Xa Kufe Umntwana
◼ Xa kufe umntwana baba buhlungu abantu abashiyekileyo, ingakumbi abazali baloo mntwana. Umama owafelwa ngunyana wakhe oneminyaka eli-16 ubudala xa watsha kwingozi ehambis’ umzimba wathi: “UThixo akasivumeli ukuba singene ezihlangwini zabantwana bethu xa besifa, yaye engasivumeli nokuba sife kunye nabo.”
Kanti, engaphelelwanga lithemba wathi: “UThixo usichazele inyaniso ngemeko yabafi, yaye oku kuye kwasenza mna nomyeni wam asadandatheka okanye sahlala sinesimo sengqondo esifanelekileyo.” Uyavuma ukuba “uThixo akanguye unobangela wokufa konyana wabo, yaye uthembisa ukuvusela abafileyo kumhlaba oyiparadesi. Ngamehlo engqondo, simbona unyana wethu ephilile, esempilweni yaye onwabile, ekunye nabahlobo bakhe nentsapho yakowabo.”
Sekunjalo, kwanabo baqinisekileyo ngethemba lovuko bayakufuna ukuthuthuzelwa. Lo mama wafumana intuthuzelo enjalo kubahlobo bakhe abaninzi. Uthi: “Imibhalo abasifundela yona nezenzo zobubele ababethetha ngazo babezifumana kwincwadana enemifanekiso ethi Xa Umntu Omthandayo Esifa. Sikhuthaza bonke abahlobo ukuba bayifunde le ncwadana ukuze bayiqonde indlela esivakalelwa ngayo nentlungu esiza kuqhubeka siyinyamezele.”
Mhlawumbi wena okanye omnye umntu omaziyo uya kuthuthuzeleka xa efunde incwadana enemifanekiso ethi Xa Umntu Omthandayo Esifa. Unokuzicelela umbhalo wayo ngokuzalisa eli phetshana lingezantsi uze ulithumele kwiadresi eboniswe kulo okanye kwefanelekileyo kwezidweliswe kwiphepha 5 leli phephancwadi.
□ Ncedani nindithumelele umbhalo wencwadana enemifanekiso ethi Xa Umntu Omthandayo Esifa.
□ Ncedani niqhagamshelane nam ngokuphathelele isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa.