Ucelomngeni Lokunyamekela Abantwana
IBritani lilizwe laseYurophu elifumileyo. Sekunjalo kuqikelelwa ukuba nyaka ngamnye abantwana balapho abangaphezu kwe-100 000—inani elingaphezulu ngokuphindwe kabini kwelo bekukade kucingwa ngalo—bayabaleka ekhaya. Ngenxa yoku, umntwana omnye kwabasixhenxe uba lixhoba logonyamelo okanye ukuxhatshazwa ngokwesini.
UIan Sparks, igosa eliyintloko leBhunga Labantwana uthi: “Xa abantwana beziva bengathandwa yaye bengakhathalelwanga, ukulishiya ikhaya kunokubonakala kusesona sicombululo.” Wongezelela ngelithi: “Oku kuchaphazela abantwana bazo zonke iintlobo—abantwana banokubaleka kumakhaya afumileyo njengoko besenjenjalo nakumakhaya atsala nzima.”
Yimbopheleleko enzima kakhulu ukunyamekela nokuqeqesha abantwana. Luya kuvela phi uncedo? Impapasho ethi Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho yenzelwe ukunceda kule nkalo. Izahluko zayo ezili-16 ziquka imixholo ethi: “Qeqesha Umntwana Wakho Eselusana,” “Nceda Okwishumi Elivisayo Aphumelele,” nothi “Khusela Intsapho Yakho Kwiimpembelelo Ezitshabalalisayo.” Zonke izahluko ezili-16 zale ncwadi ziqulethe icebiso elisebenzisekayo yaye, okona kubalulekileyo kukuba, zicaphula eBhayibhileni njengomthombo wobulumko obungaphezu kobethu.
Unokuzifunela owakho umbhalo wencwadi ethi Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho ngokuzalisa iphetshana elingezantsi uze ulithumele kwidilesi eboniswe kulo okanye kwidilesi efanelekileyo kwezidweliswe kwiphepha 5 leli phephancwadi.
□ Ncedani nindithumelele umbhalo wencwadi ethi Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho.
Chaza ulwimi.
□ Ncedani niqhagamshelane nam ngokuphathelele isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa.