IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g04 8/8 iphe. 32
  • ‘Indinceda Ndikwazi Ukunyamezela Uvavanyo’

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • ‘Indinceda Ndikwazi Ukunyamezela Uvavanyo’
  • Vukani!—2004
Vukani!—2004
g04 8/8 iphe. 32

‘Indinceda Ndikwazi Ukunyamezela Uvavanyo’

Leyo yindlela omnye umfundi waseConnecticut, eUnited States, awayichaza ngayo incwadi ethi Sondela KuYehova. Wathi: “Ndifunda indawana encinane yonk’ imihla. Ngeemini ezinzima zodandatheko, ukuyifunda nje ngokufutshane kundinceda ndikwazi ukunyamezela uvavanyo.”

Uhlabela mgama athi: “Umfanekiso womalusi onobubele okwiphepha 69 undikhuthaza gqitha. Yaye ndiyithanda gqitha ingongoma ekwiphepha 28, kwisiqendu 8, ephathelele amava kaMoses xa kwakusitsha ityholo ekwathi ‘nezinto ezilingqongileyo zaba ngcwele ngenxa yobukho bukaYehova apho!’ Ukuba uYehova unokukwazi ukwenza umhlaba nje ube ngcwele, oko kuthetha ukuba kukho ithemba lokuba unokundenza ngcwele nam. Le ngcamango indinceda gqitha kuba ndihlala ndijamelane nengxaki yokudandatheka okungapheliyo.”

Sikholelwa ukuba nawe uya kungenelwa kukufunda le ncwadi inoqweqwe oluthambileyo inamaphepha angama-320 ithi, Sondela KuYehova. Unokuzicelela umbhalo wayo ngokuzalisa eli phetshana lingezantsi uze ulithumele kwidilesi eboniswe kulo okanye kwidilesi efanelekileyo kwezidweliswe kwiphepha 5 leli phephancwadi.

□ Ncedani nindithumelele umbhalo wencwadi enemifanekiso ethi Sondela KuYehova.

□ Ncedani niqhagamshelane nam ngokuphathelele isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share