IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g05 2/8 iphe. 32
  • Eyona Ncwadi Yolutsha Ixatyisiweyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Eyona Ncwadi Yolutsha Ixatyisiweyo
  • Vukani!—2005
Vukani!—2005
g05 2/8 iphe. 32

Eyona Ncwadi Yolutsha Ixatyisiweyo

INQUNUNU yaseTigoni, Isikolo Samantombazana Semfundo Ephakamileyo saseLimuru, eKenya, yabhalela iofisi yesebe lamaNgqina kaYehova ekwelo, icela imibhalo yencwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo. Yathi: “Njengoko nisazi, kunzima ukusingatha iingxaki zabakwishumi elivisayo. Sinemibhalo emibini yencwadi yenu, eye yaluncedo kubafundisi-ntsapho nakubafundi. Inenkcazelo eyaneleyo yaye iyazanelisa iintswelo zethu nezabakwishumi elivisayo.”

Emva koko inqununu yathi: “Abaphathi [besikolo] bangathanda ukusebenzisa le ncwadi iluncedo kangaka ekufundiseni amantombazana asesikolweni sethu. Bayithanda gqitha le ncwadi. Nabazali bayayixhasa yonke imigudu yethu yokunceda abantwana babo. Okwangoku, sicinga ukuba imibhalo engama-25 yale ncwadi iya kwanela.”

Incwadi ethi Abantu Abaselula ixhokonxa iingcinga neemvakalelo zolutsha. Iqulethe iingxubusho eziyingenelo kwimibandela enjengale: “Ndinokubenza Njani Abazali Bam Ukuba Bandinike Inkululeko Engakumbi?,” “Ngaba Ndifanele Ndilishiye Ikhaya?,” “Ndinokuzenzela Njani Abahlobo Bokwenene?,” “Luhlobo Olunjani Lomsebenzi Endimele Ndiwukhethe?,” “Kuthekani Ngokuba Neentlobano Zesini Ngaphambi Komtshato?,” nothi “Ndinokwazi Njani Ukuba Luthando Lokwenene?”

Le yeminye yemixholo equlethwe yile ncwadi. Kwimixholo yayo engama-39, le ncwadi ithetha nangeminye imibandela. Unokuzicelela umbhalo wale ncwadi ngokuzalisa eli phetshana lingezantsi uze ulithumele kwidilesi eboniswe kulo okanye kwidilesi efanelekileyo kwezidweliswe kwiphepha 5 leli phephancwadi.

□ Ncedani nindithumelele umbhalo wencwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo.

Chaza ulwimi.

□ Ncedani niqhagamshelane nam ngokuphathelele isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share