IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g02 9/8 iphe. 32
  • “Ndaba Nomdla Wokwazi Okungakumbi”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Ndaba Nomdla Wokwazi Okungakumbi”
  • Vukani!—2002
Vukani!—2002
g02 9/8 iphe. 32

“Ndaba Nomdla Wokwazi Okungakumbi”

KUNYAKA ophelileyo, elinye ibhinqa labhala lenjenje: “Izolo ndifumene incwadana enemifanekiso ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi? endandicele ukuba ndiyithunyelelwe ngeposi.” Lathi ngaphambilana lalifumene amaphetshana amabini achaza ngendlela yokufumana le ncwadana inemifanekiso. “Ndandiyilindele ngolangazelelo ngenxa yokuba emva kokufunda loo maphetshana, ndaba nomdla wokwazi okungakumbi,” latsho eli bhinqa. “Emva kokuba ndiyifumene le ncwadana inemifanekiso, ndaqalisa ukuyifunda ngoko nangoko. Yonke into ethethwa yile ncwadana yenu inemifanekiso iyavakala yaye isekelwe eBhayibhileni.”

Laqukumbela ngelithi: “Ndivakalelwa kukuba ndimele ndikusebenzise ngokukhawuleza oko ndikufundileyo.”

Sicinga ukuba nawe uya kungenelwa kukufunda le ncwadana inemifanekiso inamaphepha angama-32 ithi, Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi? Ngaphandle komxholo obangel’ umdla othi “Ngubani UYesu Kristu?” kukho othi, “Ngubani UThixo?,” “Yintoni Injongo KaThixo Ngomhlaba?,” nothi “Buyintoni UBukumkani BukaThixo?” Ukuba ungathanda ukuzifumanela owakho umbhalo, zalisa iphetshana elingezantsi uze ulithumele kwidilesi eboniswe kulo okanye kwidilesi efanelekileyo kwezidweliswe kwiphepha 5 leli phephancwadi.

□ Ncedani nindithumelele incwadana enemifanekiso ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi?

□ Ncedani niqhagamshelane nam ngokuphathelele isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share