-
Ukuzalwa Ngokutsha—Ngaba Yindlela Esa Elusindisweni?IMboniselo—2009 | Aprili 1
-
-
Ukuzalwa Ngokutsha—Ngaba Yindlela Esa Elusindisweni?
UKUBA ubunokubuzwa kuthiwe “Uzelwe ngokutsha na?” ubuya kuphendula uthini. Izigidi zamakholwa ehlabathini jikelele beziya kuvumela phezulu zithi: “Ewe!” Kaloku zikholelwa ukuba ukuzalwa ngokutsha yeyona nto yahlula amaKristu okwenyaniso, nekuphela kwendlela yokusindiswa. Zivumelana ngamxhelo mnye nabefundisi bezakwalizwi abafana noRobert C. Sproul owathi: “Ukuba umntu akazalwanga ngokutsha . . . akangomKristu.”
Ngaba nawe ukholelwa ukuba ukuzalwa ngokutsha kukubeka endleleni esa elusindisweni? Ukuba kunjalo siqinisekile ukuba ungathanda ukunceda izalamane nabahlobo bakho bayifumane nabo loo ndlela baze bahambe ngayo. Noko ke ukuze bayifumane, kufuneka bawuqonde umahluko phakathi komntu ozelwe ngokutsha nongazalwanga ngokutsha. Unokubacacisela njani oko kuthethwa kukuzalwa ngokutsha?
Abantu abaninzi bakholelwa ukuba ibinzana elithi “ukuzalwa ngokutsha” libhekisela kumntu oye wavuma esidlangalaleni ukuba uza kukhonza uThixo noKristu, yaye ngenxa yoko uyaphila elukholweni. Esinye isichazi magama side sithi umntu ozelwe ngokutsha “idla ngokuba ngumKristu oye wavuselela ukholo lwakhe ngokukodwa emva kokuba echukunyiswe yinto ethile yonqulo.”—Merriam-Webster’s Collegiate Dictionary—Eleventh Edition.
Ungothuka na xa ungafumanisa ukuba iBhayibhile iyayiphikisa loo ngcaciso? Ngaba ungathanda ukwazi eyona nto ifundiswa liLizwi likaThixo ngokuzalwa ngokutsha? Ngokuqinisekileyo uya kungenelwa xa uwuhlolisisa ngokucokisekileyo lo mbandela. Ngoba kutheni? Kaloku, ukuyazi kakuhle eyona nto ithethwa kukuzalwa ngokutsha kuya kuchaphazela ubomi nekamva lakho.
Ifundisa Ntoni Yona IBhayibhile?
Ibinzana elithi “ukuzalwa kwakhona” lifumaneka kwindawo enye eBhayibhileni, kuYohane 3:1-12, kwincoko eyayiphakathi kukaYesu nenkokeli yonqulo yaseYerusalem. Eso sicatshulwa seBhayibhile uya kusifumana kwibhokisi ehamba neli nqaku. Sicela usifunde ngokucokisekileyo.
Kule ngxelo, uYesu uthetha ngeenkalo eziliqela zoku “kuzalwa kwakhona.”a Ingxubusho kaYesu isinceda sikwazi ukuphendula le mibuzo mihlanu ilandelayo:
◼ Kubaluleke kangakanani ukuzalwa ngokutsha?
◼ Ngaba siyazikhethela ukuzalwa ngokutsha?
◼ Yintoni injongo yako?
◼ Kwenzeka njani?
◼ Ukuzalwa ngokutsha kubutshintsha njani ubomi bomntu?
Makhe siphendule ngamnye wale mibuzo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Igama elithi ‘ukuzalwa ngokutsha’ lifumaneka kweyoku 1 kaPetros 1:3, 23. Nalo lelinye lamabinzana eBhayibhile achaza “ukuzalwa kwakhona.” Omabini la mabinzana avela kwisenzi sesiGrike ugen·naʹo.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 4]
“Nifanele Nizalwe Kwakhona”
“Ke kaloku kwakukho umntu wakubaFarisi, igama lakhe yayinguNikodemo, umlawuli wamaYuda. Yena weza kuye ngobusuku waza wathi kuye: “Rabhi, siyazi ukuba wena njengomfundisi uze uvela kuThixo; kuba akukho bani unokwenza le miqondiso uyenzayo ngaphandle kokuba uThixo unaye.” Ekuphenduleni uYesu wathi kuye: “Inene, inene, ndithi kuwe, Ngaphandle kokuba nabani na azalwe kwakhona, akanakububona ubukumkani bukaThixo.” UNikodemo wathi kuye: “Anganako njani na umntu ukuzalwa xa sele emdala? Akanakungena esibelekweni sikanina isihlandlo sesibini aze azalwe, andibi kunjalo?” UYesu waphendula wathi: “Inene, inene, ndithi kuwe, Ngaphandle kokuba nabani na azalwe ngamanzi nomoya, akanakungena ebukumkanini bukaThixo. Oko kuzelwe yinyama kuyinyama, noko kuzelwe ngumoya kungumoya. Musa ukumangaliswa ngenxa yokuba ndikuxelele ukuba, Nimele nizalwe kwakhona. Umoya uvuthuza apho ufuna khona, yaye uyasiva isandi sawo, kodwa akuwazi apho uvela khona nalapho uya khona. Unjalo wonk’ ubani ozelwe ngumoya.” Ekuphenduleni uNikodemo wathi kuye: “Zinokwenzeka njani na ezi zinto?” Waphendula uYesu wathi kuye: “Ungumfundisi kaSirayeli ukanti akuzazi na ezi zinto? Inene, inene, ndithi kuwe, Oko sikwaziyo siyakuthetha noko sikubonileyo sinikela ubungqina ngako, kodwa nina anibamkeli ubungqina esibunikelayo. Ukuba ndinixelele izinto zasemhlabeni ukanti anikholwa, niya kukholwa njani ukuba ndinixelela izinto zasezulwini?”—Yohane 3:1-12.
-
-
Ukuzalwa Ngokutsha—Kubaluleke Kangakanani?IMboniselo—2009 | Aprili 1
-
-
Ukuzalwa Ngokutsha—Kubaluleke Kangakanani?
KULOO NCOKO yakhe noNikodemo, uYesu wakwenza kwacaca ukubaluleka kokuzalwa ngokutsha okanye ukuzalwa kwakhona. Wayenza njani loo nto?
Phawula indlela uYesu akugxininisa ngayo kuNikodemo ukuzalwa ngokutsha. Wathi: “Ngaphandle kokuba nabani na azalwe kwakhona, akanakububona ubukumkani bukaThixo.” (Yohane 3:3) Ibinzana elithi “ngaphandle kokuba” nelithi “akanakububona” agxininisa ukubaluleka kokuzalwa ngokutsha. Singayizekelisa ngale ndlela le nto: Ukuba umntu uthi, “Imini ayinakuze ikhanye lingekho ilanga,” uthetha ukuba ukuze kuthiwe kusemini kunyanzelekile ukuba kubekho ilanga. Ngendlela efanayo noYesu wathi kunyanzelekile ukuba uzalwe ngokutsha ukuze ‘ububone uBukumkani bukaThixo.’
Ngokungathi ufuna ukususa nawaphi na amathandabuzo, uYesu waleka umsundulo wathi: “Nimele nizalwe kwakhona.” (Yohane 3:7) Kuyacaca ke ukuba ngokutsho kukaYesu, ukuzalwa ngokutsha ngundoqo—yaye kunyanzelekile—ukuze umntu ‘angene eBukumkanini bukaThixo.’—Yohane 3:5.
AmaKristu ke ngoko afanele aqiniseke ukuba akuqonda kakuhle into okuyiyo ukuzalwa ngokutsha ekubeni uYesu wakugqala kubaluleke ngolo hlobo. Ngokomzekelo, ngaba ucinga ukuba umKristu uyazikhethela ngokwakhe ukuba ufuna ukuzalwa ngokutsha?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 5]
“Imini ayinakuze ikhanye lingekho ilanga”
-
-
Ukuzalwa Ngokutsha—Ngaba Umntu Uyazikhethela?IMboniselo—2009 | Aprili 1
-
-
Ukuzalwa Ngokutsha—Ngaba Umntu Uyazikhethela?
NGUBANI obangela ukuba abantu bazalwe ngokutsha? Xa bekhuthaza abantu ukuba bazalwe ngokutsha abanye abashumayeli badla ngokucaphula amazwi kaYesu athi: “Nimele nizalwe kwakhona.” (Yohane 3:7) La mazwi bawacaphula ngenjongo yokubayalela abantu, ngaloo ndlela besithi kubo, “Zalwani ngokutsha!” Ngoko ke, bafundisa ukuba kuxhomekeke kwikholwa ngalinye ukuthobela amazwi kaYesu lize lithathe amanyathelo afunekayo ukuze lizalwe ngokutsha. Ngokutsho kwabo, umntu unokuzikhethela ukuba uya kufuna na ukuzalwa ngokutsha. Kodwa ngaba yiloo nto eyathethwa nguYesu kuNikodemo?
Xa uwafunda ngokucokisekileyo amazwi kaYesu uya kuphawula ukuba akazange athi abantu bayazikhethela ukuzalwa ngokutsha. Kutheni sisitsho nje? Ibinzana lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ukuzalwa kwakhona” likwanokuguqulelwa nangokuthi “ufanele azalwe phezulu.”a Ngaloo ndlela, ngokwale nguqulelo, ukuzalwa ngokutsha “kuvela phezulu”—oko kukuthi, “kuvela ezulwini,” okanye “kuvela kuBawo.” (Yohane 19:11; Yakobi 1:17) Kubangelwa nguThixo.—1 Yohane 3:9.
Ukulibethelela engqondweni ibinzana elithi “kuvela phezulu” kwenza kungabikho nzima ukuqonda isizathu sokuba ukuzalwa ngokutsha kungaxhomekekanga emntwini. Cinga nje ngokuzalwa kwakho ngabazali bakho. Ngaba isigqibo sokuba uzalwe senziwa nguwe? Akunjalo! Nguyihlo owakuzalayo. Ngokufanayo ke, sinokuzalwa ngokutsha kuphela xa uThixo, uBawo wethu wasezulwini, ebangela ukuba sizalwe ngokutsha. (Yohane 1:13) Ngenxa yoko, umpostile uPetros ufanele ukuthi: “Makabongwe uThixo noYise weNkosi yethu uYesu Kristu, kuba ngokwenceba yakhe enkulu wasizala ngokutsha.”—1 Petros 1:3.
Ngaba Ngumyalelo?
Kodwa ke abanye basenokuthi, ‘Ukuba ke yinyaniso ukuba umntu akanakuzenzela isigqibo sokuzalwa ngokutsha, kwakutheni ukuze uYesu asiyalele athi: “Nimele nizalwe ngokutsha”?’ Lowo ngumbuzo ofanelekileyo. Ngaphezu koko, ukuba nyhani amazwi kaYesu angumyalelo, ebeya kuba uthi masenze into engaphaya kwamandla ethu. Noko ke, loo nto ayivakali inengqiqo. Amele aqondwe njani ke ngoko amazwi athi “nimele nizalwe kwakhona”?
Xa eli binzana ulifunda ngolwimi elalibhalwe ngalo kuyabonakala ukuba alisosinyanzelo okanye umyalelo. Kunoko, eli binzana lisetyenziswe ukuchaza isibakala. Ngamanye amazwi, xa uYesu wayesithi “nimele nizalwe kwakhona,” wayengayaleli into eyayimele yenziwe, kodwa wayechaza nje into eyayimele yenzeke. Wathi: “Kuyimfuneko ukuba nizalwe ngokusuka phezulu.”—Yohane 3:7, Modern Young’s Literal Translation.
Umahluko phakathi komyalelo nesibakala singawuzekelisa ngale ndlela. Khawucinge ngesixeko esinezikolo ezininzi. Kwesinye sazo kufunda kuphela abantwana bohlanga lomthonyama abahlala kude nedolophu. Kuze ngenye imini kufike inkwenkwe engeyiyo eyolu hlanga isithi kwinqununu “Nam ndifuna ukufunda apha.” Inqununu yesi sikolo ithi kuyo, “Ukuze ufunde apha, umele ube ngumntwana womthonyama.” Amazwi ale nqununu akangomyalelo. Ayithi kule nkwenkwe, “Yiba ngumntwana womthonyama!” Le nqununu ichaza nje isibakala—into ezifunekayo ukuze ifunde kwesi sikolo. Naye ke uYesu, xa wayesithi: “Nimele nizalwe kwakhona,” wayechaza nje isibakala—into efunekayo ukuze “ungene ebukumkanini bukaThixo.”
Nayo ke le esigqiba kuthetha ngayo—uBukumkani bukaThixo—inxibelelene nenye inkalo yokuzalwa ngokutsha. Iphathelele umbuzo othi, Yintoni injongo yokuzalwa ngokutsha? Ukwazi impendulo yaloo mbuzo ngundoqo ukuze ukuqonde ngokuchanileyo oko kuthethwa kukuzalwa ngokutsha.
[Umbhalo osemazantsi]
a Iinguqulelo eziliqela zeBhayibhile ziguqulela uYohane 3:3 ngale ndlela. Ngokomzekelo, i-A Literal Translation of the Bible iyiguqulela kanje le ndinyana: “Ukuba umntu akafumananga ukuzalwa kwaphezulu, akanakububona ubukumkani bukaThixo.”
[Umfanekiso okwiphepha 6]
Kufana ngantoni ukuzalwa ngokutsha nokuzalwa ngabazali?
-
-
Ukuzalwa Ngokutsha—Yintoni Injongo Yako?IMboniselo—2009 | Aprili 1
-
-
Ukuzalwa Ngokutsha—Yintoni Injongo Yako?
ABANTU abaninzi bakholelwa ukuba umntu ufanele azalwe ngokutsha ukuze asindiswe ngonaphakade. Khawuphawule oko kwathethwa nguYesu ngenjongo yokuzalwa ngokutsha. Wathi: “Ngaphandle kokuba nabani na azalwe kwakhona, akanakububona ubukumkani bukaThixo.” (Yohane 3:3) Ngaloo ndlela umntu ufanele azalwe ngokutsha ukuze angene eBukumkanini bukaThixo—kungekhona ukuze asindiswe. ‘Kodwa,’ abanye basenokuthi, ‘kanti la mabinzana mabini—ukungena eBukumkanini nokusindiswa—akathethi into enye na?’ Akunjalo. Ukuze uwuqonde kakuhle umahluko, masiqale sithethe ngentsingiselo yebinzana elithi “ubukumkani bukaThixo.”
Ubukumkani luhlobo oluthile lukarhulumente. Ngaloo ndlela ibinzana elithi “ubukumkani bukaThixo” lithetha “urhulumente kaThixo.” IBhayibhile ifundisa ukuba uYesu Kristu, “unyana womntu,” nguKumkani woBukumkani bukaThixo nokuba kukho abantu aza kulawula nabo. (Daniyeli 7:1, 13, 14; Mateyu 26:63, 64) Ukongezelela koko, kumbono owanikwa umpostile uYohane kwachazwa ukuba aba balawuli kunye noKristu ngabantu abakhethwe “kuzo zonke izizwe neelwimi nabantu neentlanga” yaye baya “kulawula njengookumkani phezu komhlaba.” (ISityhilelo 5:9, 10; 20:6) ILizwi likaThixo liphinda lityhile ukuba abo baza kulawula njengokumkani ‘ngumhlambi mncinane’ wabantu abali-144 000 “abathengwe emhlabeni.”—Luka 12:32; ISityhilelo 14:1, 3.
Bumiselwe phi uBukumkani bukaThixo? “UBukumkani bukaThixo” bukwabizwa nangokuba ‘bubukumkani bamazulu,’ nto leyo ebonisa ukuba uYesu nabanye ookumkani aza kulawula nabo baza kulawula besezulwini. (Luka 8:10; Mateyu 13:11) Ngaloo ndlela, uBukumkani bukaThixo ngurhulumente wasezulwini obunjwa nguYesu Kristu neqela labalandeli bakhe abakhethwe phakathi koluntu.
Wayethetha ukuthini ke ngoko uYesu xa wayesithi, ubani umele azalwe kwakhona ukuze “angene ebukumkanini bukaThixo”? Wayethetha ukuba umntu umele azalwe kwakhona ukuze alawule noKristu ezulwini. Ngamafutshane, ukuzalwa ngokutsha kulungiselelwe iqaqobana labantu abaza kulawula ezulwini.
Ngoku, sibonile ukuba ukuzalwa ngokutsha kubalulekile, kuvela kuThixo yaye kulungiselelwe ibathwana labantu abaza kulawula ezulwini. Kodwa ke, oku kuzalwa ngokutsha kwenzeka njani?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 7]
Ukuzalwa ngokutsha kulungiselelwe iqaqobana labantu abaza kulawula ezulwini.
[Umfanekiso okwiphepha 7]
NguYesu Kristu neqela labalandeli bakhe abakhethwe phakathi koluntu abayila uBukumkani bukaThixo
-
-
Ukuzalwa Ngokutsha—Kwenzeka Njani?IMboniselo—2009 | Aprili 1
-
-
Ukuzalwa Ngokutsha—Kwenzeka Njani?
UYESU akazange athethe noNikodemo nje kuphela ngokubaluleka, isizathu, nenjongo yokuzalwa ngokutsha, kodwa waphinda wathetha nangendlela okwenzeka ngayo. UYesu wathi: “Ngaphandle kokuba nabani na azalwe ngamanzi nomoya, akanakungena ebukumkanini bukaThixo.” (Yohane 3:5) Ngaloo ndlela, umntu uzalwa ngokutsha ngamanzi nangomoya. Kodwa libhekisela kwintoni ibinzana elithi “ngamanzi nangomoya”?
Yintoni La “Manzi Nomoya”?
Ekubeni uNikodemo wayengumphengululi wonqulo lwamaYuda, ngokungathabuzekiyo wayeqhelene nendlela iZibhalo zesiHebhere ezazilisebenzisa ngayo ibinzana elithi “umoya kaThixo”—amandla kaThixo asebenzayo akwaziyo ukwenza abantu benze izinto ezikhethekileyo. (Genesis 41:38; Eksodus 31:3; 1 Samuweli 10:6) Ngaloo ndlela xa uYesu wathetha “ngomoya,” uNikodemo umele ukuba waqonda ukuba kwakuthethwa ngomoya oyingcwele, ongamandla kaThixo asebenzayo.
Kuthekani ngamanzi athetha ngawo uYesu? Khawuqwalasele iziganeko ekuthethwa ngazo ngaphambi nasemva kwencoko kaYesu noNikodemo. Zibonisa ukuba uYohane nabafundi bakaYesu babebhaptiza abantu emanzini. (Yohane 1:19, 31; 3:22; 4:1-3) Oku kubhaptiza kwakusaziwa nanguthathatha eYerusalem. Ngoko ke, ufanele ukuba uNikodemo waqonda ukuba xa uYesu wayethetha la mazwi wayengathethi ngamanzi aqhelekileyo, kodwa wayethetha ngamanzi okubhaptiza.a
Ukubhaptizwa “Ngomoya Oyingcwele”
Ukuba “ukuzalwa ngamanzi” kuthetha ukubhaptizwa ngamanzi, kuthetha ntoni ke kona “ukuzalwa . . . ngomoya”? Ngaphambi kwale ncoko kaNikodemo noYesu, uYohane umBhaptizi wachaza ukuba kwakungazukubhaptizwa ngamanzi kuphela kodwa nomoya wawuza kuba nendima kubhaptizo. Wathi: “Mna ndanibhaptiza ngamanzi, kodwa yena [uYesu] uya kunibhaptiza ngomoya oyingcwele.” (Marko 1:7, 8) Umbhali wencwadi yeVangeli uMarko, uchaza ubhaptizo lokuqala olunjalo. Uthi: “Ebudeni baloo mihla uYesu weza evela eNazarete yaseGalili waza wabhaptizwa eYordan nguYohane. Yaye ngoko nangoko akunyuka ephuma emanzini wabona amazulu esahlukaniswa, nomoya usihla phezu kwakhe njengehobe.” (Marko 1:9, 10) Xa uYesu wantywiliselwa kumlambo iYordan wayebhaptizwa ngamanzi. Xa wafumana umoya ovela ezulwini wayebhaptizwa ngomoya oyingcwele.
Emva kweminyaka emithathu ebhaptiziwe, uYesu wathi kubafundi bakhe: “Niya kubhaptizelwa kumoya oyingcwele kungekabi ziintsuku ezininzi emva koku.” (IZenzo 1:5) Yenzeka nini loo nto?
Ngomhla wePentekoste yowama-33 C.E., abafundi bakaYesu abamalunga nama-120 babehlanganisene kwelinye ikhaya eYerusalem. “Ngequbuliso kwabakho ingxolo evela ezulwini enjengaleyo kanye yempepho ebhudla ngamandla, yaza yayizalisa indlu iphela ababehleli kuyo. Yaye kwabonakala kubo iilwimi ezingathi zezomlilo kwaye zabèka, lwaza lwaolo lwahlala kuye ngamnye wabo . . . , bonke bazaliswa ngumoya oyingcwele.” (IZenzo 2:1-4) Kwangolo suku lunye, nabanye ababeseYerusalem babongozwa ukuba babhaptizwe emanzini. Umpostile uPetros wathi kweso sihlwele: “Guqukani, yaye ngamnye wenu makabhaptizwe egameni likaYesu Kristu ukuze kuxolelwe izono zenu, kwaye niya kwamkela isipho sesisa somoya oyingcwele.” Benza ntoni? “Ngoko ke abo balamkela ngokusuk’ entliziyweni ilizwi lakhe babhaptizwa, yaye ngaloo mini kongezelelwa imiphefumlo emalunga namawaka amathathu.”—IZenzo 2:38, 41.
Izinto Ezimbini Ezifunekayo
Oku kubhaptizwa kabini kutyhila ntoni ngokuzalwa ngokutsha? Kubonisa ukuba kufuneka izinto ezimbini ukuze umntu azalwe ngokutsha. Phawula ukuba uYesu waqala wabhaptizwa emanzini waza emva koko wafumana umoya oyingcwele. Ngendlela efanayo, nabafundi benkulungwane yokuqala baqala babhaptizwa emanzini (abanye nguYohane umBhaptizi) baza emva koko bamkela umoya oyingcwele. (Yohane 1:26-36) Kwenzeka into efanayo nakumaguquka amatsha angama-3 000, nawo aqala abhaptizwa ngamanzi aza emva koko amkela umoya oyingcwele.
Xa sicinga ngobhaptizo olwenzeka ngePentekoste yowama-33 C.E., sifanele silindele ukuba ukuzalwa ngokutsha kwenzeke njani namhlanje? Kufanele kwenzeke ngendlela efanayo naleyo okwenzeka ngayo kubapostile bakaYesu nabafundi benkulungwane yokuqala. Umntu uqala aguquke ezonweni zakhe, ahlukane nehambo embi, ahlulele ubomi bakhe kuYehova ukuze akhonze yena, aze ke akubonise ekuhleni oko kuzahlulela kwakhe ngokubhaptizwa emanzini. Emva koko, ukuba uThixo uyamkhetha ukuba alawule eBukumkanini Bakhe, uthanjiswa ngomoya oyingcwele. Inxalenye yokuqala (ukubhaptizwa ngamanzi) ixhomekeke kuloo mntu ubhaptizwayo kodwa yona eyesibini (ukubhaptizwa ngomoya) ixhomekeke kuThixo. Umntu uzalwa ngokutsha xa ebhaptizwe ngezi ndlela zimbini.
Kodwa kwakutheni ukuze uYesu asebenzise ibinzana elithi “azalwe ngamanzi nomoya,” xa wayencokola noNikodemo? Wayefuna ukugxininisa ukuba ubomi babantu ababhaptizwa ngamanzi nomoya butshintsha ngendlela ephawulekayo. Inqaku elilandelayo liza kuxubusha loo nkalo yokuzalwa ngokutsha.
[Umbhalo osemazantsi]
a Nompostile uPetros wakhe wathetha kanje xa kwakubhaptizwa abantu: “Ukho na onokuwathintela amanzi?”—IZenzo 10:47.
[Umfanekiso okwiphepha 9]
UYohane waye wabhaptiza emanzini amaSirayeli aguqukileyo
-
-
Ukuzalwa Ngokutsha—Kufeza Ntoni?IMboniselo—2009 | Aprili 1
-
-
Ukuzalwa Ngokutsha—Kufeza Ntoni?
KWAKUTHENI ukuze uYesu asebenzise ibinzana elithi “ukuzalwa . . . ngomoya” xa wayethetha ngokubhaptizwa ngomoya oyingcwele? (Yohane 3:5) Igama elithi “ukuzalwa,” xa lisetyenziswa njengesafobe lithetha “isiqalo,” njengaxa kuthethwa “ngokuzalwa kohlanga.” Ngenxa yoko ibinzana elithi “ukuzalwa ngokutsha” lithetha “isiqalo esitsha.” Ngoko ke izafobe ezithi “ukuzalwa” “nokuzalwa ngokutsha” zibonisa ukuba kuza kubakho ubuhlobo obutsha phakathi kukaThixo nabantu ababhaptizwe ngomoya oyingcwele. Olu tshintsho lobuhlobo lwenzeka kanjani?
Xa umpostile uPawulos wayechaza indlela uThixo abalungiselela ngayo ukulawula ezulwini abantu, wenza umzekelo ngobomi bentsapho. Wabhalela amaKristu omhla wakhe ewaxelela ukuba ayeza ‘kwenziwa oonyana’ yaye loo nto yayiza kwenza ukuba uThixo awaphathe “njengoonyana.” (Galati 4:5; Hebhere 12:7) Ukuze ubone indlela umzekelo wokwamkelwa nje ngoonyana okunceda ngayo uqonde indlela olwenzeka ngayo olu tshintsho xa umntu ebhaptizwa ngomoya oyingcwele, khawuphinde ucinge ngalaa mzekelo walaa nkwenkwe ibifuna ukufunda kwisikolo sabantwana bomthonyama.
Utshintsho Olubangelwa Kukwenziwa Oonyana
Kulaa mzekelo usekuqaleni, laa nkwenkwe ayikwazi ukufunda kwesa sikolo kuba ingengomntwana womthonyama. Ngoku masithi ngenye imini kwenzeka utshintsho olukhulu. Kukho umntu wohlanga lomthonyama oyamkela ngokusemthethweni njengonyana wakhe. Oko kuyichaphazela njani le nkwenkwe? Ekubeni ngoku yamkelwe njengonyana, inako ukufumana amalungelo afanayo nawabanye abantwana bomthonyama—kuquka nelungelo lokufunda kwesa sikolo. Ukwamkelwa kuyivulele amathuba amatsha ngokupheleleyo.
Lo mzekeliso ukuchaza kakuhle oko kwenzeka kwabo bazalwa ngokutsha. Nazi ezinye izinto efana ngazo le mizekelo. Le nkwenkwe inokufunda kwesa sikolo kuphela xa iyifikelele imfaneleko—yokuba ngumntwana womthonyama. Kodwa yona ngokwayo akukho nto inokuyenza ukuze ibe ngumntwana womthonyama. Ngendlela efanayo kukho abantu abaza kuya kuBukumkani bukaThixo okanye urhulumente wasezulwini, kodwa baza kuya kuphela xa befikelela imfaneleko efunekayo—“ukuzalwa ngokutsha.” Kodwa bona akukho nto banokuyenza ukuze bayifikelele loo mfaneleko kuba ixhomekeke kuThixo.
Yintoni etshintshe imeko yalaa nkwenkwe? Kukwamkelwa ngokusemthethweni. Kodwa ke yona inkwenkwe ayitshintshanga, nasemva kokuba iye yamkelwa njengonyana. Nakuba kunjalo, emva kokuba kulandelwe inkqubo esemthethweni, amalungelo ayo aye atshintsha. Iye yaba nesiqalo esitsha—ngokungathi iye yazalwa ngokutsha. Iye yaba ngunyana nto leyo eyinike ilungelo lokufunda kwesi sikolo nokuba ngumntwana wale ntsapho yalo tata uyamkele ngokusemthethweni.
Ngendlela efanayo uYehova uye wayitshintsha imeko yeqela labantu abangafezekanga ngokubamkela ngokusemthethweni njengabantwana bakhe. Umpostile uPawulos, owayengoweloqela wabhalela amanye amakholwa wathi: “Nifumene umoya wokwenziwa oonyana, moya lowo esithi ngawo sidanduluke sisithi: ‘Abha, Bawo!’ Umoya lowo ngokwawo ungqinelana nomoya wethu ukuba singabantwana bakaThixo.” (Roma 8:15, 16) Ewe, ngenxa yokwamkelwa loo maKristu aye aba yinxalenye yentsapho kaThixo, okanye “abantwana.”—1 Yohane 3:1; 2 Korinte 6:18.
Kakade ukwamkelwa kwabo nguThixo akuzange kubatshintshe, kuba baqhubeka bengafezekanga. (1 Yohane 1:8) Kodwa ke njengokuba uPawulos wachaza, emva kokuba zifikelelwe iimfaneleko zokwamkelwa imeko yabo yatshintsha. Kwangaxeshanye, umoya kaThixo wabaqinisekisa aba nyana bamkelweyo ukuba babeza kuhlala noKristu ezulwini. (1 Yohane 3:2) Oko kuqinisekiswa ngumoya oyingcwele kubenza babujonge ngenye indlela ubomi. (2 Korinte 1:21, 22) Ewe baba nesiqalo esitsha—esifana nokuzalwa ngokutsha.
IBhayibhile ithi xa ithetha ngaba nyana abamkelwe nguThixo: “Baya kuba ngababingeleli bakaThixo nabakaKristu, balawule njengookumkani kunye naye iminyaka eliwaka.” (ISityhilelo 20:6) Oonyana bakaThixo abamkelweyo baya kuba ngookumkani boBukumkani bamazulu, okanye urhulumente wasezulwini kunye noKristu. Umpostile uPetros waxelela amanye amakholwa ukuba aye zakufumana ‘lilifa elingenakonakala elingadyobhekanga nelingambatshiyo,’ ‘elibekelwe wona emazulwini.’ (1 Petros 1:3, 4) Ilifa elixabiseke ngokwenene!
Noko ke lo mbandela wolawulo uphakamisa omnye umbuzo. Ukuba abantu abazalwa ngokutsha baza kulawula njengookumkani ezulwini, baza kulawula oobani? Loo mbuzo uza kuphendulwa kwinqaku elilandelayo.
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Wathini uPawulos ngokwamkelwa?
-