INGOMA 139
Zibone Ukwihlabathi Elitsha
1. Khawuz’bone, ubone nam,
Xa siphila kwihlabath’ elitsha.
Khawucinge ngokuphila
Ngolonwabo eluxolweni.
Kuzophela ukoyika,
Indalo izokhululeka.
Kwelo hlabathi socula ingoma,
Yokudumisa uThixo wethu sithi:
(CHORUS)
“Yehova Thixo, siyabulela!
Wenze zonke izinto zaba ntsha.
Siyakudumisa ngokukuculela.
Lolwakho lonke uzuko kwanembeko.”
2. Khawubone, xa siphila,
Kwihlabathi elitsha ngoxolo.
Akusayi kubakho nto
Isenzakalisayo apho.
Iinyembezi zizosulwa.
Bonk’ abantu baza konwaba.
Kuzovuswa nabaswelekileyo,
Bazodumisa uThixo nathi bathi:
(CHORUS)
“Yehova Thixo, siyabulela!
Wenze zonke izinto zaba ntsha.
Siyakudumisa ngokukuculela.
Lolwakho lonke uzuko kwanembeko.”
(Funda nezi: INdu. 37:10, 11; Isa. 65:17; Yoh. 5:28; 2 Pet. 3:13.)