Abantu Abaselula Bayabuza . . .
Ndinokulwenza Lunandipheke Ngakumbi Njani Ufundo LweBhayibhile?
“Maxa wambi kunzima ukuyiqonda iBhayibhile, yaye oko kunokuba yinto etyhafisayo.”—uAnnalieza, oneminyaka eli-17 ubudala.
“Ndayifumanisa ikruqula iBhayibhile.”—UKimberly, oneminyaka engama-22 ubudala.
UNINZI lwabantu alukuthandi ukufunda. Ngoko incwadi enkulu njengeBhayibhile inokuba ngapha kwamandla abo—kwanakwabo bakuthandayo ukufunda. UTammy oneminyaka eli-17 ubudala uthi: “Kum, iBhayibhile yayiyincwadi enkulu enamagama antsonkothileyo ekunzima ukuwaqonda. Ukufunda iBhayibhile kufuna unikele ingqalelo kangangoko unako nonyamezelo.”
Ukongezelela, umsebenzi wesikolo owenzelwa ekhaya, imisebenzi ethile emele yenziwe endlwini kunye nexesha lokuzihlaziya zinokuthabatha ixesha elininzi namandla akho. Nako oku kunokubangela ukuba kube nzima ukunikel’ ingqalelo uze ukunandiphe ukufunda iBhayibhile. UAlicia, ongomnye wamaNgqina kaYehova, uchitha ixesha elungiselela aze aye kwiintlanganiso zamaKristu aze abelane nabanye ngeenkolelo zakhe. Uyavuma ukuba: “Ufundo lweBhayibhile lunokuba nzima ngenxa yokuba zininzi kakhulu izinto ezimele zenziwe.”
Sekunjalo, uAlicia, uTammy kunye nolunye ulutsha oluninzi lukwazile ukujamelana nolo celomngeni. Ngoku luyifunda rhoqo iBhayibhile yaye luyakunandipha ukwenjenjalo. Nawe unokukunandipha! Bona izinto ezintathu onokuzenza ukuze wenze ufundo lweBhayibhile lube yinto enandiphekayo.
Zimisele Ixesha Lokufunda IBhayibhile
UKelly, oneminyaka eli-18 ubudala uthi: “Ndicinga ukuba abantu abaselula bathi ukufunda iBhayibhile kuyakruqula ngenxa yokuba abazange bayifunde ngokwaneleyo.” Njengokuba ukunandipha ukudlala umdlalo osoloko uwudlala, uya kulunandipha ufundo lweBhayibhile njengoko ulwenza rhoqo.
Kodwa kuthekani ukuba lincinane ixesha olichitha ungenzi nto? Umpostile uPawulos uyacebisa: “Hlalani nikuphaphele ngokungqongqo ukuba indlela enihamba ngayo ingabi njengeyabantu abangezozilumko kodwa ibe njengeyezilumko, nizongele ixesha, ngenxa yokuba imihla ingendawo.” (Efese 5:15, 16) ‘Unokuzongela ixesha’ ngokuchitha ixesha elincinane usenza izinto ezingenamsebenzi njengokubukela umabonwakude. Ibinzana elisetyenziswe nguPawulos elithi “ixesha” linokuthetha ixesha elimiselwe injongo ethile. Linokuba liliphi ixesha lokufunda iBhayibhile ozimisela lona?
Uninzi luyifunda kusasa iBhayibhile, emva kokuhlolisisa itekisi yosuku esekelwe eZibhalweni namagqabaza afumaneka kwincwadi ethi Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla.a Abanye bakhetha ukuyifunda ngaphambi kokuba balale ebusuku. Khetha ixesha elikulungeleyo, uze uziqhelanise nalo njengoko kuyimfuneko. UAlicia uhlomla enjenje: “Oyena ndoqo ubangela ukuba ndikwazi ukunamathela kucwangciso lwam lokufunda kukuba bhetyebhetye.”
Wambi amaKristu aselula acwangcisa imizuzu eli-10 ukusa kweli-15 suku ngalunye ukuze afunde iBhayibhile. Ngokwenjenjalo, akwazile ukuyifunda ayigqibe iBhayibhile ngonyaka omnye okanye emibini! Nokuba oku kubonakala kuyinto ongenakuyifikelela, yenze ibe lusukelo lwakho ukufunda iindinyana ezithile zeBhayibhile yonke imihla. Ngokunamathela kwixesha olimiseleyo lokufunda iBhayibhile, uthando lwakho ngeLizwi likaThixo luya kukhula.—INdumiso 119:97; 1 Petros 2:2.
Thandazela Ubulumko
Kuyinyaniso ukuba, nabo bayifunda rhoqo iBhayibhile bakufumanisa kunzima ukuqonda iindinyana ezithile zeLizwi likaThixo. UMbhali weBhayibhile, uYehova uThixo, ufuna ukuba uliqonde iLizwi lakhe. Incwadi yeZenzo ithetha ngomhambi ongumTiyopiya owayengasiqondi kakuhle isiprofeto esikuIsaya isahluko 53. Le ndoda yayikulungele ukucela uncedo, yaye ingelosi kaYehova yathumela umvangeli onguFilipu ukuba ayicacisele esi siprofeto.—IZenzo 8:26-39.
Ngoko, ufundo lweBhayibhile oluluncedo aluqalisi ngokufunda, kodwa luqalisa ngomthandazo. Ngaphambi kokuba bavule iBhayibhile, bambi bakwenza umkhwa wabo ukuthandaza kuYehova bacele ubulumko ukuze bakwazi ukusiqonda baze basibethelele ezintliziyweni zabo isifundo soko bakufundayo. (2 Timoti 2:7; Yakobi 1:5) Umoya kaThixo unokude ukukhumbuze iindinyana zeBhayibhile ezinokukunceda uphendule imibuzo okanye ujamelane neemvavanyo ngokuphumelelayo.
Omnye umfana ongumKristu ukhumbula oku: “Xa ndandineminyaka eli-12 ubudala, ubawo wayishiya intsapho yakowethu. Ngobunye ubusuku ndandithandaza emandlalweni, ndibongoza uYehova ukuba enze ubawo abuye. Emva koko ndathabatha iBhayibhile yam ndaza ndafunda INdumiso 10:14 ethi: ‘Uzinikela kuwe [Yehova] lowo unelishwa, inkwenkwe engenayise. Wena ungumncedi wayo.’ Ndanqumama okomzuzwana. Ndandivakalelwa kukuba uYehova wayethetha nam endixelela ukuba ungumncedi wam; wayengubawo. Nguwuphi uBawo obhetele endinokuba naye ngaphandle kwakhe?”
Ngaba unokukwenza umkhwa wakho ukuthandaza ngalo lonke ixesha uhlala phantsi ukuze ufunde iBhayibhile? UAdrian ucebisa esithi: “Thandaza ngaphambi kokuba ufunde—yaye ngaloo ndlela—iba yincoko phakathi kwabantu ababini, wena noYehova.” Umthandazo osuk’ entliziyweni uya kusiqinisa isigqibo osenzileyo sokubambelela ngokuqinileyo kucwangciso lwakho lokufunda iBhayibhile yaye uya kulomeleza ulwalamano lwakho noThixo.—Yakobi 4:8.
Lwenze Lube Yinto Yokwenene
UKimberly ocatshulwe ekuqaleni, wayifumanisa ikruqula iBhayibhile. Liyinyaniso elokuba iBhayibhile yincwadi endala kakhulu—eyabhalwa kude kudala ngaphambi kokuba kubekho ikhompyutha, umabonwakude okanye inqwelo-moya—yaye abantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni bafa kumawaka eminyaka eyadlulayo. Sekunjalo, umpostile uPawulos wabhala: “Ilizwi likaThixo liphilile, linamandla.” (Hebhere 4:12) Inokuba namandla ngayiphi indlela incwadi endala kangako?
Ngemihla yombhali uEzra, amawaka amadoda, abafazi nabo bonke abo “banengqiqo ngokwaneleyo” bahlanganiswa eYerusalem ukuze baphulaphule ukufundwa koMthetho kaMoses. Ngelo xesha, uMthetho wawusele ungaphaya kweminyaka eli-1 000 ubudala! Sekunjalo, uEzra nabancedisi bakhe “baqhubeka befunda ngokuvakalayo encwadini, emthethweni woThixo oyinyaniso, ucaciswa ngokucokisekileyo, kuchazwa intsingiselo yawo; yaye babekuqonda oko kwakufundwa.” Xa la madoda acacisa iZibhalo aza achaza intsingiselo yoko ayekufunda, waba yintoni umphumo? “Ngoko bonke abantu bemka baya kudla basela, bathumela izabelo baza baba nemihlali kakhulu, kuba babewaqondile amazwi ababewazisiwe.”—Nehemiya 8:1-12.
Unokulwenza lube ‘nentsingiselo’ njani ufundo lwakho lweBhayibhile? UCathy, okugqala njengocelomngeni ukufunda, ufunda ngokuvakalayo ukuze anikel’ ingqalelo. UNicki uzama ukuzibeka kuloo meko afunda ngayo. Uthi: “Ndizenzela umfanekiso-ngqondweni wendlela ebendiya kucinga ngayo xa ndikuloo meko. Elona bali ndilithandayo ibisoloko iyingxelo engoRute noNahomi. Ndingalifunda izihlandlo eziliqela eli bali. Xa ndafudukela kwisixeko esitsha, ndandizithuthuzela ngokufunda eli bali kuba ndandicinga ngendlela uRute awavakalelwa ngayo xa wafudukela kwindawo angayiqhelanga yaye angazi nomntu omnye kuyo. Ndayibona indlela athembela ngayo kuYehova, yaye yandinceda kakhulu ndenza kanye oko.”—Rute, isahluko 1-4.
Ukuze iBhayibhile ibe ‘namandla,’ kufuneka ucamngce ngoko ukufundayo. Nanini na ufunda, thabatha ixesha ucingisisa ngezibhalo ozifundileyo uze ucinge ngendlela oza kukusebenzisa ngayo oko ukufundileyo. Unokufuna ukujonga uncwadi lokufunda iBhayibhile olupapashwe ngamaNgqina kaYehova ukuze ulwenze lube nesondlo ngakumbi ufundo lweBhayibhile.b
Yiba Nomonde!
Akulula ukunamathela kucwangciso lofundo lweBhayibhile. Nolona cwangciso lofundo lweBhayibhile lusemagqabini lunokufuna ukuhlengahlengiswa ngamaxesha athile. Unokunyamezela njani kusukelo lwakho lokufunda iBhayibhile yonke imihla?
Abahlobo nentsapho yakho banokukunceda. UAmber oneminyaka eli-15 ubudala uthi: “Ndilala kwigumbi elinye nodade wethu. Ngezinye iingokuhlwa ndiye ndidinwe gqitha kangangokuba ndifune nje ukulala, kodwa udade wethu uye andikhumbuze ukuba ndimele ndifunde. Ngoko andikhe ndilibale!” Ukuba ufumene isibhalo okanye indinyana ethile ebangel’ umdla, thetha ngayo nabanye. Oku kuya kulwandisa uxabiso lwakho ngeLizwi likaThixo yaye kunokubangela nabo babe nomdla wokufunda iBhayibhile. (Roma 1:11, 12) Ukuba uye wasilela ukufunda iBhayibhile usuku olunye okanye nangaphezulu, unganikezeli! Qala apho ubuyeke khona, uze uzimisele ngakumbi ukunamathela kucwangciso lwakho.
Ungaze uzilibale iingenelo ezininzi ezifumaneka kufundo lweBhayibhile olwenziwa yonke imihla. Ngokuphulaphula uYehova ngeLizwi lakhe, unokunandipha ubuhlobo obusenyongweni naye. Uya kwandula uziqonde iindlela neemvakalelo zakhe. (IMizekeliso 2:1-5) Ezi nyaniso zixabisekileyo zivela kuBawo wethu osezulwini ziya kusikhusela. Umdumisi wabuza: “Umfana uya kuwuhlambulula njani na umendo wakhe? Ngokuzilinda ngokwelizwi lakho.” (INdumiso 119:9) Ngoko qalisa—uze unamathele—kucwangciso lofundo lweBhayibhile. Uya kukunandipha ngakumbi ukuyifunda kunokuba wawukhe wacinga ukuba ungenjenjalo!
[Imibhalo esemazantsi]
a Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
b Inkupho yeMboniselo kaOktobha 1, 2000, iphepha 16-17, inamacebiso angakumbi anokukunceda uphande nzulu eBhayibhileni.
[Imifanekiso ekwiphepha 28]
Umthandazo nophando uya kuluphucula ufundo lwakho lweBhayibhile uze ukuncede uqonde intsingiselo yeZibhalo
[Umfanekiso okwiphepha 29]
Ukuzibeka kwimeko yale nto ufunda ngayo kuya kubangela iZibhalo zibe yinto ephilayo kuwe