INGOMA 90
Khuthazanani
Printed Edition
1. Ukuba siyakhuthazana
Ekukhonzeni uThixo,
Luyaqina ukholo lwethu,
Yaye kubakho uxolo.
Xa sikhuthazana ngothando,
Kuba lula ukukhonza.
Siziva sikhuselekile
Ebandleni lamaKristu.
2. Kuthuthuzela ngokwenene
Ukukhuthazwa ngumhlobo.
Komeleza ukholo lwethu,
Kukwasinika namandla.
Ngoko masikhuthazaneni,
Sisebenze ngomanyano.
Khuthaza abatyhafileyo
Nabasindwayo ngumthwalo.
3. Njengoko sele sikufuphi
Isiphelo sehlabathi,
Simele sihlanganisane,
Ukuze sikhuthazane.
Masimanyane enkonzweni
Nabazalwana noodade,
Sinamathele enkonzweni
Sithembeke kuYehova.
(Funda nezi: Luka 22:32; IZe. 14:21, 22; Gal. 6:2; 1 Tes. 5:14.)