezi zinto zincinci.
Xa umKristu ekhetha ukuba uza kuvuma na ukunyangwa ngezinto ezincinci kakhulu ezithathwe kwiinxalenye zegazi, kufuneka asebenzise isazela sakhe esiqeqeshwe yiBhayibhile aze azenzele ngokwakhe isigqibo. Amanye asenokungavumi ukuba kusetyenziswe ezi zinto zincinci xa enyangwa. Kanti izazela zamanye zisenokuwavumela ukuba azisebenzise.
Xa usenza izigqibo, cinga ngalo mbuzo:
Ndingamcacisela njani ugqirha ukuba kutheni ndingafuni okanye kutheni ndifuna zisetyenziswe ezi zinto zincinci kakhulu zithathwe kwiinxalenye zegazi?
UKUBA UMNTU UTHI: “Yintoni erongo ngokutha igazi?”
Ungathini wena?
UFUNDE NTONI?
UYehova ufuna sikuphephe ukutha igazi.
Khawutsho
Kutheni uYehova elijonga njengento exabisekileyo igazi?
Sazi njani ukuba umyalelo othi simele siphephe igazi uthetha ngokulitha?
Ungazenza njani izigqibo ezifanelekileyo xa kufuneka unyangwe ngezinto ezidibene negazi?
JONGA NEZI ZINTO
Yintoni omele ucinge ngayo ngaphambi kokuba wenze isigqibo sokuba uza kuvuma na ukunyangwa ngegazi lakho?
Yintoni omele ucinge ngayo ngaphambi kokwenza isigqibo sokuba uza kuvuma na kusetyenziswe izinto ezincinci kakhulu ezithathwe kwiinxalenye zegazi?
Yintoni eyenza omnye ugqirha wakholelwa ukuba ifanelekile indlela uThixo alijonga ngayo igazi?
“Ndayithanda Indlela UThixo Alijonga Ngayo Igazi” (Inqaku likaVukani)
Yiva indlela abadala abakwiiKomiti Zokunxibelelana Nezibhedlele ababanceda ngayo abazalwana noodade.
a Jonga Isifundo 35, “Sinokuzenza Njani Izigqibo Ezifanelekileyo?”
b Jonga umxholwana othi “Xa Kufuneka Kusetyenziswe Izinto Ezincinci Kakhulu Ezithathwe Kwiinxalenye Zegazi” neSihlomelo 3, “Iindlela Zokunyangwa Ezidibene Negazi.”
c Abanye oogqirha bathi, iinxalenye ezine zegazi nezinto ezincinci kakhulu ezithathwe kuzo, yinto enye. Ngenxa yaloo nto, kusenokufuneka umxelele ugqirha isigqibo sakho sokungafuni ukulitha igazi, okanye iiseli ezibomvu, iiseli ezimhlophe, iiplatelets, okanye iplasma yegazi.