IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g03 1/8 iphe. 26-27
  • Ngaba AmaKristu Amele Abe Ngamahlwempu?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba AmaKristu Amele Abe Ngamahlwempu?
  • Vukani!—2003
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • UThixo Wamkela “Zonke Iintlobo zabantu”
  • Isilumkiso Ngokuphathelele Ubutyebi
  • Izinto Ezibaluleke Ngakumbi
  • Ngaba ‘Usisityebi KuThixo’?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Yintoni Eyona Nto Ibalulekileyo?
    Funda Kumfundisi Omkhulu
  • Unokuyigcina Njani Imbono Elungeleleneyo Ngemali?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Ngaba Imali Yingcambu Yazo Zonke Izinto Ezimbi?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
Khangela Okunye
Vukani!—2003
g03 1/8 iphe. 26-27

Imbono YeBhayibhile

Ngaba AmaKristu Amele Abe Ngamahlwempu?

UYESU wakha waxelela omnye umlawuli oselula owayesisityebi ukuba aye kuthengisa zonke izinto anazo aze abelane namahlwempu. Le ngxelo ithi le ndoda yaba buhlungu koko kwathethwa nguYesu yaza yahamba ikhathazekile, ‘kuba yayinezinto ezininzi.’ Emva koko uYesu wathi kubafundi bakhe: “Hayi indlela ekuya kuba nzima ngayo ngabo banemali ukungena ebukumkanini bukaThixo!” UYesu wongezelela wathi: “Kulula ngakumbi ngenkamela ukuphumela kwintunja yenaliti kunokuba isityebi singene ebukumkanini bukaThixo.”—Marko 10:21-23; Mateyu 19:24.

Wayethetha ukuthini uYesu? Ngaba umntu osisityebi akanakuba ngumnquli wokwenyaniso? Ngaba amaKristu amele azive enetyala xa enemali? Ngaba uThixo ufuna abe ngamahlwempu angabi nazo izinto eziphathekayo?

UThixo Wamkela “Zonke Iintlobo zabantu”

Kumaxesha amandulo uThixo akazange afune ukuba amaSirayeli abe ngamahlwempu. Khawucinge ngoku: Emva kokuba befikile kwilizwe ababelinikiwe, abantu baqalisa ukulima nokushishina ukuze bazixhase bona nabo babathandayo. Impumelelo yabo yayiza kuxhomekeka kwiimeko zoqoqosho, imozulu, impilo, okanye kubuchule babo kwezoshishino. NgokoMthetho kaMoses, amaSirayeli ayemele abe novelwano kuye nabani na olihlwempu. (Levitikus 25:35-40) Ukanti kukho ababa zizityebi. Kuthiwa uBhohazi, indoda eyayinokholo, igqibelele neyaba ngukhokho kaYesu Kristu, ‘wayeyindoda enendyebo eninzi.’—Rute 2:1.

Nangexesha lokuphila kukaYesu iimeko zazisafana. Xa wayethetha nendoda esisityebi ekhankanywe ekuqaleni, uYesu wayengakhuthazi ukuba abantu bazibandeze ulonwabo. Kunoko, wayefundisa isifundo esibalulekileyo. Ngokwembono yabantu, kusenokubonakala kungenakwenzeka ukuba abantu abazizityebi bathobeke baze bamkele ilungiselelo likaThixo lokusindisa. Ukanti uYesu wathi: “Ebantwini le yinto engenakwenzeka, kodwa kuThixo izinto zonke zinako ukwenzeka.”—Mateyu 19:26.

Ibandla lamaKristu enkulungwane yokuqala lalisamkela “zonke iintlobo zabantu.” (1 Timoti 2:4) Abanye kwaba bantu babezizityebi, abanye babephila ubomi obutofotofo, yaye abaninzi babengamahlwempu. Kusenokwenzeka ukuba abanye baziqwebela ubutyebi ngaphambi kokuba babe ngamaKristu. Ukanti kusenokwenzeka ukuba abanye babezizityebi ngenxa yokuba izinto zazibahambela kakuhle yaye benobuchule kwezoshishino.

Ngendlela efanayo, imeko yezoqoqosho yabazalwana abangamaKristu namhlanje ayifani. Njengoko nabani na enokuchaphazeleka kukuthanda izinto eziphathekayo, bonke bazabalazela ukulandela ulwalathiso lweBhayibhile ngokuphathelele imali. Isifundo esadluliselwa nguYesu ngokuphathelele umlawuli oselula owayesisityebi, silumkisa onke amaKristu ngendlela imali nezinto eziphathekayo ezinokuba nempembelelo ngayo emntwini.—Marko 4:19.

Isilumkiso Ngokuphathelele Ubutyebi

Ngoxa iBhayibhile ingabugxeki ubutyebi, iyakugxeka ukuthanda imali. Umbhali weBhayibhile uPawulos wathi: “Ukuthanda imali yingcambu yazo zonke iintlobo zobubi.” Yaye wathi “bambi baye balahlekana nokholo, bezingxwelerha ngeentlungu ezininzi” ngenxa yokutyeshela izilangazelelo zokomoya kuba benqwenela ukuba zizityebi.—1 Timoti 6:10.

Okubangel’ umdla kukuba, uPawulos wanikela imiyalelo engqalileyo ngokuphathelele izityebi. Wathi: “Bayale abo bazizityebi kule nkqubo yezinto ukuba bangaziphakamisi, bangathembeli kubutyebi obungaqinisekanga, kodwa mabathembele kuThixo, osinika zonke izinto ngokobutyebi ukuze sizinandiphe.” (1 Timoti 6:17) Licacile elokuba ikho ingozi yokuba abantu abazizityebi banokuba nekratshi baze baziphakamise kunabanye. Kwakhona, banokucinga ukuba ubutyebi bunokuzisa unqabiseko lokwenyaniso, ukanti unqabiseko lokwenene sinokulufumana kuThixo kuphela.

AmaKristu azizityebi anokuyiphepha le ngozi ‘ngokutyeba emisebenzini emihle.’ Le misebenzi iquka ukuba ‘angagogotyi lutho, alungele ukwabelana,’ ancede abo basweleyo. (1 Timoti 6:18) Kwakhona, amaKristu—azizityebi nangamahlwempu—anokusebenzisa ubuncwane bawo ukuze ahambisele phambili iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo, yaye lowo ngowona msebenzi ubalulekileyo kumaKristu namhlanje. Lo moya wokupha ngesisa ubonisa ukuba umntu unesimo sengqondo esifanelekileyo ngokuphathelele izinto eziphathekayo yaye umenza athandeke kuYehova uThixo nakuYesu Kristu, ababathandayo abaphi abachwayitileyo.—Mateyu 24:14; Luka 16:9; 2 Korinte 9:7.

Izinto Ezibaluleke Ngakumbi

Kucacile ukuba, akuyomfuneko ukuba amaKristu abe ngamahlwempu. Kwangaxeshanye akafanele ‘azimisele ukuba zizityebi.’ (1 Timoti 6:9) Kuphela nje asebenza nzima ukuze akwazi ukuphila. Impumelelo yawo iya kuxhomekeka kwiimeko ezahlukahlukeneyo kuquka imeko yezoqoqosho nakwimigudu yawo.—INtshumayeli 11:6.

Enoba injani na imeko yawo yezoqoqosho, amaKristu afanele azabalazele ‘ukuqiniseka ngezinto ezibaluleke ngakumbi.’ (Filipi 1:10) Ngokubeka izinto zokomoya kwindawo yokuqala, ‘aziqwebela isiseko esihle nesikhuselekileyo sekamva, esikhokelela kubomi bokwenene.’—1 Timoti 6:19.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share