Uxinezeleko Olubangelwa Sisiganeko Esihlasimlis’ Umzimba Luya Kuphela!
MHLAWUMBI wawukhe wasemfazweni yaye umana uphupha kakubi, kubuya neenkumbulo ezibangela ukuba imfazwe ibe ngathi ayikapheli kuwe. Mhlawumbi ulixhoba logonyamelo olungenamfesane njengokudlwengulwa yaye uvakalelwa kukuba inxalenye yakho yafa ngelo xesha. Okanye kusenokwenzeka ukuba umntu omthandayo wafa kwintlekele yemvelo okanye engozini yaye ukukhumbula loo nto kubuhlungu.
Ngaba ucinga ukuba iimvakalelo ezinjalo zinokutshintshwa? Sinokuphendula siqinisekile ngelithi: Ewe, zinako! Okwangoku, bonke abo batyhubele iziganeko ezihlasimlis’ umzimba banokuthuthuzelwa liLizwi likaThixo, iBhayibhile.
Sincedwa Ukuba Sihlangabezane Neziganeko Ezihlasimlis’ Umzimba
Malunga namawaka amabini eminyaka eyadlulayo, umpostile uPawulos wahlangabezana namava awoyikisayo nasongela ubomi. Indlela azichaza ngayo ezinye zazo igciniwe eBhayibhileni. UPawulos wabhala wathi: “Asifuni ningazi . . . ngembandezelo esaba nayo kwisithili saseAsiya, ukuba sasikwingcinezelo engaphaya kwamandla ethu, kangangokuba sasingaqinisekanga kwanangobomi bethu. Enyanisweni, savakalelwa kukuba sasifumene isigwebo sokufa.”—2 Korinte 1:8, 9.
Nangona kungachaneki kakuhle ukuba kwakusenzeka ntoni ngeso sihlandlo, sasihlasimlis’ umzimba ngokwenene. (2 Korinte 11:23-27) Wahlangabezana njani uPawulos nesi siganeko?
Ebhekisela kwintlungu yakhe eAsiya, wabhala wathi: “Makabongwe uThixo noYise weNkosi yethu uYesu Kristu, uYise onenceba noThixo wentuthuzelo yonke, osithuthuzelayo kuyo yonke imbandezelo yethu, ukuze sikwazi ukuthuthuzela abo bakulo naluphi na uhlobo lwembandezelo ngayo intuthuzelo nathi ngokwethu esithuthuzelwa ngayo nguThixo.”—2 Korinte 1:3, 4.
Ewe, uncedo lwabo basinde kwizenzo ezihlasimlis’ umzimba lufumaneka ‘kuYise onenceba noThixo wentuthuzelo yonke.’ Unokuyifumana njani loo ntuthuzelo?
Indlela Yokufumana Uncedo
Okokuqala—lucele uncedo. Ukuba uziva wenzakele ngaphakathi, khumbula ukuba nabanye banjalo. Abo baye bazoyisa ezo mvakalelo badla ngokukuvuyela ukunceda abanye. Kanye njengompostile uPawulos, badla ngokuvakalelwa kukuba intuthuzelo awayifumana kuThixo ebudeni bembandezelo yabo kwakufuneka babelane ngayo ‘nabo bakulo naluphi na uhlobo lwembandezelo.’ Musa ukuba madolw’ anzima ukuya komnye wamaNgqina kaYehova—nawuphi na kuwo oziva ukhululekile ukuthetha naye—uze ucele akuncedise ufumane uncedo kuYehova, ‘uThixo wentuthuzelo yonke.’
Zingisa emthandazweni. Ukuba kunzima kuwe ukuthandaza kuba unomsindo, cela umntu ofanelekayo ngokomoya ukuba athandaze kunye nawe. (Yakobi 5:14-16) Xa uthetha noYehova uThixo, khumbula ‘ukuphosela kuye lonke ixhala lakho, kuba ukukhathalele.’ (1 Petros 5:7) Ngokuphindaphindiweyo iZibhalo zibethelela indlela uThixo anenkxalabo ngayo ngomkhonzi wakhe ngamnye.
Umbhali weNdumiso 94 kusenokwenzeka ukuba wakha watyhubela isiganeko esithile esihlasimlis’ umzimba, kuba wabhala wathi: “Ngaphandle kokuba uYehova ebendinceda, okwethutyana umphefumlo wam ubuya kuhlala uthule. Xa ndithe: ‘Ngokuqinisekileyo unyawo lwam luya kutyibilika,’ ububele bakho bothando, Yehova, buqhubeka bundixhasa. Xa iingcamango zam eziphazamisayo zaba ninzi ngaphakathi kwam, intuthuzelo yakho yaqalisa ukuthuthuzela umphefumlo wam.”—INdumiso 94:17-19.
Abanye abanoxinezeleko lwasemva kwesiganeko esihlasimlis’ umzimba ubukhulu becala bathwaxwa ‘ziingcinga eziphazamisayo,’ ezibangela ubuphakuphaku okanye ingqumbo. Noko ke, umthandazo osuka entliziyweni ‘unokukuxhasa’ de iphele loo ndlela uvakalelwa ngayo. Kuwe uYehova makafane nomzali onothando wena ke ube ngumntwana omncinane amkhusela ngothando. Khumbula isithembiso seBhayibhile sokuba “uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo ngoKristu Yesu.”—Filipi 4:7.
Ukuphila—enoba kusemzimbeni, engqondweni okanye ngokomoya—kuthabatha ixesha. Ngoko bekungayi kuba sengqiqweni ukulindela ukuba umthandazo uya kubangela uxolo olukhawulezileyo kwabo bakhathazeke gqitha ziziganeko ezihlasimlis’ umzimba. Kodwa kubalulekile ukuzingisa emthandazweni. Uya kunceda lowo unengxaki ukuba angagqunyelelwa aze aphelelwe lithemba ngenxa yentlungu yasemva kwesiganeko esihlasimlis’ umzimba.
Funda uze ucamngce ngeLizwi likaThixo. Ukuba kunzima ukunikela ingqalelo, cela omnye umntu afunde kunye nawe iingxelo ezithuthuzelayo zeBhayibhile. Usenokukhetha izicatshulwa ezityhila ubunzulu benkxalabo enothando kaYehova ngabo banyanisekileyo bakhe, enoba baziva bedandatheke okanye bephelelwe lithemba kangakanani na.
UJane, okhankanywe kumanqaku awandulelayo, wathuthuzelwa zizicatshulwa ezininzi zeBhayibhile ezikwiiNdumiso. Ezi ziquka INdumiso 3:1-8; 6:6-8; 9:9, 10; 11:1-7; 18:5, 6; 23:1-6; 27:7-9; 30:11, 12; 31:12, 19-22; 32:7, 8; 34:18, 19; 36:7-10; 55:5-9, 22; 56:8-11; 63:6-8; 84:8-10; 130:1-6. Ungazami ukufunda izicatshulwa zeBhayibhile ezininzi gqitha ngaxeshanye. Kunoko, sebenzisa ixesha elininzi ucamngca ngazo uze uthandaze.
Unxunguphalo Olungathethekiyo Ngoku
Okulusizi kukuba, akumele kusimangalise ukuba ukudlwengula, ukubulala, iimfazwe nogonyamelo olungeyomfuneko kwesamele namhlanje. Ngoba? Kuba kaloku uYesu Kristu wachaza ixesha lethu njengeliya kuba ‘nokwanda kokuchas’ umthetho.’ Wongezelela ngelithi: “Luya kuphola uthando lwabaninzi.”—Mateyu 24:7, 12.
Kwiminyaka yakutshanje uxinezeleko lwasemva kwesiganeko esihlasimlis’ umzimba luyinto exhaphake gqitha—ubukhulu becala lubangelwa ziziganeko ezaxelwa kwangaphambili nguYesu. Njengoko kubhalwe eBhayibhileni kuMateyu isahluko 24, kuMarko isahluko 13, nakuLuka isahluko 21, uYesu wathi kweli xesha lokuphela kwehlabathi, kuya kubakho iimfazwe ehlabathini lonke, iintlekele zokwemvelo nokwanda kokuchas’ umthetho nokungabi naluthando. Kodwa, njengokuba uYesu watshoyo, akusekude kuvele isiqabu.
Emva kokuchaza ubhubhane osehlabathini lonke weziganeko ezihlasimlis’ umzimba nokuqalisa ‘kwembandezelo enkulu’ emva koko, phawula oko uYesu wathi abantu bafanele bakwenze: “Yimani nkqo nize niziphakamise iintloko zenu, ngenxa yokuba iyasondela intlangulo yenu.” (Mateyu 24:21-31; Luka 21:28) Ewe, njengoko iimeko zehlabathi ziya zisiba mandundu, sinokuqiniseka ukuba imbandezelo enkulu kweli hlabathi libangela unxunguphalo iya kuphawula isiphelo sabo bonke ububi ize ingenise inkqubo entsha enobulungisa.—1 Yohane 2:17; ISityhilelo 21:3, 4.
Asifanele simangaliswe kukuba intlangulo yethu iya kuza emva kokuba ububi nogonyamelo luya kuba lufikelele iqondo eliphezulu. Phambili phayaa imigwebo kaThixo nxamnye nehlabathi likaNowa nabemi abacekisekayo baseSodom naseGomora yenzeka ngendlela efanayo. Loo migwebo yexa elidluleyo kaThixo ibonisa oko kuya kwenzeka kwikamva.—2 Petros 2:5, 6.
Ukuphela Koxinezeleko Lwasemva Kwesiganeko Esihlasimlis’ Umzimba
Ukuba ubhuqwa luxinezeleko lwasemva kwesiganeko esihlasimlis’ umzimba (post-traumatic stress disorder [PTSD]), usenokuba akuqiniseki ukuba iinkumbulo ezibuhlungu onazo ziya kuze ziphele kusini na. Kodwa, ngokuqinisekileyo: Ziya kuphela! KuIsaya 65:17, uYehova uThixo uthi: “Ndidala amazulu amatsha nomhlaba omtsha; kwaye izinto zangaphambili aziyi kukhunjulwa, zinganyuki zithi qatha entliziyweni.” Nangona iinkumbulo zesiganeko esenzekayo zisenokubonakala zingenakuphela, esi sibhalo siyasiqinisekisa ukuba ngaminazana ithile amandla azo okusiphazamisa aya kube emke ngokupheleleyo.
Namhlanje, kwisithuba nje esingaphantsi konyaka emva kokuba eye waphants’ ukudlwengulwa, uJane ukhonza njengomlungiseleli onguvulindlela (umvangeli wexesha elizeleyo) wamaNgqina kaYehova. Kutshanje uye wathi: “Kube semva kokuba idibene inkundla waza lowo wayendihlasela wafunyaniswa enetyala—ngaphezu kweenyanga ezisibhozo emva kohlaselo olo—endathi ngokwenene ndaziva ndibuyele kulaa nto ndandiyiyo. Malunga neli xesha kulo nyaka uphelileyo, ndandingayiphuphi nokuyiphupha into yokuba ndingaze ndilufumane uxolo nolonwabo endilunandiphayo ngoku. Ndiyambulela uYehova ngethemba elimangalisayo lobomi obungunaphakade nangokundinika ithuba lokwabelana nabanye ngeli themba.”—INdumiso 27:14.
Ukuba uphelelwe lithemba yaye ukhathazwa kukungabi nazimvakalelo ngenxa yePTSD, nawe linokukomeleza eli themba.
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Ukubakho kwiintlanganiso zamaKristu kunokukunceda uhlangabezane nale meko
[Imifanekiso ekwiphepha 24, 25]
Ukufunda iLizwi likaThixo nokuthandaza kunokukomeleza
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Kungekudala zonke iziganeko ezihlasimlis’ umzimba ziya kuba zizinto zexa elidluleyo