ISIFUNDO 52
Kutheni Ibalulekile Indlela Esinxiba Nesizilungisa Ngayo?
Sonke siyakuthanda ukukhetha iimpahla esiza kuzinxiba nendlela esiza kuzilungisa ngayo. Xa sisebenzisa imigaqo eseBhayibhileni, asizukunxiba iimpahla esizithandayo nje kuphela, kodwa siza kuvuyisa noYehova. Makhe sithethe ngayo le migaqo.
1. Yeyiphi imigaqo enokusinceda sikhethe indlela esinxiba nesizilungisa ngayo?
Simele sikhethe ‘impahla elungiswe kakuhle ebonisa ukuba sinesidima yaye siphilile engqondweni,’ size sinxibe impahla ecocekileyo nebonisa ukuba ‘sizinikele kuThixo.’ (1 Timoti 2:9, 10) Khawucinge ngale migaqo mine: (1) Impahla yethu imele ‘ilungiswe kakuhle.’ Inoba ukhe ubone kwiintlanganiso zethu ukuba abantu bakaYehova banxiba ngeendlela ezingafaniyo. Kodwa iimpahla zethu nezinto esizenza entloko zibonisa ukuba siyamhlonipha uThixo wethu. (2) Ukunxiba iimpahla ezibonisa ukuba ‘sinesidima’ kuthetha ukunxiba ngendlela engazukwenza abanye bacinge izinto ezingafanelekanga, okanye eza kusitsalela amehlo. (3) Sibonisa ukuba ‘siphilile engqondweni’ xa singalinganisi yonke indlela abantu abaninzi abanxiba nabazilungisa ngayo. (4) Indlela esizilungisa ngayo ifanele ihlale ibonisa ukuba sizinikele kuThixo, ukuze nabanye abantu babone ukuba sikhonza uThixo wenyaniso.—1 Korinte 10:31.
2. Kutheni sifanele sicinge ngabazalwana noodade xa sikhetha into esiza kuyinxiba?
Siyazikhethela izinto esizinxibayo, kodwa simele sicinge nokuba indlela esinxiba ngayo ayibakhathazi na abanye. Sisoloko sizama ukungabakhubekisi abanye, kodwa senze izinto eziza ‘kunceda ummelwane wethu size simakhe.’—Funda amaRoma 15:1, 2.
3. Singenza njani ukuze indlela esizilungisa ngayo yenze abantu abaninzi bafune ukufunda ngoYehova?
Sisoloko sizama ukunxiba ngendlela efanelekileyo ngawo onke amaxesha. Kodwa loo nto siyenza nakakhulu xa sisiya kwiintlanganiso zebandla naxa siyoshumayela. Sifuna ukuqiniseka ukuba xa siyoshumayela, abantu abaphazamiseki yindlela esinxibe ngayo. Eyona nto siyifunayo kukuba indlela esinxiba ngayo yenze abantu bafune ukufunda ngoThixo ize ‘ihombise imfundiso yoMsindisi wethu.’—Tito 2:10.
FUNDA NEZINYE IZINTO
Funda ukuba singenza njani ukuze indlela esinxiba nesizilungisa ngayo incede abantu babone ukuba singamaKristu.
Indlela esizilungisa ngayo inokubonisa ukuba siyabahlonipha na abantu abasemagunyeni. UYehova uyazibona izinto ezisezintliziyweni zethu, kodwa indlela esinxiba ngayo ifanele ibonise ukuba siyamhlonipha
4. Sibonisa ukuba siyamhlonipha uYehova xa sizilungisa kakuhle
Kutheni kubalulekile ukuqiniseka ukuba sizilungisa kakuhle? Funda iNdumiso 47:2, nize nincokole ngale mibuzo:
Into yokuba simela uYehova ifanele isenze sinxibe njani?
Ngaba kubalulekile ukuyijonga indlela esizilungisa ngayo xa siyoshumayela naxa sisiya ezintlanganisweni? Kutheni usitsho?
5. Yintoni enokusinceda sizikhethe kakuhle izinto esizinxibayo nendlela esizilungisa ngayo?
Noba iimpahla zethu ziyabiza okanye azibizi kangako, zifanele zicoceke. Funda 1 Korinte 10:24 no-1 Timoti 2:9, 10. Emva koko, ncokolani ngokuba kutheni simele sikuphephe ukunxiba impahla . . .
engenasidima nengafanelekanga.
ekupitsayo, eveza umzimba, okanye eyenza abantu bacinge izinto ezingafanelekanga.
AmaKristu awaphili ngoMthetho kaMoses, kodwa xa ewufunda aye aqonde indlela acinga ngayo uYehova. Funda iDuteronomi 22:5, nize nincokole ngalo mbuzo:
Kutheni amadoda engamele anxibe iimpahla zamabhinqa, namabhinqa anganxibi ezamadoda?
Funda 1 Korinte 10:32, 33 no-1 Yohane 2:15, 16, nize nincokole ngale mibuzo:
Kutheni sifanele siyihoye into yokuba indlela esizilungisa ngayo iyabakhubekisa na abantu ebandleni okanye kwindawo esihlala kuyo?
Kwindawo ohlala kuyo, abantu banxiba ibe bazilungisa njani?
Ucinga ukuba kwiindlela abazilungisa ngazo, ikhona enokungamfaneli umKristu? Kutheni usitsho?
Singakwazi ukunxiba size sizilungise ngeendlela ezingafaniyo kodwa simvuyise uYehova
ABANYE ABANTU BATHI: “Ndinganxiba nantoni na endiyifunayo.”
Utsho nawe? Ngoba?
UFUNDE NTONI?
Xa siyikhetha kakuhle indlela esizilungisa ngayo, sibonisa ukuba siyamhlonipha uYehova nabantu.
Khawutsho
Kutheni indlela esinxiba nesizilungisa ngayo ibalulekile kuYehova?
Yeyiphi imigaqo enokusinceda siyikhethe kakuhle indlela esizilungisa ngayo?
Indlela esizilungisa ngayo inokwenza abanye bakujonge njani ukukhonza uYehova?
JONGA NEZI ZINTO
Jonga ukuba abantu banokucinga ntoni ngawe xa bebona indlela onxiba ngayo.
Funda ukuba kutheni kububulumko ukucinga kakuhle ngaphambi kokuba wenze itattoo.
Jonga neminye imigaqo enokusinceda senze izigqibo ngendlela yokunxiba.
“Ngaba Indlela Onxiba Ngayo Iyamzukisa UThixo?” (IMboniselo, Septemba 2016)
Elinye ibhinqa elalifuna ukuvuyisa uThixo lenza njani ukuze liyamkele indlela abanye abakhetha ukunxiba ngayo?
“Indlela Yokunxiba Nokuzilungisa Yenza Kwanzima Kum Ukwamkela Inyaniso” (Inqaku likaVukani)