IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g04 8/8 iphe. 3-4
  • Urhwaphilizo—Ingxaki Esehlabathini Lonke

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Urhwaphilizo—Ingxaki Esehlabathini Lonke
  • Vukani!—2004
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ubulumko Kukukuthintela Kungekenzeki Oku
  • Abasasoyiki Isiphelo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • UGawulayo—Lo Bhubhani Usagqugqisile
    Vukani!—1998
  • Ukuncokola Nommelwane—Ngaba UYesu NguThixo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Ndingubani?
    Imibuzo Eli-10 Yolutsha Iyaphendulwa
Khangela Okunye
Vukani!—2004
g04 8/8 iphe. 3-4

Urhwaphilizo—Ingxaki Esehlabathini Lonke

NGENXA yomtsalane nokuthetha kamnandi, uWayne wabonakala eluhlobo kanye lomyeni owayefunwa nguKaren. UKaren wathi: “Wayeyilento kanye ndandiyifuna nendandiyithandazela. Wonk’ umntu osibonayo wayesithi siyafanelana. Wandenza ndacinga ukuba uyandithanda.”

Noko ke, kwakukho ingxaki. UWayne waxelela uKaren ukuba uyenye yeengqwayingqwayi zeAustralian Secret Intelligence Organization. Wathi ufuna ukuyeka kuloo msebenzi, kodwa abavumi. Wayesazi into eninzi yalapho. Babeza kumbulala! Bobabini bapheka iqhinga. Babeza kutshata, badibanise ubutyebi babo, bemke eOstreliya babalekele eKhanada. UKaren wathengisa umzi wakhe nazo zonke izinto zakhe, waza imali yakhe wayigcinisa kuWayne.

Batshata ngokwezicwangciso zabo. UWayne walishiya elo lizwe, kodwa wamshiya ngasemva uKaren, esala neerandi ezingamashumi amathathu kuphela ebhankini. Kwangoko waqonda ukuba uqhathiwe, injongo ikukutya imali yakhe. Njengomdlali kumdlalo othile, uWayne wazenza mntu wumbi—kanye olo hlobo lwaluthandwa yile nzwakazi. Wamkhohlisa ngemvelaphi yakhe, izinto anomdla kuzo, ubuntu nothando lwakhe ukuze amthembe—ukumthemba okwamphulukanisa nemali engaphezu kwee-R1,32 zezigidi. Elinye ipolisa lathi: “Uye wadlwengulwa ngokweemvakalelo. Kungasathethwa ke ngemali—oku kunokumenzakalisa gqitha umntu.”

UKaren wathi: “Andazi nokuba mandithini. Uye wazenza umntu ongekhoyo kweli.”

Noko ke, uKaren ngomnye nje kwinkumbula yamaxhoba orhwaphilizo ehlabathini lonke. Akwaziwa ukuba ingakanani imali erhwatshilizwe kwamanye, nakuba iqikelelwa kumawaka ezigidi zeerandi yaye iya isanda minyaka le. Ngaphandle kokulahlekelwa yimali yawo, amaxhoba afana noKaren abandezeleka gqitha ngokweemvakalelo xa ecinga ukuba umntu—ngokuqhelekileyo umntu amthembileyo—uye wawaxhaphaza.

Ubulumko Kukukuthintela Kungekenzeki Oku

Urhwaphilizo luchazwa “njengobuqhophololo okanye ukukhohlisa ngenjongo yokuzuza imali ngokwenza inkwalambisa, ukuqhatha okanye izithembiso zobuxoki.” Okubuhlungu kukuba, inkoliso yabarhwaphilizi ikwenza nje lula oko yaye ayohlwaywa kuba kusoloko kunzima ukufumana ubungqina bokuba ikhohlise ngabom. Ukongezelela, amaqothaqikili amaninzi ayawazi umthetho yaye awusebenzisa kakubi—ayazazi iindlela zokutya imali yabantu ezenza kube nzima ukuba atshutshiswe okanye ezenza angatshutshiswa kwaphela. Yaye, ukusa iqothaqikili enkundleni kudla ixesha nemali eninzi. Lawo asiwa emthethweni idla ngokuba ngalawo atye izigidi zeerandi okanye enze into eyothusa kangangokuba ifune ingqalelo yabantu. Nokuba lide labanjwa lohlwaywa iqothaqikili, kusenokwenzeka ukuba seliyityile okanye layifihla loo mali. Ngoko, ayifane yenzeke into yokubuyekezwa kwamaxhoba imali yawo.

Ngeliphandle, xa ulixhoba lorhwaphilizo, asenokuba mbalwa okanye angabikho amathuba okuphinda ufumane imali yakho. Obona bulumko kukuphepha ukuba lixhoba kunokuzama iindlela zokufumana imali yakho sele uqhathiwe. Indoda esisilumko mandulo yabhala yathi: “Onobuqili ubona intlekele azifihle, kodwa abangenamava bayadlula baze bafumane isohlwayo.” (IMizekeliso 22:3) Inqaku elilandelayo liza kuchaza iindlela onokuzikhusela ngazo kurhwaphilizo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share