IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
Wamkelekile.
Esi sisixhobo sokuphanda kwiincwadi eziveliswe ngamaNgqina kaYehova ngeelwimi ezahlukahlukeneyo.
Xa ufuna ukudawunlowda iincwadi, sicela ungene kwi- jw.org.
Isaziso
Ulwimi olutsha olufumanekayo: Betsileo
  • Namhlanje

NgoMvulo, Oktobha 27

Abayeni bafanele babathande abafazi babo njengokuba beyithanda imizimba yabo.—Efe. 5:28.

UYehova ulindele ukuba umyeni ayithande inkosikazi yakhe, ahoye izinto ezidingayo, abe ngumhlobo wokwenene kuyo aze ayincede ihlale ingumhlobo Wakhe. Ukuba namandla okucinga, ukuhlonipha abantu ababhinqileyo nokuba ngumntu onokuthenjwa, ziza kumnceda umzalwana osemtsha xa etshatile. Emva kokuba nitshatile nisenokuba nabantwana. Yintoni eninokuyifunda kuYehova ngokuba ngutata? (Efe. 6:4) UYehova zange abe nantloni zokuxelela uNyana wakhe, uYesu, ukuba uyamthanda futhi uyavuyiswa nguye. (Mat. 3:17) Ukuba niye nangootata, baqinisisekiseni abantwana benu ukuba niyabathanda. Hlalani nibancoma xa benze izinto ezintle. Ootata abalinganisa uYehova bayabanceda abantwana babo ukuba babe ngamadoda namabhinqa alinganisa uYesu. Ninokukulungiselela ngoku ukuba ngootata ngokukhathalela abantu bakowenu nabazalwana noodade, nangokubaxelela ukuba niyabathanda futhi babalulekile kuni.​—Yoh. 15:9. w23.12 28-29 ¶17-18

Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla—2025

NgoLwesibini, Oktobha 28

[UYehova] uyintsika yexesha lakho.​—Isa. 33:6.

Ngoxa sithembekile kuYehova, siba nazo iingxaki futhi siyagula njengabanye abantu. Kusenokufuneka sinyamezele nokuphathwa kakubi ngabantu abangamfuniyo uThixo. UYehova akazinqandi ukuba zingenzeki kuthi ezi zinto, kodwa uthembisa ukuba uza kusinceda. (Isa. 41:10) Uza kusinceda sihlale sivuya, senze izigqibo ezifanelekileyo size sihlale sithembekile kuye nokuba sineengxaki ezinzima kangakanani. Uthembisa ukuba uza kusinika into iBhayibhile eyibiza ngokuba ‘luxolo lukaThixo.’ (Fil. 4:​6, 7) Olu xolo yindlela esizola ngayo engqondweni nasentliziyweni, ngenxa yokuba singabahlobo bakhe. ‘Luyayodlula indlela yabantu yokucinga’; lumangalisa ngendlela engathethekiyo. Ngaba wakha wazola ngendlela owawungayilindelanga emva kokuthulula isifuba sakho kuYehova? Loo ndlela wawuziva ngayo, ‘luxolo lukaThixo.’ w24.01 20 ¶2; 21 ¶4

Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla—2025

NgoLwesithathu, Oktobha 29

Mandimdumise uYehova; mandilidumise ngentliziyo yam yonke igama lakhe elingcwele.—INdu. 103:1.

Abantu abathanda uYehova badumisa igama lakhe ngeentliziyo zabo zonke. UKumkani uDavide wayesazi ukuba udumisa uYehova xa edumisa igama Lakhe. Xa sisiva igama likaYehova siye sicinge ngohlobo lomntu anguye, ngeempawu zakhe ezintle nangezinto ezimangalisayo azenzileyo. UDavide wayefuna ukulingcwalisa nokulidumisa igama likaTata wakhe. Loo nto wayefuna ukuyenza “ngentliziyo [yakhe] yonke.” NabaLevi babekhokela ekudumiseni igama likaYehova. Ngenxa yokuba babethobekile, bavuma ukuba babeswele amazwi afanelekileyo okulidumisa igama likaYehova elingcwele. (Neh. 9:5) Kodwa ngenxa yokuba babemdumisa ngokusuka entliziyweni, siqinisekile ukuba bamvuyisa uYehova. w24.02 9 ¶6

Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla—2025
Wamkelekile.
Esi sisixhobo sokuphanda kwiincwadi eziveliswe ngamaNgqina kaYehova ngeelwimi ezahlukahlukeneyo.
Xa ufuna ukudawunlowda iincwadi, sicela ungene kwi- jw.org.
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share