INGOMA 108
Uthando LukaThixo Alugungqi
Printed Edition
1. UThixo luthando!
Usithandile kuqala.
Wancama uNyana wakhe
Wamvumela wasifela.
Ngoku sonke sinethemba,
Siza konwaba kakhulu.
(CHORUS)
Nina ninxaniweyo,
Ningasela ngesisa.
Emanzini obomi,
Niphile phakade.
2. UThixo luthando!
Lubonakala ngezenzo.
Wasibonisa uthando
Ngokuthumela uKristu,
Owafel’ izono zethu,
Ukuze sizuz’ ubomi.
(CHORUS)
Nina ninxaniweyo,
Ningasela ngesisa.
Emanzini obomi,
Niphile phakade.
3. UThixo luthando!
Lwanga uthando analo
Lungasenza nathi sonke
Sibe nalo olu thando.
Masibabize abantu,
Ngothando ze sithi kubo:
(CHORUS)
Nina ninxaniweyo,
Ningasela ngesisa.
Emanzini obomi,
Niphile phakade.