‘Khawubone Eli Lizwe Lihle’
“Esi sixhobo simangalisayo ndisifumene ngexesha elifanelekileyo,” labhala lenjenjalo elinye ibhinqa emva kokufunda incwadana enemifanekiso eneemaphu zeBhayibhile esandul’ ukupapashwa ethi, ‘Khawubone Eli Lizwe Lihle.’ “Iindawo, abantu nezinto ekuthethwa ngazo eZibhalweni zibangel’ umdla ngokwenene kum ngoku.”
Le ncwadana inemifanekiso emibalabala nenamaphepha angama-36, inceda abafundi beLizwi likaThixo babe nombono woko kuthethwa ngako eBhayibhileni. Eli bhinqa lihlabela mgama lenjenje: “Ukubona ukuphakama kwetempile xa ithelekiswa nommandla okufuphi nayo kuyandinceda ndiziqonde kakuhle iZibhalo ezithetha ngonqulo lukaYehova ‘oluphakamileyo.’ Indinceda kakhulu ukuze ndibone kakuhle iindlela ezazimi ngayo izixeko zokusabela, nezinye iindawo ekuthethwa ngazo kwiZibhalo zesiHebhere nezesiGrike. Ndaqala ukusebenzisa le ncwadana intle xa ndandifundisisa incwadi yeBhayibhile yeZenzo.”
Eli bhinqa laqukumbela ngokuthi: “Esi sipho sihle ndiza kusisebenzisa rhoqo xa ndifunda iLizwi likaThixo.”
Unokuzicelela umbhalo wale ncwadana ithi ‘Khawubone Eli Lizwe Lihle,’ ngokuzalisa eli phetshana lingezantsi uze ulithumele kwidilesi eboniswe kulo okanye kwidilesi efanelekileyo kwezidweliswe kwiphepha 5 leli phephancwadi.
□ Ncedani nindithumelele umbhalo wencwadana ethi ‘Khawubone Eli Lizwe Lihle.’
□ Ncedani niqhagamshelane nam ngokuphathelele isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 32]
Pictorial Archive (Near Eastern History) Est.