Uncedo Xa Umntu Omthandayo Esifa
Kwiminyaka eliqela edluleyo amaNgqina kaYehova apapasha incwadana enemifanekiso eyayixubusha ngocelomngeni lokujamelana nokufa komntu omthandayo. Kutshanje, kuye kwafunyanwa ileta evela kwibhinqa elinombulelo ongazenzisiyo laseFederal Republic of Yugoslavia, elabhala lathi: “Ndithanda ukunibulela ngokusuka emazantsi entliziyo yam ngencwadana enemifanekiso ethi Xa Umntu Omthandayo Esifa. Eneneni ichaza zonke iinkcukacha eziphathelele ukufa komntu omthandayo.”
Umbhali wacacisa: “Xa ndafelwa ngumntakwethu kwingozi yenqwelo-mafutha, le ncwadana inemifanekiso yandinika ‘uncedo olukhawulezileyo.’ Icandelo elithi ‘Amacebiso Athile Asebenzisekayo,’ kwiphepha 18, landithuthuzela kakhulu. Noko ke, emva kweenyanga ezine ndaqalisa ukuba buhlungu kakhulu ndikhumbula imihla yangaphambili. Ndandisoyika ukuba indlela endivakalelwa ngayo yayindibeka engozini.
“Kwakhona, ndafunda le ncwadana inemifanekiso, yaye kwiphepha 9 kwibhokisi ethi ‘Inkqubo Yokuba Buhlungu,’ ndaphawula ukuba ixesha lokujamelana nentlungu lihambisana nosizi nokukhumbula imihla yangaphambili. Ndathuthuzeleka kakhulu. Enkosi ngenceba yenu enothando, eniyibonakalise ngale ncwadana inemifanekiso.”
Mhlawumbi wena okanye uthile omaziyo unokuthuthuzelwa kukufunda le ncwadana inemifanekiso inamaphepha angama-32. Unokuzicelela umbhalo wayo ngokuzalisa uze uthumele iphetshana elingezantsi kwidilesi ekweli phetshana okanye nayiphi na idilesi efanelekileyo kwezidweliswe kwiphepha 5 leli phephancwadi.
□ Ndithumeleleni umbhalo wencwadana enemifanekiso ethi Xa Umntu Omthandayo Esifa.
Chaza ulwimi.
□ Ncedani niqhagamshelane nam ngokuphathelele isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa.