Ukukhulisa Abantwana Abalungeleleneyo—Kunokwenziwa Njani Oko?
Ingxelo ekwiThe Gazette, iphephandaba laseMontreal, eKhanada ithi: “Abantwana bafunda ukuzihlonela nokuzeyisa ngokufumana uthando nengqeqesho evela kubazali.” Kuquka ntoni oku? Ngokutsho kwesazi ngokusebenza kwengqondo saseMontreal uConstance Lalinec, kubalulekile ukubeka imida ecacileyo kwindlela yomntwana yokuziphatha.
ULalinec, osebenzelana nabantwana neentsapho, kwakhona uthi “xa sithintela abantwana ekuboneni imiphumo yezenzo zabo, kwakhona sibathintela ekufundeni izinto ezininzi.” Ukuyekelela kunokukuchaphazela kakubi kakhulu ukukhula komntwana.
Icebiso lobulumko nekudala likho lokukhulisa umntwana elivela eBhayibhileni lifanelekile. Lithi: “UEwe makabe nguEwe, uHayi wenu, abe nguHayi.” (Mateyu 5:37) Emva kokubeka imithetho esengqiqweni yaye abantwana bakho beyiqonda, qinisekisa ukuba iyasetyenziswa ngokukhawuleza uze ungaguquguquki. Kuxhase oko ukuthethayo ngokwenza oko kufunekayo. Oku kwenza abantwana bayiqonde ngokucacileyo imithetho yabazali noko bakulindeleyo—ukuba abantu ‘baya kuvuna oko bakuhlwayelayo.’ (Galati 6:7; Roma 2:6) Eyona njongo iyintloko yokuqeqesha ngothando nangendlela ephumelelayo kukuba abantwana bafunde ukuthobela imithetho baze banyamezele xa izinto zingahambi kakuhle baze bangangxami bafune ukuzanelisa nto leyo eya kubanceda bahlakulele iimpawu abazifunayo ukuze bakhule babe ngabantu abadala abalungeleleneyo nabakwaziyo ukusingatha iimbopheleleko.
Amacebiso angakumbi ngoko uThixo akuthethayo kubazali ngokuqeqesha abantwana babo ngothando afumaneka kwincwadi ethi Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho. Unokufumana umbhalo wale ncwadi enamaphepha ali-192 ngokuzalisa uze uthumele eli phetshana kwidilesi ekwiphepha 5 kweli phephancwadi.
◻ Ndithumeleni umbhalo wencwadi ethi Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho.
◻ Ncedani niqhagamshelane nam ngokuphathelele isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa.