IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • scl iphe. 100-102
  • UkuThuthuzela

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UkuThuthuzela
  • IZibhalo Ezibonisa Indlela Yokuphila YamaKristu
IZibhalo Ezibonisa Indlela Yokuphila YamaKristu
scl iphe. 100-102

UkuThuthuzela

Izibhalo ezisithuthuzelayo kwizinto ezisityhafisayo

Intlungu engapheliyo entliziyweni ngenxa yokukhutyekiswa ngabanye abantu

Jonga umxholo othi “UkuPhathwa Kakubi”

Ixhala

Jonga umxholo othi “IXhala”

Ubomi obukrakra; inzondo

Ubomi babanye abantu buba krakra ngenxa yeengxaki ezinzima okanye ukungaphathwa ngobulungisa amaxesha amaninzi

INt 9:11, 12

Jonga neNd 142:4; INt 4:1; 7:7

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Rut 1:11-13, 20—UNahomi oswelekelwe ngumyeni noonyana bakhe ababini, uziva ngathi ulahliwe nguYehova

    • Yob 3:1, 11, 25, 26; 10:1—Ubomi bukaYobhi bushiyeka bukrakra ngenxa yokulahlekelwa bubutyebi bakhe, abantwana bakhe abayi-10, nayimpilo yakhe

  • Izibhalo ezithuthuzelayo:

    • Rom 12:19; Yak 1:13

  • Imizekelo eseBhayibhileni ethuthuzelayo:

    • Rut 1:6, 7, 16-18; 2:2, 19, 20; 3:1; 4:14-16—UNahomi ubuyela kubantu bakaThixo aze abavumele bamncede naye abancede, emva koko uphinda onwabe

    • Yob 42:7-16; Yak 5:11—UYobhi unyamezela enokholo, aze uYehova amsikelele kakhulu

Ubomi babanye abantu buba krakra ngenxa yokukhohlakalelwa ngabanye

INt 4:1, 2

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 1Sa 1:6, 7, 10, 13-16—UHana ukhathazeke kakhulu ngenxa yokungaphathwa kakuhle nguPenina, ucingelwa kakubi nanguMbingeleli Omkhulu uEli

    • Yob 8:3-6; 16:1-5; 19:2, 3—Amadoda awayeze kuthuthuzela uYobhi amenza abe buhlungu nakakhulu ngokuzenza oongcwelengcwele nangokumcingela kakubi

  • Izibhalo ezithuthuzelayo:

    • Nd 37:8, 9; Efe 4:26

  • Imizekelo eseBhayibhileni ethuthuzelayo:

    • 1Sa 1:9-11, 18—Emva kokuba uHana ethandaze kuYehova, iyaphola intlungu yakhe

    • Yob 42:7, 8, 10, 17—Emva kokuba uYobhi ebaxolele abahlobo bakhe abathathu, uYehova uyamphilisa futhi umenza onwabe kwakhona

Ukungakwazi ukwenza ezinye izinto ngenxa yokugula okanye ukwaluphala

Nd 71:9, 18; INt 12:1-7

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 2Ku 20:1-3—UKumkani uHezekiya utsho ngesikhalo esikrakra ngenxa yokugulela ukufa

    • Fil 2:25-30—UEpafrodito ubuhlungu ngenxa yokuba ibandla livile ukuba ebegula futhi ebenexhala lokuba lizocinga ukuba woyisakele kukwenza isabelo sakhe

  • Izibhalo ezithuthuzelayo:

    • Nd 92:12-14; Isa 40:29-31; 46:4; 2Ko 8:12

  • Imizekelo eseBhayibhileni ethuthuzelayo:

    • 2Sa 17:27-29; 19:31-38—UBharzilayi othembekileyo ufumana imbeko enkulu, kodwa ngokuthobeka akavumi ukusamkela isimemo kuba uyaqonda ukuba mdala kakhulu ukuba angakwazi ukusamkela

    • Nd 41:1-3, 12—Nangona uKumkani uDavide egula kakhulu, umthembile uYehova ukuba uza kumxhasa

    • Mar 12:41-44—UYesu uyamncoma umhlolokazi olihlwempu ngomnikelo wakhe kuba unikele ngayo yonke into anayo

Ukungcangcazela kukoyika; ukubethelwa luvalo

Jonga umxholo othi “UkOyika”

Ukuphoxeka ngenxa yobuthathaka okanye izono zethu

Jonga umxholo othi “UkuPhoxeka”

Ukuphoxeka xa abanye abantu beye basiphoxa, basivisa ubuhlungu, okanye basishiya enyanyeni

Jonga umxholo othi “UkuPhoxeka”

Ukutshutshiswa

Jonga umxholo othi “UkuTshutshiswa”

Ukuzithandabuza ukuba sixabisekile

Jonga umxholo othi “UkuThandabuza”

Ukuziva singenamandla okumelana nengxaki enkulu okanye okwenza isabelo esinzima

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Eks 3:11; 4:10—Umprofeti uMoses uziva engenakukwazi ukuyothetha noFaro aze akhokele abantu bakaThixo baphume eYiputa

    • Yer 1:4-6—UYeremiya uziva emncinci kakhulu futhi engenamava ukuba angangumprofeti kaYehova ebantwini abanenkani

  • Izibhalo ezithuthuzelayo:

    • Nd 29:11; Isa 40:29; 2Ko 3:4, 5; 4:7

  • Imizekelo eseBhayibhileni ethuthuzelayo:

    • Eks 3:12; 4:11, 12—UYehova uqinisekisa umprofeti uMoses ephindaphinda ukuba uza kumnceda kwisabelo sakhe

    • Yer 1:7-10—UYehova uyamqinisekisa umprofeti uYeremiya ukuba uza kumnceda akwazi ukumelana neengxaki aza kudibana nazo

Ukuziva unetyala kakhulu

Ezr 9:6; Nd 38:3, 4, 8; 40:12

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 2Ku 22:8-13; 23:1-3—UKumkani uYosiya nabantu abaphantsi kwakhe bayaqonda ukuba banetyala elikhulu emva kokuba beye bafundelwa uMthetho KaMoses

    • Ezr 9:10-15; 10:1-4—Umbingeleli uEzra nabantu baziva benetyala kakhulu kuba abanye abantu baye benza into engathandwayo nguYehova, batshata abantu bezinye iintlanga

    • Luk 22:54-62—Umpostile uPetros ubhuqwa kukuziva enetyala emva kokuba eye waphika kathathu ukuba uyamazi uYesu

  • Izibhalo ezithuthuzelayo:

    • Nd 32:5; 103:9-14; Isa 1:18; IZe 3:19

    • Jonga noIsa 38:17; Mik 7:18, 19

  • Imizekelo eseBhayibhileni ethuthuzelayo:

    • 2Kr 33:9-13, 15, 16—UManase ungomnye wabona kumkani bakwaYuda abenza izinto ezimbi; nangona kunjalo, uyaguquka aze enzelwe inceba

    • Luk 15:11-32—UYesu uzekelisa indlela uYehova afuna ngayo ukuxolela ngokupheleleyo ngonyana owalahlekayo

Umona; ikhwele

Jonga umxholo othi “UMona”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share