IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g04 2/8 iphe. 10-12
  • Indlela Onokulazi Ngayo Igama LikaThixo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Indlela Onokulazi Ngayo Igama LikaThixo
  • Vukani!—2004
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Asingombandela Ungenamsebenzi
  • UYehova UThixo Akakude Kuwe
  • Isizathu Sokuba Simele Silazi IGama LikaThixo
    Igama LikaThixo Eliya Kuhlala Ngonaphakade
  • Igama LikaThixo
    Vukani!—2017
  • Zukisa Igama LikaYehova Elikhulu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Ngubani Igama LikaThixo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2019
Khangela Okunye
Vukani!—2004
g04 2/8 iphe. 10-12

Indlela Onokulazi Ngayo Igama LikaThixo

UMBHALI wemihlathi kwiphephandaba wafumana le leta ilandelayo: “Ubomi bam bonke bendisoloko ndixakanisekile ngulo mbuzo, kwaye ndiyathemba ukuba ungandiphendula. Ngubani igama likaThixo? AmaYuda athi elona gama lakhe alaziwa mntu namhlanje. AmaKristu athi nguYesu. AmaSilamsi athi nguAllah. . . . Liliphi kanye elona gama lakhe?” Le leta yapapashwa kwiphephandaba kunye nale mpendulo: “Ngokutsho kwemfundiso yamaHebhere yamandulo, uThixo ngumnini-mandla, ngoko akanakuba negama. Noko ke, ndiyakuqinisekisa ukuba xa ubiza kuye ngentlonelo uza kusabela kungakhathaliseki ukuba umbize ngaliphi igama.”

Ukuthatyathwa lula kombandela ophathelele igama likaThixo yinto eqhelekileyo namhlanje. Nangona betyekele elunqulweni, abantu abaninzi abakholelwa eBhayibhileni abazikhathazi ngegama likaThixo. Kodwa uThixo uvakalelwa njani ngalo mbandela? Ngaba nakuye yinto engenamsebenzi?

Asingombandela Ungenamsebenzi

Phawula ukuba iBhayibhile ikhankanya igama likaThixo elithi Yehova izihlandlo ezingamawaka. KwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele igama likaThixo livela izihlandlo ezingama-7 210!a NguThixo ngokwakhe owaphefumlela ababhali beBhayibhile ukuba basebenzise igama lakhe izihlandlo ezininzi kangaka. Omnye wabo, umdumisi uAsafu, wabhala wathi: “Wena, ogama linguYehova, nguwe wedwa Oyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke.” (INdumiso 83:18) Kwakhona, kwenye indumiso uDavide wabhala wathi: “Ngokuphathelele igama likaYehova uThixo wethu siya kumkhankanya.”—INdumiso 20:7.

IBhayibhile ibonisa ukuba uYehova uThixo uhlola iintliziyo zethu ukuze abone indlela esivakalelwa ngayo ngegama lakhe. Umdumisi wathi: “Ukuba sililibele igama loThixo wethu, . . . ngaba uThixo akayi kukufuna oku? Kuba uyaziqonda iimfihlelo zentliziyo.” (INdumiso 44:20, 21) Umprofeti uIsaya wabhala wenjenje: “Bulelani kuYehova! Bizani egameni lakhe. Zaziseni phakathi kwezizwana izenzo zakhe. Likhankanyeni igama lakhe ukuba libekwe phezulu.”—Isaya 12:4.

UThixo ngokwakhe wathi: “Kuya kufuneka bazi ukuba igama lam nguYehova.” (Yeremiya 16:21) Ngesinye isihlandlo wakha wathi: “Ngokuqinisekileyo ndiya kulingcwalisa igama lam elikhulu, ebelihlanjelwa phakathi kweentlanga, . . . yaye iintlanga ziya kwazi ukuba ndinguYehova.” (Hezekile 36:23) Ezinye iindinyana kwezi zibonisa ukuba umsindo kaYehova uya kuvutha kwabo bangalihloneliyo igama lakhe. Umbandela wegama lakhe asiyonto nje ingenamsebenzi kuThixo.

UYehova UThixo Akakude Kuwe

Unokulazi njani igama likaThixo? Kuthetha ukuthini ukwazi igama likaThixo? IBhayibhile iyaphendula: “Abo balaziyo igama lakho baya kukholosa ngawe.” (INdumiso 9:10) Ngokucacileyo, ukwazi uThixo kubandakanya okungakumbi kunokwazi nje igama lakhe. Ufanele ukholose ngaye. Oku kuthetha ukwazi uhlobo loThixo anguye nokufunda ngeempawu neengcinga zakhe. Oku kuya kukwenza ukholose ngaye.

Ukufundisisa iBhayibhile kuphela kwendlela onokufumana ngayo inkcazelo ephathelele uhlobo loThixo anguye uYehova. Uthembisa ukubakhusela abo bamthandayo nabathanda igama lakhe. Ngokuphathelele nabani na onjalo, uThixo uthi: “Ngenxa yokuba ebonise umsa wakhe kum, nam ndiya kumsindisa. Ndiya kumkhusela ngenxa yokuba elazi igama lam. Uya kubiza kum, yaye ndiya kumphendula. Ndiya kuba naye ekubandezelekeni. Ndiya kumhlangula ndize ndimzukise. Ndiya kumanelisa ngemihla emide, yaye ndiya kumbangela akubone ukusindisa kwam.”—INdumiso 91:14-16.

Olunjani ulwalamano abanalo noYehova uThixo abo balaziyo igama lakhe! Nawe unokuba nolwalamano olunjalo naye. Xa uthandaza ngokusuka entliziyweni, ungoyiki ukumbiza ngegama. Uya kukuphendula kuba iBhayibhile ithi ‘akakude kuye ngamnye wethu.’—IZenzo 17:27.

[Umbhalo osemazantsi]

a INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele epapashwe ngamaNgqina kaYehova, yinguqulelo yeBhayibhile esebenzisa ulwimi lwanamhlanje. Eyona nkalo ibalulekileyo ngale nguqulelo kukuba ibuyisela igama likaThixo kwindawo yalo eBhayibhileni. Ukuza kuthi ga ngoku, sele kushicilelwe imibhalo yale nguqulelo epheleleyo okanye inxalenye yayo engaphezu kwe-122 lamawaka ezigidi ngeelwimi ezingama-45.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 11]

UThixo Uyalazi Igama Lakho

UThixo wathi kuMoses: “Ndikwazile ngegama.” (Eksodus 33:12) Ingxelo eyaziwayo yetyholo elitshayo iyakungqina oku. IBhayibhile ithi uThixo wambiza “ephakathi etyholweni elinameva, wathi: ‘Moses! Moses!’” (Eksodus 3:4) Lo ngomnye wemizekelo emininzi apho uThixo wabiza umntu ngegama. Ngokucacileyo, uMdali wendalo iphela unomdla kumntu ngamnye.

IBhayibhile ithi kwizigidi ngezigidi zeenkwenkwezi ezikhoyo, uThixo wazi nganye ngegama. (Isaya 40:26) Kubekela phi ke ngabantu abamnqulayo! Umpostile uPawulos wabhala wathi: “UYehova uyabazi abakhe.” (2 Timoti 2:19) Oku kuthetha okungakumbi kunokwazi nje amagama abo. UThixo ubazi ukusuka nokuhlala abakhonzi bakhe. Nathi sifanele sazi igama likaThixo neempawu zakhe.

Incwadi yokugqibela yeBhayibhile ithetha ngencwadi yokomfuziselo uThixo abhala kuyo amagama abo bonke abantu abaye bamnqula ukutyhubela imbali. Le ncwadi ibizwa ngokuba ‘ngumsongo wobomi’ kuba uYehova uThixo uza kubanika ubomi obungunaphakade abo babhalwe kuyo. (ISityhilelo 17:8) Eli lithemba elibangel’ imincili kwabo balaziyo igama likaThixo.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 12]

Balivakalisa Igama LikaThixo

● Amazwi engoma kaMoses ngaphambi kokuba amaSirayeli angene kwiLizwe Lesithembiso: “Ndiya kuvakalisa igama likaYehova.”—Duteronomi 32:3.

● Amazwi kaDavide xa wayejamelene nengxilimbela uGoliyati: “Ndiza kuwe ngegama likaYehova wemikhosi.”—1 Samuweli 17:45.

● Amazwi kaYobhi emva kokuba ephulukene nayo yonke impahla yakhe wafelwa nangabantwana bakhe bonke: “Maliqhubeke libongwa igama likaYehova.”—Yobhi 1:21.

● Amazwi acatshulwa ngumpostile uPetros kwiZibhalo zesiHebhere xa wayenikela intetho: “Wonk’ ubani obiza egameni likaYehova uya kusindiswa.”—IZenzo 2:21.

● Amazwi omprofeti uIsaya: “Bulelani kuYehova! Bizani egameni lakhe. . . . Likhankanyeni igama lakhe ukuba libekwe phezulu.”—Isaya 12:4.

● Xa uYesu Kristu wayefundisa abafundi bakhe indlela yokuthandaza: “Ngoko ke, nina nize nithandaze ngale ndlela: ‘Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho.’”—Mateyu 6:9, 10.

● Xa uYesu Kristu wayethandaza kuThixo: “Ndilibonakalisile igama lakho.”—Yohane 17:6.

● Xa uThixo wayethetha nabantu bakhe: “NdinguYehova. Lilo elo igama lam; andiluniki omnye uzuko lwam.”—Isaya 42:8.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share