IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 2/06 iphe. 8-9
  • Uya Kuba Namandla Obutsha Ngonaphakade!

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Uya Kuba Namandla Obutsha Ngonaphakade!
  • Vukani!—2006
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Zonke Izinto Ziya Kuba Ntsha Kulutsha Nakubantu Abadala
  • Ithemba Eliqinisekileyo
    Vukani!—2000
  • Ihlabathi Elitsha Nelimangalisayo Elenziwe NguThixo
    Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?
  • Phila Ngonaphakade Kumhlaba Oyiparadisi
    Iyintoni Injongo Yobomi? Unokuyifumana Njani?
  • “Sakubonana EParadesi!”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2018
Khangela Okunye
Vukani!—2006
g 2/06 iphe. 8-9

Uya Kuba Namandla Obutsha Ngonaphakade!

ZAZISELE zibaliwe iintsuku zendoda eyayisecaleni koYesu. Yambongoza yathi: “Yesu, uze undikhumbule xa uthe wangena ebukumkanini bakho.” UYesu waphendula wathi: “Inene ndithi kuwe namhlanje, uya kuba nam eParadesi.” (Luka 23:42, 43) Liyinyaniso elokuba, loo ndoda egama layo lingachazwanga, yayingaguli ngamahlaba okwaluphala; yayibulawelwa isenzo sayo solwaphulo-mthetho. Nakuba kunjalo, abantu abasele bekhulile banokufumana isiqabu xa becinga ngemeko yale ndoda yayisengxakini.

Hayi indlela eyayinentembelo ngayo le ndoda! Nakuba uYesu wayesifa ecaleni kwayo kumthi wentuthumbo, le ndoda yayingathandabuzi ukuba uYesu ngokuqinisekileyo wayeza kulawula njengoKumkani kuBukumkani bukaThixo. Ibe yayiqonda into yokuba, ngenye imini uYesu angayenzela inceba. Khawufan’ ucinge—le ndoda inguncanyelweni iya kuvuswa kwelabafileyo, ivuselwa kwiParadesi entle, apho uYesu aya kuba nguKumkani!

Uluntu lukwimeko efana naleyo yalo menzi-bubi. Njani? Kungakhathaliseki enoba sibadala kangakanani na, sonke sihlawula ityala lesono yaye sikufuna ngamehl’ amnyama ukusindiswa. (Roma 5:12) Njengesi saphuli-mthetho, sinako ukukhangela kuKristu Yesu ukuze sifumane ithemba—nkqu ithemba lesiqabu kwiintlungu neengxaki ezibangelwa bubudala! Ukuze siqiniseke ngoku, uYesu uye walungiselela ukuba abantu babe nethemba lobomi obungunaphakade, bephilile ngokwasemzimbeni yaye befezekile nangokwasengqondweni kwiparadesi esemhlabeni.—Yohane 3:16, 36.

Zonke Izinto Ziya Kuba Ntsha Kulutsha Nakubantu Abadala

Phantsi koBukumkani bukaKristu, abemi bomhlaba ‘baya kuziyolisa ngobuninzi boxolo.’ (INdumiso 37:11) Akukho namnye kubo oya kuthi: “Ndiyagula.” (Isaya 33:24) Nabuphi na ubuthathaka esiye sabunyamezela buya kupheliswa, kuba “isiqhwala siya kutsiba njengexhama, nolwimi lwesimumu luya kumemelela ngochulumanco.” (Isaya 35:6) Abantu abalupheleyo baya kubuyela emihleni yamandla obutsha babo; inyama yabo “iya kuhlaziyeka ngakumbi kunasebutsheni.”—Yobhi 33:25.

Noko ke, ngaba kusengqiqweni ukuba neli themba? Kaloku, khawucinge ngoMntu owathembisa indoda eyayisifa ngokuba nayo eParadesi. Kukho ixesha apho izihlwele zeza kuYesu nabantu ababeziziqhwala, izimumu, iimfama kunye nezithulu. Ngokuzithandela waphilisa “lonke uhlobo lwesifo nalo lonke uhlobo lobulwelwe.” (Mateyu 9:35, 36; 15:30, 31; Marko 1:40-42) Wanikela ubungqina obubambekayo boko uBukumkani bakhe buya kukwenza. UYesu wada wavusa abantu abaninzi ababefile. (Luka 7:11-17; Yohane 11:38-44) Ngaloo ndlela ebethelela isithembiso sakhe sokuba “bonke abo bakumangcwaba enkumbulo balive ilizwi lakhe baze baphume.”—Yohane 5:28, 29; IZenzo 24:15.

Khawufan’ ucinge, ukuvuka ukwiParadesi unomzimba omtsha, ubona kakuhle, uphulaphule intsholo emyoli yeentaka namazwi abantu abonwabileyo, iingalo kunye nemilenze azisenantlungu ibe nengqondo isebenza kakuhle. Imke ngonaphakade “imihla yentlekele” ebangelwa bubudala. (INtshumayeli 12:1-7; Isaya 35:5, 6) Nkqu nokufa kuya “kutshitshiswa”—kuya ‘kuginywa ngonaphakade.’—1 Korinte 15:26, 54.

Xa sithelekisa iimeko zehlabathi neziprofeto zeBhayibhile, zibonisa ukuba sisondela ngokukhawuleza kwixesha xa ukwaluphala kuya kuphela. (Mateyu 24:7, 12, 14; Luka 21:11; 2 Timoti 3:1-5) Sisondela ngakumbi kwixesha xa bonke abantu abadala abanokholo kuThixo nabamkhonzayo, baya kubuyela emandleni obutsha—kodwa ngonaphakade!

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 9]

Gcina Ingqondo Yakho Isebenza!

Njengokuba ukwenza umthambo kuqinisa izihlunu, ukuvavanya ingqondo kuyigcina isebenza kakuhle. Ukuze isebenze kakuhle ingqondo kufuneka yenze izinto ezintsha. Nazi ezinye iindlela ezigcina iiseli zobuchopho zisebenza kakuhle:

◼ Yenza izinto ezintsha, ezifana nokuzoba, ukukrola nemidlalo yamagama, ukudibanisa imifanekiso eziziqwenga kunye nokufunda ulwimi olutsha.

◼ Nxulumana nabantu abahlukahlukeneyo; ncokola nabo uze uphephe ukusoloko usenza intw’ enye ukuze ingqondo ihlale isebenza.

◼ Hlala uphilile ngokomoya. “Musani ukuxhalela nantoni na, kodwa ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo nombulelo; yaye uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo ngoKristu Yesu.”—Filipi 4:6, 7.

◼ Funda izinto ezakhayo uze uxelele abanye ngezinto ozifundileyo.

◼ Gcina uze ubalise ngeendaba zikanomathotholo okanye zikamabonwakude ukuze uqeqeshe inkumbulo yakho yexeshana neyexesha elide.

◼ Sebenzisa isandla ongaqhelanga ukusisebenzisa (isandla sasekhohlo ukuba usebenzisa esasekunene),xa usebenzisa iremote control kamabonwakude, uphethe ifoni okanye uhlamba amazinyo.

◼ Sebenzisa zonke iziva-mvo zakho kangangoko kunokwenzeka ebudeni bemini.

◼ Funda uze utyelele iindawo ezibangel’ umdla ezikufuphi okanye ezikude.

[Umfanekiso okwiphepha 8, 9]

Isithembiso sikaYesu sikukuba iintlungu zokwaluphala ziya kuphela, uze uhlaziyeke njengasebutsheni

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share