INGOMA 126
Hlalani Nithe Qwa, Ningagungqi
Printed Edition
1. Hlalani nithe qwa nonke.
Hlalani ningagungqi.
Qinani njengamadoda,
Kuba niya koyisa.
Sithobela uYesu Kristu,
Yaye usinika amandla.
(CHORUS)
Isiphelo sesifikile!
Yithi qwa ungagungqi!
2. Hlalani nithe qwa nonke.
Hlalani ningagungqi.
Landelani ukhokelo,
Oluvela kuKristu.
Usebenzisa abadala,
Ngoko hlala ubathobela.
(CHORUS)
Isiphelo sesifikile!
Yithi qwa ungagungqi!
3. Hlalani nithe qwa nonke.
Hlalani ningagungqi.
Nokuba bayasichasa,
Shumayel’ ungayeki.
Masazise bonke abantu
Ngemin’ enkulu kaYehova!
(CHORUS)
Isiphelo sesifikile!
Yithi qwa ungagungqi!
(Funda nezi: Mat. 24:13; Heb. 13:7, 17; 1 Pet. 5:8.)