Ngubani ‘Okuphela KoThixo Oyinyaniso’?
UYESU wayesoloko ethandaza kuThixo, awayembiza ngokuthi Bawo, yaye wayefundisa nabanye ukuba benjenjalo. (Mateyu 6:9-11; Luka 11:1, 2) Kumthandazo wakhe kunye nabapostile bakhe—kwisithuba nje seeyure ngaphambi kokufa kwakhe—uYesu wenza esi sicelo: “Bawo, ilixa lifikile; mzukise unyana wakho, ukuze unyana wakho akuzukise. Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.”—Yohane 17:1, 3.
Phawula ukuba uYesu uthandaza kuLowo ambiza ngokuba “ukuphela koThixo oyinyaniso.” Ubhekisela kwisikhundla esiphakamileyo sikaThixo xa ehlabela mgama esithi: “Ngoko ke wena, Bawo, ndizukise ecaleni kwakho ngozuko endandinalo ecaleni kwakho phambi kokubakho kwehlabathi.” (Yohane 17:5) Ekubeni uYesu wathandaza kuThixo ecela ukuba secaleni koThixo, inokwenzeka njani into yokuba aphinde uYesu abe ‘ngokuphela koThixo oyinyaniso’? Makhe siwuhlolisise lo mbandela.
Isikhundla SikaYesu Ezulwini
Kwiiyure ezimbalwa emva kwalo mthandazo, uYesu wabulawa. Kodwa akazange afe xesha lide—ukususela nje ngemvakwemini yangoLwesihlanu de kwangeCawa kusasa. (Mateyu 27:57–28:6) Umpostile uPetros unikela le ngxelo: “Lo Yesu uThixo wamvusa, sibakala eso esingamangqina aso thina sonke.” (IZenzo 2:31, 32) Ngaba kunokwenzeka ukuba abe uYesu wazivusa? Akunjalo, kuba ngokutsho kweBhayibhile, abafileyo “abazi nto konke konke.” (INtshumayeli 9:5) ‘Okuphela koThixo oyinyaniso,’ uYise kaYesu wasezulwini, wamvusa uNyana wakhe.—IZenzo 2:32; 10:40.
Kungekudala emva koko, umfundi kaYesu uStefano wabulawa ngabatshutshisi bonqulo. Xa babesele beza kumxuluba ngamatye, uStefano waboniswa umbono. Wathi: “Khangelani! Ndiwabona amazulu evulekile noNyana womntu emi ngasekunene kukaThixo.” (IZenzo 7:56) UYesu, ‘uNyana womntu,’ wabonwa nguStefano ekunye noThixo ezulwini—“emi ngasekunene kukaThixo”—kanye njengokuba ‘wayesecaleni kwakhe’ ngaphambi kokuba eze emhlabeni.—Yohane 17:5.
Kamva, emva kokubulawa kukaStefano, uYesu wabonakala ngokungummangaliso kuSawule, owayesaziwa kakhulu ngegama lakhe lesiRoma, uPawulos. (IZenzo 9:3-6) Xa uPawulos wayeseAthene, eGrisi, wathetha “ngoThixo owenza ihlabathi nazo zonke izinto ezikulo.” Wathi lo Thixo, “ukuphela koThixo oyinyaniso,” ‘uya kugweba umhlaba omiweyo ngobulungisa ngendoda ayimiseleyo, yaye ubanike isiqinisekiso bonke abantu ngokuba eye wayivusa kwabafileyo.’ (IZenzo 17:24, 31) Apha umpostile uPawulos wachaza uYesu ngokuthi “yindoda”—ewe, engaphantsi koThixo—neyabuyiselwa nguThixo kubomi basezulwini.
Nompostile uYohane uchaza uYesu njengongaphantsi kuThixo. UYohane wathi incwadi yakhe yeVangeli uyibhale ngenjongo yokuba abo bayifundayo baqonde ukuba “uYesu unguye uKristu uNyana kaThixo”—kungekhona uThixo. (Yohane 20:31) Kanti uYohane wafumana umbono ovela ezulwini nawabona kuwo “iMvana,” echazwe kwincwadi yakhe yeVangeli njengoYesu. (Yohane 1:29) Le Mvana imi nabanye abali-144 000, athi uYohane “bathengwe [bavuswe] emhlabeni.” UYohane uthi aba bali-144 000 ‘banegama leMvana negama loYise libhaliwe emabunzini abo.’—ISityhilelo 14:1, 3.
Ngaba kunokwenzeka ukuba ‘iMvana’ ibe ‘nguYise’? Ngokuqinisekileyo akunjalo. EBhayibhileni bahlukile. Bade babe namagama awahlukileyo.
Igama LeMvana NeloYise
Njengoko sele sibonile, igama elanikwa uNyana kaThixo, oyiMvana, nguYesu. (Luka 1:30-32) Ngubani elikaYise igama? Livela eBhayibhileni izihlandlo ezingamawakawaka. Ngokomzekelo, INdumiso 83:18 ithi: “Wena, ogama linguYehova, nguwe wedwa Oyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke.” Okulusizi kukuba, kwezinye iinguqulelo zeBhayibhile, kuye kwafakwa amabinzana anjengelithi “NKOSI” nelithi “THIXO,” nadla ngokubhalwa ngoonobumba abakhulu, endaweni yegama likaThixo, uYehova. Aba nobumba benzelwe ukwahlula uYehova kwabanye oothixo neenkosi.a Kodwa, kwiinguqulelo ezininzi zeBhayibhile, iGama likaThixo libuyiselwe kwindawo efanelekileyo.
IAmerican Standard Version yesiNgesi (yowe-1901) ingumzekelo ophawulekayo wenguqulelo yeBhayibhile eye yabuyisela igama likaThixo, uYehova, kwindawo efanelekileyo. Intshayelelo yayo ithi: “Emva kokuphonononga ngenyameko, abahlaziyi bale Nguqulelo yaseMerika baye beyiseka ngamxhelo-mnye ukuba iinkolelo zamaYuda, zokuba iGama likaThixo lingcwele gqitha ukuba lingabizwa, azimele zibalaseliswe kwinguqulelo yesiNgesi okanye nayiphi na enye inguqulelo yeTestamente Endala, kanye njengokuba kungenjalo kwiinguqulelo ezahlukahlukeneyo eziguqulelwe ngabavangeli bale mihla.”
UBathathu Emnye—Uyimfundiso Kabani?
Kuthekani ngemfundiso yokuba uYehova noYesu banguThixo omnye ngokutsho kwemfundiso kaBathathu Emnye? Iphephancwadi iThe Living Pulpit lika-Aprili-Juni 1999, lathi xa lalichaza uBathathu Emnye: “Mnye uThixo noYise, neNkosi enye uYesu Kristu, noMoya Oyingcwele omnye, ‘abantu’ abathathu . . . bona banye . . . ; abantu abathathu abangooThixo abalinganayo, abafanayo, kodwa bahlukile yaye ngamnye kubo uneempawu zakhe.”b
Yavela phi le mfundiso intsonkothileyo kaBathathu Emnye? IChristian Century kaMeyi 20-27, 1998, icaphula umfundisi oyiqondayo into yokuba uBathathu Emnye “yimfundiso yecawa kungekhona ekaYesu.” Nakuba uBathathu Emnye engeyomfundiso kaYesu, ngaba iyavisisana noko wayekufundisa?
UBawo—Mkhulu KunoNyana
UYesu wafundisa abafundi bakhe ukuba bathandaze ngale ndlela: “Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho.” UBawo wethu osemazulwini, ogama linguYehova, uchazwe eBhayibhileni njengomkhulu kunoNyana. Ngokomzekelo, uYehova ‘ususela kwixesha elingenammiselo ukusa kwixesha elingenammiselo.’ Kodwa iBhayibhile ithi uYesu “lizibulo kwindalo yonke.” Isibakala sokuba uYehova emkhulu kunoYesu, wasichaza ngokwakhe uYesu xa wathi: “uBawo mkhulu kunam.” (Mateyu 6:9; INdumiso 90:1, 2; Kolose 1:15; Yohane 14:28) Kodwa, imfundiso kaBathathu Emnye ibethelela ukuba uBawo noNyana “bangooThixo abalinganayo.”
Ukuba mkhulu kukaBawo kunoNyana, kwakunye nesibakala sokuba, uBawo engumntu owahlukileyo, kuboniswa ngokucacileyo kwimithandazo kaYesu, njengalowo wawenza ngaphambi kokubulawa kwakhe: “Bawo, ukuba uyanqwena, yishenxise le ndebe [ngamany’ amazwi, ukufa okulihlazo] kum. Noko ke, makwenzeke, kungekhona ukuthanda kwam, kodwa okwakho.” (Luka 22:42) Ukuba uThixo noYesu “bangumntu omnye,” ngokutsho kwemfundiso kaBathathu Emnye, kunokwenzeka njani ukuba ukuthanda kukaYesu kubonakale kwahlukile kokukaYise?—Hebhere 5:7, 8; 9:24.
Ukongezelela, ukuba uYehova noYesu bebengumntu omnye, kunokwenzeka njani ukuba omnye azi izinto ezingaziwayo ngomnye? Ngokomzekelo, uYesu wathi ngokuphathelele ixesha lokugwetywa kwehlabathi: “Akukho bani uwaziyo loo mhla okanye elo lixa, azazi neengelosi ezisezulwini engazi noNyana, ngaphandle koBawo.”—Marko 13:32.
UBathathu Emnye NeCawa
UBathathu Emnye akayomfundiso ivela kuYesu okanye kumaKristu enkulungwane yokuqala. Njengoko kubonisiwe ngaphambili, “uyimfundiso yecawa.” IThe Living Pulpit yowe-1999 eyayithetha ngoBathathu Emnye, yathi: “Maxa wambi, kuye kubonakale ngathi wonke umntu ucinga ukuba imfundiso kaBathathu Emnye iyimfundiso esisiseko yamaKristu,” kodwa yalek’ umsundulo isithi “ayiveli eBhayibhileni.”
INew Catholic Encyclopedia (yowe-1967) ivelisa iinkcukacha zikaBathathu Emnye ize ivume ukuba: “Xa sizijonga kakuhle izinto, imfundiso kaBathathu Emnye yavela ngasekupheleni kwenkulungwane yesi-4. . . . Isibakala ‘soThixo omnye kwiZiqu ezithathu’ sasingekabi nasiseko siqinileyo, ngokuqinisekileyo sasingekangeni ncam kumaKristu nakwiinkolelo zawo, ngasekupheleni kwenkulungwane yesi-4.”
UMartin Werner, ongunjingalwazi kwiYunivesithi yaseBern, eSwitzerland, wathi: “Naphi na kwiTestamente Entsha apho kuthethwa ngolwalamano lukaYesu noThixo, uYise, enoba kuthethwa ngokuphila kwakhe emhlabeni, okanye kuthethwa ngaye njengoMesiya, isoloko ivela ngaphandle kwamathandabuzo into yokuba ungaphantsi kuYise.” Izicacele into yokuba, oko kwakukholelwa nguYesu namaKristu enkulungwane yokuqala kwahlukile lee kwimfundiso kaBathathu Emnye yeecawa zanamhlanje. Yayivela phi ke le mfundiso?
Apho Wayevela Khona UBathathu Emnye
IBhayibhile isixelela ngoothixo noothixokazi abaninzi ababenqulwa ngabantu, kuquka uAshtoreti, uMilkom, uKemoshe, noMoleki. (1 Kumkani 11:1, 2, 5, 7) Nabantu abaninzi bohlanga lwakwaSirayeli mandulo babekholelwa ukuba uBhahali nguThixo wokwenyaniso. Ngoko umprofeti kaYehova uEliya wabakhethisa esithi: “Ukuba uYehova nguThixo oyinyaniso, landelani yena; kodwa ukuba nguBhahali, landelani yena.”—1 Kumkani 18:21.
Ukunqulwa koothixo babahedeni abathathu, okanye ubathathu emnye kwakuxhaphake kwangaphambi kokuzalwa kukaYesu. Umbhali-mbali uWill Durant ubhala athi: “Ingcamango yothixo onguBathathu Emnye ivela eYiputa.” KwiEncyclopædia of Religion and Ethics, uJames Hastings wabhala wathi: “Ngokomzekelo, ubathathu emnye wamaIndiya ubunjwa nguBrahmā, uSiva, noViṣṇu; kanti owamaYiputa uquka uOsiris, uIsis, noHorus.”
Ngenxa yoko baninzi oothixo. Ngaba amaKristu enkulungwane yokuqala ayekuqonda oku? Yaye ngaba ayegqala uYesu njengoThixo uSomandla?
[Imibhalo esemazantsi]
a Ngokomzekelo, bona INdumiso 110:1 kwiKing James Version. Le ndinyana icatshulwe nguYesu nanguPetros.—Mateyu 22:42-45; IZenzo 2:34-36.
b ISivumo Sokholo sika-Athanasius esabhalwa kumakhulu ambalwa eminyaka emva kokufa kukaYesu, samchaza ngolu hlobo uBathathu Emnye: “UYise nguThixo: uNyana nguThixo: noMoya Oyingcwele nguThixo. Kodwa abangoThixo bathathu: kodwa banguThixo omnye.”
[Umfanekiso okwiphepha 19]
EYIPUTA
Oothixo abathathu uHorus, uOsiris, noIsis, ngenkulungwane yesibini Ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo
[Umfanekiso okwiphepha 19]
EPALMYRA, NASESIRIYA
Uthixo ongubathathu emnye wenyanga, iNkosi Yezulu, nothixo welanga ngenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo
[Umfanekiso okwiphepha 19]
EINDIYA
Uthixo wamaHindu oneentloko ezintathu ngenkulungwane yesixhenxe yeXesha Eliqhelekileyo
[Umfanekiso okwiphepha 19]
ENORWAY
UBathathu Emnye (uYise, uNyana, noMoya oyingcwele), ngenkulungwane ye-13 yeXesha Eliqhelekileyo
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 19]
Top two photos: Musée du Louvre, Paris