IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 1/06 iphe. 16-17
  • Amkile!

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Amkile!
  • Vukani!—2006
Vukani!—2006
g 1/06 iphe. 16-17

Amkile!

LALISELE lisiya kunina, kukho inkwankca yasekwindla. Kodwa loo nzolo yaphazanyiswa yingxokozelo yamarhanisi. Ngequbuliso athi gqi phaya—emalunga nama-20 ebhabha ngohlelo olungathi ngunobumba omkhulu ongu-V. Elinye irhanisi lathi cebu ngasekhohlo laza labhabha emva kwamanye. Lo mbono umangalisayo wawubangel’ umdla. Kutheni amarhanisi ebhabha ngolu hlobo? Aya phi la marhanisi?

Irhanisi yintaka yasemanzini, ibe lifana kakhulu namadada. Kukho malunga neentlobo zamarhanisi ezingama-40 ehlabathini lonke, ibe ngokuqhelekileyo zifumaneka kumazwe aseAsia, eYurophu, nakuMntla Merika. Irhanisi laseKhanada lelona liqhelekileyo, yaye linentamo ende emnyama enombala omhlophe emqaleni. Iinkunzi zala marhanisi zibizwa ngokuba ngamarhanisi amakhulu aseKhanada, yaye zisenokuba nobunzima obuziikhilogram ezisi-8 ibe amaphiko azo anokuba ziimitha ezi-2 ububanzi. Eli rhanisi lichitha ihlobo eAlaska nakumtla weKhanada lize lifudukele eMexico ngeenyanga zobusika.

Ixesha lokufuduka libalulekile kumarhanisi. Ukuba ebenokufudukela emantla ngaphambi kwexesha, ebeya kufika apho amanzi esenomkhenkce ibe uhlaza lunqabile. Kodwa ke, kubonakala ukuba la marhanisi aseKhanada afudukela kumantla ngokuhambisana namaxesha onyaka. Xa efika apho aya khona, la marhanisi ayahlukana, ize inkunzi nganye nemazi yayo zihambe, ziye kulungiselela ukuba namantshontsho.

Uhlelo abhabha ngalo luwenza amarhanisi akwazi ukubonana nokuze xa elo likhokelayo lijika lisiya kwelinye icala, litshintsha isantya okanye ukuphakama, akwazi namanye ukutshintsha ngokukhawuleza. Ngaphezu koko, ezinye iingcali zikholelwa ukuba umoya obangelwa ngamarhanisi angaphambili wenza kube lula ukubhabha kulawo eza ngasemva, nto leyo enciphisa umoya ovuthuzayo. Phofu ke, kubonakala ngathi amarhanisi afudukayo aquka iintsapho ezininzi yaye amadala atshintshana ngokukhokela.

Ngokuqhelekileyo, amarhanisi aseKhanada asebenzisa indlwana enye nyaka ngamnye. Le ndlwana yenziwe ngezinto eziqhelekileyo, ezifana nezinti, ingca kunye nobulembu. Irhanisi liba neqabane elinye ubomi balo bonke. Ukuba kuyenzeka ukuba elinye life, elo liseleyo linokufuna elinye iqabane. Kodwa amaxesha amaninzi lihlala ngaphandle kweqabane.

Irhanisi libeka amaqanda amane ukuya kwasibhozo, lize liwaqandusele iintsuku ezingama-28. Amarhanisi axolele ukufa xa ekhusela amantshontsho awo. Ukuba amantshontsho asongelwa kokuthile amarhanisi avath’ iqaqa, yaye alwel’ ukuzibulala. Aliqhwaba ngaloo maphiko awo omeleleyo utshaba.

Amantshotsho aqalisa ukwenza ingxolwana yawo esesemaqandeni. Izandi zawo zingaba zeziphezulu (nto leyo ebonisa ukwaneliseka kwawo) okusa kwizandi ezibonisa ukungonwabi. Amarhanisi nawo anezandi ezahlukeneyo ukuze ancokole namantshontsho okanye amanye amarhanisi. Enyanisweni, abaphengululi baye bakhetha izandi ezili-13 ezahlukahlukeneyo ezenziwa ngamarhanisi aseKhanada.

Ngokwenene, amarhanisi anikela ubungqina bokuba ‘ngethuku lemvelo alumkile.’ (IMizekeliso 30:24) Kakade ke, yonke indumiso imele iye kuYehova uThixo, uMenzi wazo zonke izinto—kuquka nezidalwa eziphaphazela ezulwini.—INdumiso 104:24.

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 17]

Ngaba ubusazi?

● Emva nje kokuqanduselwa, amantshontsho amarhanisi nabazali bawo ayishiya ngokupheleleyo indlwana. Ezi ntsapho ngokuqhelekileyo ziqhubeka zihamba kunye.

● Kuthiwa amarhanisi aneentloko ezisixwexwe afudukela ngaphezu kweeNtaba zeMount Everest, ezinobude obuphantse bube ziimitha ezingama-8 900.

● Amanye amarhanisi angabhabha malunga neekhilomitha ezili-1 600 ngaphandle kokuphumla.

● Xa amarhanisi ebhabha ngesantya esifanayo nerhanisi elibhabha lodwa, asebenzisa amaphiko kancinane kunesiqhelo, ngaloo ndlela iintliziyo zawo zibetha ngomlinganiselo omncinane.

[Inkcazelo]

Entla ekhohlo: U.S. Fish & Wildlife Service, Washington, D.C./Duane C. Anderson

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 16]

Amarhanisi abhabhayo: © Tom Brakefield/CORBIS

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share